29.12.2012 Views

isandulela kuluhlu lwezithuba 5b/2012 - Western Cape Education ...

isandulela kuluhlu lwezithuba 5b/2012 - Western Cape Education ...

isandulela kuluhlu lwezithuba 5b/2012 - Western Cape Education ...

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

ISANDULELA KULUHLU LWEZITHUBA 5B/2012

ISEBE LEMFUNDO LENTSHONA KOLONI (ISEBE IWCED) NGUMQESHI OLANDELA INKQUBO

ENIKA AMATHUBA ENGQESHO ALINGANAYO, ANIKWA NABO BABESOLOKO

BEWAVINJWA NGAPHAMBILI. YINJONGO YETHU UKUKHUTHAZA UKUMELWA KWABANTU

BONKE (NGOKOHLANGA, NGOKWESINI NANGOKUKHUBAZEKA) KUWO ONKE

AMANQANABA KWISEBE.

1. INTSHAYELELO

1.1 ULuhlu lweZithuba 5B/2012 lunezaziso ZEZITHUBA ZONYUSELO-SIKHUNDLENI KUNYE

NEZITHUBA ZENQANABA 1 KUPHELA.

1.2 Zonke izithuba ezipapashwe kolu Luhlu lweZithuba 5B /2012 ZEZIVULELEKILEYO.

1.3 Njengoko iluxanduva lwentloko yeziko lemfundo ukuqinisekisa ukuba abasebenzi

kwelo ziko kunye nebhunga lolawulo lesikolo bacaciselwe ngokupheleleyo

ngokuqulathwe kwesi sandulela, makwenziwe iikopi zaso zize zisasazwe.

1.4 IMIBUZO EMALUNGA NEZI ZITHUBA ZOMSEBENZI MAYIBHEKISWE KUMAZIKO EMFUNDO

ACHAPHAZELEKAYO.

1.5 Inombolo yesaziso sesithuba mayibhalwe kuyo yonke imbalelwano.

1.6 UPAPASHO LWESAZISO SESITHUBA ALUTHETHI KUTHI UKUZALISWA KWASO KUYA

KUGUNYAZISWA LISEBE I-WCED. LILUNGELO LESEBE I-WCED UKUTHATHA NASIPHI NA

ISITHUBA EKUNGAFAKWANGA MNTU KUSO NJENGESIHLATYIWEYO.

1.7 Umhla wokuqeshwa ngokumalunga nezithuba ezipapashwe kolu Luhlu lweZithuba

ngowoku-1 Apreli 2013 okanye umhla ongaphambili okanye osemva koko njengoko

unokumiselwa liSebe iWCED.

2. IZAZISO ZEZITHUBA

2.1 Izithuba ezipapashiweyo zihlelwe ngokwezi ofisi zezithili zemfundo zilandelayo:

UMlawuli we-Ofisi I-Ofisi yeSithili

Iinombolo zefoni

yeSithili seMfundo seMfundo

S Nowers Metro Central 021 514 6700

H Brand Metro North 021 938 3000

M Caroline Metro East 021 900 7000

G van Harte Metro South 021 370 2000

C Frolick Cape Winelands 023 348 4600

F Rhoxo Eden & Central Karoo 044 803 8300

BJ Loriston Overberg 028 214 7300

J Beukes West Coast 021 860 1200

2.2 Ezi khowudi zamanani zilandelayo zisetyenziswe kwizaziso. (Apho ingekhoyo ikhowudi,

kungenxa yokuba iziko lemfundo elichaphazelekayo lingayifakanga. Imibuzo

mayibhekiswe kwiziko elichaphazelekayo.)

1 Ulwimi ekufundiswa ngalo – sisi-Afrikansi

2 Ulwimi ekufundiswa ngalo - sisiNgesi

3 Ulwimi ekufundiswa ngalo – sisi-Afrikansi nesiNgesi

4 Ulwimi ekufundiswa ngalo - sisiXhosa

5 Bhala ezinye izifundo onokuzifundisa.

6 Bhala izinto onokuzenza eziyimisebenzi yasemva kweeyure zokufundisa.

-i-

3. IZICELO ZOMSEBENZI

3.1 Iifom zokwenza isicelo, Ifom yesicelo somsebenzi, (iFom DPE 1, A2, Z83 njl.njl.):

(Application for an Advertised Teaching Post), mayizaliswe, kunikwe yonke ingcaciso

efunekayo. Ifom ezalisiweyo mayisayinwe ibhalwe umhla ngumenzi-sicelo kuphela,

ukwenzela ukuqinisekisa ukuba isicelo eso sesisemthethweni. Makuzaliswe ifom yesicelo

eyahlukileyo ize ingeniswe ngesithuba somsebenzi ngasinye esicelwayo. Le fom

iyafumaneka kuzo zonke izikolo, kumaziko ootitshala, kwii-ofisi zezithili zemfundo, kunye

nakwi-Walk-in Centre kwaNdlunkulu weSebe iWCED Koloni. Ifom DPE 1 iqhotyoshelwe

kolu Luhlu lweZithuba. Abenzi-sicelo abaneenombolo zePESALI mabaqinisekise ukuba

iinombolo zabo zibhaliwe kwiifom zezicelo zabo. Izicelo ezingenayo ifom yokwenza

isicelo ezaliswe ngokupheleleyo aziyi kuqwalaselwa.

