12.07.2015 Views

I-MENINGITIS

I-MENINGITIS

I-MENINGITIS

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

I-<strong>MENINGITIS</strong>Yintoni i-meningitis?Ixhaphake kangananii-meningitis?I-Meningitis sisifo esichaphazela inwebu ejikeleze ingqondokwakunye nomnqonqo. Ingabangelwa ziintsholongwane ezibizwangokuba ziibhaktheriya (bacteria) (umz. i-meningococcalmeningitis) okanye ziintsholongwane ezibizwa ngokuba ziivayirasi(viral meningitis). Kwiimeko ezininzi i-meningitis ibangelwayivayirasi yaye ayinabuzaza bungako. Ukanti i-meningitisebangelwa ziibhaktheriya sisigulo esixhomis' amehlo.Kubakho amaxesha okuqhambuka kwe-meningitis ebangelwaziibhaktheriya (ingakumbi kwi-Afrika engezantsi kweSahara )kodwa i-meningitis ebangelwa ziivayirasi yeyona ixhaphakileyo.Ungazi njani ukuba umfundiugula yi-meningitis?Uyifumana njani i-meningitis?Ukuba usulelekile (yakubaintsholongwane isemzimbeniwakho) iba lixeshaelingakanani phambi kokubauqale ukuziva ugula?Inyangwa njani i-meningitis?Ingaba umfundi one-meningitiskufuneka angezi esikolweni?Umfundi ogula yi-meningitisuyekiswa isikolo ixeshaelingakanani ?Zinto zini ezingaba nobuzazaxa ubani ene-meningitis?Omakuqatshelwe:Umfundi angagula kakhulu abonise iimpawu ezinokuvelanangayiphi na indlela, eziquka umkhuhlane omkhulu, ukuqinakwentamo, isizaphu-zaphu nokukhupha, intloko ebuhlungu,umrhawuzelelane (amaqhakuvana abomvu), ukubhidekaengqondweni nokuxhuzula.Ngokudibana ngqo nangokungadibani ngqo nolwelo oluvuza lusukaempumlweni okanye emqaleni (amaqabazana aphuma xa uphefumlaesuka empumlweni nasemqaleni kumntu osulelekileyo xa ekhohlelaokanye ethimla).Ingaba lusuku olunye okanye ezili-10; kuqheleke iintsuku ezi- 3 - 4Ukuba utitshala urhanela i-meningitis, makamthumele umfundikugqirha, eklinikhi okanye esibhedlela. Ukuba umfundi ugula yimeningitisebangelwa ziibhaktheriya (bacterial meningitis), uyakunyangwa ngee-antibiotics. Akukho mfuneko yee-antibioticskwimeningitis ebangelwa ziivayirasi (viral meningitis), kodwaumfundi kuya kufuneka aphumle aze agimye iipilisi zeentlunguezifana ne-paracetamol (umz. iPanado). Iimpawu ze- viralmeningitis ziqhele ukuba zinyamalale kwisithuba seeveki ezimbini.Ewe.Iiyure ezingama-24 emva kokuqalisa unyango. Umfundimakabuyela esikolweni kuphela xa eneleta kagqirha.Ukulibaziseka ekufumaneni unyango kwimeningitis ebangelwaziibhaktheriya kungakhokelela kumonakalo wengqondongokupheleleyo kwaye oku kungakhokelela kubunzima ekufundeni,kwakunye nokufa kwamalungu omzimba. Ezinye iimekoezinobuzaza ziquka ukungeva, ukuxobuka kolusu, kwakunyenokuphulukana neenyawo neengalo ngenxa yokungahambi kwegaziemzimbeni.Unyango olukhawulezileyo ngugqirha lubalulekile kakhulu. Zichazeezi meko zilolu hlobo kwiSebe lezeMpilo ngoko nangoko.Ukuthintela ukunaba kwesifo, umntu okhe wadibana nezigulane zemeningitisanganikwa ii-antibhayotikhi.I-Meningococcal meningitis yeyona isulela ngamandla kwayeluhlobo oluzibonakalisa ngomrhawuzelelane. Lungabangela ukufa.


