31.08.2013 Views

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

IMFUNO YAMACHIZA

AMATSHA

18

Ingxaki ngonyango lomgca

wesibini nomgca wesithathu

Njengoko abantu abaninzi bechitha ixesha elininzi kunyango

lwe-antiretroviral, sinokulindela ukuba unyango lomgca

wesibini nomgca wesithathu luyakunyuka kwiminyaka ezayo.

Kuba unyango lomgca wesibini nomgca wesithathu lubiza

kakhulu kunonyango lomgca wokuqala, oku kungenzeka

ukuba kukhokelele kwiingxaki ezinzima zenkxaso.

Kubalulekile ke ngoko ukuba sikhankase kwangaphambili

siqinisekise ukuba unyango olunobulunga lomgca wesibini,

nomgca wesithathu nolulandelayo luyafikeleleka kwaye

luyafumaneka kwinkqubo yempilo karhulumente.

Alpha Mlondobozi

Ifoto ngu-Adam Malapa

Ukuhlala ngoloyiko

U-Adam Malapa uye wadlana indlebe no-Alpha

Mlondobozi oxhathisayo kunyango lwe-antiretroviral

yomgca wokuqala kwaye okwangoku ekwirejimeni

omgca wesibini.

U-Alpha Mlondobozi uneminyaka engama-43

yobudala. Uhlala e-Bridgeway, ngaphandle nje

kwedolophu yase-Tzaneen kwiPhondo laseLimpopo.

Unonyana oneminyaka engama-24 kwaye ube ne-HIV

ukusukela ngo-2000.

Wathi akufumanisa isimo sakhe se-HIV u-Alpha

woya kakhulu. Awayekwazi nje yayikukuba i-HIV

ayinayngeki kwaye wayecinga ukuba umntu

uyafa msinyane nje awukwazi ngesimo sakhe.

Ngecandelo labucala waye waqala ngoko nangoko

unyango lwe-antiretroviral (ART). U-Alpha

zange afumane kucetyiswa ngendela ezisebezna

ngayo ii-antiretrovirals (ARVs), okanye nakuphi

na ukucetyiselwa ukubambelela kumachiza.

Ngamanye amaxesha unyango lwakhe wayeluthatha

emva kwexesha ngeeyure ezimbalwa kuze okuke

kumtatazelise kuba ugqirha wamxelela ukuba

kufuneka awathathe ngexesha amayeza akhe.

U-Alpha swaqala ngerejimeni ye-stavudine (d4t),

lamivudine (3TC) ne-efivarenz (EFV). Wayephathwa

lurhudo olungamandla rhoqo kwaye egabha.

Indlela ekukuphela kwayo yokulawula ezi ziphumo

bezingalindelekanga yaba kukuba angeniswe

esibhedlele iintsuku ezimbalwa. Wayehlala ephethwe

bubucaphucaphu kwaye eziva ebuthathaka.

Emva kokungaboni bungcono kolu nyango waye

watshintsela kwirejimeni yomgca wesibini. Kweli

tyeli u-Alpha waye wabhalisa kwisibonelelo sempilo

sikarhulumente. Waya kwizifundo zonyango

kunye nakwiiseshoni zokubamabelela kunyango

kwiSibhedlele iLetaba apho waye wazuza ulwazi

oluninzi malunga ne-HIV kunye nokuba kubaluleke

kanjani na ukuthatha unyango lwakho. Emva

kweenyanga ezimbalwa ekunyango lomgca wesibini

kwaye kwabakhona utshintsho olungundoqo

empilweni yakhe. Waye waqala ukufumana amandla

akhe kwakhona waze wazimanya namaqela enkxaso

esibhedlele, apho waye wabelana namava akhe

kunye nezinye izigulane ezine-HIV.

Ku-Alpha, unyango lomgca wesibini lelona

themba lakhe lokugqibela kwicandelo lempilo

likarhulumente. Nangona unyango lunceda,

akakwazi ukukuqhela ukukrakra kwamanye

amachiza, umzekelo i-didanosine (ddI), ethathwa

kanye ngemini ungekatyi. Iyipilisi enzima ukuba

uyiginye kuba inkulu kakhulu. Mhlawumbi

ungayinyibilikisa okanye uyihlafune ukuze ukwazi

ukuyiginya. “Andikwazi ukuyichaza ukuba

ingcamleka njani kodwa imbi,” utshilo u-Alpha.

“Omnye umceli mngeni kum yi-lopinavir/ritonavir

(LPV/r). Kufuneka ndithathe ama-100mg amane

[iipilisi] ukwenza ama- 400mg [engumthamo

olungileyo] obunzima bam. Kum [ezo] ziipilisi

ezininzi kakhulu ngexesha elinye,” uphawule.

“Ngaphambili kwakungcono kuba ndandizithatha

njengeekhapsule, kodwa ngoku ndizithatha

njengeepilisi ekufuneka ndizingcamle, eyinto embi

kakhulu ke leyo kum.”

U-Alpha woyika kwakhona into enokwenzeka kwixa

elizayo ukuba ngaba uvela uxhathiso kwirejimeni

ayesebenzisa ngoku. “Andazi ngenene ukuba yintoni

eza kwenzeka. Ndicinga ukuba umntu uyakuvela

alindele ukusweleka.”

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!