14.11.2014 Views

Learners Sect B isiXhosa Home Language.pdf

Learners Sect B isiXhosa Home Language.pdf

Learners Sect B isiXhosa Home Language.pdf

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

IsiXhosa: Ulwimi Lwasekhaya

Uvavanyo olufanayo (CTA)

IBanga 9

2009

INCWADI YOMFUNDI: Icandelo B

Ixesha: : 2

iiyure

Amanqaku: 80

Inani

lamaphepha: 12

UVAVANYO OLUFANAYO (CTA)

UJOLISO: Inkululeko

Inqaku eliya kumfundi:

Le CTA inamaCandelo A noB. Eli liCandelo B:

ICANDELO B

Ofanele ukuba ukwazi:

Uza kulenza wedwa eli Candelo B.

Imiyalelo:

Landela imiyalelo yombuzo ngamnye ngenkathalo.

Kolu vavanyo uza kufumana ezi Ziphumo Zokufunda nemiLinganiselo Yovavanyo

elandelayo:

PF 3: Umfundi uya kuba nakho ukufunda nokujonga ukuze afumane ulwazi

nokuzonwabisa, aze asabele ngendlela egwebayo kwizinto ezilixabiso

zobugcisa, inkcubeko novakalelo kwiitekisi.

GH: Aphendule iitekisi ngendlela ehlalutyayo:

• axabise uluvo lombhali;

• axabise imiyalezo equkiweyo (okanye efihlakeleyo), nakuphi na

ukuthath’icala okanye ukuqal’ugwebe, aze anike olwakhe uluvo

nezinto ezizezinye;

• ahlalutye indlela iimeko, ubume bentlalo nenckubeko ezifuthela

ngayo umyalelo.

GH: Unika isigwebo malunga nenkcubeko yentlalo, okusingqongileyo,

neendlela ezifanelekleyo nezilixabiso ekuziphatheni, kwitekisi, aze axoxe

ngeempembelelo kumfundi kwanemiba yetekisi eyenza eli futhe (umzekelo:-

okuqulathiweyo, ulwimi, umsebenzi wobugcisa, imbono nokuzotywa

kwabalinganiswa).

PF4: Umfundi uya kuba nakho ukubhala iindidi zeetekisi ezinobunyani

nezengqikelelo ebhalela uludwe lweenjongo.

GH: Usebenzisa inkqubo yokubhala ngokuzimela yedwa nangokulula

ukwenza iitekisi ezinzima:

2

ntaba. Umdla wakhe wokufuna ulwazi nothando lobomi nentshisekelo yempumelelo

yamenza waphumelela ukhwelo lesibini lentaba i Everest ngo 2005. Kodwa ngeli tyeli,

inkuthazo yakhe yayehlukile. Impumelelo yakhe yaba yinzuzo kubantwana abathathu

abahlelelekileyo eMzantsi.

7 Xa uthetha noSibu, uqaphela ukuba ulikhenkethile ilizwe, waye futhi ungumntu ozithobileyo.

Ukhenketho lwakhe lumse kwezinye zendawo ezintle kakhulu emhlabeni,

ezinobumenyemenye bomkhence, inkazimulo ekhanya nasebumnyameni, nentaba

ezombathiswe likhephu ukuyikhusela kwisibhakabhaka esiluhlaza. Kodwa ukufika apho

unyuke amaqhina nentsunguzi ezimnyama, imimoya ehlabayo ebanda okomkhenkce. Uve

iintlungu ezisika imiphunga eziva ephelelwa ngumoya oku komntu oqhawukayo.

8 Noxa kunjalo, uSibu uyazi ukuba akukhonto izalula. Ulwazi lwakhe njengomkhweli-ntaba

lumfundise lo nto. Omnye nomnye unentaba yakhe iEverest ekumele ayikhwele. Kodwa

uyatsho ukuba xa uzimisele, usebenza nzima ubonisa ubugorha, ekunyamezeleni kukhona

umvuzo.Ibali lakhe ngumzekelo ophilayo!

IMIBUZO

1.1 Yeyiphi indlela eyiyo yokuhlanganisa ezi zivakalisi zinthathu zilandelayo?

I Everest seyisube imiphefumlo engaphezu kwamakhulu amabini abakhweli-ntaba. Uninzi lwabo

zange luphumelele ukubuya entabeni. Bayakuphumla ngonaphakade eluthandweni lwayo.

