29.12.2012 Views

bafana bafana bookstore

bafana bafana bookstore

bafana bafana bookstore

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

4.9 INTETHO

Qaphela oku phambi naxa ubhala/usenza intetho:

• Njani? Uza kuthetha njani, wonwabile okanye ukhathazekile.

• NINI? Uza kuthetha nini? Usithethi semini? Emva kwesidlo sakusasa, emini, emalanga okanye

ebusuku.

• PHI? Ecaweni, emtshatweni, esikolweni, elalini, kwilontshi.njl.njl. uthetha eholweni ebaleni

lebhola.

• Yintoni injongo yetheko/into oza kuthetha kuyo? Umenyelwe ukuba uzokuthetha ngantoni?

• NGUBANI OZA KUBA ELAPHO? Bangaphi, bancinci, badala, ngoomama, ngootata, njl njl.

Umzekelo wentetho

Intetho kaMongameli Thabo Mbeki yoBume beSizwe yomhla we-9 kuFebruwari 2007, i "State of

the Nation Address."

Somlomo obekekileyo kunye neSekela lakho;

Malungu eNdlu yowiso- mthetho kunye nabaThunywa beNdlu yeBhunga yeSizwe yePhondo abekekileyo

Iindwendwe zethu nabantu ngokubanzi

Ndiyavuya ukuxela ukuba ngokubhekiselele kwesinye nesinye sezi zibophelelo, urhulumente uthe gqolo

ukusebenza nzima ukuqinisekisa ukuba iinjongo zesizwe ziyafezekiswa.

Ngomlinganiselo ongaphezu kwe-4,5%, isantya sokunyuka kuqoqosho lwethu kule minyaka mibini

inesiqingatha igqithileyo sifikelele kowona mgangatho uphezulu okoko safumana ulawulo lwethu

lwentando yesininzi ngo-1994. Utyalo-mali kuqoqosho, olwenziwa zizo zozibini izigaba zikawonke-wonke

nezisecaleni belusoloko lunyuka kangange-11%, lo gama inkcitho-mali iyonke eyenziwe kwiziseko

zesigaba sikawonke-wonke inyuka ngomlinganiselo we-15, 8% ngonyaka. Namhlanje, utyalo-mali

oluqingqiweyo njengobungakanani ekhulwini beMveliso iyonke yasekhaya (GDP.)-malunga ne-18.4%

lukuwona mgangatho uphezulu ukusuka ngo-1991.

Inani labantu abaqeshiweyo liye linyuka kangangesiqingatha sesigidi ngonyaka kwiminyaka.

Sibone inkqubela ethe chu ekuphuculweni kwamathuba abantu abaNtsundu kuqoqosho. Ukusuka

ekubeni ngabanini bokungaphezulwana nje kwe-3% bemalike yotyalo-mali ye JSE ngo-2004, oku

kunyuke phantse kufike ku-5%; yaye nokumelwa kwabantu abaNtsundu kwinqanaba eliphezulu lolawulo

kukhule ukusuka kuma-24% olu lawulo lulonke, lwaya kuma-27%. Kodwa kunjalo, kufuneka sihlale

sikhumbula ukuba la manani asemancinane ngokungathethekiyo.

Imitsi kwimeko yoqoqosho ibeke imingeni emikhulu ngolona hlobo phambi kwethu. Ukwanda okukhulu

okungabuyi mva kwiimfuno zabathengi kubonisa ukukhula okuncomekayo kumanqanaba empilo

engcono kuluntu lonke jikelele; yaye nezona projekthi zeziseko ezingoondoqo esiphezu kwazo

zinyanzelisa amagalelo amakhulu ezibonelelo noomatshini bokwenza.

Kodwa isiphumo sokuzinikela nokwamkela kurhwebo lwamazwe-ngamazwe sibonisa ukuba

asiphumelelanga ukwakha ikhonolokuvelisa iimpahla eziphambili nezo esezilungele

ukusetyenziswaeziyimfuneko elizweni lethu

Esi sicatshulwa sithatyathwe kwintetho kaMongameli Thabo Mbeki I “State of the Nation Address” yomhla we-9

Februwari 2007, iphepha 5. Iguqulelwe esiXhoseni

18

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!