3.2 Abenzi-sicelo mababandakanye la maxwebhu alandelayo kwisicelo ngasinye:

3.2.1 Ileta yokwenza isicelo emfutshane

3.2.2 Uxwebhu olungembali yemfundo neyomsebenzi (iCV) olulungiswe kwithuba elingekho

ngaphantsi kweenyanga ezi-3 noluqulathe, phakathi kwezinye izinto, ingcaciso

epheleleyo elandelelana kakuhle ngoqeqesho lobutitshala, izithuba zokufundisa akhe

wakuzo kunye namanye amava (ubhale imihla ngqo yengqesho, o.k.t. usuku, inyanga

nonyaka wemihla yokuqalisa nokuyeka emsebenzini), kwakunye namagama

neenombolo zefoni ubuncinane zabantu ababini abavumayo ukungqina ngomenzisicelo.

3.2.3 Ubuncinane makabe mabini amaxwebhu angesimilo asandula kwenziwa angqina

ngesimilo nokwazi ukufundisa, ekufuneka olunye lwawo lube lwenziwe kwixesha

elingekho ngaphezu konyaka.

3.2.4 Iikopi ezingqiniweyo (certified copies) zezatifikethi zeediploma nezidanga.

(IZIQINISEKISO ZENTSUSA (ORIGINALS) AZIYI KUBUYISWA.)

3.3 Amaxwebhu ezicelo makangeniswe elandelelaniswe ngolu hlobo lukhankanywe apha

ngasentla (jonga kwimihlathi 3.2.1 ukuya ku-3.2.4), ifom yesicelo ibe ngaphezulu.

3.4 Abemi abangengabo abemi baseMzantsi Afrika mabaqhoboshele kwakhona

amaxwebhu aboniswe kumhlathi 4.1 apha ngezantsi.

3.5 Ootitshala abavela kwamanye amaphondo, okanye ababeqeshwe kwelinye iphondo

ngaphambili, mabangenise irekhodi yenkonzo, iikopi ezingqiniweyo zeziqinisekiso

zabo kunye nezaziso zamaphetshana emivuzo yakutshanje (latest salary advice

notice) kwiSebe iWCED kamva.

3.6 Abenzi-sicelo mabaqinisekise ukuba yonke ingcaciso abayinikileyo kwifom yesicelo

yechanekileyo, ngokukodwa INOMBOLO YESAZISO SESITHUBA, (evelayo kwikholam

yokuqala ngasekhohlo, emelene kanye nesithuba eso kuLuhlu lweZithuba) kunye

nengcaciso emalunga namava okufundisa.

3.7 ISEBE I-WCED ALAMKELI NASIPHI NA ISIGXEKO NGENXA YEENOMBOLO ZEZAZISO

ZEZITHUBA EZINGABHALWANGA OKANYE EZIBHALWE NGOKUNGACHANEKANGA

KWIFOM YESICELO. IZICELO EZINJALO AZIYI KUQWALASELWA.

3.8 Izicelo mazithunyelwe ngeposi apha

Recruitment and Selection Centre

Western Cape Education Department

Private Bag 9183

Cape Town

8000

okanye ziziswe ngumntu okanye zithunyelwe ngekhuriya apha

-ii-

WCED Client Services

2 nd floor

Grand Central Towers

Lower Parliament Street

Cape Town

nekufuneka ke zifakwe kwibhokisi ebhalwe “Recruitment and Selection

Centre”.

Izicelo ezithunyelwe ngefeksi aziyi kuthathelwa ngqalelo.

3.9 Akukho zicelo ziya kwamkelwa, kubandakanywa nezo zithunyelwa ngekhuriya,

kwifoya okanye kwii-ofisi zakwaNdlunkulu weSebe iWCED.

3.10 Imbalelwano iya kwenzelwa kuphela abo benzi-sicelo bafakwe kuluhlu olufutshane.

Ukuba umenzi-sicelo ofakwe kuluhlu olufutshane unesiqinisekiso semfundo samanye

amazwe, makafake isatifikethi sokuqinisekisa ngexabiso elifanelekileyo leziqinisekiso

zemfundo yakhe (relevant evaluation certificate) esivela kwi-South African

Qualifications Authority.