IRHASHALALA (CHICKEN POX)Yintoni irhashalala?Ixhaphake kanganani irhashalala?Ungazi njani ukuba umfundiunerhashalala?Uyifumana njani irhashalala?Ukuba usulelekile (yakuba njeintsholongwane isemzimbeni wakho) ibalixesha elingakanani phambi kokubauqalise ukuziva ugula?Inyangwa njani irhashalala?Ingaba umfundi onerhashalala kufunekaangezi esikolweni?Umfundi onerhashalala uyekiswa isikoloixesha elingakanani ?Ingaba ziintoni ezinobuzaza xa ubanienerhashalala?Omakuqatshelwe:Irhashalala (chicken pox ) sisifo esibangelwayintsholongwane encinane kakhulu eyivayirasi (varicellavirus), engenakubonwa ngeliso lenyama.Irhashalala ixhaphake kakhulu ebantwaneni kodwa inakoukubakho nakubantu abadala.Umfundi uya kuba namaqhakuvana arhawuzelelayo evelaikakhulu esifubeni, emqolo nasebusweni (nasezi-ntsinini). Lamaqhakuvana mancinci athi gweve ukuvela qhongeentsukwana ezimbalwa. Iqala njenga-maqhakuvanaamancinci, ize ibe ngamadyunguza azele lulwelo (angathiabe bubovu). Ayoma aze enze izikhokho okanye amaxolo.La maqhakuvana ahlala iintsuku ezi-8 ukuya kwezi-10.Umfundi angaba nomkhuhlane, intloko ebuhlungu aze aziveenokudinwa kwakunye nokuqaqamba komzimba.Irhashalala iyosulela kakhulu, kwaye isasazeka xa umntwanaonayo ekhohlela okanye ethimla, aze agqithiseleintsholongwane kwabanye abantwana. Omnye umntuangosulelwa yirhashalala ukuba ngaba udibana ngqonencindi esuka kumadyunguza.Intsholongwane ingaba semzimbeni wakho iintsuku ezili-10ukuya kwezingama-21 phambi kokuba uqalise ukuzivaugula.Ukuba kurhanelwa irhashalala, umntwana makabonwengugqirha. Umntwana makanikwe i-paracetamol (umz.iPanado) yomkhuhlane, kwakunye nekhalamayini ukuzeithanjiswe kuloo maqhakuva ukunciphisa ukurhawuzelela.Ukuba irhashalala yondele okanye iyesulelayo, ugqirhamakamnike iipilisi zokurhawuzelelwa kunye neantibhayotikhi.Ewe.Umfundi onerhashalala ufuna ukugcinwa ekhaya anyangwengugqirha. Umfundi angabuyela esikolweni kuphela xaeneleta evela kugqirha.Amaqhakuvana angabangela usuleleko, ngoko kekubalulekile ukuba ukuthintele ukuwakrwempa. Okukungahle kuchaphazele nemiphunga yakho, ingqondo yakhokunye nokuhamba kwegazi.Ugonyo luyafumaneka. Alufumaneki eziklinikhi, kodwalungenziwa ekhemesti.


