ikasi lam - Zithethele
ikasi lam - Zithethele
ikasi lam - Zithethele
You also want an ePaper? Increase the reach of your titles
YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.
IINDABA ZEKASI LAM

Edition 51

Sanlam/MDDA Awards 2012: Best Front Pages & Investigative Reporting

Finalist in the PanSALB Multilingualism Awards

50 000 copies

Sanlam/MDDA Best Community Newspaper 2010

Tel: 041 363 2377 Fax: 041 363 0949 editor@zithethele.co.za 11 October 2012 - 25 October 2012

Abasayidi badikwe yeyokosa

LIZEKA TANDWA

lizeka@zithethele.co.za

Emva kodushe kwizitalato

zaseMotherwell, nalapho kwatshiswa

amatayala nabantu badutyulwa

ngee rubber bullets, uninzi

lwabahlali lusaqinisekile ukuba

umhlaba abakhutshwe kuwo,

usezwa kunikwa abasayidi bakwa

NU11 nakanjani. Kwintlanganiso

ebibanjelwe kwibala loluntu elise

NU11 kwiveki ephelileyo ngoLwesibini,

abasayidi noogobityholo

bebeyimbumba yamanyama,

bemxhel’omnye ngelithi umasipala

ubatyala lo mhlaba, kuba yiminyaka

bebanjiswe iliwa ngulo masipala.

Isithethi sombutho wabasayidi

iMotherwell Backyard Dwellers

Association uSimphiwo Dayimani

uthi lo mhlaba ungakwisitalato

iTyinirha, ugeciwe ngumasipala

kulungiselelwa ukwakhiwa kwezindlu

zeRDP. NgokukaDayimani

ezo zindlu zimele ukunikwa abantu

abalinde iminyaka, kodwa umasipala

uneenjongo zokunikezela loo

mhlaba kubantu abasuka kwilokishi

yaseWalmer.

Lo kaDayimani ukwathe bebekhe

banentlanganiso noSodolophu

uZanoxolo Wayile kwakunye

noMphathiswa wokuHlaliswa koLuntu

ephondweni uHelen Sauls-

August, kodwa akhonto inesihlahla

kukhe kweziwa nayo. “Iyasikhathaza

indlela abantu abaphethwe

ngayo ngumasipala wethu. Isimangalisile

into yokuva ukuba ubuninzi

balo mhlaba sixabana ngawo uzakunikwa

abantu base Walmer, nto

leyo singayiqondiyo thina, ngoba

ngekuqalwa ngaba bayifincileyo

iminyaka elishumi belinde izindlu

apha kuthi,” utshilo okaDayimani.

Ephendulela umasipala uKupido

Baron uthethe wenjenje, “Lo

mhlaba kuthethwa ngawo umasipala

ebesawulungiselela ulwakhiwo

lwezindlu, suke abantu

bakha kuwo amatyotyombe, matyotyombe

lawo esifike sawachitha

ngegunya lenkundla.”

Abantu bathi baqala ukwakha

amatyotyombe abo kulo mhlaba

kuba bedinwe zizithembiso ezililize

zikamasipala. “Amalungu ethu

anikwa ithemba elingamampunge,

yaye zange bacaciselwe ukuba

ngowuphi lo mhlaba bazawunikwa

wona. Umasipala wathi abantu

mabangakhawulezi bakhe phambi

kokuba kwakhiwe izindlu. Sabona

kulungile ke ukuba sohlule lomhlaba

ungaseTyinirha ngamatye,”

woleke ngelo okaDayimani.

U-Ayanda Celani owadutyulwa

ngamapolisa ngeembumbulu ze rubber

kudushe lwakutshanje eMotherwell

NU11, nalapho unomji ingumba

womhlaba nezindlu.

Picture:Vuyokazi Nkanjeni.

U-Lindelwa Nomanyano ongomnye

wamanina amathathu

abanjelwa olo dushe lomhlaba uthi

emva kokunkulwa ngamapolisa,

uziva eloleke mpela ukuba alwele

into elilungelo lakhe.

Lo kaNomanyano uthi walala

Thursday, 11 Oc�

eqamele ngenqindi esiseleni ubusuku

obunye, waze wakhutshwa

ngebheyile yeR200 ngabahlali.

Ngoku uyakuvela enkundleni xa

ikekela le nyanga. “Sinomsindo

kakhulu yaye sidikiwe ngulo masipala.

