03.01.2015 Views

ukuphononongwa kwezaphuli-mthetho nokuzalana kwemixholo ...

ukuphononongwa kwezaphuli-mthetho nokuzalana kwemixholo ...

ukuphononongwa kwezaphuli-mthetho nokuzalana kwemixholo ...

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

UKUPHONONONGWA KWEZAPHULI-MTHETHO NOKUZALANA

KWEMIXHOLO YENKANGELEKO KWINCWADI KA-L. K. SIWISA

“IZIMANGA ZALO MHLABA”

NGU-

AMANDA BONISWA MELANE

INGENISWE NJENGENXALENYE YEEMFUNO ZESIDANGA

SE-MASTERS

E-VISTA UNIVERSITY

NOVEMBER 2006

UMHLOHLI: NJINGALWAZI B. B. MKONTO

ISIQULATHO

ISIQULATHO

UBHENGEZO

UKUNIKEZELA

IMVUME

ISISHWANKATHELO

(i) &(II)

(iii)

(iv)

(v)

(vi)

ICANDELO 1 1

INTSHAYELELO YOPHANDO

1.1 INTSHAYELELO 1

1.2 INJONGO YOKUPHANDA 2

1.3 UCWANGCISO 3

1.4 ISAKHELO SETHIYORI 3-5

1.5 ITHUBA LESIFUNDO 5-6

1.6 AMAGQABANTSHINTSHI NGOBOMI BUKA-

L. K. SIWISA NEMVELAPHI YAKHE 6-8

1.7 ISISHWANKATHELO 8

ICANDELO 2 9

INKCAZO YOBUME BENGCINGANE 9

2.1 INJONGO YESAYIKHO-ANALISISI 9

2.2 IMVELAPHI YESAYIKHO-ANALISISI 9

2.2.1 IGALELO LIKASIGMUD FREUD 9-10

2.3 INJONGO YEFEMINIZIMU 10-11

2.4 IMVELAPHI YEFEMINIZIMU 11

i

2.5 AMAGQABANTSHINTSHI NGOMFANELEKO 14

WEZI THIYORI KOLU PHANDO

2.6 ISISHWANKATHELO 15

ICANDELO 3 16

IMIXHOLO

3.1 IINDIDI ZEMIXHOLWANA KUMABALANA 16

3.2 IINDIDI ZOBUNDLOBONGELA 16-33

3.3 OKUQAPHELEKAYO KULE MIXHOLWANA 34

3.4 ISISHWANKATHELO 36

ICANDELO 4 38

UKUYILWA KWABALINGANISWA ABENZA UBUNDLOBONGELA

4.1 UBUGEBENGA 38

4.2 UMOTHUKO 41

4.3 UBUSELA NOBUQHOPHOLOLO/AMAQHINGA 43

4.4 ISISHWANKATHELO 53

ICANDELO 5 54-56

AMAXHOBA OBUNDLOBONGELA

IINGXAKI EZIFUNYANWA NGABENZI

BOBUNDLOBONGELA, NAKUBANTU

ABANGAMAXHOBA OBUNDLOBONGELA

ELOMQUKUMBELO 57

IINCWADI EZISETYENZISIWEYO 58-59

ii

UBHENGEZO

Ndiyangqina lo msebenzi usihloko sithi “UKUPHONONONGWA

KWEZAPHULI-MTHETHO NOKUZALANA KWEMIXHOLO

YENKANGELEKO KWINCWADI KA L. K. SIWISA “IZIMANGA ZALO

MHLABA” ngumsebenzi wam, zonke iincwadi ezisetyenzisiweyo

ndizichazile, lo msebenzi zange ungeniswe kwenye iDyunivesithi.

A. B. MELANE DATE

iii

UKUNIKEZELA

Lo msebenzi ndiwunikela kwaba bantu balandelayo ngenkxaso yabo:

♦ Umyeni wam uMoeketsi Mabote.

♦ Abantwana bam, Bukelwa noMokhobo Mabote.

♦ Umama wam, Nondwe Melane.

iv

IMVUME

Ndifuna ukwenza umbulelo kubantu abathe bathatha inxaxheba

kwimpumelelo yezifundo zam:

♦ UNjingalwazi B. B. Mkonto, umxhonxi nomhlohli kwizifundo zam.

♦ UGqirha L. L. Kwatsha ngenxaxheba ayithathileyo kwizifundo zam.

♦ Umyeni wam uMoeketsi Mabote ngokuba nomonde kwixesha elide

lezifundo zam.

♦ Umama wam ngokundijongela abantwana ngexesha lezifundo,

kunye nabantwana basekhaya bonke.

♦ ULinda Maclean ngokundikhuthaza ukuba ndiqhubele phambili

ngezifundo zam.

♦ Ndibulela uThembi Pakana ngokundichwethezela umsebenzi wam.

♦ Nezihlobo zam zonke endithe ndafunda nazo.

“Ndithi maz’ anethole.

v

ISISHWANKATHELO

Ubundlobongela buxhaphake okweentwala kubaThembu. Zininzi iindidi

zobundlobongela ezithi ziqhubekeke apha ekuhlaleni. Abantu abathi

bazibandakanye nobundlobongela, baphembelelwa ziimeko ezithile.

Iimeko ezifana nokunqaba kwemisebenzi, izinga elinyukileyo

lokusetyenziswa kweziyobisi nendlela athi umntu othile akhule ngayo.

Ukuba ubani othile ukhule ngobusela, naye ulandela emkhondweni kanye

abe lisela elibalaseleyo.

Kwincwadi kaL. K. Siwisa ethi, “Izimanga zalomhlaba” kubhaqeka oku

kulandelayo: Umntwana okhule ekhayeni lakhe kuetyenziswa iziyobisi naye

wenza njalo akuba mkhulu. Imali eza ngobuqhinga nokuphela kwayo kuba

lula. Ungumntu ebomini kufuneka utye ukubila kwebunzi lakho, uyeke

ukufuna ukuvuna kodwa ungakhange ulime. Umntu kaloku uvuna loo nto

athe wayilima. Apha ebomini zimisele ukwenza ubutyebi nelifa ngeli xesha

usadla amazimba ukuze uphumelele. Xa ungumntu zimisele ukwanela,

kule ndawo uMdali akubeke kuyo. Akufuneki ube ngumntu onentliziyo

ende, unikwe isandla, wena ufune isandla kunye nengalo.

Yonke le mikhwa ikukhokelela ekubeni ekugqibeleni wenze

ubundlobongela. Ubundlobongela ke abubhatali koko busingisela

kwantshabalala. Kula mabalana iyangqineka ngokuthi abonise iziphumo

zobundlobongela ezifana nokuphulukana nobomi, ukuphelelwa zizinto

zakho obunazo ngenxa yamaqhinga nobusela nokuphelela entolongweni.

Kobu bundlobongela kukholisa ukubakho amaxhoba. Ngelishwa uninzi

lwawo iba ngamabhinqa nabantwana.

vi

ICANDELO1

INTSHAYELELO YOPHANDO

1.1 INTSHAYELELO

Ubundlobongela sesona sifo sixhaphakileyo ingakumbi kwiilokishi

zethu. Zikhona ke izizathu ezibangela oku. Esona siphambili

kukungaphangeli kwabantu abasentangeni yokuphangela. Iziqhamo

zokungaphangeli zibonakala ngokuthi abantu bajikeleze apha

ezilokishini ngokuxakwa yinto yokwenza. Enye ingxaki yeyokuba

abantu bahlala kwizindlu ezincinci kakhulu, baxinane kuzo

benosapho oluninzi. Ngamanye amaxesha abantu abadala

basebenzisa iziyobisi notywala phambi kwabantwana, baze

abantwana bafunde wonke loo mkhuba becinga ukuba ukwenza

njalo kulungile, bagqibele ngokuba zindlobongela apha elizweni.

Ngelinye ixesha umntwana ukhula apho kungaphangelwayo, apho

abazali bakhe baphila ngokuba izinto zabanye abantu, umntwana

akhule phantsi kwaloo meko naye athi ekukhuleni kwakhe alandele

kanye emkhondweni wabazali bakhe. Kwikhaya apho utata

wekhaya asebenzisa khona iziselo ezinxilisayo kakhulu, okanye

apho utata uphatha umama wekhaya nabantwana gadalala, apho

umama aphila ngokuthukwa nokubethwa, unyana welo khaya naye

uya kulandela lo mkhwa umbi, enze kanye yonke loo nto imbi

ibisenziwa nguyise wakhe. Umntwana okhule phantsi kwaloo meko

ugqibela esiba yindlobongela, abanye bade babe ngabantwana

abahlala ezitalatweni, apho baphila ngokucela amalizo, baphelele

besiba nezinto zabanye abantu. Isiphelo sabo ke iba yintolongo.

1

Umona sesinye sezifo esibangela ukuba abantu baphelele

ekwenzeni ubundlobongela.

Le ngxubakaxaka yandlalwa ngentla apha ayisindanga kubabhali

abaneliso elibanzi ngeemeko zoluntu jikelele. Babhale kakhulu

ngale miba, bephonononga iziqhamo bekwanika namacebo.

Phakathi kwabo babhali ndingabalula uL. K. Siwisa. Umdla wam

kwiimbalo zakhe ngalo mba uthe zinzi kwincwadi yakhe yamabali

amafutshane ethi, “Izimanga zalo mhlaba”. Konke ke oku ndiza

kukubonisa ngokuthi ndithathe amabali athile amafutshane kule

ncwadi.

1.2 INJONGO YOKUPHANDA

Eyona njongo iphambili kukuphonononga indlela uSiwisa abonisa

ngayo le mikhwa yoluntu ethi ikhokelele ekwenzeni ubundlobongela

obude maxa wambi busube nemiphefumlo yabantu.

Olu hlalutyo luza kujonga nendlela abantu abenza ngayo

ubundlobongela. Kananjalo, umnwe uya kubekwa nakwindlela

abantu abachatshazelwe zezi meko ababa yiyo emva kwezi zibakala

ezithe zabahlela. Kolu phando ndiza kuphanda ndifumanise ukuba

yintoni ebanyanzelayo ukuba benze le mikhuba bayenzayo

eluntwini. Le ndlela baziphatha ngayo iba nazo iziphumo ezibi

kakhulu. Ndiza kusebenzisa iindidi zobundlobongela ezifumaneka

apha encwadini ndizayamanisa nezo zibonakala ekuhlaleni.

Kwa isihloko esi siyangqina ukuthi zininzi izimanga eziqhubekayo

kulo mhlaba umagada ahlabayo. Ngelinye ixesha ziba khona izenzo

ezibangela ukuba ubani enze obu bundlobongela, mhlawumbi

2

indlela akhule ngayo okanye akhuliswe ngayo, indawo ahlala kuyo,

nabantu athi ahlale nabo nakhula kunye nabo. Nentlalo le umntu

akhula phantsi kwayo iba negalelo kakhulu ekwenzeni ubugwenxa

okanye imikhuba emibi. Iba khona inzuzo kwakunye nesithintelo

apha ekwenzeni ubundlobongela. Kungesi sizathu kanye apho kuya

kufuneka ukuba siqwalasele nokubunjwa kwabalinganiswa abathile.

1.3 UCWANGCISO

Ndiza kusebenzisa izixhobo zencwadi eziza kuthi zityhile, ziveze

yaye zicacise ezi ntlobo zobundlobongela. Ndiza kwenza nophando

olunzulu ndide ndityelele abathile ababuya entolongweni, ndidibane

nabantu okanye ababhali abathe babhala ngobundlobongela kulo

uncwadi lwabo. Ndiya kuhambela abantu ndenze nodliwanondlebe,

ndisebenzise unomathotholo wokuthatha amanqaku, ndichola-chole

zonke izinto ezibalulekileyo eziphathelele kubundlobongela. Ndiza

kutyelela abantu abachatshazelwe bubundlobongela. Ndiya kwenza

nemibuzo entsokothileyo, apho ndiya kuchaza le mibuzo kunye

nabenzi bobubi uqobo. Ndiya kuphanda indlela ubundlobongela

obenzakalisa ngayo usapho kunye nezizalwane zalo mntu wenza

ububi.

1.4 ISAKHELO SETHIYORI

Ukulungiselela isiseko esisiso kolu phando nasekucwangciseni

umkhomba-ndlela onguwo wophando olulolu hlobo, ndiza

kusebenzisa isakhelo sethiyori (Inkcazo yengcingane).

3

ISAYIKHO-ANALISISI

Eyona iphambili ithiyori nengundoqo yile kuthiwa yiSayikho-analisisi.

Phakathi kweengcali ezibhalileyo malunga nenkcazo yale thiyori

ndingacaphula uCollier (1973: 450) othi ngayo:

Pschoanalysis is the investigation of

psychological motivation of human

behaviour through the study of mental

content by a special technique .It is both a

method of mental illness and a system

of psychology. .

I-Sakho-analasisi luphando ngesimo

somntu ngokubhekiselele

engqondweni. Isisicwangciso

esibhekiselele kugulo lwengqondo.

The goal of psychoanalysis

is to make the individual

aware of unconscious conflicts

and of the defence mechanism she

or he has been using to control .

Kanti no-Atkinson et al (1983: 497) akakude kuCollier ngentla apha xa

esithi:

4

Isiphumo okanye injongo

ye-pschoanalysis yindlela

yokunyanga izifo zengqondo

ebomini obudlulileyo bomntu.

