11.11.2014 Views

Zikhusele wena. Khusela nabanye

Zikhusele wena. Khusela nabanye

Zikhusele wena. Khusela nabanye

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

HAART

I-HAART ithetha ukuthi Highly Active Antiretroviral Therapy [Unyango

olusebenzayo kakhulu lwe-Antiretroviral]. Ukuba ubalo lwamajoni

omzimba wakho (CD4 count) ingaphantsi kwama-350 kufuneka uqalise

ngonyango lwe-ARV uze uhlale kuzo ii-ARV ubomi bakho bonke. Oku

kuza kunceda ekukhuseleni usana lwakho ekuthini losuleleke kuze

kuphucule impilo yakho – eyona nto intle kakhulu onokuyinika usana

lwakho, ngumama osempilweni!

Ukuba ngaba ukwi-HAART umntwana wakho kuyakufuneka ukuba

athathe i-nevirapine yonke imihla iiveki ezintandathu emva kokuba

ezelwe.

Funda amaphecana wethu athi “Ndine-HIV, Ngoku ke” nelithi “ii-ARV –

ungayinqoba!” ukuze ufumane ulwazi olungakumbi ngee-ARV nokuphila

ubomi obupheleleyo ube une-HIV.

Impilo kaNina

• Kubalulekile ukuzigcina usempilweni ngeli lixa ukhulelweyo.

• Yitya ukudla okunesondlo uze uzinakekele.

• Khumbula ukuba ukusela utywala kuyingozi xa ukhulelwe kwaye

kuchaphazela impilo yosana lwakho – musa ukusela utywala xa

ukhulelwe.

• Buza kunompilo wakho ngezongezo zokudla ezifana nentsimbi

yegazi (folic acid) encedisa ukukhulisa igazi onokuthi uyithathe

phambi kokuthatha isigqibo sokuba nomntwana kunye nezongezo

zentsimbi yegazi (folic acid) othi uyithathe xa ukhulelwe ukunqanda

ukunqongophala kweseli ezibomvu zegazi.

Izifo ezithatha amathuba

• Ukuba uthi ube nokosuleleka sisifo esithatha amathuba

ngeli lixa ukhulelweyo, sisenokonyusa amathuba okuba

usana lwakho losuleleke yi-HIV. Oku kwenzeka ngenxa

yokuba usuleleko lonyusa umthamo wentsholongwane

luze lunciphise ubalo lwamajoni omzimba wakho.

• Esona sifo sithatha amathuba esixhaphakileyo

esinxulumene ne-HIV, sisifo sephepha (TB). Kubaluleke

kakhulu ukuba uhlolelwe i-TB nje emva kokuba

ufunyaniswe une-HIV.

• Qinisekisa ukuba uyazinyanga ngokukhawuleza

zonke izifo ezithatha amathuba uze unamathele

ekusebenziseni ii-ARV zakho.

• Ukunamathela kuthetha ukuthi usela amayeza akho

rhoqo, ngexesha elinye mihla le njengoko kuchaziwe

ngugqirha wakho. Oku kuza kukunceda ekuthini uhlale

usempilweni kwaye kukhusele nosana lwakho!

Ukukhusela i-HIV

• Ukunciphisa inani labantu owabelana nabo ngesondo kunciphisa

amathuba akho okufumana i-HIV.

• Ukunxila kuphungula iintloni kwandise amathuba okuzibandakanya

kwiintlobano zesini ezinobungozi. Hlisa izinga lakho lokusela utywala.

• Usenokwabelana ngesondo kwaye ungayidluliseli kwiqabane lakho

i-HIV ukuba usebenzisa ikhondomu rhoqo usabelana ngesondo.

• Ungaze ulingene iqabane lakho kwilungu lobufazi okanye empundu

ungasebenzisanga khondomu.

• Fumana unyango ngokukhawuleza lwalo naluphi na usuleleko okanye

incindi kwilungu lakho lobudoda, lobufazi okanye empundwini.