Kudala ndilindele indlu ukusukela

ngo 1999 kude kube ngoku

akho nezwi ukuba ndoyifumana

nini indlu yam,” utshilo okaNomanyano.

“Bububhanxa obu. Abantu

abafumani zindlu yaye ngoku

sizakungena kwiphulo lokuba kungavotwa,

ngethemba lokuba umasipala

ade asithathele ingqalelo,”

ugqibezele watsho okaDayimani.

“Sizamile ukuxoxa nabahlali,

kodwa kwacaca mhlophe

ukuba asizokuvana. Siye sacela

inkundla isinike igunya lokususa

abantu abangene kuloo mhlaba

ngokungekho mthethweni, kuba

kaloku ekucaciseni kwethu khange

sivane, sasebenzisa umthetho ke

ngoku. Sisacwangcisa izinto okwangoku

yaye nenkqubela seyibonakala,”

utshilo osisithethi sikamasipala

uKupido Baron.

Kukwavuke nesityholo sokuba

kukho ceba uthile othengise izindlu

ebezingenabani kwaNU29, zithengiselwa

abantu abangekho kuluhlu

lwabo bazibhaliselayo ezo zindlu.

Ukukhawulelana neemeko ezikumila

kunje, umasipala uqale

into ayibiza ngokuba yi Backyard

Dwellers Project, ephehlelela elo

phulo eBabs Madlakane eTinarha

ngoLwesibini wale veki, ngeenjongo

zokuza nesisombululo kwimeko

yabantu abahluphekileyo nabasayidayo.

Ngoku isebe lokuHlaliswa

koLuntu kumasipala lithi lizakubhalisa

libuye lihlengahlengise

iinkcukacha zabasayidi, ukuze

kuqinisekiswe ngamanani abantu

abakuluhlu lokwakhelwa izindlu.

Iingangalala zaseSoweto iKaizer Chiefs ibikhethe iNelson Mandela Bay

Stadium njengekhaya labo xa bebequbisene ne Bloemfontein Celtic

ngoMgqibelo. Bebexhelelwe exhukwane abalandeli besoka ebebephuma

kwiMpuma Kapa ngokubanzi, bambi bephuma kwelee ntlanzi, eKapa.

Buka imifanekiso eliqela kwiphepha lezemidlalo.

Picture: Vuyokazi Nkanjeni.

Basanyambezele umvambo wamanz’ anezifo eWalmer

LIZEKA TANDWA NO

VUYOKAZI NKANJENI

Abahlali baseWalmer

b a s e n t y u m p a n t y u m p e k a

emanzini umasipala owathembisa

ukuwagungxula ekupheleni

kukaJulayi. SinguZithethele

salipapasha ibali lamanzi ajike

aluhlaza, yaye sele enuka emva

kwezandyondyo zeemvula zobusika.

Nangoku abantwana

basaquqa bebuyelela ezikliniki

ukuya kugonyelwa izifo, kuba

abanye babo bebesele bephuma

izitshanguba ngaloo manzi.

U-Nosimo Getste uthi

owakhe umntwana ononyaka

wayokulala esibhedlele ngenxa

yala manzi. “Siphila ubomi bokoyika

kuba impilo yabantwana

bethu isesichengeni. Umntwana

wam ndimse kabini ekliniki

ngenxa yee ring worms umzimba

wonke. La manzi maka-

gungxulwe ngoku ngoba ngoku

asisigqubu seengcongconi,

nazo eziza nezazo izifo,” utshilo.

Lo kaGetse ude wamthumela

kwadade wabo umntwana

wakhe ukumbalekisa kule

ngozi yala manzi. U-Regina

Nyedwa uthi kudala bemxelela

umasipala ngobungozi bala

manzi, kodwa ngathi bathetha

nodonga. “Umzukulwana wam

usemncinci kakhulu, yaye

akakhuselekanga kwizifo ezinokuthi

gqi. Unesi undixelele

ukuba ezi ring worms anazo

zibangelwa kukuba kufutshane

nala manzi. Ngoku kufuneka

ndimgade lonke ixesha. Ngenene

la manzi asixakile thina,”

utshilo.

“Ndizamile ukuvula ifolo

ukuze la manzi abe nendawo

yokuphuma, kodwa ndifana

nochithe ixesha kuba adame

kwingingqi iphela, kuba iimvula

Emveni kweeveki eziliqela iZithethele yapapasha inqaku elingamanzi adamileyo

nazisa ukufa kwilokishi yase Walmer, nalapho umasipala wathembisa

ngokuwagungxula, uthi uRegina Nyedwa (osefotweni) loo manzi

asekho, yaye ngoku ivumba liqatsele kunzima nokuphefumla.