(1)

A

B

C

D

IEverest seyisube imiphefumlo engaphezu kwamakhulu amabini abakhweli

ntaba,uninzi lwabo zange luphumelele ukubuya entabeni futhi bayakuphumla

ngonaphakade ethandweni lwayo.

IEverest, seyisube imiphefumlo engaphezu kwamakhulu amabini abakhweli

ntaba uninzi lwabo zange luphumelele ukubuya entabeni futhi bayakuphumla

ngonaphakade ethandweni lwayo.

IEverest seyisube imiphefumlo engaphezu kwamakhulu amabini abakhweli ntaba

uninzi lwabo zange luphumelele ukubuya entabeni,yaye bayakuphumla,

ngonaphakade ethandweni lwayo.

IEverest seyisube imiphefumlo engaphezu kwamakhulu amabini abakhweli

ntaba. Uninzi lwabo aluzange luphumelele ukubuya entabeni. Bayakuhlala

ngonaphakade eluthandweni lwayo.

1.2 Yeyiphi kwezi zilandelayo engesosizathu sokusebenzisa “umbuso omkhulu wobukhosi”

okanye “ezinyaweni zeteroni yakhe“ (paragraph 1) xa uchaza intaba?

(1)

A

B

C

D

ukuchaza ubukhulu bentaba iEverest.

ukuchaza ubuhle obusisimanga be Everest.

ukucacisa imvelo nendalo yeEverest.

ukuveza umangaliso wobuqaqawuli be Everest

1.3 Yeyiphi kwezi zilandelayo eyinjongo yesi sicatshulwa ? (1)

A

B

C

D

ukuvuseleleka

ukusebenzisa ingqondo

ukuba nolwazi

ukukwazi ukuchaza

4

1.4 Sesiphi isivakalisi esisiso? (1)

A

B

C

D

USibusiso Vilane ungumkhweli-ntaba waseMzantsi ongathandabuzisiyo.

USibusiso Vilane ungomnye wabakhweli ntaba abadumileyo eMzantsi.

USibusiso Vilane ungumkhweli-ntaba odumileyo.

USibusiso Vilane ungoyena mkhweli-ntaba odumileyo eMzantsi

1.5 Inkcazo ka Lian ku (paragraph1) ngentaba iEverest (1)

A

B

C

D

iyachukumisa

iyoyikisa

iyamkeleka

iyahlonipheka

1.6 Xa uLian ebefuna ukuhambisa esi sicatshulwa kwinzululwazi zamaphepha, (1)

ebengasebenzisa eyiphi imizekelo kwesi sicatshulwa?

A

B

C

D

ubukhazikhazi bomkhenkce

iintanda zomhlaba

iintsunguzi ezimnyama

ebanda okomkhenkce

1.7 Wakhuthazwa yintoni uSibusiso ukukhwela intaba okwesibini ? (1)

A

B

C

D

ukuvuselela ulutsha

ukuba luncedo kwabanye

ukuzibonakalisa

kwakusegazini ukukhwela intaba

1.8 Xa efunisisa kwi(internet) uLian wafunda oku kulandelayo ngoSibu

Ukubonisa ubugorha nokuzithemba kwakhe uSibu ebomini,umongameli uThabo

Mbeki wamwonga ngewonga i “Order of the Ikhamanga” ngo 2006, enikezelwa

uubonisa ukugqwesa kwezamasiko nezithethe, ezomculo kunye nezemibhalo.

Ngaloo mini okaMbeki wavuyisana naye empumelelweni yakhe watsho esithi

“ngesi senzo ubonise umgangatho ophakamileyo esingafikelela kuwo xa singathi

sibambe siqinise sisebenza ngokuzimisela.”

1.8.1 ULian angathanda ukufaka esi siqendu singentla kwisicatshulwa asibhalileyo. (1)

Singangena phakathi kweziphi iziqendu?

A phakathi kwesiqendu 3 no 4

B phakathi kwesiqendu 4 no 5

C phakathi kwesiqendu 5 no 6

D phakathi kwesiqendu 6 no 7

1.8.2 Yeyiphi kwezi zilandelayo engathethi ntonye no qhuba kwisiqendu esingaphezulu? (1)

A

B

C

D

ukuzimisela

ukusombulula

utshiseko

ukuzithemba

5

1.8.3 “ngesi senzo ubonise umgangatho esingafikelela kuwo xa singathi sibambe siqinise

sisebenze ngokuzimisela”.