Oonompilo baqeqeshiwe kwaye baqhelile ukubona amalungu esini.

Akukho mfuneko yokuba neentloni.

Uhlolo nencebiso nge-HIV (HCT)

• Kufanele ufumane iingcebiso phambi nasemva kokwenza uhlolo.

Iingcebiso zikulungiselela iziphumo, ngoko uthso ukwazi ukucinga

ukuba iziphumo ezithi unayo okanye awunayo i-HIV zizakuchaphazela

njani na.

Ukuba ufunyenwe unayo i-HIV

• Usenokuphila ubomi obupheleleyo nobesiqhelo, kuquka ukuba

nosapho nokufezekisa amaphupha akho.

• Sibulela kwii-ARV, i-HIV sisifo esilawulekayo esingapheliyo njengesifo

seswekile okanye uxinzelekolegazi.

• Yenza ubalo lwamajoni omzimba nohlolo lomthamo wentsholongwane

ukwenzela ukuba wazi ukuba ufanele uziqale nini na ii-ARV.

• Fumana ulwazi. Cwangcisa ikamva lakho. Thetha nonompilo wakho

• Funda amaphecana ethu athi “Ndine-HIV, Ngoku kuzakwenzekani?”

nelithi “ii-ARV – ungayinqoba!”.

• Ukubambelela kunyango kuthetha ukuthatha iyeza lakho yonke imihla,

ngexesha elinye njengoko kumiselwe ngumsebenzi wkaho wezempilo.

Oku kuyakukunceda ukuba uhlale usempilweni kwaye kuyakukhusela

umntwana wakho kananjalo.

Zikhusele wena. Khusela nabanye

IsiXhosa

156 Main Road Muizenberg,

Cape Town

Ifowuni: 021 788 9163

www.beatit.co.za

www.beatit.co.za

Molweni. Igama lam nguNobuhle,

ndine-HIV kwaye ndiphila ubomi

obu mnandi.

Ndisandul' ukufumana umntwana -

akanayo i-HIV.

Mandinichazele ukuba ukuba

kwenzeke njani na.

YINTONI I-MTCT?

I-MTCT imele ukuthi Mother to Child Transmission [Ukosuleleka

okusuka kumama kusiya emntwaneni wakhe]. Oomama abane-HIV

basenokugqithisela i-HIV kwiintsana zabo.

Kukho iindlela ezahlukeneyo ezinokuthi iintsana zosuleleke ngayo yi-HIV:

• Ngeli lixa umama akhulelweyo ngalo (Esibelekweni)

• Xa kubelekwa

• Ngebisi lebele

YINTONI I-PMTCT?

I-PMTCT imele ukuthi Prevention of Mother to Child Transmission

[Ukukhuselwa kokosuleleka okusuka kumama kusiya emntwaneni

wakhe].

Umama one-HIV anganciphisa ubungozi bokosuleleka kosana lwakhe nge-

HIV ngokuthi asebenzise amachiza e-ARV.

Ndisandul’ ukufumanisa ukuba ndikhulelwe –

yintoni ekufanele ndiyenze ngoku?

Into yokuqala ekufanele uyenze kukubhukhisha kwangethuba kwiklinikhi

yabakhulelweyo ekufutshane nawe – nje ukufumanisa kwakho ukuba

ukhulelwe.

Uza kunikwa into ebizwa ngokuba yi-HIV Counselling and Testing (HCT)

[Iingcebiso zokuzithandelanoHlolo] kwiklinikhi yakho ufumanise ukuba

unayo okanye awunayo kusini na i-HIV.

Ukuba awunayo i-HIV kufuneka uphinde uye kwenza uhlolo lwe-HIV

kwakhona phakathi kweeveki ezingamashumi amathathu anesibini (32)

kunye namashumi amathathu anesine (34) ukhulelwe. Oku kwenziwa

kuba kusenokwenzeka ukuthi kanti “ukwisithuba sefestile” okanye ube uye

wosuleleka emva kokuba uthathe isisu.