Iye iphande izizathu zoko.

Kucacile ukuba le thiyori iqwalasela imiba yengqondo yomntu.

Ngoko ke iya kuba luncedo ekuphononongeni abalinganiswa

abazimo zikhangeleka zinxaxhile.

IFEMINIZIMU (AMABHINQA) NEWUMANIZIM (ABAFAZI)

Enye ithiyori eya kuba luncedo apha yile kuthiwa yiFeminizimu.

Kaloku seyivamile kwintlalo yabantu ukuba amabhinqa la

axhatshazwe. Unobangela woku yinto yokuba akanamandla

ngokwasendalweni, uninzi alusebenzi, abazelwe nto apha emizini

ngokuba bajongelwa njengabantu abathengwayo komawabo. Imeko

yokuxhatshazwa kwabo ke ivela ngeendlela ngeendlela nakwimeko

yobundlobongela. Ngeso sizathu ke kuqapheleka ukuba baphetha

bengamaxhoba.

1.5 ITHUBA LESIFUNDO

Icandelo 1 Esi sifundo senziwa sangamacandelo amahlanu.

Adweliswa ngolu hlobo: sinentshayelelo, injongo, ucwangciso,

amagqabantshintshi ngobomi buka- L. K. Siwisa, imvelaphi yakhe

nesishwankathelo.

Icandelo 2 - Amagqabantshintshi ngobume bengcingane.

5

Icandelo 3 - Iindidi zemixholwana kumabalana.

- Isishwankathelo.

Icandelo 4 - Ukuyilwa kwabalinganiswa abenza

ubundlobongela.

Icandelo 5-

Amaxhoba obundlobongela. Ndiza kubonisa

iingxaki ezithi zifunyanwe ngabantu abenza

ubundlobongela nakubantu abangamaxhoba

obundlobongela kunye nezihlobo nezizalwane

zabo.

Icandelo 6-

Isiphelo. Siza kushwankathela konke

okuthethwe ngentla kula macandelo.

Sibonise neziphumo ezibi ezithi

zifunyanwe ngabantu abenza ububi

nobundlobongela phakathi koluntu.

1.6 AMAGQABANTSHINTSHI NGOBOMI BUKA- L. K. SIWISA

Ulanga Masiza Kerr Siwisa wazalelwa eWillowvale eTranskei

ngomhla we- 14 February 1916. Utata wakhe umfundisi W. D.

Siwisa wayengumfundisi eMbangcolo kwalapho kwisithili

saseWillowvale. Umama wakhe yayinguChristina Elizabeth intombi

yakwaConjwa.

Waqala isikolo samabanga aphantsi eTsomo ngomnyaka ka-1922,

waza wagqithela eHealdtown Practising School apho wafunda

ibanga lesibini ukuya kwelesithandathu, waya eHealdtown High

6

School wenza ibanga lesixhenxe ukuya kweleshumi. Ngomnyaka

ka-1940 wafumana isidanga se-B. A. eFort Hare, ebalasele kakhulu

kwisiNgesi. Yonke le mfundo yalandelwa yiDiploma yobutitshala.

Waqala ukufundisa ngomnyaka ka-1942 eMariazell Teacher

Training School. Kulo nyaka waya kuzimanya nabaphangeli

baseGrahamstown Native Secondary School. Elo ziko laziwa

namhlanje ngegama elithi yiNathaniel Nyaluza High School.

Wafunda phantsi kwenqununu engasekhoyo uMnumzana B. E. N.

Mahlasela. Loo mfo kaMahlasela wenza imbali ngokuba yinqununu

yokuqala emnyama kwisikolo sasemini samabanga aphakamileyo

kubantwana abamnyama eKoloni.

Ukususela kumnyaka ka-1946 ukuya kumnyaka ka -1965, uSiwisa

waphangela kwisithili saseNgqushwa ekunye nomfundisi uNathaniel

Pamla wamaMethodisi oMzantsi-Afrika. Ngabo abaseka i-Ayliff

Secondary School (eyaziwa ngokuba yiNathaniel Pamla High

School). Yaqala yasisikolo sabucala, ifumana ezemali kubantu

becawa, kodwa kunyaka olandelayo sabonelelwa kwabe

sekuqeshwa uSiwisa njengenqununu yokuqala yalapho.

Waphangela apho iminyaka elishumi elinesithoba.

Waye waqeshwa njengomhloli ngo-1965 waphangela eKomani

naseQonce wayeka ngo-1969 apho athe wahamba waya eTranskei

waphangela kwiindawo ezahlukeneyo.

Ngo-1976 wabuyela eCiskei waphangela njengoMhloli wezikolo

eHewu, wade wangumhlali khona apho. Uthe wathatha isihlalo

sokuba ngumcwangcisi kwezemfundo emva koko waba ngumguquli

wolwimi kwiSebe lezeMfundo.

7

U-“Oom Skerrie” njengoko ebizwa njalo ngabahlobo bakhe,

uphangele kwiindawo ezininzi zolwimi ezifana nezi, Komiti yoLwimi

lwesiXhosa, nakwiBhodi zoLwimi lwesiXhosa. Ngaphandle kwezi

ncwadi zintathu zamabali amafutshane, uSiwisa uye wapapasha

amabali ewayilesini elinye lawo, “Uyinkulu kabani” Loo mdlalo

kanomathotholo wabuya walungiselelwa ukufundwa njengencwadi

epapashiweyo ngomnyaka…. ipapashwe yiLovedale Press.

Kanajnalo uyibhalile incwadi efundwayo yesiXhosa eyile, “Imidlalo

yokulinganiswa” wapapasha nencwadi yezaci namaqhalo ethi,

“Imizekeliso namaqhalo” (1950). Amava akhe nemfundo yakhe

idibene nemvelaphi yakhe yasedolophini nasemaphandleni, imbeke

kwindawo ephucukileyo ekuvezeni ubomi bakhe.

1.7 ISISHWANKATHELO

La manqakwana angentla apha sisikhokelo esibonisa indlela endiza

kuthi ndihlasele ngayo olu phando. Kweli candelo lilandelayo

lesibini ndizimisele ukuqwalasela ubunzulu benkcazo yengcingane

esisakhelo solu phando.

8

ICANDELO 2

INKCAZO YOBUME BENGCINGANE

Kweli candelo ndiza kuqwalasela i-sayikho-analisisi

ngokubhekisele kubu-dlobongela. Ndiza kubonisa zonke iindidi

zesayikho-analisisi; ubuwena, ukugqithisa ekwenzeni into,

nonobangela wokwenza obu budlobongela.

2.1 INJONGO YESAYIKHO-ANALISISI

Injongo yayo kukuveza, ityhile izinto ezifihliweyo nezibangela ukuba

lo mntu enze izinto ezichasene nayo, nezinto ezifunwa nguye yedwa

nokwenza izinto ezithile ngokuzigwagwisa nokugqithisa ekwenzeni

izinto.

2.2 IMVELAPHI YE-SAYIKHO-ANALISISI

2.2.1 IGALELO LIKA SIGMUD FREUD

UFreud waziwa njengoyise wesayikho-analisisi. Isayikho-analisisi yaziwa

njengomhlaba obalulekileyo kakhulu kwezentlala-kahle. Ngomnyaka ka-1856 –

1939 uFreud waba negalelo ekuphuhliseni nasekukhuliseni isayikho-analisisi.

Njengekhondo elizama kakhulu ukucacisa ngokupheleleyo isimo somntu.

Ngokuka-Freud abantu banempixwano ngokuphathelele kwiimfuno zabo

nakwiminqweno nemvakalelo ezithi zize ngamandla.

Abantu bayazama ukuphumelelisa baphuhlise iimfuno zabo ngamanye amaxesha yomntu

yohlulwe bekhanyela izimvo zabo ngokubhekiselele kwiintshukumo zabanye abantu.

Amaphupha ngomnye wemizekelo wengcingane. UFreud wabona ubume bomntu nje

ngokuzithemba nokuhlasela. Lo mntu uthi le nto akhule nayo ebuntwaneni bakhe. UFreud

uthi ingqondo kathathu. Okokuqala unento ekuthiwa yi- Ego – ukwenza into ngokuzigwagwisa,

bubuwenaekugqibeleleni ongenakho ukuzinqanda. Eyesithathu kuthiwa yi-Super -

9

Ego - ukugqithisa ekwenzeni into. Eminye imihlaba yengqondo

ezindidi yohlulwe ngazo ingqondo zithi zisebenze ukukhusela umntu

kunye noluntu luphela. Ubuwena bumele isizathu sobukho

bomthetho, sisiseko. Injongo kukugcina isimo semvakalelo

sikwindawo enye ezinzileyo. Ukugqithisa ekwenzeni izinto

sikwindawo enye izinzile. Ukugqithisa ekwenzeni izinto luhlobo

olulungileyo lweencwadi olubonisa imfundiso elungileyo. Lunceda

ekubeni kwenzeke unqando ekugqithiseni ukwenza into.

Ngokubhekiselele kule ncwadi ka – L. K. Siwisa sifumanisa ukuba

inxenye yabadlali okanye abalinganiswa bayagqithisa ekwenzeni

izinto. Abanye bayazigwagwisa xa besenza izinto. Umzekelo kwibali

elithi, “Umvuzo wethemba” apho sifumana khona uMbulawa othi

azigwagwise ngemali yakhe nangendlela ahlutha ngayo. Kwakulo

eli bali sifumana uMateyisi ongunyana kaMbulawa othi angafuni

kumamela abazali bakhe. Othi ahambe ngendlela zakhe ezigwenxa,

kodwa ekugqibeleni uyazisola ngayo yonke into athe wayenza

ekukhuleni kwakhe.

2.3 INJONGO YEFEMINIZIMU

Seyivamile into yokuba amabhinqa nabafazi azifumane

engamaxhoba azo zonke iziganeko ezibi.

UDavis, (1994: 126) ubhala athi ngale meko yokuba ngamaxhoba:

Women will never be able to claim

Full equality alongside men until they

have comparable levels of earning and

until men participate equality in parenthood

10

and domestic labour.

Oomama abakwazi ukubanga

ngokupheleleyo ukulingana

namadoda, bade abafazi

bafumane umvuzo olingana

nowamadoda, aphinde amadoda

asebenze ngokufanayo nabafazi.

Nakobu bugebenga nobundlobongela, amabhinqa ayarhintyeleka

achaphazeleke njengamaxhoba abethekayo. Kungeso sizathu ke

ukuba umphandi azifumana egxelesha nakule meko yawo kula

mabalana.

2.4 IMVELAPHI YEFEMINIZIMU

Ifeminizimu inxulumene kakhulu nezopolitiko lwamabhinqa:

Kwimbali nakwinkcubeko amabhinqa baphathwa njengabantu

abangenamandla nabangenakuzimela ehlabathini. Ifeminizimu ilwa

ukuba amabhinqa mawakhululeke, abe nalo nethuba lokuvota,

esenzela iimfuno zabo. Imfazwe yokuvota yayisiliwa kwiindawo

ezivulekileyo zikawonke-wonke, esitalathweni nasemaqongeni ezo

politiko. (Majola, 2003: 2).

USinha et al (1999: 175) ngokucatshulwa nguMajola (2003:2) ubhala

athi:

Feminism was born wrapped in

one great hope, that it would be good

for all womankind and able to dispel

all national, racial and cultural barriers.

11

IFeminizimu yazalwa isongelwe

kwithemba elinye elikhulu, yaye

kwathiwa ilungele abafazi bona

bakwaziyo ukumelana nazo

zonke iinkxwaleko, zelizwe,

zohlanga nezenkcubeko.

Inkcazelo ethe ngqo ngeFeminizimu ngokucatshulwa nguMaduna

(1999: 23) siyifumana kwi World Book Dictionary (1994: 784) ethi

ifeminizimu yimfundiso eyamene namalungelo nentshukumo

zoomama ekuhlaleni, kupolitiko nakubomi babo basemacaleni.

Yena uRhode (1997: 220) ngokucatshulwa nguMajola (2003:7) uthi

ifeminizimu luxanduva lwengxaki yomfazi. Inokubonwa

njengesixhobo sokwenza ukuba intlalo kamama notata ilingane

emisebenzini nasemakhayeni abo.

ULouw (1997: 774) yena ngokucatshulwa kwanguMajola (2003:7)

uthi ngeFeminizimu, yintlalo nentshukumo yopolitiko ethi ithathe

uxanduva nokuphanda kokungalingani ngokwesini. Imbali yale

ntshukumo yamabhinqa izotywa kakuhle kakhulu phaya kumaNgesi

ngekrotikazi lombhali uVirginia Woolf. Le mbali yakhe

ingashwankathelwa ngolu hlobo:

UVirginia Woolf kwincwadi yakhe ethi “A Room of One’s Own (1928)

ucatshulwa nguMngxekeza (2004:6) akazange agxininise kwisiqalo

nesiphelo sefeminizimu. UVirginia waye ngomnye wababhali

besifazi abathi bamkela ubufazi ngexesha lenkulungwane

yamashumi amabini, nabanye abafazi abafana noKatherine

12

Mensfield, Rebecca West noDorothy Richardson.