Picture: Vuyokazi Nkanjeni.

zibuyile. Ngoku kufuneka sichwechwe

ukunqumla kwammelwane,”

utshilo uJustice Bubara

owonganyelwe lidama lamanzi.

Uthi ukhe wabona izigadla

zikamasipala zingena elokishini

isithuba esingangeeveki

ezimbini ezigqithileyo, lenyuka

ithemba, kodwa xa ebuya emsebenzini

wafika kusenjeya.

I-Zithethele imzame yamncama

ongumlomo kamasipala

uKupido Baron ukuba aphefumle

ngale meko, kodwa side

saya ekushicileleni engekaphenduli.

Zithethele is supported by the

Zithethele Community Newspaper
indaba zasekasi

usesichengeni ubomi babaqhubi beebhasi

VUYOKAZI NKANJENI

reporter@zithethele.co.za

Okokoko inkampani yeebasi

iAlgoa Bus yatshintsha inlela

ebiqhuba ngayo yamatikiti

veki nawenyanga, itshintshela

wimali ezinkozo rhoqo abakheli

besebenzisa ezo bhasi,

enza abaqhubi baba zizisulu zoukhuthuzwa

ngoonqevu. Ngoku

ufakwa amatyala amane ngemini

wizikhululo zamapolisa. Ezona

dawo bakhuthuzwa ngamandla

uzo kungase Njoli Motors, Kokoi

ourt, Avenue A, Sheya Kulati naeQeqe

eZwide. Le ntlondi yenzia

yile migewu ubukhulu becala

wezi bhasi zasekuseni naxa kuthona

ilanga.

Omnye wabaqhubi beebhasi

Simthebile Ndungane, owaqala

ule nkampani ngo 2007 uthi sele

banjwe inkunzi kabini. “Kwiiveki

zintathu ezigqithileyo bendisuka

dolophini ndisiya KwaZakhele.

dehla ngaseNjoli Motors ndayouma

KwaNdokwenza ndimisela

bakhweli. Ndive ngamazwi

ele esithi ‘iphi imali, sinike yone’,

kanti ngabafana abathathu

ephethe imipu. Khange ndilibaise

kuba bendisoyikisela ubomi

am, ndabanika ibhegi yemali

binama R775,” utshilo okaNdunane.

Lo tata wabantwana abahanu

ufuna ukuyeka emsebenzini

uba esithi ubeka ubomi bakhe

sichengeni qho eqhuba ibhasi.

Siqhuba sisoyika yonke le mihla

enkampani le ayisikhathelele,”

yiphethe ngolo hlobo intetho

PAGE 2

yakhe okaNdungane.

Ugxa wakhe uKholekile Papu

ungqinile ukuba imeko iye isiba

maxongo, kwaye no Algoa Bus

urhuq’ iinyawo. “Mna bendisuka

edolophini ndisiya eTinarha,

ndamiswa ngamadoda amathathu

ngase NMMU Vista Campus.

Xa ndileqa KwaDwesi ndive ekhwaza

loo madoda ukuba ndiwanike

le mali. Omnye uthe mandimise

ibhasi, waze wandipokotha

wathatha icell phone yam nebhegi

yemali ebinama R400. Ndiqhube

ndayokumisa emapoliseni ndihamba

nabakhweli,” utshilo oka-

Papu. Lo kaPapu kuphela komntu

ophangelayo kwakhe, kodwa

usapho lwakhe luxhalabile ngulo

msebenzi awenzayo.

SinguZithethele sikhe sanodliwano-ndlebe

noosihlalo bemibutho

yabasebenzi emithathu

uMhlobo Faltein we-THOR

(Transport Action Retail and Gen-

Thursday, 11 Oc�

eral Workers Union), uSabatha

Mkosi weTAWUSA (Trade and

Allied Workers Union) noVuyo

Mtetwa weSATAWU (South African

Transport and Allied Workers

Union). Bonke bathi bafumene

iingxelo ezingaphaya kwe-100

zokukhuthuzwa kwabaqhubi

beebhasi kwesi sixeko. Bakwathe

babekhe bahlala intlanganiso nabalawuli

benkampani yakwa Algoa

Bus ngo Julayi walo nyaka.

