29.12.2012 Views

bafana bafana bookstore

bafana bafana bookstore

bafana bafana bookstore

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

4.12 INQAKU LEMAGAZINI NEPHEPHANDABA

Qaphela:

• Ukuze utsala umdla womlesi, inqaku malibe lelinika ulwazi lusithi ndifunde.

• Isihloko masibe sifutshane sitsale umxhelo.

• Kulula ukufunda inqaku lahlulwe ngokwezintlu.

• Ubhalo malulungelelaniswe lahlulwe ngokwemihlathi kubekho intshayelelo, isiqu nesiphelo.

• Umbhali makakhankanywe.

• Ithoni, isitayile nesihloko sixhomekeke kuhlobo lwenqaku, abantu ababhalelwa nakumbhali.

• Amanqaku adla ngokuchaphazela izinto ezifana nezoluntu, ezopolitiko, ezenkcubeko njalo njalo.

• Ithoni iya kuveza okucingwa ngumbhali.

Umzekelo:Inqaku lemagazini

ISINQANDAMATHE SILITSHISILE ITYOTYOMBE

Umfazi ominyaka ingama-23 uye watsha

kanobomi emva kokuba ityotyombe lakhe

lintunyekwe ngomlilo sisinqandamathe

sakhe emva kokuxabana kwabo. Ivumba

lokutsha, ubumpahlana obutshileyo

nesitya sokuhlambela kuphela kwezinto

eziseleyo kweli tyotyombe emva

kwamalangatye angolwesiHlanu

ngentsimbi yesithandathu ekuseni.

URachael Van Schalkwyk ebexheleke

emoyeni akukhumbula ukuba udade wabo

ebevaleleke kuloo malangatye.

“Indoda ithile ikwazile ukophula amacangci

etyotyombe ngomhlakulo yazenza idini

yangena kuloo malangatye ayelephuza

ngokungenalusizi.Umnyango wawuvalwe

mba. Udade wethu waxhuma wagqotsa

ukuza kum. Ndambona kwantlandlolo

ndathatha ibhatyi endandiyinxibile

ndamcima ngayo. Utshe kakhulu

nasebusweni unezilonda. Isinqandamathe

sakhe naso sabaleka sinezilonda zokutsha

entloko nasezingalweni”

Abekhaya bathi obu buhlobo

sekungamatyeli amaninzi

buchithwa. Esi sibini kungona

sisanda kubuyelana. Isithethi

samapolisa uSergio De Kock uthe

abekhaya nabamelwane

bancedisana ukucima loo mlilo

basindisa eso sibini phambi

kokufika kwezicima-mlilo. Esi sibini

sisiwe eKimberley Hospital

Complex apho bathe banyangelwa

ukutsha ezandleni, ebusweni

nasemilenzeni. Bobabini

bakwimeko encumisayo. Kubekwe

amapolisa esibhedlele ukuba agade

indoda eminyaka ingama-27.

UDe Kock uthe le ndoda ibanjwe

ngamapolisa asemoyeni ngentsimbi

yesibhozo ekuseni. ngonobangela

walo mlilo. Iziphumo ziya

kuthunyelwa kubacuphi.

Umrhanelwa uza kuvela kwinkundla

kamantyi eKimberley kungentsuku

zatywala. UDe Kock wongeze

ngelithi, amapolisa ecandelo lezinja

enza uphando

USophie Van Schalkwyk

ebekhathazekile kuba intombi yakhe

iya kuphuma esibhedlele

ingenakhaya. Iingubo zakhe nezinye

izinto zomandlalo asazibhatalayo

zonke zitshe kuloo mlilo. Uthi ubulela

uThixo kuba umzukulwane wakhe

wayengalelanga nabazali bakhe

ngolwesiHlanu. Icawa yamaDatshi,

Amapolisa newomen’s Network

zinikezele ngokutya nempahla

yokunxiba.

DFA: Mvulo Agasti 3 2009

22

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!