Chaza intlobo ezimbini zokuthetha ezisetyenziswe ngasentla. (1)

A

B

C

D

ukubaxa,ukukwekwa

isifaniso,isifaniso

ukukwekwa, iqhalo

ukukwekwa, isifaniso

1.9 Kwisiqendu sokugqibela sesicatshulwa, “i Everest” ibhalwe ngendlela eyiyo ngoba

lichaza : (1)

A

B

C

D

ligama lentaba

iinzima

intetho ngqo

igama mboleko kolunye ulwimi

UMBUZO 2

2.1 Funda esi sivakalisi singezantsi.

UTshepo ubona umlambo esiya kulolongo lombhoxo qho ngeMigqibelo.

Yeyiphi indlela eyiyo yokubhala esi sivakalisi? (1)

A. Qho ngeMigqibelo uTshepho ubona umlambo esiya kulolongo lombhoxo.

B. UTshepho ubona umlambo endleleni eya kulolongo lombhoxo qho ngeMigqibelo.

C. Qho ngeMigqibelo uTshepho ubona umlambo xa esiya kulolongo lombhoxo.

D. UTshepho ubona umlambo qho ngeMigqibelo esiya kulolongo lombhoxo.

2.2 Igama elinomgca ngaphantsi liphikisana nasiphi isivakalisi? (1)

UMBUZO 3

A. Umqhubi bhayisikili wagxekwa ngemizamo yakhe yokuphumelela uhambo.

B. Umqhubi bhayisikili wayezithemba ngemizamo yakhe yokuphumelela uhambo.

C. Umqhubi bhayisikili wayeqinisekile ngemizamo yakhe yokuphumelela uhambo.

D. Umqhubi bhayisikili wayenesiqiniseko ngemizamo yakhe yokuphumelela

uhambo.

Imiyalelo: Izivakalisi ezimbini ezinemigca ngaphantsi zilandelwa ngumbuzo okanye inkcazelo

ngazo.. Funda iqela ngalinye lezi zivakalisi wandule ukukhetha impendul eyiyo.

Umdyaro weFormula One racing ngowona uboniswa kakhulu kumabona-kude emhlabeni

wonke.

Malunga nenkulungwane eziyi 55 (million)zibukela umboniso walo mdlalo(GrandPrix)

ngeempela veki.

3.1 Zihlobana njani ezi zivakalisi? (1)

A) Zibonakalisa ukufanekisa

B) Esesibini siphikisana nesokuqala.

C) Esokuqala sicacisa esesibini.

D) Esesibini sinika ubungqina besokuqala.

6

3.2 Leliphi kula magama alandelayo elisischasi segama u “kakhulu” kwesi sivakalisi

esithetha ngomabona-kude?

A) Ngamandla

B) Kakuhle

C) Kancinci

D) Kakubi

/15/

UMSEBENZI 2

IMPENDULO KWITEKISI

IXESHA: 60 MIZUZU

AMANQAKU: 33

Umbuzo 1:

Izixhobo zokusetyenziswa:

INJONGO YOMSEBENZI

Injongo yalo msebenzi ku:

o kwenza intsingiselo yetekisi ebhaliweyo

Itekisi: Amanqaku amaphepha kunye necwecwana

elihlekisayo

o kuvakalisa nokucacisa iimbono nezimvo zakho

o kusebenzisa ulwazi lomsebenzi wolwimi

Umsebenzi: Funda iitekisi ezivela kumaxwebhu 1-3 ze uphendule le mibuzo

ilandelayo:

IMVELAPHI 1

KWIZIGIDI ZABANTU ABAHLWEMPUZEKILEYO, IMITHETHO

YAMALUNGELO (BILL OF RIGHTS) AYITHETHI KWANTO

Sol Makgabutlane

Kungebhaqo, kodwa hayi ngokungafanelekanga- ukuba Imini Yamalungelo Abantu

ibe nokungqubana ne Good Friday nge 21 Matshi. Ezi ntsuku zimbini zinomxholo

ozidibanisayo: ukukhuselwa novelwano lwabahlwempuzekileyo,abagulayo

nabadala. Masizishiye ecaleni iimfundiso ezingoThixo ezingeGood Friday,,

umyalezo kaKrestu wawumalunga namalungelo nesidima sabo bangenathamsanqa,

okanye abo umbhali weenoveli womRashiya, uDostoevisky ababiza

njengaba”thukiweyo nabalinyaziweyo”. Ewe, asingawo onke amaqabane

Amalungelo Abantu akholwayo, kodwa injongo yabo yileyo kaKrestu.