3.11 Umhla wokuvalwa kokwamkelwa kwezicelo ngowe-25 Oktobha 2012 ngo-16:00. ISEBE

I-WCED ALIYI KWAMKELA NAZIPHI NA IZIGXEKO NGOKUFIKA KADE KWEZICELO YAYE

AZIYI KUTHATHELWA NGQALELO IZICELO EZIFIKE SEKUVALIWE.

4. IIMFUNO ZOKUQESHWA KWISITHUBA SOMSEBENZI

4.1 UBUMI

Abemi abangengabo abemi baseMzantsi Afrika abeze kudliwano-ndlebe

mabangenise kwiphaneli yodliwano-ndlebe amaxwebhu ayimfuneko abhekiselele

kubumi babo nakhutshwa liSebe lezeMicimbi yaseKhaya.

4.2 IZICELO ZOOTITSHALA ABAYEKISWAYO EMSEBENZINI NGENXA YEZIZATHU ZEMPILO

(MEDICALLY BOARDED EDUCATORS)

Abenzi-sicelo abayekiswayo emsebenzini ngenxa yezizathu zempilo baya kuthathelwa

ingqalelo kuphela ukuba ngaba banemvume ebhaliweyo (written approval) yeSebe

iWCED yokuba babuyiselwe kwakhona ngokusisigxina emsebenzini (permanent reinstatement).

Ukuba umenzi-sicelo ololu hlobo ubiziwe ukuba eze kudliwano-ndlebe,

ngoko ke makeze nekopi yeleta eqinisekisiweyo yokuvuma ukubuyiselwa kwakhe

kwakhona emsebenzini kwiphaneli yodliwano-ndlebe.

4.3 Amava

Awona mava asezantsi afunekayo ukuze umntu aqeshwe ngala alandelayo:

Isithuba Awona mava asezantsi

Intloko yecandelo lezifundo Iminyaka emi-3

Izithuba zeNqanaba 1 Akukho mava afunekayo

KUCELWA NIQAPHELA OKU KULANDELAYO:

� Ngaphandle kwezithuba zeNqanaba 1, amava okufundisa kwakunye namanye

amava afanelekileyo, athathelwa ingqalelo xa kulungiselelwa iinjongo

zokuqeshwa.

-iii-

� Ubuncinane mayibe yiminyaka emibini yethuba elimiselweyo lamava emayibe

ichithwe ngaphakathi kwemida yoMzantsi Afrika okanye kwiziko lemfundo

elalivunyiwe lelinye lamasebe emfundo angaphambili.

4.4 AMABANGA EMFUNDO

4.4.1 Ukwenzela ukuba umntu abe nokuqeshwa, bonke abenzi-sicelo ubuncinane mababe

nesiqinisekiso semfundo esivunyiweyo esibude buyiminyaka emithathu (i-REQV 13),

nemasibandakanye uqeqesho olufanelekileyo lobutitshala.

4.4.2 Ukuxatyiswa kweziqinisekiso zemfundo zikatitshala ngenjongo yokuqinisekisa ukuba

ngaba ufanelekile na okanye akafanelekile ukuba aqeshwe kwisithuba somsebenzi

nokuqinisekisa ngexabiso elifanelekileyo leziqinisekiso zemfundo yakhe, nto leyo ebizwa

ngolwimi lwesiNgesi ngokuba yi-relative education qualification value (REQV), kuya

kwenziwa ngokungqinelana nemigqaliselo ekuxwebhu olubizwa ngokuba “luXatyiso

lweziQinisekiso ngenjongo yokuQeshwa kwiSebe leMfundo” (Evaluation of

Qualifications for Employment in Education). Apho abenzi-sicelo bangazanelisiyo

iimfuno ze-(REQV 13), kodwa kuthi nakuba kunjalo kubaluleke ngokukodwa

ukuqeshwa kwabo, iimeko ezinjalo ziya kuthathwa ngokuba kunyenyiswe imiqathango

kwiimeko zabo ngabanye, yaye abenzi-sicelo abaphumeleleyo kwizicelo zabo baya

kuhlawulwa ngokwalawo manqanaba omvuzo asezantsi afanelekileyo

Makuqatshelwe: Iziqinisekiso zamazwe angaphandle ziya kuqala zivavanywe liSebe

leMfundo esiSiseko likazwelonke ePitoli.