NjengakwiMaksizim kuyingozi ukuhlalutya umbhalo wefeminizimu

wodwa. Kuluncedo ke ngoko ukubona umbhalo kaVirginia

uyinxalenye yokushukumisa, ucele umngeni ngaphezulu nakakhulu

kwisini. UVirginia ukhalaza athi, oomama bacinezelekile phantsi

kootata, yaye banawo amandla okubhala, qha indlela abahleli ngayo

phantsi kwesandla samadoda esibukhali ayibavumeli. Ngalo lonke

ixesha kufuneka benze imisebenzi yamadoda. Abafazi abaninzi

babengayi-fundelanga indlela yokubhala, babelawulwa ngamadoda

nje ngesithethe sasemakhaya. UVirginia Woolf wathatha umzekelo

kudade kaShakespeare, embonisa ukuba amandla noqiqo unalo

njengoShakespeare indoda. Oomama babengavunyelwa xa

bebhala bawele ngaphambili okanye baziveze emaphepheni, kuba

kwakufuneka bemamele, bathobele ukuba umsebenzi kamama

kukusebenza endlwini nokukhulisa abantwana. Inxaxheba

kaVirginia negalelo lakhe kwifeminizimu kukuchaza ulwimi.

(Webster, 1990: 75).

Ifeminizimu yaziwa njengethiyori etsolise ekupheliseni ukucinezelwa

kwabesifazi. Kulo lonke abafazi basebenza bedibene ukuphucula

ubomi babo. Basebenza bezimisele ukumelana namadoda. Le

ntshukumo yefeminizimu yayiqhuba kwango-1960 nokuqala ko-

1970. Njengentshukumo yepolitiko inengcambu kwipolitiko ekuthiwa

yiWomen’s Liberation Movement.( Mngxekeza 2004: 21).

IWUMANIZIMU

Iwumanizimu yona yaziwa njengokunyasha amalungelo oomama

abendileyo ekuhlaleni. Izithethe zootata nezimvo zabo zithathelwa

phezulu. Izimvo zamadoda zibekwa phambili ze zihoywe

13

kungakhange kubuzwe koomama. Kwiwumanizimu sithetha

ngokudelelwa nokuthathelwa phantsi koomama. Seyiqhelekile into

yokuba bajongelwe abafazi phantsi ekuhlaleni, kwaye kungekho

mntu ubakhathaleleyo. Le ntshukumo yabo ke izalwa yiloo mpatho

bayifumanayo.

Iwumanizimu ivela kubahlali base-Afrika e-Amerika. Umfazi wase-

Afrika e-Amerika wazala icebo lewumanizimu. Iwumanizimu

yazama ukwaphula zonke izithintelo ezazixabe endleleni yoomama.

Eli gama liyamaniswa nomama u-Alice Walker owathi walwa efuna

ukuba abafazi abamnyama abangababhali bafumane uqwalaselo.

U-Alice wabona umfazi omnyama njengomntu ofuneka avuyisane

nengcambu ezimnyama. UWalker waye wacacisa esithi

iwumanizimu lumanyano olumnyama loomama.

Iwumanizimu iqeqesha abantwana abangamantombazana indlela

ekufuneka beziphethe ngayo. Kufuneka bazi ukuba xa sebekhulile

akufuneki benze izinto ezigwenxa ezenziwa ngamantombazana

amancinci. Iwumanizimu yaziwa njengefeminizimu emnyama.

“Wathint’ abafazi wathint’ imbokotho.”

2.5 AMAGQABANTSHINTSHI NGOMFANELEKO WEZI THIYORI

KOLUPHANDO

Kucacile ukuba abalinganiswa aba babonakalisa ubundlobongela

beneempawu ezithile zokungamisi kakuhle ezingqondweni zabo.

Uphando oluqala apho ke lolona lunokuthi luveze kakuhle

nangaphandle kwamathandabuzo zonke iziganeko neentshukumo

ezikhwankqisayo ezingunozala weengqondo ezicinga ngolo hlobo.

Kananjalo, kulula nokufumanisa ukuba loo mlinganiswa usilela

14

entweni na, kwa nokuthi esenza loo nto uba ngathi akakho

zingqondweni. Enye into encedayo yinto yokuba umlinganiswa

ngamnye ubonakalisa ukukhula nokuguqu-guquka.

Kwicala lefeminizimu kubonakala ukuba laa mpatho-gadalala

yamabhinqa iphenjwa kwaye ikhwezelwa ngamandla lifuthe

lokuzibeka njengendoda. Bambi abalinganiswa ngathi bazidla

ngamandla la embala. Umdla apha usekubeni amanye amabhinqa

akaziyekeleli, ayazilwela, efuna amalungelo awo.

2.6 ISISHWANKATHELO

Eli candelo elityhila ngenkcazo yobume bengcingane (ithiyori).

Yandlalela uphononongo olululo ngentshukumo yabalinganiswa

nendlela abasingatha ngayo owona mxholo uphambili,

ubundlobongela ndawonye neminye eya kumana ivela. Ubume

beengcingane endizikhethileyo zikhangeleka ziza kundihlangula

ekuphandeni nasekuphonongeni nzulu ngale mixholo. Kwicandelo

lesithathu elilandelayo ndizimisele ukushwankathela ngokufutshane

amabalana amathathu ndibonise lo mxholo wobundlobongela, ze

ndithi emva ndiveze ngantlanye ezi ndidi zobundlobongela.

15

ICANDELO 3

IMIXHOLO

3.1 IINDIDI ZEMIXHOLWANA KUMABALANA

Kuqapheleka into yokuba uSiwisa uveza imixholwana

ngemixholwana enomdla ngesi sifo kuthiwa bubundlobongela. Le

mixholwana iqamangela iindidi ngeendidi zobundlobongela. Oku

kuchazwa ngolu hlobo:

UMVUZO WETHEMBA

Eli bali lingoMateyisi owayengunyana kaMbulawa noMajali.

UMateyisi wayezanywa ngabazali bakhe ukuba afumane imfundo

enomsila kodwa wadlala ngexesha lakhe.

Abazali bakhe bamthumela esikolweni eDikeni kanti akasafundi

uhlalisana nentombi yakwaRhoyi, emaMpehleni kwaNtselamanzi.

Ethutha imali kayise eMonti nje sekukade ehlala le ntlalo. Uyise

waye wayibhaqa le nto. Emva koko uMateyisi waphila

ngokuqhekeza nokuba kwivenkile zabeLungu. UMateyisi waye

16

wabanjwa ngezi zenzo zibi azenzayo. Kwaba buhlungu kunina

uMajali, waze wacela uMbulawa amkhulule entolongweni.

Wathi uMbulawa akasoze amkhuphe ufuna akhe ayaleke. Kwaba

kukhona uMateyisi engena kwesona sikolo sikhulu sobugebenga.

Waphuma uMateyisi entolongweni sebafudukayo abazali bakhe

befudukele kwaQoboqobo. UMateyisi wahlala noMqawuvutha,

wamncokelela ngobutyebi bukayise, uMbulawa, obungagcinwanga

zibhankeni.

UMateyisi wazama ngandlela zonke ukufumana ubutyebi bukayise.

Wada waya nasemaxhweleni ezama obu butyebi. Zaya kufika

nakuMbulawa ezi ndaba. UMajali wayikhaba inqawa akuziva ezi

ndaba ngonyana wakhe. UMqawuvuthwa wachazela uMateyisi

apho uMbulawa ayifihla khona imali. Kwathi ngexesha lomlindo

uMateyisi wafika wazenza umntu ogulayo, okhathazeke kakhulu sesi

siwo sikanina. Waya kulaliswa kanye kweli gumbi lishushu apho

kukho umlilo ongapheliyo.

Waqhubekeka umlindo, noMbulawa walala yoyi elaliswa nayingoma.

Waphupha kubiwa imali yakhe kwela gumbi linomlilo. Wothuka

ekhala engekho zingqondweni. Bothuka abantu bomlindo, waya

ngqo enqugwaleni wafika zirhona iindwendwe zakhe nomlilo usatsho

njalo. Wabuyela endlwini kodwa lona uvalo lusangongoza.

Akuphuma zasebenza iindwendwe zakhe, zawucima umlilo

zayikhupha imali, zayifihla emva kwendlu. Kusasa wavukela kula

mzi unendwendwe emva komngcwabo, lwabonakala uthanda eziko,

wandula wawohloka umgodi emva kwemini. Labuya ke iphupha

likaMbulawa, washiywa zingqondo kuba bonke ubutyebi bakhe

buphelile, kwayokubizwa uMateyisi, wathatha ixesha lakhe ukufika.

Wafika emva kwesithonga sikayise. Aphanda amapolisa awonwaba

17

amadoda sisithatha engcwabeni likaMbulawa. Agaleleka amapolisa

athatha uMateyisi noMqawuvuthwa, baya kubavalela. Wabuyiswa

uMqawuvuthwa kwathiwa akanatyala. Kwafunyaniswa ukuba

uMateyisi unetyala. Isithatha sanyamalala engcwabeni likaMbulawa

akubanjwa la madoda. UMateyisi yamfikela ingcinga yokuba

ubutyebi ongabubilelanga bufumaneka nzima.

UMZILA WOKUFA

Apha kweli bali sifumana uSamson oza kutshata noThabitha.

Ngobu busuku banedinga. Wahamba uSamson waya kudlula

kuThabitha. Wamfikela emlindele, bawolana ke bebukana.

Wamncedisa ukunxiba idyasi uSamson baza bahamba. Bangena

esitalatweni bebambene ngezandla bencokola ezaziwa ngabo

bodwa. Bahamba kuhola wendlela osinga eKokstad. Babethwa

yimpepho emnandi ephantsi kwebhulorho.

Bathe besonwabe apho kumnandi, kwathi gqi isithatha semoto evela

ngaseNcambedlana, ibukhawuleza. Ithe seyigqithile kubo yabuya

umva yamisa. Le moto yayiqhutywa nguLucky unyana kaNomboni

oyise ungaziwayo. Unyana kaNomboni wayenxanelwe igazi ngobu

busuku. Ukufa kwakusendleleni yako, yena Lucky esisithunywa

sako.

Babulisana uSamson noLucky bebuzana nempilo. Watsho ebuka

noThabitha, atsho emqhula ukuba ebethe nqa ukuba uSam uhamba

nabani na. ULucky wabacela ukuba bakhe bamkhaphe ukuya

kuQumbu. UThabitha wazama ukumnqanda uSamson ngokumyaxa

ngezipho. Kodwa akukho ukuyithintela indoda xa ibizwa

ngamawayo. USamson wathatha ngokumfunqula uThabitha

18

wamfaka emotweni. Bahamba bonke kumnandi kuncokolwa. Wathi

xa iphakathi kwibholorho ende, yaphela incoko kuLucky. Wathatha

ngokumisa imoto sele ejike ebusweni ebakhuphela phantsi kwimoto

yakhe. Watsho ekhupha ivolovolo yakhe ebadubula bobabini

banabela ingca ngoko nangoko.

Yaqoqosha zonke izinto zayo into kaNomboni, iphambukela

kwindlela eya kwindlu yomLungu. Yavela seyithe chu ivolovolo yayo

ngesandla ifuna into ibilapha. Wafika umLungu waseTsitsa

emlindele, wakhulula kuqala ngevolovolo yakhe. Yashiyeka

ivolovolo kaLucky, walandela umLungu emva kwakhe wahlasela.

Bafunyanwa ooSamson noThabitha phantsi kwebholorho

bedunduluzile, noLucky naye wafunyanwa egumbini lakhe

eNcambedlana efile.

Abantu belali bazithetha izinto zabo ngabo bathe basishiya. Besithi

uLucky ebekhweleta enomona kuba uThabitha wayenento

yokwenza naye, lo gama uSamson ephangela eKapa. Ezinye

iindaba zithi uSamson ebehlalisana ngeli xesha ephangela eKapa,

yiloo ntombi wayehlalisana nayo ethe yadibana noLucky ukuba

ababulale. Nokuba sesiyintoni na isigwebo sentliziyo, kodwa

lashiyeka livulekile lona ityala kuba kwakungekho bungqina

buzeleyo. Esi siganeko sashiya isizungu selifu elimnyama

eNcambedlana. Lalifanele ukungabi namkhondo ucacileyo kuba

bona bema endleleni yokufa ngobo busuku, kwaza ukufa

kwabatshayisa. Ukufa kudala izigede apho kunyathele khona.

Ukufa kukaSamson, Thabitha noLucky kwashiya umzila.

19

SISONKA SETHU

Apha kweli bali sifumana uNxele owayeyinkulu kaNdabangayi.

UNxele uqabuke kokwabo kukho iintlanti ezintathu. UNxele

wayebona kufika iinkabi zamahashe ngobusuku apha kokwabo

kodwa kuse zingekho. UNdabangayi wamfundisa unyana wakhe lo

msebenzi, kodwa wathi akuwuqhela uNxele akabuya nayo imali

iphelele. Uyise wambonelela kulo mkhwa. Wamohlwaya kakhulu

ngesi senzo sokungabuyi nemali epheleleyo.

