30.01.2013 Views

Bahleli enyhunywhini eWalmer - Zithethele

Bahleli enyhunywhini eWalmer - Zithethele

Bahleli enyhunywhini eWalmer - Zithethele

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

Indaba zasekasi

Sizinyibiba zalomgxobhozo wase Walmer

KHANYISA SINQE

khanyisa@zithethele.co.za

Lawo ngamazi abo babesakuba

ngabafundi besikolo i Walmer

High, bebuya sele besithi bafuna

ukuthi enkosi kootitshala babo

nokukhuthaza abafundi ukuba bayithabathe

imfundo njengesitshixo

esisa empumelelweni. “Kaloku

ilokishi le yethu yaziwa njengekhaya

loonqevu, kude kuthwe yeyona

lokishi inobundlobongela. Kungoko

ke thina sithe sabuya seza apha

esikolweni size kubonisa abafundi

ukuba nakubeni ilokishi yethu idume,

okanye isaziwa njengekhaya

loonqevu, kodwa sithi aba, siphuma

kule lokishi. Namhlanje sizithwalandwe

yaye sisemisebenzini,”

An extract from Ukuvuka Kwam Ekufeni ...

Ndathi ndisathelekisa ezi zimvo ndeva, gqudu!

Unomaphelo ugileka kum kwakhona.

Ngomothuko ndasiphuncula isandla sakhe

nto leyo yandenza ndaziva ndinetyala

lokumlahla ngexesha ebekufanele ukuba

ndimkhusela ngalo. Isazela sandambatha

njengoko ndandimbona efile lixhala. Wena

wakha walibona isele lijongene nenyoka?

Izingqi emva kwethu besezivakala kufutshane

ngoku. Ndibone uBongani enyeka, ndaqonda

ukuba ziqhumile. Ukumbona kwam ndiqale

ndafuna ukunyeka nam, ndibone lento

ayibonayo, kodwa ndoyika kuba ngoku

besesithande ukungxanga sigilana, kwaye

kwakufuneka ndiqwalasele apho ndinyathela

khona. Kube ngathi sixelelene, saqalisa

sababeleka abasicatyana, sonke, ngaxeshanye.

Kuthe kuba ayikho enye indlela besingahamba

ngayo, salandelelana ukubaleka oku,

sayikhomba ngakwizakhiwo eziphambi

kwethu. Xa ubaleka ngolu hlobo ke awuyazi

Ukuba kuqhubeka ntoni kosemva kwakho.

Eyona nto yayindoyikisa kukuba uNomaphelo,

intombi le, owayesemva kwam dandingasaziva

izingqi zakhe ngoku

Thembelani Ngenelwa is one of the authors who will be featured as part of National Book Week programme at

the Red Location Museum, from 6-8 September. Title of the Book: Ukuvuka Kwam Ekufeni

Author ; Thembelani Ngenelwa Publisher: Kwela, 2008

PAGE 6

ugadlele watsho obesisithethi sosuku

u-Ntombi Nomakrwayi.

Aba bafundi bebezimase umsitho

wonikezelo lweembasa

kwabo bafundi baqhuba kakuhle

kwizifundo zabo, phofu lomsitho

ubuququzelelwe ngabo babesakuba

ngabafundi kwesi sikolo

nekungoku sele bengabaphangeli.

Ezimbalini zesi sikolo ibikokokuqala

ukuba kubekho umsitho

okumila kunje. Abo babesakuba

ngabafundi kwesisikolo baye

bawuceba lomsitho nanjengokuba

besezindaweni eziqondakalayo.

Bathi baye bacinga ukuba yeyiphi

na indlela abanokuthi kootitshala

babo enkosi ngayo, yaye yeyiphi

na indlela abanokuthi kubafundi

inyibiba iyakwazi ukuphuma

emgxobhozweni, kuba bona bay-

COMING TO THE BAY

Ndiqale ndacinga zonke izehlo endakha ndeva

ngazo. Ingaba baza kumdlwengula bambulale

bethu?