Kuloo ntlanganiso baphakamisa

le miba ilandelayo:

1. Kubuyiswe iikuponi ezazikho

ngaphambili ukuze kungakhwelwa

ngemali.

2. Kufakelwe isikhuseli sabaqhubi

esivingca neembumbulu.

3. Abantu banikwe inkqubo yeebhasi

bazokuwazi amaxesha eebhasi.

4. Kufundiswe abaqhubi ngobugewu

obuthathe unyawo.

5. Le nombolo yefoni yasimahla

ayisebenzi.

Inkampani yaphendula ngelithi:

1. Inkampani ayinakuchitha mali

ngokuza nenkqubo entsha de

iBRT ibe imiliselwe, kwaye ngama

90% abantu abakhwela ngemali

ngeli lixa abekuponi ili 10%.

2. Ukufakelwa kwesikhuseli

sabaqhubi esivingca neembumbulu

kungayidla inkampani intywenka

eqikelelwa kwi R6 million.

Kodwa bona bathi eyona ingcono

kukufakwa kweekhamera kwibhasi

nganye, ze ukuba umqhubi

uyahlaselwa, acofe iqhosha elavala

zonke iingcango kungaphumi

mntu. Loo nto iyakubiza malunga

ne R3 million.

Imibutho yabasebenzi ibize

iSebe Labasebenzi likazwelonke

ukuba lingenelele kulo mba. Basayibethelela

eyokuba ukubuy-

Yenza isicelo semali mboleko!

Yokulungisa indlu yakho

Xa ufuna ukwazi ukuba wamkelekile

SMSela kwezinombolo zilandelayo:

SMS ‘Kuyasa, ID #, Name’ ku 33282

Umzekelo: Kuyasa, 7212234444020, Vuyokazi Msizi

tel: 041.582.4795 / 1408

iswa kwemali ezibhasini yeyona

nto ibeka ubomi babaqhubi esichengeni,

yaye nesaphulelo se

15% kubakhweli asisebenzi kuba

iAlgoa Bus ifumana isibonelelo

kurhulumente ukuze iibhasi zibe

ngaphantsi kweeteksi ngemali

yokukhwela. Sizame onke amatile-tile

singuZithethele ukuba sincokole

nomhlekazi uSicelo Duze

oyingqonyela yakwa Algoa Bus,

kodwa walile ukuthetha nathi.

Singene esixekweni sathetha nabakhweli

beebhasi.

U-Nomonde Sethele uthi yena

uzibonele ngawakhe amehlo

kukhuthuzwa umqhubi kwibhasi

ebeyikhwele. “Abafana abathathu

bangena nje bakhwaza bathi

‘iphi imali, sinike yonke’, waze

omnye wathi kuthi bakhweli singabi

naxhala kuba abezanga kuthi.

Ndandothukile kuba babephethe

imipu. Bayoxutha loo bhegi yemali

yomqhubi, behla ngaseNjoli

Motors,” utshilo okaSethele.

U-Ntombovuyo Sarr ophangela

rhoqo ngebhasi uthi le yokubanjw’

inkunzi kwabaqhubi sisonka

semihla ngemihla. “Qho ndikhwela

ibhasi ndiyoyika kuba nangona

bekhuthuza abaqhubi okwangoku,

kodwa iseza imini apho

nathi singazokukhuseleka ezibhasini.

U-Algoa Bus makenze icebo

abuyise iikuponi ngoba le meko

iye isiba mbi,” utshilo okaSarr.

Isithethi esibambeleyo samapolisa

uKapteni Johan Rheeder

akakwazanga kusinika ngokupheleleyo

inani lamadokethi avulelwe

le ntlondi.

Baphila ubomi bentshontsho e Wesley

OMAKHWEZI GQOLA

ORRESPONDENT

Basothukile abahlali base

Wesley nosapho lwakwa Zozo

emva kwesiganeko esimanyumnyezi

sokugwintwa, ze kudlwengulwe

uChwayita Zozo oneminyaka

engama-24. Le lokishi

iyabikwa ngokundlobongela nobugwinta

kuba asikokokuqala isiganeko

esikumila kunje sisenzeka

apho. Kwisithuba nje senyanga

kwaye kwacholwa umzimba osisibhukubhuku

wosana linqunyulwe

umqala, ingalo kunye nemilenze.

Ukanti kwiveki nje ephelileyo

kucholwe ukakhayi lomntu.