UNxele wayemana ethembisa esithi iya kuphelela xa ephinde waya

kuthengisa la mahashe. Wayiqhuba le nto uNxele waza walahleka

iiveki ezimbini. Akubuya uyise wambuza imvelaphi wathi ebekhwele

kwinqwelo zaseKhobonqaba zaze zamthula eRhini,uhambe

ngeenyawo ukuza kuthi ga apha. Uyise ubuze imali yakhe watsho

ecaphuka kuba uNxele uphise ngamahashe akhe. UNdabangayi

wambophelela uNxele wambetha kanobom, yasika inimba

kuNoketile unina, wathi bhetele umyeni wakhe abethe yena,

kunokubetha usana lwakhe. UNdabangayi wabangathi akeva,

watsho eqinisa. Wathi uNoketile uza kuzibulala ngenxa yesi senzo.

Wamcenga uNxele uyise, wathi imali uyifihlile phantsi komthi

womngwenya phesheya kwezibuko leNxuba. Bahamba baya apho

kunzima nokuhamba oku kuNxele. Bakufika apho babasa umlilo.

Wacela uNxele ukuba uyise akhe amkhulule aye kuzinceda. Wenza

njalo uyise ecela noxolo ngendlela athe womohlwaya ngayo unyana

wakhe.

Wahamba uNxele esiya kuzithuma kunzima nokuhamba.

Kwakubuhlungu uyise xa embona emonzakalisile. Wahamba

20

uNxele washiyeka uNdabangayi ejonga phantsi emlilweni

kubuhlungu nakuye wava ngevumba kanti kutsha isankwane sakhe

emlilweni, zange akwazi nokusisindisa ngendlela esatsha ngayo.

Wahlala elindele unyana wakhe akatsho ukubuya. Kwathi kanti

yindlela aphuncuka ngayo uNxele kuyise. Wahamba waya eRhini

kumhlobo wakhe uStone. Babukana noStone yena ebizwa

ngoLefty.

Baqala phantsi ukuqhekeza iivenkile, iicawa neemoto zabantu.

Kwakuthintelwa oomama abavela emisebenzini kuthathwe nokutya

abakuphiwe ngabeLungu. Baqhekeza imoto kaGqirha-Lwazi uD. O’

Brien owayefundisa eRhodes. UGqirha wayevela kuzingela inkunzi

nemazi kaDlezinye. Ngeli xesha wayediniwe wangena kwivenkile

yeziselo ethoba unxano. Wayibeka ibhokisi kwisitulo esi sisemva

emotweni yakhe. Waphuma ingekho, waze wakhathazeka. Le

bhokisi yayibiwe yinkwenkwe eyayithunywe ngoStone. Bahamba

kufuphi namangcwaba bayiqhekeza ibhokisi leyo. Yafa inkwenkwe

leyo icholwa ibokoboko. UStone yena washiywa zingqondo,

ehamba evula iheke ezivaliweyo, ezivuliweyo ezivala. Waya

emagezeni kodwa emva kwexesha waphila. Emva kweeveki

ephumile uStone emagezeni, uLefty weva iindaba ezibuhlungu

zokusweleka kukaNoketile unina. Bahamba bezizihlobo baya

emngcwabeni uStone noLefty nabanye. Bafika abantu bonke

besemlindweni. Babona imoto entle phambi kwendlu, iyekamalume

kaNxele. Babutha yonke into eyayilapho. Kusasa kwakunzima

nelaphu nesepha le kumanenekazi awayeshiye izinto zawo

emotweni. Nakuninalume kwakunzima ukuhlawula unovenkile kuba

izipaji zonke zazimke namasela. Xa babefuna ukuya emapoliseni

bafumanisa ukuba ibhetri yemoto ayikho, kunye nevili. Baqhuba

neenkomo neebhokhwe ezazikho ebuhlanti. Kodwa ke wona

21

umngcwabo waqhubekeka. Iphephandaba labika ukucholwa

kwesidumbu sikaLefty kufuphi namangcwaba sinamanxeba

amaninzi emela emzimbeni. Iinkomo, iibhokhwe neempahla

zamanenekazi aseBhayi, zona zazithengisiwe. Kucacile ukuba

uLefty waye wabanga isahlulo esikhulu ngexesha lokugqebha waze

ke wabulawa. Babanjwa ooStone nabahlobo bakhe, kodwa uStone

waphuma phambili ngokungapheleli kobungqina.

Ubugebenga badamba noko emva kwesi sigigaba sikaLefty.

UStone baqhekeza kwenye ivenkile ethengisa iiwotshi. Abanye

babelinde phandle. Wangena kumanqwanqwa entungo. Wathi xa

ephumayo wanyathela ucingo lwegesi olungagqunyangwa, zacima

kuye. Zalinda phandle ezinye izigebenga zancama zashiya zemka.

Bafika abeLungu kusasa libambeke apho ikhalipha elikhulu, isisu

sithe qhutsu, sisonka salo. Abecuphi baqala phantsi ukugqogqa

bethatha kwanto, kwelo laseRhini. Abhaca amasela amanye aya

eBhayi amanye abhacela eMonti.

INDODA YELAKA

Eli bali lingoMathayi owathi walahlwa yititshalakazi

enguNonzwakazi. UNonzwakazi wazikhupha ngezakhe izandla

ezilishumi, ezisebuhlanti zabuyela apho zazivela khona. Esi

siganeko sambetha washiywa zingqondo uMathayi. Wabayintlekisa

apha elalini. Wagqiba kwelokuba ahambe aye eKapa, wahamba ke.

Wayelilifa lentsini iintokazi zihamba zivuma ngaye. Wabhacela

eKapa ezama ukuphuma kweli hlazo. Waya kugaleleka esitishini

kwaLanga emva kweentsuku ezine elishiyile ikhaya lakhe. Wasinga

emaholweni enethemba lokuba baninzi abakhaya bakhe

baseNcemerha apho. Wathi esahamba njalo kwakho nkwenkwana

22

eziphosa kuye, ikhala icela uncedo. Yazifaka phantsi kwedyasi

yakhe kanti irhola imali empokothweni yangasemva. Wathi

esajonge leyo zaxhiphula ingxowa yakhe yemali zabaleka nayo.

Wayexwaye iragi yakhe emagxeni, weva sebeyirhintyela entanyeni

waza wawa phantsi. Wazama ukubasukela engenanto, nempahla

leyo yakhe ithathiwe. Wabona abafana ecaleni kwendlela ezama

ebuzisa ngala makhwenkwe abaleke nempahla yakhe. Amqhwaba

ngempama wabetheka ngenqentsu phantsi. Amhluba washiyeka

ngehempe kuphela. Wabaleka efuna uncedo, kwathi gqi amapolisa

afuna ukumbamba, wahlangulwa nguWanky apho kulo mapolisa.

Wahlala noWanky, waza wamfunela nomsebenzi ejetini. Bahlala

kamnandi noWanky bevana. UMathayi wazithengela impahla

wafana nabanye abafana baseKapa. Emva kwenyanga ephangela,

wayethathelwa rhoqo imali yakhe xa erholile. UWanky wayemyala

emxelela neendawo ezifihlakeleyo amakayifake khona imali yakhe.

Nangalo elo xa yayithathwa imali yakhe yimiguluvela yaseKapa.

Ngenye imini wakhe wabuza ukuba uWanky yena uphangela nini.

Wamgwexa kanobom esithi yena inkosikazi yakhe ephangela

eNyanga imenzela yonke into. Wabetheka uMathayi eKapa,

wangena umgalelo kunye nabahlobo bakaWanky. Wabagalelela

bonke kodwa lakufika elakhe ithuba, abamnika imali yakhe ukusuka

apho bamfuna ngeemela. Waphela ezigcinela imali yakhe etyesini.

Ngenye imini wathi evela emsebenzini wafika ilaphu ebeligqume le

mali livelile, waqonda ukuba konakele. Waya etyesini wafika imali

ingekho. Wakhathazeka bahamba noWanky baya emapoliseni.

Yaphela esithubeni loo nto yaloo mali. Baphela abahlobo

bakaWanky bemfuna ngamabhoso. Wagqiba kwelokuba akhumbule

ikhaya. Endleleni egodukayo wakhwela ilori. Le lori yayiqhutywa

23

ngumLungu ethwele imikhoba. Izulu lalilibi ngalo mini imvula igalela.

UMathayi wagqiba kwelokuba angene kwenye yemikhoba.

Wangena ezikhusela emvuleni. Wamisa umLungu edolophini

kwakhwela uSibonda namaphakathi akhe kunye nosomashishini.

uSibonda wayeze kukulungiselela abasebenzi bakhe ebhankeni.

Babephethe iimali ezinkulu. Bakhwela ngemva elorini. UmLungu

wangena eHotele yaye wathatha ixesha lakhe. Waphuma

sebelibele. Imvula yayizenzela kubo bemanzi. Yaye

babenesithukuthezi sokujamelana nezidumbu ngabula bona. Boyika

mpela kuba kwakuse kuhlwile.

Ngelingeni waphuma umLungu. Ngeli xesha kwakuthe cwaka apha

elorini kungekho ndoda inomdla wokuthetha nenye. Babeyilumkele

nento yamadoda abuyayo kwaNtu. Yalile xa isendleleni ilori,

uMathayi washukuma, aphunguza amadoda, ajongana, abuya

ajonga ebhokisini. Wabuza uMathayi ukuba isana na le mvula,

nangoku madoda Akuzange kubekho ndoda ibuza nto kwenye.

Ashiyana ukwehla enza owenkawu, ibaleka njalo ilori eshiya konke

okwawo apho elorini. Washiyeka evula isiciko sebhokisi uMathayi

emangalisiwe ukuba kwenzeka ntoni. Waphuma kungasekho mntu.

Yamfikela ilaka loo mini. Walisebenzisa ithuba wazikhuthuza zonke

ezo ngxowa zemali. Wayifaka ezimpokothweni imali wazijula kude

iingxowa. Wathi xa iphambukayo watsiba wangena kwindlela eya

eMabhele egquka umkhondo.

Amadoda amfikela umLungu esalele ephethwe zibhabhalaza zakhe.

Abuzisa ngomntu othe wathetha kwimikhoba. UmLungu akazanga

nanto inye wathi mabangathethi intsomi, ngokuba imikhoba

eyayiselorini yakhe yayingekangcwabi mntu. Ancama amadoda

abuyela emakhayeni. Kwafuneka bayihlawule loo mali

24

kaRhulumente ngenxa yobuyatha babo. UMathayi yena waduka

umkhondo wabamba uloliwe oya eKapa.

UMGUDU WOKUGQIBELA

Kweli bali sifumana utitshala uHleza elungiselela itheko

lokuphehlelela untondo wakhe. Kwakuphithizelwa kuyiyizelwa

ingathi ngumtshato. Utitshala wamfumana lo mntwana selekhulile

yena kunye nenkosikazi yakhe uNomafu. Baye bamphikisa ugqirha

ngesi sehlo. Ekugqibeleni uNomafu wamzala umntwana

oyintombazana, bamthiya igama elinguNongekhe, kuba

babengamthembanga ugqirha. Baqala ke ngoku baziva bebatsha.

Ngeli xesha balungiselela umhla wophehlelelo utata katitshala

wayenamabhongo mhla kwakuphehlelelwa intombi katitshala enkulu

uNokwandakwaZizi. Utatomkhulu waxhela inkomo, wakhumbula

ezo mini umfo kaHleza. Wahamba ngemini yangomGqibelo waya

edolophini eQonce eyokuthatha ilokhwe yomntwana kunye nezabo

izinxibo ezazithungwe apho eQonce. Wahamba waya kufika apho

eQonce. Wabuya eQonce enemincili yonke into egqibile ukuyenza

kwangethuba.

Endleleni ebuyayo wadibana nomfo owayebetha ubhontsi. Lo mfo

yayinguReuben Solwazi waseGqume kufuphi neRhini. Lo mfo

wayezimele entolongweni. Wayebanjiwe ngenxa yezenzo

zokudubula umfama entolongweni eNgqushwa. Waqhuba imoto

yemantyi ngaphandle kwesitshixo wayishiya phakathi kweCumakala

neKati-kati. Injongo yakhe yokuqhekeza entolongweni wayecinga

ngemali eyaziwa nguye yedwa. Ngoko ke wayefuna umfazi wakhe

uNolasu ayifumane le mali. Wazimela entolongweni kusasa ngeli

xesha kuhanjiswa ikofu yakusasa. Wathatha impahla yenkwenkwe

25

ehambisa ubisi wayinxiba. Waya endlwini yomLungu wanga

ungenisa ubisi wambophelela ebhedini. Wabona impahla apho

izihlangu, ibhatyi nebhulukhwe wazinxiba.

Wafika ke utitshala wamkhwelisa. Bancokola kamnandi ingathi

kudala besazana. Yahamba iDodge yasemaZizini. Ithe xa iphi phi

phi, yaxinga, wayijonga utitshala uthe esagobe njalo, wasuka

uReuben watsala utitshala ngeqhina wambophelela wamvala

nomlomo wamshiya apho. Wahamba uReuben neDodge katitshala

uthe esendleleni yaphinda yaqhuma imoto. Wayijonga kwemisa

nendoda evela ngaseBhayi, ibuza undonakele. Yabuza kumniniyo,

kodwa yaze yaqonda ukuba umntu omkhulu akaqondi kakuhle.