IINTWALA ZASENTLOKOZiintoni iintwala zasentloko?Zixhaphake kanganani iintwalazentloko?Ungazi njani ukuba umfundiuneentwala zentloko?Usuleleka njani ziintwala umntu?Iba lixesha elingakanani phambikokuba amaqanda (okanye onomoyi)aqandusele ?Zinyangwa njani iintwala zentloko?Ingaba umfundi oneentwala kufunekaangezi esikolweni?Umfundi oneentwala uyekiswa isikoloixesha elingakanani ?Ingaba ziintoni ezinobuzaza xa ubanieneentwala zentloko?Omakuqatshelwe:Iintwala zizinambuzane ezincinane (½-3mm ubude)ezingenamaphiko ezizizimungunyi-gazi nezixhomekekeebantwini ukuze ziphile. Zinemizimba enoboya esicabakwakunye neenzipho ukuze zincamathele ngazo entlonzeni.Zihlala kufutshane nolusu ukuze zifumane ubushushu kwayezitya ngokumungunya umlinganiselo othile wegazi entlonzeni.Imazi yentwala izala amaqanda ayo (abizwa ngokubangoonomoyi), nancamathela nca kwizikhondo zeenwele.Oonomoyi bafana neenkozwana ezincinci ezimhlophe.Iintwala zixhaphakile ebantwaneni. Abantwana ababhinqileyongabo abathanda ukuba neentwala. Ucoceko nezempiloazidibananga kangako nobukho beentwala (nangona iimekozokungacoceki emzimbeni ezifumaneka kwiindawo ezihlwempuzekileyonezixineneyo, zenza zisasazeke ngokulula). Nakubaiinwele zihlanjwa rhoqo, zingakho iintwala. Eneneni intwalayentloko iphila kakuhle kwiinwele ezicocekilyo nezihlanjwekakuhle.Intlonze yomfundi ingarhawuzelela kakhulu. (Nangona kunjaloiintwala azibangeli kurhawuzelelwa kangangeenyanga ezi-3 emvakokuba ubani esulelekile.) Yena anganamaqhakuvana amancincikumva wentamo okanye ubone intwala ngokwayo okanyeoonomoyi kwizikhondo zeenwele. Eyona ndawo yomzimba idlangokuchaphazeleka kakhulu ngumva wendlebe.Iintwala zingahamba ukusuka kule ntloko ziye kwenye ukubazayamene, kodwa azikwazi kudada, kubhabha, kungcileza okanyekutsiba. Zingahamba ukusuka entlokweni yomnye ziyekumphezulu wento nokuba ngowomqamelo okanye ikepusi,ukusuka apho ke ziye entlokweni yomnye umntu.Iintsuku ezi-7 ukuya kwezi- 10 emva kokuba ezalelwe.Susa iintwala ngokuzihlamba iinwele ngeshampu yohlobooluthile yasekhemesti ukuze zipheliswe nya iintwala (umz. i-Quellada okanye i-Gambex). Oonomoyi abaseleyo mabasuswengekama enamazinyo amancinane zize iinwele zipulwe ngamanziafudumeleyo aneviniga. Kwithuba leentsuku ezili-10 zitshekishekwakhona iinwele uze uphinde uzihlambe ngeshampu ususenoonomoyi. (Jonga ifom eqhotyoshelweyo eya kubazali.)Ewe.Umfundi oneentwala ufuna ukugcinwa ekhaya de kubekuqalisiwe ngonyango. Nje ukuba kuqaliswe ngonyango (nokubangaba oonomoyi basekhona) umfundi angavunyelwa ayeesikolweni, ukuba ngaba kusaqhutyekwa nokunyanga iinwelenokususwa koonomoyi. Uphando lubonise ukuba ayingabo bonkeoonomoyi abakhula babe ziintwala, ngoko ke akuyomfunekoukumyekisa esikolweni umfundi ukuba ngaba unoonomoyikuphela.Iintwala azidli ngakubangela iingxaki zempilongokwasemzimbeni, nakuba ukuzikrwempa entlonzenikungakhokelela kusuleleko. Eyona ngxaki inkulu ngeentwalakukuba zonke iintsapho, amakhaya kunye nezikolo zingasuleleka.Bonke abazali okanye abagcini babantwana mabaxelelwe xakukho usuleleko ziintwala ngaphakathi esikolweni, kwayekufuneka bacelwe ukuba batshekishe abantwana babo rhoqoukuba abanazintwala na (Imizekelo yeeleta ezinjaloiqhotyoshelwe apha.)


I-MASISIYintoni imasisi?Ixhaphake kangakanani imasisi?Ungazi njani ukuba umfundi unemasisi?Usuleleka njani yimasisi?Ukuba usulelekile (yakuba njeintsholongwane isemzimbeni wakho) ibalixesha elingakanani phambi kokubauqalise ukuziva ugula okanyeubonakalise iimpawu zokugula?Inyangwa njani imasisi?Ingaba umfundi onemasisi kufunekaangayi esikolweni?Umfundi onemasisi uyekiswa isikoloixesha elingakanani ?Ingaba ziintoni ezinobuzaza xa ubaniegula yimasisi?Omakuqatshelwe:Sisifo esosulela kakhulu nesibangelwa yintsholongwaneencinane ebizwa ngokuba yivayirasi yemasisi.Kwixa langaphambili abantwana abaninzi abangaphantsikweminyaka emi-5 babegula yimasisi ngamathuba athile.Kodwa ngenxa yokuba ngoku abantwana abaninzibagonyelwa imasisi, ayisaxhaphakanga kangako.Imasisi ibonwa ngeempawu zomkhuhlane omkhulu,amaqhakuvana athe tshitshilili emzimbeni wonke. iimpawuzikwaquka ukukhohlela, amehlo alilayo abuhlunguekukhanyeni okuqaqambileyo kwakunye nempumlo evuzayo.Imasisi isasazeka ukusuka komnye umntu iye komnyengokusasazeka kwamathana umzekelo ngokukhohlela,nangokuthimla. Ukudibana nencindi ephuma empumlweniokanye emqaleni womntu osulelekileyo kungayisasazaimasisi. Abantwana ngabona badla ngoku- suleka phambikokuba babhaqwe ukuba bagula yimasisi.Ingaba ziintsuku eziphakathi kwezisi-7 nezili-14 .Ukuba kurhanelwa imasisi emntwaneni, makabonwengugqirha. Makanikwe i-Paracetamol (umz. iPanado)ukunyanga umkhuhlane omkhulu. Ngamanye amaxeshaugqirha angamnika u-Vitamin A osisongezelelo ukuthintelaiimeko ezinobuzaza. Abantwana abanemasisi mabakhuthazwebasele kakhulu izinto eziselwayo .Ewe.Iintsuku ezisi-7 emva kokuvela kwamaqhakuvana amancinaneathe tshitshilili.Ukuminxeka isifuba (inyumoniya), ukugula kwendlebeephakathi, ukuhambisa kwesisu, izilonda ezibuhlunguemlonyeni, kwakunye nohlobo lwesifo samehloesingakhokelela ekubeni ubebumfamarhaImasisi sisifo esixhomis’ amehlo nesingabangela ukufa.Nangona kunjalo ingathintelwa okanye incitshiswe ngogonyo(amakhadi eenkulisa/ eecreche kufuneka atshekishwengootitshala). Kubalulekile ukuba abazali bakhuthazwe ukubababagonye ngokupheleleyo abantwana phambi kokuqalaisikolo .