Usapho lwakwa Zozo lusabindekile

emva kokuba abahlali

bebhaqe umzimba wentombi yalo

uChwayita sele ebanda, ngoMvulo

weveki ephelileyo, emva

kokuba le nzwakazi noogxa

bayo baya kulonwabo ngokuhlwa

kwangoMgqibelo, kodwa zange

iphinde ibuye. Ngokokuphawula

kukanina uPhumeza Zozo uthi

intombi yakhe ibingenguye umntu

ongevayo, okanye othanda ukuthi

saa inzwane etheni, ohamba

angabuyi.

“Isandibindile lento yalomntwana.

Andikayikholelwa nangoku,

kuba umka apha nje ngesiqhelo

kuba esiyokonwaba neetshomi

zakhe. Nam khange ndibe nento

ethi mandimnqande, kuba ndidla

ngokumnqanda ndide ndimtshixele

ngamanye amaxesha. Akuba

ndingaluthandi oluhambo lwabo

lwasebusuku, kodwa khange

kubekho nto ithi thiki. Ixhala lizokuqala

ukuba khona xa engabuyi

ngeCawe. Yaphela imini kum. Nalapho

ke ndiye ndangena ndiphu-

U-Kholekile Papu ongomnye wabaqhubi abazibhaqe bengamaxhoba oonqevu kwesi sixeko, okokoko kwapheliswa

iikuponi kwakhwelwa ngemali ezibhasini. Uthi abaqhubi basesichengeni kuba uAlgoa Bus akakhathali.

Picture: Vuyokazi Nkanjeni.

ma kumakhaya eetshomi zakhe

ndibuzisa ukuba kwenzeke ntoni,

yasuka yangunamnawe ukuze

kube kanti ubhaqwa sele ebanda

kwihlathi elingekude kuyaphi nalapha

endlini,” utshilo.

Ngokokuphawula kwamapolisa

akukabikho mntu sele ebanjiwe

ngesi siganeko, yaye uphando

lusaqhuba. Ukanti bona abahlali

bathi banqwenela ukuba umasipala

angenelele ngokugeca la-

matyholo, ndawonye nelihlathi

likufuphi nezindlu, kuba besoyika

ukuba hleze abanqevu bathi gqolo

besenza lemikhuba.

U-Phumeza Zozo ngoku ujamelene

nomceli mngeni wokukhu-

lisa abazukulwana bakhe ababini,

abashiywe yintombi yakhe yaye

uthi akazi ukuba uzakubaxelela

njani kuba sele bembuza unina,

yaye abaqhelanga ukuhlala ngaphandle

kwakhe.

Unina kaChwayita ongasekhoyo ephethe isazisi sakhe, eyonanto ashiyeke nayo njengesikhumbuzo nezakusoloko ebonisa ngayo abazukulwana

bakhe ababini, abangekazi nokuba kuthekani ngonina. Pictures: Khanyisa Sinqe

*each SMS costs R1.50
To Advertise

in

Zithethele

Call

041 363 2377

KHANYISA SINQE

khanyisa@zithethele.co.za

indaba zasekasi

Abantu abazithembanga ngoku iiteksi

VUYOKAZI NKANJENI

reporter@zithethele.co.za

Ziyanda iziganeko zokukhuthuzwa

kwabantu

ngooxhaph’ithanga boonqevu

kwizithuthi zikawonke-wonke.

Abakhweli beeteksi ezisuka eTerminus

ukuya eWalmer Park bathi

ngabona bangamaxhoba ale ntlondi.

Umfundi kwezoKhenketho

(Tourism) eDamelin ominyaka ingama-20

uBulelwa Sitole ulibalise

wenjenje elakhe ibali, “Kwiiveki

ezimbini ezigqithileyo bendisiya

eskolweni, ndineklas ngo 2 emva

kwemini. Ndithathe iteksi eTerminus,

kwathi xa izizitulo ezine ezishiyekileyo,

kwangena abafana

abakrokrelekayo. Ngoko nangoko

yemka iteksi. Ekufikeni eWalmer

uninzi lwabantu lwehla, ndashiyeka

ndodwa naba bafana bane

nomqhubi, kuba mna bendizakwehla

e 9th Avenue.

Xa sifika kwa 8 omnye waba

bafana ukhuphe ibhoso elikhulu

walibeka kum ebusweni esithi

mandimnike ibhegi yam yesikolo

ene laptop. Kwabe kukho othi

mandidlwengulwe ndibulawe

kuba ndizakubazi xa inokuya emapoliseni

lento. Baqalisa ke ukundikhulula,

bendiphathaphatha.