Kaloku kweli lizwe lethu awanqabanga amabali

abantu abadlwengula abafazi phambi kokuba

bababulale. Kwezinye iindawo uva kusithiwa

umntu uguntshulwe amalungu angasese

Phambi kokuba abulawe. Loo ngcingane kanye

yandithundeza ukuba ndinyeke, nje ukubona

ukuba ngaba wayesalandela kusini na. Oyena

mntu ndandimcingela nguye ngaphezu kwethu

sonke. Ndabona endingazange ndakucingela.

Nabo aba bafana bobahlanu bejolise imipu

kuthi. Omnye umpu ubukhangeleka ukhazimla

kakhulu. Andazi nokuba ke bekuyimibono yam

na kodwa esi isibham sasikhangeleka

sibugolide. Inokuba uyazibuza ukuba

ndilithatha phi ithuba lokuhlola isibham, nam

andazi mfundi.

Kwakhona amehlo am aphinde aya kuthi thaa

kwakulaa mfana onesikipa esibomvu

nebhulukhwe yekhaki. Ndiphawule ke ngoku

ukuba uthwele umnqwazana okhakhi we-

sporty.

Thursday�

imizekelo ephilayo.

Zizithwalwandwe ezilithoba

ezisakuba ngabafundi kwesisikolo

abathe bangena kubo ezipokothweni,

bahamba becela nenkxaso

ukuba lomsitho ube yimpumelelo.

Ukusuka apho baye basebenzisana

nootitshala ukuba batyumbe

abona bafundi batshatsheleyo ezifundweni,

ukuze bazokufumana

iimbasa nezatifikethi ngendlela

yokubakhuthaza. Lomsitho ubuzinyaswe

ngabazali, abafundi kunye

nootitshala.

Akuphelelanga apho kodwa

bazakwenza unako nako wokuba

ngexesha labo babuye beze kuncedisa

nasezifundweni, yaye bazakubakhanyisela

nangendlela

yokuqhubekeka nemfundo enomsila.

biluchulumanco kubafundi besikolo samabanga aphakamileyo iWalmer High, ngethuba besamkela iimbasa

ezatifiketi kumsitho obuququzelelwe ngabo babesakuba ngabafundi kwesisikolo. Picture: Khanyisa Sinqe

NATIONAL BOOK WEEK

6– 8 SEPTEMBER 2012

RED LOCATION MUSEUM

Ulindixesha iKotaz oshicilela amabali, imihobe kwakunye nemizobo edidiyelwe

apha eNelson Mandela Bay iye yanomsitho obubanjelwe eZwide

Library nge 22 August. Lo msitho ubungowokubhiyozela iKotaz entsha

yale kota, nalapho uluntu belunikwe iqonga lokwabelana ngamabali.

Apho bekukho ukusuka: Unyawontle uBuyisile Kwenene, Ntobeko Mjiwa,

Mangaliso Buzani, Solitaire noMadoda Ndlankuse.

Photo: Vuyokazi Nkanjeni.

NOT TO BE

MISSED...

FREE

ENTRY!!

Children, Youth and Adults, School & Community Groups,

Adult learners, Teachers, Librarians, Book Clubs, Writers'

Associations, Libraries, CSI Programmes, Reading Promotion

and other Book Lovers are invited!

PROGRAMME ACTIVITIES

The Demo Library - The Magic Tent - Reading Tents - Book Club

sessions – Workshops - Bookmaking sessions - Authors’ Programme -

Book Debates Programme - Motivational Talks - SA Library for the

Blind - Live Theatre Performances - Poetry sessions - Digital

storytelling - Training Programmes - Showcasing of e-books and audio

books – Creative Writing Workshops – and more

www.sabookcouncil.co.za

Tel: 021 914 8626

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!