7

UMzantsi Afrika sowuhambe indima ende ukusuka kwimihla enzima yobukoloni

(colonialism) ocalu-calulo. Ekusukeni ekubeni yindawo eyeyona ikudidi oluphantsi

emhlabeni ngenxa yemithetho yalo ucalu-calulo eyayijoliswe ekuvimbeni abemi

abamnyama amalungelo asisiseko- kubandakanya nelungelo lokuzikhethela

abameli- UMzantsi Afrika namhlanje uphila phantsi komgaqo siseko ongowona

unenkululeko ekhululayo. Esona sahluko sibalulekileyo kwiKonstutyushini seso

esiqulethe uninzi lweMithetho Yamalungelo (bill of Rights).

Iquka amalungelo asisiseko abizwa njengamalungelo okuqala. Abandakanya

ilungelo kubomi, inkululeko nolingano kunye nenkululeko yenkolo, ukuvakalisa

izimvo nokuzibandakanya. Kodwa ke, uMthetho Wamalungelo awupheleli aph:

uqhubeka uye kokubizwa ngokuba ngamalungelo entlalo noqoqosho.

Ngokuthe gabalala, uMzantsi Afrika uqhube kakuhle ekukhuseleni amalungelo

asisiseko abemi bawo kunye nelungelo lokhuseleko kwizohlwayo ezikhohlakeleyo

nezikrwada, njengomzekelo wegwebo sika1995 esawiswa yinkundla yomgaqo

siseko eyagwebela ukupheliswa kwesohlwayo sokubulawa kuba asihambelani

nekonstityushini. Eso sigwebo sika1995 sesohlwayo ngokubulawa kungoku nje

sisongelwe, sicelwa umngeni ngebango eliya lisanda ngengxolo lokuba esi

sohlwayo ngokubulawa sikhe siphinde sibhekiswe ebantwini, kutshiwo kusithiwa esi

sohlwayo masibuyiswe ukuba uninzi lwabemi lungavotela ukubuyiswa kwaso.

Ukwenza loo nto phofu ke kungafuna ukuba umgaqo siseko ulungise ngokususa

ilungelo lobomi, nyathelo elo elibuyisela umva nekufunela lingavunyelwanga.

Ilungelo lobomi likwakhusela abemi ekugetyengweni zizaphuli mthetho. Ngaphandle

kwalo, ilungelo labantu libalihamte lento engekhoyo. Iinkokheli zoburhulumente

kufuneka ziphande ubunyani ze zithathe izigqibo ezifanelekileyo.

Inqaku elinxulumene neli nelilelona libalulekileyo liphathelele kumalungelo entlalo

noqoqosho abandakanya, xa kubalwa nje ambalwa, ilungelo lokufikelela kumaziko

empilo, lokuba nendlu, ukutya namanzi. Kwiimeko ezinxulumene nala malungelo,

iiJaji ezininzi zithi urhulumente unoxanduva lokwandisa nokuqhubela phambili la

malungelo ngezo zinto zikhoyo.

Ukuba ngaba oku kuyenzeka okanye akwenzeki, nokuba ingaba izinto

ezingamalungiselelo okuphumeza la malungelo ingaba zabiwa ngokulinganayo na,

yenye ingxoxo leyo. Kodwa ke, into eyinyaniso yeyokuba kwizigidi ngezigidi zabemi

boMzantsi Afrika, la malungelo luhaya nje lwento engekhoyo.

USol Makgabutlane ngumhleli ophambili weStar iphephandaba

elingudadeboPretoria News.

IMVELAPHI 2

UMSINDO OTSHABALALISAYO (UBURHALARHUME) UBONISA

IMEKO ENGAPHAYA KWEZENOFOBHIYA

Umsindo omkhulu oqhambuke e-Alex ubonisa isigulo esinzulu kunezenofobhiya.

Sisiphumo sokungaphumeleli kwamalungiselelo asembindini, ukudana okuzalwa

8

namalungelo odumo, ukuswela inkathalo kwamaziko afumana inkxaso-mali

yenkululeko, amsebenzi wawo ikukuphuhlisa uluntu ngokulugcina luphuhlile.

