14.11.2014 Views

Learners Sect B isiXhosa Home Language.pdf

Learners Sect B isiXhosa Home Language.pdf

Learners Sect B isiXhosa Home Language.pdf

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

namalungelo odumo, ukuswela inkathalo kwamaziko afumana inkxaso-mali

yenkululeko, amsebenzi wawo ikukuphuhlisa uluntu ngokulugcina luphuhlile.

Ukungaphumeleli kweProjekthi ekhokelwa nguPrezidenti eyayiqhutywa ngeAlex

renewal Project (ARP) kufanele ukusetyenziswa ukuvus’emaqandeni urhulumente

ukuba arhoxise indlela yakhe yokuvelela uphuhliso olungapheliyo nokudambisa

intswelo. Yaqalwa ngo2001 yafumana ulwabiwo mali lwezigidi zeerandi eziyi-1.3

(R1.3 billion). Kungoku nje loo mali iphelile kwaye ilungelaniswe nezigidi ezi-2

zeerandi (R2 billion). Kude kuthini?

Ngokwengcingane, urhulumente wephondo nguye olawula iprojekthi. Ngokokwenza

ilawulwa yiCity of Johannesburg nesebe lephondo, lezezindlu. Ngoko ke, imisebenzi

emininzi ingenana/ ingqubana noxanduva lorhulumente wendawo, wephondo

nowesizwe kulwabiwo mali, loo mali isetyenziswa ngokweemfuno zabo bayiphetheyo

ukufezekisa iimfuno zabo okanye zopolitiko. Ulwabiwo lwezindlu lwenziwa

ngokungafanelekanga nangokungalinganiyo, kuxhomekeke ekuthandweni komntu

okanye kwiqela lopolitiko elikhethiweyo.

Kwiminyaka emithathu edlulileyo i-ARP, phantsi kolawulo olungajongwanga, yakhupha

amawaka eerandi asi-7(R7 million) ukuvuselela iholo kwaNobuhle njengenxalenye

yenkqubo yephulo elikhulu lokuvuselela indawo. Isabelo samaxabiso omsebenzi

wokwakha sanikwa abahlobo, nezizalwane zomphathi wenkqubo yophuhliso. Iikontraki

ezintathu zabhengezwa njengezitshonileyo. Iholo yokuzonwabisa esebenzayo

nefanelekileyo yadilizwa, ngolo hlobo kuchithwa izinga lendibano apho

kwakusonwatywa ngokomdaniso nomculo ngazo zonke iimpela veki.

Iholo enkulu eyakheke kakuhle eyayinokufuna nje ukulungiswa, nayo yachithwa.

Unyaka wonke nqunqe, umsebenzi wawume ngxi. Abemi banethamsanqa ke kodwa,

lokonwabela ukuphuculwa okuthe chu kweendawo zabo zokuhlala. Akukho nje phofu

kubamelwane babo abasehostele okanye kumawaka amatyotyombe axinene kumhlaba

ofumanekayo. Ukucocwa kwendawo okuman’ukwenziwa njengephulo lokutsala iivoti

zamaqela opolitiko akuncedi kwaphela kuba abantu abayeki ukusebenzisa i-Alex

njengendawo yokulahla inkunkuma. Isicwangciso sombane owenziwa ngesixhobo

sokuguqula imitha yelanga ibe ngumbane (solar), esasithenjiswe abahlali zange

siphunyezwe; njengenxalenye yeprojekthi yovuselelo lwe-Alex, saphelela emoyeni

ngaphandle kwenkcazo. Ukuxuthisana ngeentwana ezikhoyo zendlela yokuphila

kwenziwe mandundu kukugxalathelana kwenani elininzi lamaZimbabwe e-Alex.

Iinkqubo ezincinci, iziqalo zendawo yabantu kunye namalungiselelo abumbeneyo

ngezineziphumo zabahlali abanempumelelo, ingasiyiyo le meko yendawo ezala impoxo

nokudana okufanelekileyo phofu, intiyo yabantu abavela ngaphandle enobugebenga

nokungathembi urhulumente.

Kwangaxesha linye iinkokheli zoburhulumente zithetha ubumpulampula ngamalungelo

ngeli xa benegalelo ekuvimbeni la malungelo kumaZimbabwe nabemi boMzantsi Afrika

bahlwempuzekileyo.

(Imvelaphi 2: Pretoria News 23 Meyi 2008)

9

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!