14.11.2014 Views

Learners Sect B isiXhosa Home Language.pdf

Learners Sect B isiXhosa Home Language.pdf

Learners Sect B isiXhosa Home Language.pdf

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

UMzantsi Afrika sowuhambe indima ende ukusuka kwimihla enzima yobukoloni

(colonialism) ocalu-calulo. Ekusukeni ekubeni yindawo eyeyona ikudidi oluphantsi

emhlabeni ngenxa yemithetho yalo ucalu-calulo eyayijoliswe ekuvimbeni abemi

abamnyama amalungelo asisiseko- kubandakanya nelungelo lokuzikhethela

abameli- UMzantsi Afrika namhlanje uphila phantsi komgaqo siseko ongowona

unenkululeko ekhululayo. Esona sahluko sibalulekileyo kwiKonstutyushini seso

esiqulethe uninzi lweMithetho Yamalungelo (bill of Rights).

Iquka amalungelo asisiseko abizwa njengamalungelo okuqala. Abandakanya

ilungelo kubomi, inkululeko nolingano kunye nenkululeko yenkolo, ukuvakalisa

izimvo nokuzibandakanya. Kodwa ke, uMthetho Wamalungelo awupheleli aph:

uqhubeka uye kokubizwa ngokuba ngamalungelo entlalo noqoqosho.

Ngokuthe gabalala, uMzantsi Afrika uqhube kakuhle ekukhuseleni amalungelo

asisiseko abemi bawo kunye nelungelo lokhuseleko kwizohlwayo ezikhohlakeleyo

nezikrwada, njengomzekelo wegwebo sika1995 esawiswa yinkundla yomgaqo

siseko eyagwebela ukupheliswa kwesohlwayo sokubulawa kuba asihambelani

nekonstityushini. Eso sigwebo sika1995 sesohlwayo ngokubulawa kungoku nje

sisongelwe, sicelwa umngeni ngebango eliya lisanda ngengxolo lokuba esi

sohlwayo ngokubulawa sikhe siphinde sibhekiswe ebantwini, kutshiwo kusithiwa esi

sohlwayo masibuyiswe ukuba uninzi lwabemi lungavotela ukubuyiswa kwaso.

Ukwenza loo nto phofu ke kungafuna ukuba umgaqo siseko ulungise ngokususa

ilungelo lobomi, nyathelo elo elibuyisela umva nekufunela lingavunyelwanga.

Ilungelo lobomi likwakhusela abemi ekugetyengweni zizaphuli mthetho. Ngaphandle

kwalo, ilungelo labantu libalihamte lento engekhoyo. Iinkokheli zoburhulumente

kufuneka ziphande ubunyani ze zithathe izigqibo ezifanelekileyo.

Inqaku elinxulumene neli nelilelona libalulekileyo liphathelele kumalungelo entlalo

noqoqosho abandakanya, xa kubalwa nje ambalwa, ilungelo lokufikelela kumaziko

empilo, lokuba nendlu, ukutya namanzi. Kwiimeko ezinxulumene nala malungelo,

iiJaji ezininzi zithi urhulumente unoxanduva lokwandisa nokuqhubela phambili la

malungelo ngezo zinto zikhoyo.

Ukuba ngaba oku kuyenzeka okanye akwenzeki, nokuba ingaba izinto

ezingamalungiselelo okuphumeza la malungelo ingaba zabiwa ngokulinganayo na,

yenye ingxoxo leyo. Kodwa ke, into eyinyaniso yeyokuba kwizigidi ngezigidi zabemi

boMzantsi Afrika, la malungelo luhaya nje lwento engekhoyo.

USol Makgabutlane ngumhleli ophambili weStar iphephandaba

elingudadeboPretoria News.

IMVELAPHI 2

UMSINDO OTSHABALALISAYO (UBURHALARHUME) UBONISA

IMEKO ENGAPHAYA KWEZENOFOBHIYA

Umsindo omkhulu oqhambuke e-Alex ubonisa isigulo esinzulu kunezenofobhiya.

Sisiphumo sokungaphumeleli kwamalungiselelo asembindini, ukudana okuzalwa

8

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!