Ukungaphumeleli kweProjekthi ekhokelwa nguPrezidenti eyayiqhutywa ngeAlex

renewal Project (ARP) kufanele ukusetyenziswa ukuvus’emaqandeni urhulumente

ukuba arhoxise indlela yakhe yokuvelela uphuhliso olungapheliyo nokudambisa

intswelo. Yaqalwa ngo2001 yafumana ulwabiwo mali lwezigidi zeerandi eziyi-1.3

(R1.3 billion). Kungoku nje loo mali iphelile kwaye ilungelaniswe nezigidi ezi-2

zeerandi (R2 billion). Kude kuthini?

Ngokwengcingane, urhulumente wephondo nguye olawula iprojekthi. Ngokokwenza

ilawulwa yiCity of Johannesburg nesebe lephondo, lezezindlu. Ngoko ke, imisebenzi

emininzi ingenana/ ingqubana noxanduva lorhulumente wendawo, wephondo

nowesizwe kulwabiwo mali, loo mali isetyenziswa ngokweemfuno zabo bayiphetheyo

ukufezekisa iimfuno zabo okanye zopolitiko. Ulwabiwo lwezindlu lwenziwa

ngokungafanelekanga nangokungalinganiyo, kuxhomekeke ekuthandweni komntu

okanye kwiqela lopolitiko elikhethiweyo.

Kwiminyaka emithathu edlulileyo i-ARP, phantsi kolawulo olungajongwanga, yakhupha

amawaka eerandi asi-7(R7 million) ukuvuselela iholo kwaNobuhle njengenxalenye

yenkqubo yephulo elikhulu lokuvuselela indawo. Isabelo samaxabiso omsebenzi

wokwakha sanikwa abahlobo, nezizalwane zomphathi wenkqubo yophuhliso. Iikontraki

ezintathu zabhengezwa njengezitshonileyo. Iholo yokuzonwabisa esebenzayo

nefanelekileyo yadilizwa, ngolo hlobo kuchithwa izinga lendibano apho

kwakusonwatywa ngokomdaniso nomculo ngazo zonke iimpela veki.

Iholo enkulu eyakheke kakuhle eyayinokufuna nje ukulungiswa, nayo yachithwa.

Unyaka wonke nqunqe, umsebenzi wawume ngxi. Abemi banethamsanqa ke kodwa,

lokonwabela ukuphuculwa okuthe chu kweendawo zabo zokuhlala. Akukho nje phofu

kubamelwane babo abasehostele okanye kumawaka amatyotyombe axinene kumhlaba

ofumanekayo. Ukucocwa kwendawo okuman’ukwenziwa njengephulo lokutsala iivoti

zamaqela opolitiko akuncedi kwaphela kuba abantu abayeki ukusebenzisa i-Alex

njengendawo yokulahla inkunkuma. Isicwangciso sombane owenziwa ngesixhobo

sokuguqula imitha yelanga ibe ngumbane (solar), esasithenjiswe abahlali zange

siphunyezwe; njengenxalenye yeprojekthi yovuselelo lwe-Alex, saphelela emoyeni

ngaphandle kwenkcazo. Ukuxuthisana ngeentwana ezikhoyo zendlela yokuphila

kwenziwe mandundu kukugxalathelana kwenani elininzi lamaZimbabwe e-Alex.

Iinkqubo ezincinci, iziqalo zendawo yabantu kunye namalungiselelo abumbeneyo

ngezineziphumo zabahlali abanempumelelo, ingasiyiyo le meko yendawo ezala impoxo

nokudana okufanelekileyo phofu, intiyo yabantu abavela ngaphandle enobugebenga

nokungathembi urhulumente.

Kwangaxesha linye iinkokheli zoburhulumente zithetha ubumpulampula ngamalungelo

ngeli xa benegalelo ekuvimbeni la malungelo kumaZimbabwe nabemi boMzantsi Afrika

bahlwempuzekileyo.

(Imvelaphi 2: Pretoria News 23 Meyi 2008)

9

(Imvelaphi 3: Pretoria News; 23 May 2008)

UMadam no-Eve

Mnumzana Zuma!!

Mnumzana Zuma!!

Ewe?

Ungakhe uthi gqabagqaba ngolu dushe lokuqhambuka kwezenofobhiya

olwenzekayo ngoku?

Ewe! Ndilwa nabo!

Sisisizwe esinoxolo! Abantu bayithatha phi into yokuba ubugebenga bakhe

basisisombululo sengxaki?!

UMSHINI WAM!