Wehla wahamba umfo waseBhayi. UReuben wayimamela indaba

yokuba amapolisa asendleleni akhangela kwanto. Watshintsha

indlela wahamba phakathi kwefama wasinda ke noko. Ekhayeni

likatitshala banxuba baza bazisa ngokulahleka kukatitshala.

Kwaphandwa yaza yafunyanwa imoto kodwa ingenayo impahla.

Ngemini elandelayo yaqhubeka inkonzo yokuphehlelela, kwanxitywa

iimpahla ezindala ngabazali, uNongekhe wamelwa nguyisekazi,

kuba utitshala awayesaxakekile. UReuben wafika emzini wakhe

nemali. Walandelwa umkhondo, kodwa yena wazenza umfundisi

ovela eRhawutini, phofu elingaziwayo nebandla elo lakhe.

Untamnani waseRhini wafika wahlala kumzi okufuphi. Waye

waziqhelanisa naye, emana esiya kumbuthela. Waye wamphanda

waza wambhaqa. Waya wathunyelwa eQonce selebanjiwe,

elibanjwa. Wadibana nejaji eyamthembisa intambo kunye

nomnyango wengcwaba.

26

TSHONA !

Yayilixesha elinzima emva kwemfazwe. Yayiyindlala kwimizi

ngemizi. Umntu ngamnye wayezizamela indlela yokuphila.

Amadoda azincama abhenela ejoyinini. UMntukanti into kaTolwana

wahlala phantsi wacinga cebo limbi. Wathenga ixhaka-xhaka lemoto

wathutha abantu, wathi eseMthatha wabe eseGcuwa. Ngexesha

elifutshane wathenga imoto entsha elayisha abantu abathandathu.

Wayethutha abantu ukuya eMonti naseBhayi. UMntukanti waye

enyoluka waquqa equqile eBhayi nakathathu ngeveki.

Waye wahlangana namapolisa, wabuzwa imvelaphi nalapho aya

khona. Wathi uvela kuCentane usingisa eBhayi. Kwabuzwa

iimpepha, wabuza eyantoni Wayeyazi into efunwayo,

wazimpampatha ezimpokothweni efuna into engekhoyo.

Waphendula wathi uyilibele ekhaya. Ipolisa lakhalazela nenani

labantu abasemotweni wathi noko banciphile. Le ndoda yatshintsha

indlela yokuthutha abantu abaya eMthatha naseGcuwa. Yabhukuqa

imoto kaTolwana yaphela kodwa basinda bonke abantu

ababephakathi kuyo. Lavuka nelinye iqhinga iTola, laphuma

seliqhuba iveni. Lathutha abantu kwakhona lihamba eBhayi.

Lathutha iitanki iTola ngoku, lamiswa ngumfo wasemaBambeni,

waza wabuza ukuba yintoni le ikula matanki. Wathi uDlangamandla

uthutha ukutya aze abuye namanzi. Omnye uSajini wacela naye

ukuphathelwa itanki, phofu zange ade ayifumane. Wangena

kukuthutha neenkuni ngoku uTola.

Enye isajini yabuza ukuba wenza njani na uDlangamandla le nto

etshintsha-tshintsha imoto. Wamsondeza, wamsebezela, wahleka.

27

Kwabona ngoSajini naye enemoto entsha. Wanconywa ke

emsebenzini kungekho mntu waziyo indlela ayifumene ngayo.

Wahamba lula uTola endleleni kungekho into imthintelayo.

Wongeza iimoto zakhe uDlangamandla zathi ziseMonti, Mthatha,

naseKhobonqaba. Kwalile ngenye imini eRhini, iTola liqhuba ilori

yalo isindwa ziinkuni, lamiswa lityendyana elikhanyayo. Laqhutywa

iTola nelori leyo lasiwa emapoliseni. Kwafunyaniswa ukuba

uTolwana uthutha icuba labaThwa. Kanye ngelo xesha abantu

ababesiya eKapa babengavunyelwa. UTolwana yena wabathutha

ngondlela mnyama ebasa eBhayi esithi kuseKapa. Ebesithi xa

bebuza ukuba kuphi na apho athi “Tshona!” Batshone ke abakhweli

baphelele bezizikrelemnqa notsotsi kweli laseBhayi.

Wayenza le ntlondi uTolwana wawathutha amadoda wathi xa esithi

“Tshona!” Yathi impendulo Tshonisa! Yamgwexa le ndoda, wathi

mabehle bafikile eBhayi. Alala cum amadoda onke, naye waphelela

elala evenini. Wavuka wawahlisa amadoda athi wona makawase

emaholweni. Wathula impahla yawo phantsi, yhoo! Akhwela kuye

amadoda onke embetha. Athi xa abuzayo ukuba ingaba

kukwaLanga na apha yathi impendulo kuseNew Brighton apha

eBhayi. Afika amapolisa kweso sithuba babanjwa bonke. ERhini

yabanjwa iveni kaTolwana ilayishe amadoda efakwe ezitankini,

kuvulwe nemingxuma apha kwiitanki. Kwanconywa ubuchule

bukaTolwana. Wabanjwa uTolwana waphelelwa yinto yonke.

Kuthiwa wabonwa eMonti ethengisa ubisi ngelori, enxibe ibhulukhwe

emilenze iliswili nedyasi emhlophe echucheke imikhono. Lalifake

iimbadada, iinwele zidlaka-dlaka kucaca ukuba kukhona lifuna

ubutyebi benene.

28

UKUQINA ENYALENI

UMadliwa oyinkulu kaMkhululi wayenenkosikazi enguNojaji. UNojaji

wayezala amantombazana odwa. Le nto yayimhlupha umyeni

azibone engenalo nelifa kutata wakhe uMkhululi. UMadliwa

wayebuya emfihlweni ebukhweni bomnye wabaninawa wakhe

eDikeni. Weva iindaba zokuba inkosikazi yakhe uNojaji ikhululekile.

Wabuza ngumntu mni Waphendula unina wathi ligqengegqenge le

ntombi efana nonina. Wakhuza uMadliwa ecaphuka. Unina

wamphawula, wathi yena useza kuthenga iilokhwe kunye

neeblawuzi. Unina wambuza ukuba ebelindele unyana na

Waphendula uMadliwa esithi hayi ulindele nantoni na ayiphiwayo

nguThixo. UMadliwa wacaphuka waba nomsindo, zange abe nawo

nomdla wokubona usana olo. Wanyanzelwa ngabantu ukubona

umdlezane nosana. Wacinga, esithi ubukhulu bakhe buza

kuhluthwa ngabaninawa bakhe. NoMkhululi uyise ilifa uza kulinika

oonyana abazele amakhwenkwe. Bazama abantu ukumbonisa

ukuba amantombazana aza kuzalisa iintlanti ngeenkomo, zange

ayikhathalele loo nto. Waye emthiya ngokumthiya umfazi wakhe

uNojaji. Waye wagula uNojaji emva kokukhululeka, abantu

bamangaliswa indlela uMadliwa wayemhoye ngayo inkosikazi

yakhe. Yayinguye omsa koogqirha ekhuthalele nokumnika neepilisi

namayeza.

UMadliwa wabuya naye uNojaji kwagqirha. Wamjonga

emkhathalele. Waye wabiza uMagusha osisicaka sakhe wamxelela

ukuba ufuna ukumsusa uNojaji. Wathi uMagusha uza kumfunela

umntu onakho ukuyenza le nto. UVasiwe ongudade kuMadliwa

wathi udibene netitshalakazi edolophini yaye inayo nemali engange

R500 eposini. Wathabatheka uMadliwa yile ntokazi, wada

29

wathumela isipho esingama R20. Yaphendula intombi

yasedolophini ibulela ngefoto yayo. Washiywa kwaphela uNojaji

yintombi yaseKhobonqaba. Wagula uNojaji kwakhona wafika

ugqirha wamhlaba, wamnika namayeza eyalela ukuba aphumle

iintsuku ezintathu. Bavalelana noMagusha isicaka sakhe ixesha

elide. UMagusha wabuya nenye indoda egama linguMvandaba.

Bagqiba kwelokuba bamshenxise uNojaji. UVasiwe weva isikhalo

esikrakra wothuka, weva nezingqi ezijikeleza indlu yakhe. Kusasa

kwasa kusithiwa uNojaji uswelekile. Kwangcwatywa kodwa emva

komngcwabo amapolisa aphanda ada awufumana umkhondo.

UMadliwa wanyoba igqwetha lakhe ngesihlanu senkabi. Ugqirha

wanikezela obakhe ubugqina enkundleni. UMagusha noMvandaba

bavalelwa waze uMadliwa waphuma phambili. Emva kwamatyala

wabonana nentokazi yakhe batshata, wamthiya igama

elinguNowayini. Wamzalela uNowayini unyana onguZingisile.

Wahlala uNowayini okweqanda, nonyana wakhe emfekethisa.

Lavuka ikakade lo mfo kaMkhululi, wathuka ngegogogo elisemqolo,

ngemfundo yakhe ephantsi. Wamxelela nangobuhlwempu bukayise.

UMadliwa wayivelela nento yokuba wamphosisela wathi unama

R500 eposini kanti une R5 kuphela. Wahamba uNowayini

wamshiya uMadliwa nonyana wakhe eyiloo njubaqa iphethwe

ngamazinyo. Wabhaqa uphawu lukaMagusha kumatakane

wacaphuka, wamhlaba ngebhozo uMagusha esiphangeni wafa.

Wothuka waphola uMkhululi akuziva ezi ndaba eshiya umyolelo

ungqengqile emagqwetheni kwaStrachan.

NAMHLA ZIGAGENE

Kusemva kwemini ngeCawa amadoda ahleli emlilweni, ancokola

ngezifundo kunye namazwi amnandi omshumayeli. Bayabalisa

30

indlela umfundisi ashumayele ngayo. Echaza nokuthi ungade

ufunde ude ukrwece iinkwenkwezi ungenalo ilizwi likaThixo

akuyonto. La madoda ancokolayo athe aqwalasela ukuba umfundisi

akavisisani notitshala uLusizi. Kungexesha langokuhlwa kwatitshala

kukho umntu onkqonkqozayo .Kanye ngelo xesha umama inkosikazi

yaseMaQwathini kwatitshala wayelungiselela isidlo sangokuhlwa.

Undwendwe lubuzise ngelali yaseMa-bhofolweni. Undwendwe

lwalukhwele ihashe lizigqume ubuso nendlebe kuba kwakubanda.

Waphuma utitshala phandle elikhombisa ilali leyo

yaseMabhofolweni. Kwaviwa ngesiwo emva komzuzu, wakhala

utitshala esithi, “Iyho! Undosele”. Ngeli xesha akhalayo utitshala

lasuka ihashe ngomtsi laphethuka ukuya kwelo cala belivela

ngakulo, hayi eMabhofolweni.

Baphuma phandle abafazi basitsho esofelweyo. Baphuma abantu

elalini beze kubona lo mbono ulusikizi. Kwagcwala ngomzuzu

ebaleni kwatitshala, abanye besele belala apho kwatitshala

kwakusekuhlwile. Ummelwane wothukela ngaphakathi waqubula

inkabi yakhe yehashe waya emapoliseni. Usajini uthumele

amapolisa ahambe aye kuphanda. Afika abuza ukuba ebe njani

umbulali Bekhwele ntoni Linjani ihashe lakhe Ubheke ngaphi

na Yayingumbuzo emva komnye. Afumana isiporo sehashe apha

ebaleni. Amadoda elali angqubana ngeentloko ebuzana

eziphendula. Ahamba aya emishini afika kanye xa umfundisi esitya

isidlo sakusasa. Zange asigqibe bambizela phandle enomthamo

enjalo. Babuza ukuba liphi ihashe lakhe, wathi akalazi apho likhoyo.

Ebefuna ukuthuma inkwenkwe yakhe izaziso akalifumana

walincama. Inkwenkwe yathi ilibonile ezantsi komlambo. Yabuya

nalo inkwenkwe ihashe saze isiporo salunga twatse nelo hashe

likamfundisi. Wayalelwa ukuba athathe ibhatyi akhwele evenini.

31

Wathi esathingaza amapolisa athetha rhabaxa naye wakhwela,

wabe uyabanjwa ngolo hlobo.

Wahlupheka wabhitya yintlalo yasentolongweni, nonkosikazi naye

waxweba wambatsha loo nto kunqabe nabantu bokuvelana naye.

Kwaqhutywa kuphandwa, nezinja zafumana itshefu okanye ilaphu

elisongele isinkempe libhalwe J.L. elimele Jobela Lotha

kwaqinisekiswa ukuba ngenene ngumfundisi umbulali.

Zaqengqeleka iinyanga nekota kunzima ukufumana ititshala

enokuthabatha indawo kaLusizi. Sabhengezwa isithuba kumenywa

nezicelo kwabanye ootitshala. Kwavakala ukuba kuza kungena

utitshala uSixeko umfana kaSilwana ovela eMaNcotshweni.

Kwavakala ukuba babengafunani nomfo kaLusizi, yaye kudala

eyifuna le ndawo yaseFeni. Yaye babevana kakhulu nomfundisi lo

mfana kaSilwana.