Ukuba une-HIV kufuneka wenze ubalo lwamajoni omzimba nokuhlolelwa

i-TB kwangolo suku okanye ngokukhawuleza.

Ukuba ubalo lwamajoni omzimba wakho lungaphantsi kwamakhulu

amathathu namashumi amahlanu (350) kufuneka uqalise nge-HAART

uze usebenzise ii-ARV ubomi bakho bonke. Oku kuyimfanelo kwimpilo

yakho nakwimpilo yosana lwakho.

Ukuba ubalo lwamajoni omzimba wakho lungaphezu kwamakhulu

amathathu namashumi amahlanu (350) kufanele uqalise ngonyango lwe-

PMTCT ukuze ukhusele usana lwakho ekuthini losuleleke yi-HIV.

Ubalo lwamajoni omzimba

Ubalo lwamajoni omzimba wakho lwenza umlinganiselo wenani

lwamajoni omzimba kwithontsi ngalinye legazi. Ukwazi ngobalo

lwamajoni omzimba wakho kukuchazela ukuba kufanele uqalise

nini ukusebenzisa ii-ARV nokuba yeyiphi indlela ofanele uqalise

ngayo. Unelungelo lokwenza ubalo lwamajoni omzimba rhoqo emva

kweenyanga ezintandathu (6).

Unyango lwe-PMTCT (Ubalo lwamajoni omzimba

olungaphezu kwamakhulu amathathu namashumi

amahlnu (350))

Kukho amanyathelo amaninzi kwiprotokoli yeye-PMTCT. Kubalulekile

ukulandela inyathelo ngalinye ukuqinisekisa ukuba uyalukhusela usana

lwakho kwi-HIV.

Inyathelo lokuqala: Ukukhulelwa

Xa uneeveki ezilishumi elinesine (14) ukhulelwe, kufuneka uqalise

ukusebenzisa i-AZT kabini ngemini mihla le.

Inyathelo lesibini: Ukubeleka/Ukuzala

Xa ubeleka, uza kunikwa ithamo elinye le-Nevirapine (NVP).Uza

kunikwa neAZT kwakhona rhoqo emva kweeyure ezintathu ngeli xesha

lokubeleka de lube luzelwe usana.

Inyathelo lesithathu: Ukuzalwa

Lwakube luzelwe usana lwakho luza kunikwa isiraphu ye-Nevirapine

kwiiyure ezingama-72.

Uyakunikwa i-tenofovir (TDF) ne-emtracitabine (FTC) emva kokubeleka

- oku kufuneka kuthathwe ngoko nangoko.

Inyathelo lesine: Usana

Unyango lomntwana wakho luxhomekeke kwindlela yokondla

oyikhethayo, mhlawumbi wondle ngobisi olungumgubo lweentsana

kuphela okanye uncancise kuphela.

Ukuba ngaba ukhetha ukondla ngobisi olungumgubo lweentsana

kuphela, umntwana wakho kufuneka athathe i-nevirapine (NVP) yonke

imihla iiveki ezintandathu.

Ukuba ngaba ukhetha ukuncancisa kuphela, umntwana wakho

kufuneka athathe i-nevirapine (NVP) yonke imihla ukuba usancancisa.

Ngenxa yokuba une-HIV kucetyiswa ukuba yeka ukuncancisa emva

kweenyanga ezintandathu (6).

Inyathelo lesihlanu: Ukuhlolelwa i-HIV kosana lwakho

Kufuneka uye nosana lwakho eklinikhi xa luneeveki ezintandathu(6)

ubudala ukuze lugonywe nokuba lwenziwe uhlolo lwe-HIV. Uhlolo

lwe-HIV lubizwa ngokuba luhlolo lwe-PCR. Uhlolo lwe-PCR lwenza

umlinganiselo wokuba ikhona na intsholongwane kaGawulayo, hayi

ii-antibodies zentsholongwane kaGawualyo. Kubalulekile ukuba wenze

isicelo sohlolo lwe-PCR kwiklinikhi ekufutshane nawe ukwenzel’ ukuba

wazi ukuba usana lwakho lunayo okanye alunayo kusini na i-HIV.