UKHWEKHWEYintoni ukhwekhwe?Luxhaphake kangakanani ukhwekhwe?Ungazi njani ukuba umfundiunokhwekhwe ?Usuleleka njani lukhwekhwe?Ukuba usulelekile (yakuba intsholongwaneisemzimbeni wakho) iba lixeshaelingakanani phambi kokuba uqaliseukuziva ugula okanye ubonakaliseiimpawu zokugula?Lunyangwa njani ukhwekhwe?Ingaba umfundi onokhwekhwemakangayi esikolweni?Umfundi onokhwekhwe uyekiswaisikolo ixesha elingakanani ?Ingaba ziintoni ezinobuzaza xa ubanienokhwekhwe?Omakuqatshelwe:Sisinambuzane esincinci okanye ingolwane elihlala phantsikolusu lizalele amaqanda. La maqanda ayaqandusela emvakweentsuku ezimbalwa ze kuzalelwe amanye amaqandaangaphezulu kunoko. Lo mjikelo uyaqhubeka yayelungawugqiba wonke umzimba.Ukhwekhwe luxhaphake kwiindawo zokuhlala ezixineneyoezinabantu abaninzi behlala ndawonye nalapho kungelulaukuhlamba qho. Lusasazeka apho kukho ukudibana rhoqongolusu phakathi kwabantu njengasezibhedlele, kumazikookugcina abantwana, ezikolweni, njl. njl. Abantu abadalakunye nabantwana banganalo ukhwekhwe. Abantu abadalaokanye abo babuthathaka kwindlela yendalo yokuzikhuselakomzimba ngokwawo ekuguleni badla ngokuba babesemngciphekweni wokosulelwa lukhwekhwe.Amabalana abomvu amancinane okanye imingxunya ebasemzimbeni. Iba kwiindawo ezinemiphetho, phakathikweminwe, esinqeni, njl. njl. Nakuba kunjalo oku kunganwenwakugqibe wonke umzimba. Ukurhawuzelelwa kakhulungakumbi ebusuku okanye xa kukho ubushushu.Lugqithiselwa komnye umntu ngomnye ngokudibana ngqokolusu nolunye ulusu ixesha elide okanye ngokunxibelanaimpahla, ngeeshiti neengubo, iiglavu, ikepusi, iminqwazi njl.njl. Ukuxhawulana ngezandla nokuwolana akudlingakubangela ukudibana okunokuthi kusisasaze esi sifo.Ziintsuku ezimbalwa ukuya kwiiveki ezimbalwa.Ukuba kurhanelwa ukhwekhwe, umfundi makaye kwagqirhaukuze afumane amayeza kwakunye nezinto zokuthambisa.(Jonga isiHlomeleo A malunga nokuqatywa kwentoyokuthambisa.)Ewe.Iiyure ezingama -24 emva kukuqaliswa konyango.Ngenxa yokuchachamba kolusu, usuleleko olulandela ololungakho. (Oko kuthetha ukuba ulusu olonakeleyo losulelwayenye intsholongwane kwakhona). Oku maku- nyangwengamagosa ezempilo aqeqeshiweyo.Ukhwekhwe mayingabi sisisfo osibhaqa ngokwakho ukubaunaso kwaye sukuzinyanga ngokwakho Kungenzeka ukubaluphazanyiswe nesinye isigulo solusu ngoko ke okomakufunyaniswe ngugqirha, umongikazi okanye ligosalempilo eliqeqeshiweyo. Izikolo ke ngoko ziyacetyiswa ukubazisebenzise le leta iqhotyoshelweyo ngononophelo, ingakumbixa iimpawu zibonisa ukuba lukhwekhwe.