Kwasibonda kwafika into kaMlomo eMantakwendeni, phesheya

kweNxuba ikhatshwe sisibonda saseMabhofolweni. Yafika

yancokola apho kwasibonda, kwakungapheli bantu apho oko

yafikayo. Notitshala wangena encokweni ebuzwa nangemfuyo

yakhe. Umfundisi waye wakhutshwa entolongweni kuba iminwe

yakhe yayingadibani naleyo ikwilaphu nakwimela leyo yahlasela

utitshala uLusizi. Yonke le nkcukacha yayivela kwelasePitoli

waphuma ke ngolo hlobo. Bancokola ooMntakwende kunye

nosibonda ngesi sehlo. Wafika uDlamini kwasibonda njengomyalelo

awuve ngotitshala. Kwancokolwa uDlamini ebalula ngokuba

uyinkweli. Abaliselana ngeziganeko zobukhalipha bobudoda

ekukhuleni kwabo. Wathi apha encokweni uMntakwenda waveza

ibhoso. Kanye leliya lalibulale uLusizi, lusagcwele naligazi. Othuka

onke amadoda nguloo mbono, wadanduluka uDlamini yedwa esithi,

32

“Thixo wam, livela phi ngoku eli bhozo, madoda” wajuba isiduli

ngoko nangoko. Emva komgidi lwagoduka undwendwe. Emva

kwentsuku amapolisa afika athatha uDlamini notitshala baya

kubavalela. Kwafunyaniswa ukuba uDlamini nguye umbulali,

neentupha zafana nqwa nezakhe ezicholwe kwibhozo elifunyanwe

esikolweni. UMntakwenda kwacaca ukuba esona siduko sakhe

nguQoco qha ebeduka umkhondo yaye ungumcuphi omkhulu

obalaseleyo. Bagwetyelwa intambo, utitshala yena wasinda

ngokulambisa entanjeni kuba ubungqina bakhe babungacaci

kuyaphi. Zagagana ke kuye uDlamini nomfo kaSilwana kunye

nabacuphi abakhulu abaqhelene nezigigaba ezikhulu

3.2 IINDIDI ZOBUNDLOBONGELA

Zininzi iindidi zobundlobongela ezifana nobugebenga, ubusela,

umothuko, ukubulala, ukudlwengula nokuphatha gadalala kwabantu.

UBUGEBENGA

Kukuthi ubulale umntu, phofu kungekho sizathu soko. Ukuthi

uthathe ubomi bomnye ubumntu.

UMOTHUKO

Kukothuswa sisehlo esithi sihle, sikothuse ngelinye ixesha bude

buphele ubomi bakho, ukutsho oko ude ufe.

33

UKUDLWENGULA

Ukuzithathela isondlo kumntwana okanye emntwini omkhulu

ngaphandle kwemvume okanye isigqibo.

UPHATHO-GADALALA

Kukuphatha umntu gadalala okanye kakubi. Ngelinye ixesha ude

umbethe, okanye uhleli nje uyamthuka. Ngelinye ixesha umnike

umsebenzi omninzi ade angabinalo nethuba eli lokuphumla, abe

ngowokugqibela ukuya kulala aphinde abe ngowokuqala ukuvuka.

Ukuhlala komntu kakubi, ngelinye ixesha angcungcutheke ubomi

obu bakhe.

UBUSELA

Kukuthi umntu athathe into engeyo yakhe. Ukuthatha into

ngaphandle kwemvume. Ukwenza into ethi ichasane nomthetho.

3.3 OKUQAPHELEKAYO KULE MIXHOLWANA

Kuwo onke la mabalana kuyaqapheleka ukuba amadoda la

ngamatsha-ntliziyo apha. Uninzi lwawo anxanelwa igazi kuba

axolela ukubulala kunokuba aphulukane nazo zinto bazinqwenelayo.

Ilindelekile kwaye isendalweni into yokuba umntu onomnqweno

nolangazelelo olunzulu angemi ngemva okanye ahlehle. Owenza

loo nto uyaphulukana naloo nto ebeyijongile.

Uthango lwebalana elilungiswe kakuhle lunika umdla ngokuba litsho

nabalinganiswa bafaneleke ngokwendima abayidlalayo. Lelo thango

34

kanye elimbeka umlinganiswa kwimeko apho athi, ngenxa

yeminqweno yakhe angabi nakujika. Oku kucaciswa kakuhle

nguEgri, (1960: 18) xa athi abalinganiswa mabasoloko bebonakala

bengabantu abaphilayo. Ukutsala umdla womlinganiswa uza

kuyiqhubela phambili impixano, ulebela athi:

If a man is going to commit the perfect

crime, he must have a deep-rooted

motivation for doing so.

Ukuba indoda iza kophula umthetho,

mayibe nesizathu esineengcambu

ezinzulu ezinokubangela oko.

Liyinene eli lizwi libekwa apha ngentla ngokuba kaloku igwala

alingeyiqhubeli phambili impixano kwaye lingenako ukuyifezekisa

nokuphumeza umnqweno nolangazelelo lwalo. Kufanelekile ke

ukuba aba balinganiswa bayiqhubele phambili ekuphuhliseni le

mixholwana bafakwe okanye babekwe kuyo. Kuyaqapheleka

kananjalo ukuba aba balinganiswa abazizigebenga baphuma

kwiinkalo ngeenkalo, bekhula kumakhaya ahlukeneyo, kwaye bevela

kwiindawo ngeendawo.

Kwibalana elithi “Umvuzo wethemba” uMateyisi ukhulela kwikhaya

elalineenjongo ngaye kuba lalifuna afunde. Kodwa kubonakala

ukuba usindwe ngoogxa nangokungxamela ubomi babadala

wawexuleka, ukhulele eNgqushwa – ikhaya lakhe lafudukela

kuQoboqobo. Ziindawo zasemaphandleni ezo.

35

ULucky, kwibalana elithi “Umzila wokufa” ukhulele eNcambedlana

kodwa uyise akaziwa bani. Abantu bemazi ngonina ngokuba

kuthiwa ngunyana kaNomboni. UNxele (Lefty) ukhulela kwikhaya

elishishina ngobusela, uyise yinkuntsela eba amahashe, aze aye

kuwathengisa phi phi phi. Naye ukhulela emaphandleni.

Kwibalana elithi “Indoda yelaka” uMathayi uvela njengomntu

olixhoba lamashwa; uphuncukana nenkosikazi, akhuthuzwe akufika

edolophini, abhunyulwe nasembuthweni, abethwe, kodwa ubuya abe

nethamsanqa. Kuphela komlinganiswa ekungenakuthiwa

unobundlobongela elibawa lemali.

UMntukanti kwibalana elithi “Tshona!” uzotywa naye njengendoda

enemigudu neenzame. Ukhulela ezilalini, kodwa aboniswe

njengomntu osebenzisa ingqondo yakhe ekuziphakamiseni.

Unxanelwa imali, ade axolele ukuyenza ngondlela mnyama.

UMadliwa kwibalana elithi “Ukuqina enyaleni” naye

ungowasezilalini unxanelwe ubunkulu, ilifa likayise nonyana.

Imigudu yakhe itsoliswa kanye kule minqweno de axolele nokubulala

ukuze aphumelele.

Kwakwiilali zaseNgqushwa kukho izikrelemnqa ezizimela ngendlela

engummangaliso, nezithi zisebenzise nabantu abamsulwa

njengesebe lenkawu ukufezekisa iminqweno yazo.

3.4 ISISHWANKATHELO

Le mixholo idakancwe ngentla apha ibonisa ukuba iphuhliswa

ngumfaneleko wabalinganiswa abaphekwe ziimeko ngeemeko

36

zobomi. Kufanelekile ke ngoko ukuba khe sibahle amahlongwana la

kweli candelo lilandelayo. Oku kwenzela ukuqinisekisa ngendima

yabo nomfaneleko wabo ekuvezeni lo mkhwa eluntwini.

37

ICANDELO 4

UKUYILWA KWABALINGANISWA ABENZA UBUNDLOBONGELA

4.1 UBUGEBENGA

Kwibali elithi “Umzila wokufa” apho sifumana umfana ogama

linguLucky owathi wadubula uSamson noThabitha isithandwa sakhe.

Wababulala ngokumasikizi ebangelwa ngumona.

Siwisa (1973: 14) uthi:

Wabatshovela phantsi waza wathi

besadideke njalo wabagibisela

ilophisi ezintlafunweni bobabini

banabela ingca, ngoko nangoko.”

Kwibali elithi “Sisonka sethu” sifumana indoda enguLefty. Lo

mfana wayengazange abamamele abazali bakhe. Wakhetha

iitshomi, wabhaca. Uthe esesithubeni wafumanisa ukuba umama

wakhe uswelekile. Bayile nabahlobo beye kukhunga, kodwa

bangena nje endlwini baze baphuma phandle babona imoto igcwele

yimpahla. Baqhekeza bathabatha yonke into eyayilapho. Endleleni

bagqebhelana ngezinto ezo waza uLefty wafuna ukufumana kakhulu

kunabanye, kodwa zamjikela izihlobo zakhe zamhlaba wafa.

Siwisa (1973: 26) uthi:

“Iphepha-ndaba libike ukucholwa

kwesidumbu sikaLefty, kufuphi

38

namangcwaba sinamanxeba

amaninzi emela emzimbeni.”

Kwibali elithi “Namhla zigagene” sifumana utitshala “uLusizi”

owayenceda ekhombisa umfo owayekhwele ehashini ebuzisa ngelali

yaseMabhofolweni. Utitshala uLusizi waphuma phandle

wayikhombisa le ndoda.

Siwisa (1973: 91) uthi:

“Usondele kufuphi utitshala

eyikhombisa, ezama ukucacisa

kuba kwakuse kumnyama. Ibe

ngumzuzwana nje wahlatywa

umkhosi, Iyho! Wandosela Nkosi!

Kula mabalana sinikwa abalinganiswa abangathi bezelwe ngumfazi

omnye. Bayafana ngokucinga nangokwenza. Uqala, baveza

iinjongo neminqweno yabo bangabuzi mntwini ngezinto zobomi. Into

abayenzayo bayayenza ke, ababuyi ngamva. Isizekabani saloo

minqweno yabo singumona abathiwa fixi nguwo. Amaqalela alo

mona awuchazwa ngumbhali, kodwa uyabonakala ukuba usuka

kude, ebuntwaneni babo. Simnikwa ke umlinganiswa enguloo mntu

okhula noku xakaxa lomona de afikelele ebudaleni. Ngethuba

lokukhula kwalo mlinganiswa inzondo iyaphekwa de ivuthwe

engqondweni yakhe. (Wright, 1991: 148-150). Laa mihlaba

yoqhuqho, i-Id, i-Ego ne Supa-Ego ibonakala ngokusekuhleni

kumlinganiswa ofana noLucky kwibalana elithi, “Umzila wokufa”.

Oku kungqinwa ngumonde anawo wokulandela amaxhoba akhe

39

ngemoto yakhe; uyawakhwelisa engulowo ukhangeleka enobubele

ze ethubeni abajikele.

Imeko kaLefty kwibalana elithi “Sisonka sethu” yona iqala

imangalisa kwalapha ekuguqulweni kwegama lakhe, lithi

belinguNxele wesiXhosa suka ngoku libe lelesiNgesi, uLefty. Loo

nto iyodwa inika ummingi-mingi wengqondo yomntu egazinzanga.

Owakhe umona ngowokulangazelela ubutyebi babanye abantu.

Akakhethi mntu, akanalusini, ude aye kuba kowabo kubhujiwe.

Kobu busela bakhe, ingqondo yakhe engamisanga imqhaqha de

kongezeleke nokunganeli. Olu phawu lokunganeli nokurhala

okugqithileyo limbangele ukuba amonele noogxa bakhe aba, kanye

aba aphanga abantu nabo. Bayambonelela ke bona ngokuba

bamgqithisa amafu.

Kwibali elithi “Namhla zigagene”. Apha kweli bali sizotyelwe

umlinganiswa ongutitshala uLusizi akavisisani nomfundisi. La

madoda ancokolayo achaza indlela umfundisi amkwekwe ngayo

utitshala nangemfundo yakhe enomsila ekrweca neenkwenkwezi.

Umbhali uye wamzoba umfundisi njengomntu omonela utitshala,

njengomntu ongamfuniyo. Kuyacaca ukuba lo mona usuka kude.

Sifumana omnye utitshala othanda ukuya phaya kwamfundisi, yaye

lo titshala uyasifuna esi sihlalo sikatitshala uLusizi. Umona

nentiyano uye wavela xa umqhubi-hashe ebuzisa indlela kwatitshala

uLusizi ngobusuku, wahlaba ivolovolo, lwalala phantsi ugodo.

Abantu belali baye bayidibanisa nomfundisi le ntlekele, kuba kaloku

nguye obebhidane notitshala, yaye nehashe ebelikhwelwe ngumenzi

wobubi lifana nelikamfundisi. Wakhululwa yiminwe yakhe eyavela

ePitoli engadibaniyo naleyo ifunyenwe kwitshefu. Kwaze

kwafunyaniswa ukuba umfundisi akanatyala. Kwabanjwa uDlamini

40

ngobundlobongela athe wabenza.

ngumona osentliziyweni yomenzi.