4.5 UBHALISO KWIBHUNGA LOOTITSHALA LASEMZANTSI AFRIKA I-SACE

4.5.1 Lunyanzelekile ubhaliso kwiBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika (South African

Council of Educators –SACE)

4.5.2 Ikopi engqiniweyo yesiqinisekiso sobhaliso somenzi-sicelo kwi-SACE mayingeniswe

kwiSebe i-WCED phambi kokuqeshwa okanye ngethuba lokuqeshwa komenzi-sicelo.

Oku kuthetha ukuba iSGB mayingasikhupheli ecaleni isicelo kuphela ngenxa

yokungangeniswa kwesatifikethi seSACE. Oko kulilungelo elilodwa (prerogative)

lomqeshi.

4.5.3 Apho umenzi-sicelo angenayo ikopi engqiniweyo yesiqinisekiso sobulungu be-SACE

enye yezi zinto zilandelayo iya kwamkeleka:

(a) Ukungqinwa kokufumaneka kwesicelo yi-SACE ukubonisa ukuba umenzi-sicelo

usifakile isicelo sesiqinisekiso se-SACE phambi komhla wokuvalwa kokwamkelwa

kwezicelo ngokumalunga nezi zithuba zipapashwe kolu luhlu lwezithuba.

(b) Nabuphi na ubungqina obuvela kwi-SACE bokuba umenzi-sicelo ubhalisiwe.

(c) Ikopi engqiniweyo yoxwebhu olubonisa umvuzo wokugqibela womenzi-sicelo (the

applicant’s latest salary slip) apho kuboniswa khona ukutsalwa kwentlawulo

yobhaliso kwi-SACE kunye nenombolo yobhaliso ye-SACE yomenzi-sicelo.

4.6 ULWAZI NCAM LOLWIMI

Ulwimi omalwaziwe ncam ngabenzi-sicelo makufikelelwe esigqibeni ngalo libhunga

lolawulo lesikolo kunye/okanye nekomiti eyenza udliwano-ndlebe.

4.7 ULWAZI LOMSEBENZI WOKUFUNDISA

Ngethuba lenkqubo yokhetho (udliwano-ndlebe, inkcazo-ntetho nengxelo

ebhaliweyo) makubuzwe imibuzo ethile ukuqinisekisa ukuba ngaba umenzi-sicelo uya

kubanako na ukusingatha imiba ejongene nezemfundo, nolwazi lomsebenzi

-iv-

awufundeleyo nemiba yezolawulo ngokumalunga neso sithuba somsebenzi. Umphathi

wekomiti yesekethe angacelwa ukuba ancedise malunga noku.

5. UMVUZO

Umvuzo womenzi-sicelo ophumeleleyo ubalwa ngokungqinelana nale migqaliselo

ekolu xwebhu- IMigaqo yoLawulo lwaBasebenzi (Personnel Administration Measures -

PAM) kwakunye nemigqaliselo enxulumene nesigqibo seBhunga leMfundo

lezoBudlelane eMsebenzini (ELRC).

6. UPAPASHO LWAZO ZONKE IZITHUBA EZIKOLU LUHLU LWENZIWE NGAPHANDLE

KOKUHLUTHA ILUNGELO LESEBE LEMFUNDO LENTSHONA KOLONI YAYE LUXHOMEKEKE

EKUBENI IBHUNGA LEMFUNDO LEZOBUDLELANE EMSEBENZINI LINOKWENZA EZINYE

IZIGQIBO.

7. IZINTO NGOKUBANZI

Amabhunga olawulo makasoloko ekhumbula oku kulandelayo:

7.1 Imibutho yootitshala mayaziswe kwangaphambi kwexesha, ubuncinane kwiintsuku

ezintlanu zomsebenzi, ngokumalunga nomhla, ixesha nendawo ekuza

(i) kuvulelwa kuyo iimvulophu ezinezicelo zomsebenzi nokufakwa kuluhlu

olufutshane kwabagqatswa

(ii) nangodliwano-ndlebe nabagqatswa.

7.2 Iimvulophu ezinezicelo mazivulwe kuphela xa kukho abameli bemibutho

yootitshala.

7.3 Iinkcukacha zoqhagamshelwano nemibutho yootitshala zimi ngolu hlobo lulandelayo:

CTU – SADTU:

Idilesi yeposi: PO Box 320, Parow, 7499

Idilesi yestrato: 33 Tallent Street, Parow, 7500

Ifoni: 021 930 8316

Ifeksi: 021 930 8497

I-imeyili: jrustin@sadtu.org.za okanye westerncape@sadtu.org.za

CTU - ATU:

Idilesi yeposi neyestrato: Ground Floor, Office 2, Tyger Park 3, Willie Van Schoor Avenue,

Bellville, 7530

Ifoni: 021 914 2441

Ifeksi: 021 914 2183

-v-

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!