UQWILIKANAYintoni uqwilikana?Ungazi njani ukuba umfundiunoqwilikana?Usuleleka njani nguqwilikana?Ukuba usulelekile (yakubaintsholongwane isemzimbeni wakho) ibalixesha elingakanani phambi kokubauqalise ukuziva ugula okanyeubonakalise iimpawu zokugula?Unyangwa njani uqwilikana?Ingaba umfundi onoqwilikana kufunekaangezi esikolweni?Umfundi onoqwilikana uyekiswa isikoloixesha elingakanani?Ingaba ziintoni ezinobuzaza xa ubanienoqwilikana?Omakuqatshelwe:Sisifo esosulelayo esibangelwa yintsholongwane encinaneebizwa ngokuba yivayirasi kaqwilikana (mumps virus).Umfundi uya kuba nomkhuhlane kuze kubekho ukudumbanokuthamba kwelinye lamadlala amathe (amadlala aphambikwendlebe).Intsholongwane isasazeka ukusuka komnye umntu ukuyakomnye ngamathana asulelekileyo, umz. ukukhohlelanokuthimla okanye ngokudibana namathe omntuosuselelekileyo.Oku kungathatha iintsuku eziphakathi kwe-14 nama-21.Ukuba kurhanelwa uqwilikana kumfundi, makasiwekwagqirha. Angawanikwa amayeza eentlungu ukunyangaumkhuhlane neentlungu.Kubalulekile ukuba kukhuthazwe ukucoca umlomo. Kwezinyeiimeko ukudumba kungadala iintlungu ezigqithisileyokangangokuba umntwana onoqwilikana angatya izintoeziselwayo kuphela kwiintsuku ezimbalwa. Makusolokokukhuthazwa ukusela ngokwaneleyo .Ewe.Iba ziintsuku ezisi-7 ukuya kwezisi-9 emva kokuvelakokudumba. Yena unokubuyela esikolweni ngencwadikagqirha.Ukukrala kweendawo ezithile zengqondo kwakunyenokungeva. Amalungu enzala obudoda okanye abantuababhinqileyo angachaphazeleka, kuze oko kudale iintlungukakhulu. Nangona kunjalo oku akuxhaphakanga ebantwaneniabangekafikisi.Ukugonywa kwabantwana kungamthintela uqwilikana.Abazali kufuneka bakhuthazwe ukuba bamgonyengokupheleleyo umntwana wabo phambi kokuba aqaliseisikolo. Ugonyo alufumaneki eziklinikhi kodwalungafumaneka ekhemesti.


Isihlomelo A:ILETA EYIFOM YABAZALI BABANTWANA ABANOKHWEKHWEMzali/Mgcini womntwana ObekekileyoSixhalatyiswe kukuqaphela ukuba umntwana wakho _____________________________unamabalana abomvu okanye imingxunyana ezizilonda emzimbeni wakhe ANOKUBA lukhwekhwe.Ukukhusela umntwana wakho kunye nabanye abantwana ukuba bangasuleleki ngaphezu koku, uyacelwa ukubause umntwana wakho kugqirha wakho okanye kwiklinikhi yezempilo ukuze axilongwe.Ukuba umnwana wakho unokhwekhwe, uya kunikwa iyeza lokuthambisa elilulwelo kwaye uyacelwa ke ngokoukuba wenze oku kulandelayo:1. Mgcine ekhaya iiyure eziyi- 24 emva kokuba uqalisile ngonyango.2. Cheba iinzipho zomntwana wakho.3. Hlamba zonke iimpahla zomntwana wakho kunye neengubo zakhe ngamanzi ashushu uze uziyeke zomeelangeni iiyure ezisi-8. Ukuba kunokwenzeka, zi-ayine zonke iimpahla nge-ayini eshushu.4. Umzimba wonke mawuhlanjwe ngesepha namanzi ashushu. Wosule ngetawuli ecocekileyo.5. Thambisa into yokuthambisa eyilowushini (oyinikwe ngugqirha okanye yiklinikhi) emzimbeni wonke,ngaphandle kobuso kunye nentamo. Qinisekisa ukuba le lowushini (into yokuthambisa) ingena kuzo zonkeiindawo ezinemiphetho. Yiyeke yomele elufeleni. Phinda kwakhona umthambise. Yiyeke apha emzimbeniiiyure eziyi-24 uze uwuhlambe umzimba. Ukuba ukurhawuzelelwa akupheli kwisithuba seentsuku ezi-3zolu nyango, phinda amanyathelo ale nkqubo ukusuka kwinyathelo 3 ukuya ku-5.6. Bonke abantu abahlala kuloo ndlu okanye abadibana nabo qho nabo mabanganywe.Siya kuyivuyela intsebenziswano yakho.Ozithobileyo_________________________Utitshala weklasi___________________Umhla