Konke oku kungabangelwa

4.2 UMOTHUKO

Kwibali elithi “Umvuzo wethemba” sifumana uMajali

owayengumfazi kaMbulawa. UMajali yayimkhathaza indlela unyana

wakhe aziphethe ngayo. UMajali wayenqwenela ukuba unyana

wakhe afunde ukuze imfundo ibe lilifa kuye. Unyana wakhe

uMateyisi waba yinto equqa ibuya entolongweni. Yamhlupha

kakhulu uMajali loo nto.

Siwisa (1973: 7) uthi:

“Wavela wagula umama uMajali

ngequbuliso awathi ugqirha

libangwe lihlwili elixabe

entliziyweni ngenxa yokukhathazeka.”

Kwakhona kweli bali “Umvuzo wethemba” uMbulawa ongutata

kaMateyisi, uye wasishiya ngokothuka, kuba uMateyisi

noMqawuvuthwa baba imali yakhe awayeyifihlile phantsi kweziko,

elalivutha lingayeki.

Siwisa (1973: 9) uthi:

“....., lwabonakala uthanda eziko,

wandula wawohloka umgodi emva

41

kwemini, watsho washiywa ziingqondo.

Wayiphendula kakuhle yona imibuzo,

kodwa lathi litshona ela loo mini zaye,

seziphithizela izijoli zibikela abantu.”

Kwibali elithi “Ukuqina enyaleni” sifumana uMadliwa owathi wenza

iyelenqe lokuthi kubulawe umfazi wakhe ngenxa yokuba

wayengazali makhwenkwe. Wacela uMagusha ukwenza obu bubi.

Amapolisa aphanda aza amfikela uMagusha esitya emzini wakhe.

Siwisa (1973: 83) uthi:

“Ayifikela indoda yasemaQocweni

isingathe isikotile somvubo. Yathi

ngokothuka yathinta ibhekile yamasi

eyayisecaleni layo. Ngokuzama

ukuphakama yatyibilika emasini

yaya kuthi thaca phantsi ngeempundu

phezu kweso sikotile. Yakhasa

ngamadolo yaya kuvuswa emnyango

ngusajini ngempama eshushu,

zaqhwitha izibane emehlweni.

Kwakhona kweli bali “Ukuqina enyaleni”, sifumana uMagusha

owathi wabulalwa nguZingisile unyana kaMadliwa. Lo nyana

kaMadliwa ngowomfazi wesibini uNowayini. UMkhululi ongutata

kuMadliwa waziva ezi ndaba.

42

Siwisa (1973: 89) uthi:

“Wothuka waphola uMkhululi

akuluva olu daba eshiya umyolelo

obhaliweyo ungqengqe kwi-ofisi

kaStrachan eHamboko.”

Kolu luhlu lwamabalana siboniswa abalinganiswa

abanganxanelwanga gazi lamntu, kodwa bengababulali. Kaloku

ikho nento yombulali ongasisandla elutshabeni. Aba babulali balolu

hlobo kuthiwa banobungozi ngokuba abaqondakali, izinto nokwenza

kwabo kufihlakele. Ngabo balinganiswa bafana nenyushu engceni.

Balihlabanisela ixhoba bekude, loo nto bengalindelekanga.

UMateyisi kwibalana elithi “Umvuzo wethemba” ngumzekelo omhle

wombulali ohlekayo nokhangeleka eseluthandweni kumkakhe

uMajali. Kodwa izenzo zakhe ezigwenxa ziphuma nodlolwazana

ngokuba zisuba umphefumlo kanina ze kuthi kungekudala zithathe

okayise uMbulawa ngenkqu. NoMadliwa kwibalana elithi “Ukuqina

enyaleni” unesibindi esimnyama eside simqhushumbisele ukuba

athenge uMagusha ukubulala umkakhe ongazali makhwenkwe.

4.3 UBUSELA NOBUQHOPHOLOLO/AMAQHINGA

Kwibali elithi “Umvuzo wethemba” sigagana noMateyisi

noMqawuvuthwa, abathi baba imali kaMbulawa ongutata kuMateyisi.

UMbulawa wayesisityebi esaziwayo. Imali yakhe yayigcwalisile

nalapha emzini wakhe.

43

Siwisa (1973: 8) uthi:

“Bancedisana ukutsala isingxobo

sofele esasisenkonkxeni, basibeka

phantsi basiqhaqha bafumana

isatyhwentywe semali emhlophe

yodwa. Bazitsala zazine izingxobo,

ezibini kuzo zinemali ebomvu.

Bafikelela ngoku kwinkonkxa

encinane, eyayipakishe izikhova

zodwa.”

Kwakhona kwibali elithi “Sisonka sethu”, sifumana uNxele notata

wakhe. Babephila ngokuba amahashe bawathengise. Zazifika

ngobusuku kuvukwe kusasa zingekho.

Siwisa (1973: 18) uthi:

“Wabona kumana kufika

iindlandiya ngeendlandiya

zeengcungela zeenkabi

zamahashe ngobusuku, kuse

sezingekho. Badubula iintsuku

ezintlanu apho beziqaba ngamasi

omhlontlo, phezu kweempuphu

nasezikolweni bezijika umbala.”

Kwakhona kweli bali elithi “Sisonka sethu”, sibona uNxele

nabahlobo beqhekeza besiba kwizihlandlo ngezihlandlo. UNxele

44

wakhulela ebuseleni, walishiya ikhaya lakhe ngenxa yokuziphatha

kakubi.

Siwisa (1973: 22) uthi:

“Kwakuqhekezwa emaTshayineni

kufunqulwe impahla kumakhulukhulu

eerandi. Wayeqhekezelwe

umfundisi waseWesile, kwamukulwa

isefu eStadi, yemka yonke imali

kaRhona eyayilapho kunye

neebhotile eziliqela zewayini

yomthendeleko.

Siwisa (1973: 24) uthi:

Lwaqala phantsi uqhekezo

ezimotweni, edolophini naselokishini,

emini nasebusuku.

Laye lisanda ibali lomongikazi

onxibe iimpahla ezimhlophe,

ehamba nabafazi abaphuma

ngokuhlwa emsebenzini. Phofu

aduke umongikazi, kuvele

amakhwenkwe abaleqe,

axhwile imali zabo nezitya zabo

zomxhesho. Waduka umongikazi

kwavela eyomfazi ogqogqa izindlu

zabasebenzi eWest Hill. Zalahleka

kweso sithuba ke izipaji zabafazi

45

ezifihle phantsi kwemiqamelo.”

Kwakweli bali uGqira O’ Brien ushiye ibhokisi enobungozi emva

kwesitulo kwimoto yakhe. Yaye yabiwa le bhokisi, waza wayalela

ukuba umntu oyithathileyo aze angayivuli kuba inobungozi.

Siwisa (1973: 24) uthi:

UGqirha-lwazi Dr O’ Brien

waseRhodes wayecebisa

naliphi na isela eliqhekeze

emotweni yakhe, laza leba

ibhokisi etshixiweyo ukuba

lilumkele ingozi ephakathi kuyo.”

Kweli bali “Sisonka sethu” sinikwa uLefty ebuhlungu kuba esiva

iindaba zokushiywa ngumama wakhe. Waye wahamba wagoduka

ekhatshwa ngabahlobo bakhe. Bangena endlwini bababona bonke

abantu ukuba bangaphakathi. Babona imoto imise phambi kwendlu

baze bagqiba ekubeni bathathe yonke into eyayilapho kuloo moto.

Siwisa (1973: 25) uthi:

“Bawuqalisa umsebenzi wabo

abawuqoshelisa ngophanyazo

beyishiya i De Soto ikhamisile,

kungekho nesipeliti ngaphakathi

nangasemva. Babuyela ebuhlanti

bona baza baqhuba iinkabi zeenkomo

ezine neebhokhwe ezilishumi.”

46

Kwakweli bali “Sisonka sethu” sidibana noMnumzana Vusani

owayengu-somashishini, owagetyengwa ngabaqhekezi abathathu

ebusuku xa wayebala imali yakhe ayenzileyo.

Siwisa (1973: 26) uthi:

“Zazigqume amehlo ngeekepusi,

zitsale iiqhiya phezu kwempumlo.

Zafika zamqhula ziboleka imali.

Ezinye zazithaphulela kweso sitha

zingxala ezipokothweni. Waqabuka

selebethwa ngeempama. Wanga

angavusa umnyele kodwa wathityazwa

ngumlomo wevolovolo esifubeni

sakhe. Kwabolekwa isitshixo

semoto yakhe kwakuye.”

Kwibali elithi, “Indoda yelaka”, kukho indoda egama linguMathayi.

UMathayi waya eKapa esiya kufuna umsebenzi. Ekufikeni kwakhe

eKapa uMathayi wamkelwa zizibebenga.

Siwisa (1973: 28 & 29) uthi:

Yangena yonke yaphelela

ngaphakathi kwedyasi yakhe,

.......... waphawula ukuba le

nkewana iphuthaphutha le

pokotho ingasemva ebhulukhweni,

irhola imali seyivela kwezinye.

47

Ngokothuka wayibeka phantsi

ingxowa yakhe. Lo gama

asabhutyabhutyana nayo,

ezinye ezi zaxhiwula ingxowa

le zabaleka nayo.”

Kwakhona kweli bali “Indoda yelaka” sifumanisa uMathayi

ethathelwa impahla yakhe yonke eKapa.

Siwisa (1973: 30) uthi:

“Wavuka apho seleshiyeke

nehempe yodwa emzimbeni

wakhe.”

Kwakhona kweli bali “Indoda yelaka” uMathayi ufumana

umsebenzi. Endleleni ebuya emsebenzini ngemini yokwamkela

uthathelwa umvuzo wakhe wonke.

Siwisa (1973: 31) uthi:

Zayithabatha imvulophu

enomvuzo wakhe angekayivuli

nokuyivula. Zamguqula

sezimpampatha kakade.

Zathi zakufika apha

emiphakathweni zayithi

xhamfu ibhulukhwe

Zayidibanisa neyangaphantsi

zayisika ngemela yonke loo

48

ndawo ibinemvulophu.”

Kwakweli bali “Indoda yelaka”, uMathayi ugqiba ekubeni alishiye

elaseKapa. Endleleni egodukayo uye wacela ukukhwela kwimoto

ethwele iibhokisi zezidumbu. Watshona phezulu. Kwakunetha

imvula, wagqiba ekubeni angene kwenye yezo bhokisi. Kwakhwela

nabanye abantu apha ngemva kule lori. Aba bantu babephethe

imali ezingxoweni. Yahamba ilori, phakathi endleleni, yavuleka enye

yebhokisi, kuvakala ilizwi elibuza ukuba imvula injani na. Zange

babuze behla ilori ihamba beshiya ezo ngxowa apho kulo lori.

Siwisa: (1973: 37) uthi:

“Wazikhuthuza zonke ezo ngxowa

e loo mali engayibalanga

wandula ukuzijula kude.”

Kwibali elithi “Umgudu wokugqibela”, sinoMnumzana Hleza

owayelungiselela umagqibelo wakhe uNongekhe. UNongekhe

wayeza kuphehlelelwa. Utata uHleza waya edolophini esiya

kulungiselela intombi yakhe. Endleleni ebuya edolophini,

wahlangana nomfo onguReuben owathi wacela ukukhweliswa apha

emotweni. UReuben wayezimele entolongweni. Wayesiya emfazini

wakhe efuna ukumxelela apho imali yobusela ifihlwe khona.

Siwisa (1973: 42) uthi:

Wajikela ngemva kwayo wayiqubula

ngengqindi ezintlafunweni, yaqingqa.

Yathi isadidizela njalo wayibopha

49

ngesikhafu sayo emlonyeni.

Wayirhuqela ematyholweni waza

wayibophelela, kwangeqhina layo

wayishiya wangena zazilapho zamadoda angawaziyo,

wayigxulusha ezimpokothweni

yonk emotweni

wayiqhuba.”

Kwibali “Umgudu wokugqibela” sifumana uReuben efika emzini

wakhe, wathatha imali wayinika inkosikazi yakhe uNolasu. UNolasu

wayibeka imali kwindawo efihlakeleyo.

Siwisa (1973: 45) uthi:

“Ezinzulwini zobusuku bomGqibelo

wankqonkqoza emzini wakhe,

uReuben ethwele isikhaxa semali

awayezimelele yona entolongweni.

Wayinika uNolasu, awayithungela

phakathi kwengca entungo.”

“Waya kuhlala kwaninakazi, apho

wayemana ephuma engena enxibe

ikhola yabefundisi. Wayesaziwa

njengomfundisi waseRhawutini

owayehambele kwaninakazi.”

Kwibali elithi “Tshona!” kukho uDlangamandla owayethutha abantu

ebasa eKapa kodwa bephelela eBhayi. Wayebaqhatha ebafaka

ematankini, xa bebuza athi kubo Tshona!

50

Siwisa (1973: 54) uthi:

“Linjani ukubalela ilanga apha

eMosseli Bayi, bhuti wam

Wabuza uMpinga ekrobe

Efestileni yeveni.”

“Yintoni na le uyibuzayo

Ungumntu waphi KuseTinarha

apha akukho Mossel Bay!”

uphendule umfo wepetroli.

“He! Mpinga! Uceba ntoni

mfondini Ufuna ukundibambisa

Benditheni kuni Tshona!!”