Usana lwakho kufuneka luqaliswe ngonyango lwe-Cotrimoxazole

(Bactrim) ngeli thuba niye ngalo eklinikhi. Olu nyango kufuneka

luyekiswe kuphela xa usana lwakho luthe lwafunyaniswa lungenayo

i-HIV.

Kuza kufuneka uphindele eklinikhi xa usana lwakho luneeveki

ezilishumi (10) ubudala ukuze ufumane iziphumo zohlolo. Kuza

kufuneka ubuyele eklinikhi kwangethuba ukuba usana lwakho

aluphilanga.

Inyathelo lesithandathu: Ukuyeka ukuncancisa

Ukuba ukhetha ukuncancisa usana lwakho, kuza kufuneka uluse

eklinikhi emva kweeveki ezintandathu (6) uyekile ukuluncancisa

ukuze lwenziwe olunye uhlolo lwe-PCR. Ngenxa yokuba une-

HIV kucetyiswa ukuba yeka ukuncancisa emva kweenyanga

ezintandathu (6).

Ukutyisa usana lwakho

Kukuwe mama ukukhetha ukuluncancisa kuphela usana lwakho

okanye ukulunika ubisi olungumgubo kuphela. Kodwa zikho izinto

omele ucinge ngazo phambi kokuba wenze eso sigqibo.

Ukusebenzisa indlela enye kuphela kuthetha ukuba usebenzisa

ubisi olungumgubo okanye uyancancisa kuphela. Ungayixubi indlela

otyisa ngayo kuba oku kunokwandisa ingozi yokosulela umntwana

wakho nge-HIV.

Phambi kokuba ugqibe ukuba yeyiphi indlela ekulungeleyo, thetha

nonompilo wakho ukuze uxoxe banzi ngokhetho neengenelo kunye

neengxaki zokhetho ngalunye. Oku kuthetha ukuba usenokwenza

ukhetho olululo – olulungele wena nosana lwakho.

Ukuncancisa:

Umntwana wakho usenokufumana i-HIV kubiisi lwakho lwebele.

Usana lunenwebu e-ethe-ethe yesisu kunye neyamathumbu.

Ukunika umntwana nantoni na engelulo ubisi lwebele, nokuba

ngamanzi okanye liyeza, kunokutyabula amathumbu kwenze

imisiko kuwo. Le misiko inokwenza indawo ekungena kuyo i-HIV

isuka kubisi lwebele iye esiswini sosana. Usana lusenokufumana

i-nevirapine efunekayo njengenxenye yeprotokoli yeye-PMTCT, kunye

namanye amayeza njengoko kuchaziwe ngugqirha. Kufuneka unike

umntwana wakho i-nevirapine ukumkhusela ekubeni afumane i-HIV

kubisi lwakho lwebele. Ukuba ngaba une-HIV, kucetyiswa ukuba

uyeke ukuncancisa emva kweenyanga ezintandathu.

Ubisi olungumgubo:

Ukuba ukhetha ukutyisa usana lwakho ubisi olungumgubo

kuphela, uza kunikwa ubisi eklinikhi. Kubalulekile kakhulu ube

nokufumana amanzi acocekileyo kwaye kufuneka ugcine amacephe

okuxuba, ikomityi okanye ibhotile zicocekile. Kufuneka uzihlambe

zonke ezi zinto emanzini abilayo ukuze ubulale iintsholongwane.

Iintsholongwane ezisemanzini angacocekanga okanye kwizixhobo

zokutyisa usana zisenokulugulisa usana lwakho ngokuthi lube nesifo

sorhudo kunye nokugabha. Kulula kakhulu ukugcina ikomityi kunye

necephe lokuxuba zicocekile kunokugcina kucoceke iibhotile neetiti.

Ngenxa yesi sizathu ukutyisa ngekomityi yindlela ekhuselekileyo

kunokutyisa ngebhotile.

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!