07.05.2013 Views

SHOULD KNOW - Anova Health Institute

SHOULD KNOW - Anova Health Institute

SHOULD KNOW - Anova Health Institute

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

ISITHAMBISO

Isithambiso, okanye i-lube, iyimveliso etshebelezayo efana nejeli eyenzelwe

ukusetyenziswa ngexesha lesondo. Ukusebenzisa isithambiso esilungileyo

kwenza kukhuseleke ukwenza isondo lasezimpundu ngokukhusela Ukuba

ikhondom ikrazuke. Yenza ukuba isondo lasezimpundu lungabi buhlungu,

lonwabeleke lubemyoli.

Isithambiso sibalulekile kwisondo lasezimpundu, kuba iimpundu azivelisi

ncindi yaneleyo ukuze kubekho isondo elingekho buhlungu (ngokungafaniyo

nelungu lobufazi langasese). Isondo elomileyo lungamenzakalisa umaleko

othambileyo weempundu, kwandise umngcipheko wokufumana i-HIV

okanye ezinye izifo ezigqithiseleka ngesondo (ii-STI).

Ngeekhondom zamadoda kufuneka usebenzise isithambiso esisekwe

emanzini kuphela njenge-KY, i-Assegai okanye izingxotyana zesithambiso se-

Health4Men. Ungaze uyisebenzise nayo nayiphi imveliso eneoyile, enjengebaby

oil, eyomzimba okanye eyezandla, ibhotolo okanye imajarini, iVaseline

okanye ioyile yokupheka. I-oyile kuyo nayiphi na imveliso yonakalisa ikhondom

yamadoda, into ekhokelela ekusasazekeni kwe-HIV okanye ezinye ii-STI.

Sebenzisa isithambiso esininzi ekuvulekeni kweempundu phambi kokuba

uqalise ukwenza isondo ngalo lenke ixesha. Ukuba isondo liyaqalisa ukuvakala

lomile okanye lincangathi, okanye luqhubeka ixesha elide, sebenzisa

isithambiso esininzi ukukhusela ikhondom.

Ungathenga isithambiso esisekwe emanzini kuyo nayiphi na ivenkile ethengisa

ngezinto zesondo okanye ekhemesti, okanye ungasebenzisa iyogathi

engenamafutha maninzi okanye indawo emhlophe yeqanda elikrwada (hayi

indawo emthubi). Ukuba unayo ifriji ungazenzela eyakho ijeli: thenga ipakethi

yejeli eyenziwe ngeziqhamo uze uyixube kunye nesithathu samanzi kuphela

abakuxelela uwasebenzise. Iya kuba sele ilungile xa iqinile efrijini. Amathe

akanancindi yaneleyo ukuba angasetyenziswa njengesithambiso.

I-POST-EXPOSUrE

PrOPHyLAXIS (I-PEP)

I-Post-exposure prophylaxis (i-PEP) ingumlinganiselo wothintelo kubantu

bedibene kwanabo abangenayo intsholonga kwintsholongwane, okubenze

baba kumngcipheko ophezulu wokuba nayo HIV. Ukuba ichiza liqalise

ukufakwa zingaphelanga iiyure ezingama-72 emva kokuba sesichengeni

sentsholongwane, kunceda ekunciphiseni amathuba osuleleko lwe-

HIV. Imizekelo yokuba semngciphekweni ophezulu i-quka ukugqabhuka

kwekhondom ngexesha lesondo kunye nomphantsi ekufumaneni amadlozi

(i-cum) kwiimpundu xa usabelananomntu oneHIV. I-PEP kufuneka ithathwe

ngokuchanekileyo kangangeentsuku ezingama-28 kwaye kufuneka

ilandelwe hlolelwa i-HIV okuninzi okuphindiweyo. Thetha nomsebenzi wakho

wezempilo ngoko nangoko ukuba ucinga ukuba udinga i-PEP.

I-PrE-EXPOSUrE

PrOPHyLAXIS (I-PrEP)

Ngelixa i-PEP inikezwa abantu aba negative kwi-HIV emva kokuba

besemngciphekweni wentsholongwane, i-pre-exposure prophylaxis (PrEP)

inikezwa kubantu abanegative ngaphambi kokuba babesemngciphekweni

wentsholongwane ukunciphisa ukuba nayo HIV.

I-PrEP okwangoku ayifumaneki kwiikliniki zoluntu. Ukuba ufuna ulwaz

oluphangalela tyelela ku: h4m.mobi kumakhalékhukhwini wakho.

15 16

AfRIKAANS ENgLISH

TSWANA

XHOSA

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!