Lo mxholo wobusela ukhangeleka ngokungathi awuphenjwa,

ukhwezelwe zizikrelemnqa zoonqal’ intloko abaxhinele ukuphalaza

okanye ukukhupha imiphefumlo engenatyala. Kanti ke bebonke,

njengoko bedwelisiwe neziganeko zabo, bafunzele ekuzuzeni

bengasebenzanga. bafana nabantu abangena entsimini bavune

ngeli xa bengalimanga. Into ephambili engqondweni yabo yimali,

abacingi nto ngomnini-mali. Ukuba kuya ngabo, loo mnini-mali

ufanele ukususwa emhlabeni ukuba uxabe endleleni yabo. Imigudu

abayenzayo ukufezekisa lo minqweno yabo izotywa ngumbhali

njengaleyo iphumelelayo.

Kwibali elithi “Sisonka sethu” sifumana umlinganiswa uNxele othi

akhulele ebuseleni. Uyise uye wamfundisa olu biwo lwamahashe

aze abuye nemali. Uye wandweba wahamba namahashe kodwa

yona imali ingabakho. Wayenza izihlandlo ngezihlandlo, waze uyise

51

wamohlwaya kanobom. Ubusela babalasela kuNxele. Wahamba

waya eRhini wafika igama languLefty. Banaba ubusela eRhini

nobundlobongela, bezithathela izipaji kodwa bengaphangelanga.

UNxele wabona ephepheni ukuba unina akasekho. Wahamba

wagoduka ehamba nezihlobo zakhe ooStone. Nalapho bafika baba

yonke into abayifumana emotweni eyayiqhutywa nguninalume

kaLefty. Ngentsasa elandelayo kwafunyanwa uLefty enamanxeba

emela ehlatywe zitshomi zabo. Into oyifumana lula kunjalo

nokuphuncukana nayo.

Kwibali elithi, “Umvuzo wethemba” sigagana noMateyisi obalasele

ngokunyoluka. UMateyisi ude wenza nemigudu kuba efuna ubutyebi

bukayise angabubilelanga. Wenze imikhuba yokuzigulisa wada

walifumana ithuba lokuba imali kayise uMbulawa. Ube wanayo

nemigudu yokuya emaxhweleni efuna obu butyebi. Unina ude

wasutywa kukufa, wothuka le mikhuba yenziwa ngunyana wakhe.

UMateyisi wayetsibe nelitye likaPhungela, ngelixa kungumlindo

kanina yena uzama amacebo wokomba umgodi wokuba afumane

ubutyebi bukayise. Ufuna ukuvuna ngenkani kodwa khange alime.

Uyise uyafumanisa ukuba ngenene ibiwe imali yakhe, nangalo elo

xa, kusithiwa uyise uyafa wafika mva epholile sele wasishiyayo

uMbulawa. Ekugqibeleni umvuzo yaba kukuvalelwa entolongweni.

Kwibali elithi “Tshona!” sifumana umlinganiswa onguMntukanti into

kaTolwana. Yona yathi yacinga icebo lokuphila. Yayiphila

ngokuthutha abantu ibasa koBhayi, koMonti naseGcuwa. Lo mfo

waye esanyukela ethutha neenkuni abuye namanzi evela nawo

ngaseBhayi. UDlangamandla watshintsha imoto, ngeemoto. Wade

ekugqibeleni wakrotyelwa kweli cebo lakhe. Zathinjwa zonke iimoto

zakhe, nemali yakhe. Wahlupheka, wabhitya waphelela eMonti

52

ethengisa ubisi lwasederi, ehamba ngeenyawo neenwele

zingakanywa. Imali eza ngokukhawuleza, kuya khawuleza

nokuphela kwayo.

4.4 ISISHWANKATHELO

Aba balinganiswa bayazibonakalisa ngokucacileyo iindima zabo kula

mabalana. Iimpawu abanikwa zona ngumbhali zizona zibangela

ukuba bangqineke njengabalinganiswa abaphilayo. Kuyancomeka

kakhulu oku kuba kambe nomfundi ncwadi uye azifumanise

encamathela kwibalana ngalinye. Umdla wam ke ngoku

ngowokuveza imeko yamaxhoba ezenzo zaba balinganiswa. Oku

ndiya kukuqwalasela kweli candelo lokugqibela lilandelayo.

53

ICANDELO 5

AMAXHOBA OBUNDLOBONGELA

Ubundlobongela obuthi benziwe ngumntu buthi buchaphazele yena

isiqu kunye nezalamane okanye usapho lwakhe. Obu bundlobongela

butyhefa uluntu lonke lolo sapho, nabahlali babajonge njengabantu

ababi nalapha ekuhlaleni. Nenzala yomntu owenza ubundlobongela

ithi isuleleke ikhule phantsi kwesi simo singalunganga.

Amakhaya ashiyeka engenabo abazali, amakhosikazi ashiyeke

engabahlolokazi, abantwana bona bezinkedama. Abantwana

abakhulela kula masikizi nabo benza njengoko abazali besenza,

balandela futhi emkhondweni wabazali babo. Nalapha kule ncwadi

ka- L. K. Siwisa “Izimanga zalomhlaba” kwenzeka izimanga

zodwa. Abazali bafundisa abantwana ubusela, umntwana aphelele

elisela uqobo ebona ukuba yeyona ndlela ilula yokuphila.

Kwibali elithi “Sisonka sethu” sifumana uNxele owathi wakhuliswa

ngobusela nguyise, besiba amahashe. UNxele wakhula esiba

watsho wasiyeka nesikolo. Neziphumo zobusela nobuqhophololo

ziba krakra. Imali eza lula isingisa entshabalalweni.

Kwibali elithi, “Tshona!” sifumana uTolo owayeqhatha abantu esithi

ubasa eKapa kanti uphelela eBhayi. Nakuwo amapolisa

wayeqhwesha, kodwa iziphumo zaba zibi wabhanga wahamba

ngeenyawo, zaphela tu iimoto, wathengisa ubisi kwiilokishi

zaseMonti. NoReuben wazimela entolongweni efuna ukubonisa

54

inkosikazi yakhe uNolasu imali apho ayifihle khona, kodwa waye

wafunyanwa kwakhona, waphinda wabuyela entolongweni.

Kwibali elithi “Namhla zigagene” sifumana utitshala uLusizi othe

wafa kabuhlungu. Uye wahlaselwa ngumntu ongaziwayo,

owayebuzisa ngendlela eya eMaBhofolweni. Ibe ngumzuzwana

ephumile eyikhombisa wahlatywa umkhosi. Inkosikazi yakhe

yakhala ibiza abantu. Kwaphandwa umbulali, waza umkhondo

walatha kumfundisi. Kwafika esatya akathandiswa yena,

wagxagxanyiswa esiwa evenini yamapolisa. Wakhathazeka umama

umfundisi, waxweba, wabhitya, kwanqaba nabantu abamhambelayo

apho emishini. Nomfundisi naye wabhitya wakhathazwa sisehlo

atyholwa ngaso.

Kweli bali “Ukuqina enyaleni” sidibana noMadliwa oyinkulu

kaMkhululi, okhathazeke ngokumangalisayo ukuva ukuba uNojaji

unkosikazi wakhe uphinde wamzalela intombazana. Wakhathazeka

esithi ilifa lakhe liza kudliwa ngabaninawa bakhe. Uye wacinga

icebo lokubulala uNojaji waze wamfunela ababulali. Wabulawa

uNojaji waze uMadliwa wanenye inkosikazi eyathi yamzalela unyana

onguZingisile. Babanjwa ooMagusha noMvandaba ngenxa

yokubulala uNojaji. UMadliwa wahlala ngokonwaba nomfazi wakhe

omtsha uNowayini. Lavuka lona ikakade wathukwa uNowayini

ngesifombo anaso waza ke ngaloo ndlela wangcungcuthekiswa,

nangemali encinci anayo eposini. Wakhetha ukumshiya uNowayini

ngenxa yempatho-gadalala, wahlala uMadliwa nonyana wakhe

uZingisile ongamameliyo. UZingisile wabona uphawu lukaMkhululi

utatomkhulu wakhe kumatakane kaMagusha wacaphuka, wamhlaba

ngebhozo esiphangweni wafa. Wothuka waphola uMkhululi akuziva

ezo ndaba.

55

Kwibali “Umvuzo wethemba” abazali bakaMateyisi yayibahlupha

indlela unyana aziphethe ngayo. Wabahlupha abazali bakhe wade

waya nasemaxhweleni efuna ubutyebi bukayise wakhe. Umama

wakhe uMajali yamkhathaza, yamhlupha le nto, wada wayikhaba

inqawa kukuva izinto ezenziwa ngunyana wakhe. UMateyisi zange

aphele mandla, wathi namhla ngomlindo, wazama amacebo

noMqawuvuthwa, baba imali kayise. Yamothusa uyise uMbulawa

indlela imali yakhe ebiwe ngayo. Waqonda ukuba bonke ubutyebi

bakhe buphelile. Wothuka washiywa ziingqondo wada waphuma

umphefumlo kukothuka esi sehlo.

Kweli bali “Umgudu wokugqibela” apha utitshala uHleza

ulungiselela uphehlelelo lwegqibelo lakhe uNongekhe. Ubuya

edolophini uvela kufuna izinto zetheko. Endleleni ebuyayo

ukhwelisa uReuben emotweni yakhe. UReuben uye wamfaka

inqindi wambophelela wamshiya apho. Kuhlwile ngaloo mini, wonke

umntu ekhathazekile kuba utitshala akabuyanga. Kwasa kwayimini

yeCawa, banxiba iimpahla zabo ezindala. Baya eCaweni

bekhathazekile, kwaye utitshala yena akazange akwazi ukuya

kuphehlelelo losana lwakhe, kuba kwakufuneka aye kunika ingxelo

ngokuthe kwamehlela. Wakhathazeka umntwana nonina, kodwa

kungekho cebo limbi, wonke umntu wayehlile ngoku emoyeni,

kodwa kubulelwa nje ubomi bukatitshala uHleza. Unkosikazi

katitshala uHleza, wanxiba impahla yakhe endala waza umntwana

wamelwa nguyisekazi kuba utitshala yena wayexakekile engekho.

Awona maxhoba apha ngamabhinqa kwakho, inkosikazi nosana.

Ngethamsanqa akukho ufayo, kodwa impoxo abayifumanayo

ayinganganto.

56

ELOMQUKUMBELO

Ubundlobongela ngumkhwa oxhaphake kakhulu kuluntu

nasentlalweni yethu. Imihla ngemihla amaphepha-ndaba abalisa

echaza ukunyuka kobundlobongela kwilizwe lethu. EMzantsi Afrika

sinyukile isimo sobundlobongela okokoko kwathi kwapheliswa

isigwebo sentambo. Abantu bayona bagwetywe kodwa emva

kwethutyana umenzi wobubi umbona selephumile entolongweni.

Enye into ebangela ubundlobongela bunyuke kakhulu, abantu

bakuthi abaphangeli, bahlala ezilokishini becinga ububi bodwa kuba

banesithukuthezi. URhulumente makacinge icebo, kuba abantwana

bethu bazalise izitalato benezidanga. Imisebenzi ekhoyo ifuna

umntu abe nawo amava anawo phambi kokuba afumane

umsebenzi. Makubuye isigwebo sentambo kweli lizwe ukuze

ubundlobongela bunciphe. Phantsi ngobundlobongela phantsi!

Le ncwadi kaSiwisa isizobela ngobuchule konke oku kwenzekayo

eluntwini. Iyafundisa kwaye icebisa kananjalo indlela yokuziphatha

entlalweni. Udaba lwayo lungalulutho kubacwangcisi bezonontlalo

kwanabo bezomthetho. Koonontlalo, ngathi xa ndijongile

bangahlangula lukhulu malunga nengqondo yaloo mntwana ofunzele

kubundlobongela. Kanti ke kwabezomthetho, ngathi bangakhe

babone ngenye indlela imigaqo elandelwayo xa kubhengezwa naxa

kusetyenziswa umthetho. Yincwadi le yekamva elililo lomzi

oNtsundu.

57

INCWADI EZISETYENZISIWEYO

1. Atkinson, R. L. Et al. 1983 Introduction to Psychology.

New York: HBI inc.

2. Collier, C. 1973 Colliers Encyclopedia Vol 16

Crowell, Collier Education

Corporationn.

3. Egri, L. 1960. The art of dramatic writing.

New York: Simon & Schuster.

4. Fischer, A. et al. 1985 English/Xhosa Dictionary.

Oxford University Press

Southern Africa, Cape Town.

5. Maduna, N. C 1999 Suffering of women in

Xhosa Drama.

Sub-dissertation.Vista

University ,P.E

6. Majola, N. A. 2003 Feminism: Gender Stereotype

Vs Gender Equality. Vista

University. Port Elizabeth.

7. Mngxekeza, N.L.2004 A critical study of the same

gender abuse in some isiXhosa

novels. Vista University. Port

Elizabeth.

58

8. Mtuze, P. T. 1986 Siwisa Short Stories. A Critical

Appraisal. University of South

Africa.

9. Siwisa, L.. K. 1973 Izimanga zalomhlaba.

Via Afrika Limited

National Book Printers Limited.

10. Webster, R.1990 Studying Literary Theory: An

Introduction. A division of

Hadder & Soughton. London.

New York.

11 Wright, E.1984 Pyschoanalytic criticism.

London:Methren

59

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!