Ukuphuhlisa Ababhali Nabafundi Abazimeleyo: Isiqendu 1 - ITEC
Ukuphuhlisa Ababhali Nabafundi Abazimeleyo: Isiqendu 1 - ITEC
Ukuphuhlisa Ababhali Nabafundi Abazimeleyo: Isiqendu 1 - ITEC
You also want an ePaper? Increase the reach of your titles
YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.
Isigaba 1: Qaphela oko sele bekwazi ukuzenzela kona abantwana

Isigaba

ONE:

Qala apho bakhoyo

ngoku abantwana

uzokwazi

ukwakhela phezu

kwala mandla

banawo

Qaphela oko sele bekwazi ukuzenzela

kona abantwana

Ngolwazi

oluninzi onokuthi

uluqokelele kokona

usiba nomfanekisongqondweni

(wamandla anawo)

Olu lwazi luzaku

khokelela

ekufundiseni

kwakho

Khetha imisebenzi eza kukunika ezi nkcukacha. Umzekelo:

1. Cela abantwana babhale, qwalasela iziphumo kubabantwana abaqalayo ukubhala - Bayakwazi

ukuba kuqalwa ngaphi ephepheni? Banga bhala kwicala lase khohlo ukuya kwelase kunene? Banga

kwazi na ukuzibhalela amanye amagama? Bangakwazi na ukumbhala unobumba wokuqala

okanye wokugqibela wegama abangalaziyo? Bayazishiya izithuba phakathi kwamagama?

2. Qwalasela ulwimi oluthethwa ngumntwana

3. Funda isivakalisi ngokucothayo ukwenzela abantwana babhale, umzekelo “Ndinenja enkulu ekhaya.

Namhlanje ndizakuyithatha ndiye nayo esikolweni.” Okokuqala qwalasela kodwa ukwajonga nasiphi

na isandi abakwaziyo ukusibhala abantwana kakuhle. Ingaba zezokuqala okanye zezokugqibela

izandi? Ingaba zime ngokulandelelana?

4. Hlolisisa ulwazi lonobumba. Ingaba abantwana bayabazi onobumba ngamagama, isandi okanye

igama eliqala ngonobumba? Bangakwazi na ukufanisa oonobumba abancinci nabakhulu?

4

Inqaku

elibalulekileyo

Ukuqwalasela

indlela zokuthi xa

ufundisa, ujongisise

oko umntwana

anakho ukukwenza

engancediswa.