Isihlomelo B:ILETA EYIFOM YABAZALI BOMNTWANA ONEENTWALAMzali/Mgcini womntwana ObekekileyoKuvavanyo olwenziwe apha esikolweni, sifumanise ukuba umntwana wakho_____________________________ uneentwala noonomoyi ezinweleni zakhe.Nceda wenze oku kulandelayo:1. Mgcine ekhaya de ube uqalise ngonyango.2. Zihlambe iinwele zakhe ngeshampu yohlobo oluthile umz. i-Quellada okanye i-Gambex, ezifumanekakwikhemesti ekuloo ndawo uhlala kuyo, kwiziko lolunto lempilo (isibhedlele ekungalaliswayo kuso)okanye eklinikhi. Oku kuya kuzibulala iintwala.3. Emva kokuhlamba iinwele, oonomoyi bangasuswa ngekama enamazinyo amancinane okanye eyamashiya.Zikamisise iinwele, uqala kumphezulu uhle uye ezikhondweni zeenwele, utshekishe amazinyo ekamakwixesha ngalinye umkama, nantoni na encinane, engwevu neshukumayo yintwala ke leyo. Yipule ikamangamazni abalekayo phambi kokuba umkame qho ngexesha ngalinye.4. Ukuba kukho iintwala okanye oonomoyi abashiyekileyo ngosuku olulandelayo, pula iinwele ngamanzianeviniga (umxube owenziwe nge-½ yeviniga kunye ne-½ yamanzi afudumeleyo).5. Qhubeka ukame iinwele ngekama enamazinyo amancinane de baphele oonomoyi.6. Kwiintsuku ezili-10 emva kokuba uzihlambile iinwele, zihlambe kube kanye kwakhona ngeshampuyohlobo olulodwa.7. Wonke umntu apha elusatsheni okanye ekhaya ochaphazelekayo makanyangwe.8. Musa ukusebenzisa idraya yeenwele emva kokusebenzisa ishampu yohlobo olulodwa.9. Musani ukusebenziselana iikama, iibhrashi, iitawuli okanye izinto ezinxitywa entloko10. Cocisisa indlu ngehuva ukususa naziphi na iinwele ezingaba noonomoyi abathe nca kuzo.11. Zihlambe zonke iimpahla (ingakumbi izinto ezinxitywa entloko) nezinto zokulala ngamanzi ashushu.Siya kuyivuyela intsebenziswano yakho.Ozithobileyo_________________________Utitshala weklasi___________________Umhla


Isihlomelo C:ILETA EYIFOM YABAZALIEYAZISA NGOKUHLASELWA ZIINTWALAMzali/Mgcini womntwana ObekekileyoIqela labafundi esikolweni sethu lihlaselwe ziintwala. Aba bafundi abazi kuvunyelwa ukuba beze esikolweni dekube kuqaliswe ngonyango.Nceda wenze oku kulandelayo ukuze kuthintelwe ukusasazeka kweentwala:1. Zibhrashe iinwele zomntwana wakho ubuncinane yonke imihla.2. Qinisekisa ukuba iinwele zomntwana wakho zichetywe zakufutshane umzekeko iinwele eziphothiweyo.3. Zitshekishe qho iintwala entloko.4. Yazisa isikolo ukuba ukhe wazibona iintwala entloko.5. Ukuba umntwana wakho uneentwala, mgcine ekhaya de ube uqalise ngonyango.Ozithobileyo_____________________________Utitshala weklasi________________Umhla

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!