(Imvelaphi 3: Pretoria News; 23 Meyi 2008)

Funda itekisi ukuqalela kwimvelaphi 1 uze uphendule le mibuzo ilandelayo:

IMVELAPHI 1

1. Nika intsingiselo yala magama alandelayo athathwe kwimvelaphi 1:

1.1 ngebhaqo (1)

1.2 itshonile/ukutshona (1)

1.3 ekhululayo (1)

1.4 Incwadi yomgaqo siseko (1)

2. Chaza ngamagama akho kumhlathi omnye ukuba yintoni eyona ngcingane (olona

luvo) iphambili kule tekisi. (Imvelaphi 1) (8)

3. Chaza ngamazwi akho “amalungelo esizukulwana sokuqala” na “malungelo

esizukulwana sesibini”. Ohluke njani? (4)

4. Xoxa ngendlela ehlalutyayo ukuba yeyiphi indlela umbhali achaze ngayo isihloko,

okanye ingaba impendulo ecacisiweyo asIyompendulo yokwenyani? (2)

IMVELAPHI 2

Ngoku ke funda imvelaphi 2 Uze uphendule le mibuzo ilandelayo:

5. Hlalutya isihloko “Umsindo otshabalalisayo ubonisa imeko engaphaya

kwezenofobhiya”. Yenza isigqibo sokuba ubulindele ntoni ngokokuqulathiweyo xa

ungekalifundi inqaku nokuba kutshintshe njani oko xa sele ulifundile inqaku. (3)

6. Shwankathela ngamagama akho amanqaku aphambili ale tekisi. (6)

7. Xoxa ngendlela ehlalutyayo, ukuba isihloko netekisi zihambelana njani okanye

azihambelani njani. (3)

Funda imvelaphi 3:

8. Cinga ngendlela ehlalutyayo ngabalinganiswa, izehlo nemixholo ephononongwa

kweli nqakwana lokuhlekisa Uze ubhale amanqaku anentsingiselo avela kweli

nqakwana lokuhlekisa. Xela ukuba zinto zini ezenza ukuba ibe sisihlekisi,

isigqebelo okanye sibe ntsingiselo-mbini. Nxulumanisa impendulo yakho

kwiziphumo zokucinga kwakho ezivela kwimvelaphi 1 no 2. (3)

(4)

(33)

UMSEBENZI 3

UKUBHALA KOBUGCISA

IXESHA: 60 MIZUZU

AMANQAKU: 32

INJONGO YOMSEBENZI

Injongo yalo msebenzi kukuba:

• Uqambe isincoko esihambelana nemilinganiselo enikiweyo

• uvakalise iimbono nezimvo zakho

• usebenzise ulwazi lwakho lomsebenzi wolwimi

UMYALELO

11

Umsebenzi wakho kukuba ubhale isincoko esinamagama amalunga nama-200

ngesinye sezi zihloko zilandelayo:

1. “Umbono wam woMzantsi Afrika onoxolo”. Xoxa ukuba uluntu olulolu hlobo

lungenzeka kanjani. Apho kulawula uxolo kuphela.

2. Amalungelo alungile (OK), oko nje kungekho xanduva luhamba nawo.

3. “Ndifuna ukuzenzeIa into eyEyam – andidingi sakhelo samalungelo ukuze

ndiqhubekele phambili”. Chaza amanyathelo onokuwathatha ukulandela indlela

yakho eya kwikamva uze unike nezizathu zakho zokuba ucinge ukuba la

manyathelo aya kuwenza umsebenzi wakho

4. Ucinga ukuba yayintoni izizathu zoqhambuko lwezenofobhiya kweli lizwe

ekuhambeni kwexesha?

5. “Indlela abantu beenkcubeko ezahlukeneyo abaxubana ngayo kule mihla, yenza

kube nzima ukugcina indlela ”esulungekileyo yenkcubeko kwiqela.” Uyidibanisa

njani le nkcazo kwilungelo lonxibelelwano?

6. YIntoni umbono wakho ngeDemokrasi? Singisela kwimEko-bume beklasi yakho.

Uvavanyo lokubhalwa ngumntu ngamnye:

Ngexesha lalo msebenzi uya kuvavanywa ngesincoko sakho osibhale wedwa

ngokusekwe kule milinganiselo ilandelayo:

• Isakhiwo

• Okuqulathiweyo

• Umsebenzi owodwa (ongalinganisi omnye)

• Ukucaca kwezimvo

• Igrama nokusetyenziswa kolwimi

[32]

AMANQAKU EWONKE ECANDELO B: 80 AMANQAKU

12

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!