Ndiye ndakhala ndicela uncedo

kodwa umqhubi weteksi uqhube

wayomisa kwirenki yeteksi zaselokshini

eWalmer,” utsho zisihla

iinyembezi. Aba nqalintloko behle

bekhawulezile kuloo renki, kodwa

uBulelwa wakhe wajijisana nalo

uxutha ibhegi yakhe. Ngelishwa

unqevu wamongamela, wabaleka

naloo bhegi. Ukhale wancama

kungekho luncedo.

Ukanti kutshanje kubekho

umama ophangela emakhitshini

obesuka eWalmer Park, waze

wadlwengulwa ngunoteksi nokondi

kumangcwaba ase South

End. Oonoteksi abaphantsi kwe

Border Taxi Association kula renki

yase Walmer nabangafunanga

kuzichaza ngokoyikisela ubomi

babo, bathe bayasazi isiganeko

sokudlwengulwa kwalo mama,

kokdwa abakeva ziganeko zimbi.

Omnye unoteksi uyikhanyele into

efana nale esithi, “Akho noteksi

walo wethu umbutho onokwenza

inyala elinjalo. Ingangabanye

beminye imibutho abafuna ukunyelisa

igama lombutho wethu

iBorder.”

U-Lusanda Lonzi othutha

abantu ukusuka eWalmer ukuya

edolophini uphendule wathi,

“Abakhweli bethu ngoku abazokusithemba

ngoba bazakucinga

ukuba sinjalo sonke. Mna ndicebisa

umkhweli owehlelwe yiloo nto

abhale phantsi I registration number

yeteksi leyo, ukuze zibajwe

ezo zigila mkhuba.” Kwisikhululo

samapolisa esise Mount Road

uInspector Lawan Labana ungqinile

ukuba angenisiwe amatyala

apho, kodwa akukabanjwa nempunde.

Ongumhlali eWalmer uZoleka

Ngangqu uhlomle ngelithi, “Akumnandanga

ukuva izinto ezilolu

hlobo, kuba ngoku siziva singakhuselekanga

ngoba awuyazi

ukuba isiganeko esinje singak-

wehlela nini.” U-Bulelwa Sitole

ushiyeke ephaku-phaku sesi siganeko.

“I-Damelin iye yandithumela

kwingcaphephe ukuthomalalisa

umbilini, kodwa andikabuyeli

eklasini yaye andikakhweli

teksi, kuba oonoteksi andibathembanga.

Ngoku ndikhangela

iziko lemfundo elingaphandle

kwaseBhayi,” utshilo okaSitole.

Is your Employer complying with the Compensation

Fund for Occupational Injuries and Diseases Act?

Employees who sustain occupational injuries or contract occupational

diseases are entitled to benefits from the Compensation Fund.

PAGE 3
ikasi lam

LIZEKA TANDWA

lizeka@zithethele.co.za

PAGE 4

Thursday, 11 Octobe�
Ushumayela ilizwi likaThixo ngengoma

VUYOKAZI NKANJENI

reporter@zithethele.co.za

Lifikile ithuba lokuba uSihle

Matungwa azimele ekuhambiseni

ivangeli ngengoma. Lo

kaMatungwa yenye yeemvumi

ze Ncandweni Christ Ambassadors,

obeke watyelela apha

eNelson Mandela Bay ngeenjongo

zokwazisa icwecwe lakhe

lokuqala. Eli cwecwe lakhutshwa

nyakenye yaye sele lithengisiwe

kwiindawo ezifana ne

London. Icwecwe lakhe lithiywe

ngo Sihle, eli gama lakhe yaye

lineengoma ezili-10 ze gospel

ezilungele abatsha nabadala.

“Ndiseyinxalenye ye Ncandweni

Christ Ambassadors, yaye

soze ndilishiye elo qela ngoba

ndifundiswe ndaqhuqhwa phaya

ukuze ndibe yile nto ndiyiyo

namhlanje,” utshilo. OkaMatungwa

utyelele amabandla

amaninzi esi sixeko nalapho

azibone amkelwe ngezandla

ezishushu. “Mhla ndabhala

iculo elithi ‘Uyandikhathalela’

ndandikwimeko embi kakhulu,

kuba ndadaniswa ngabantu ebendibathembile

nebebesondele

kum. U-Thixo wathi mandiyibhale

le ngoma ukuze ndiyibone

into eyenzeke ebomini bam,

ze loo nto ifundise nabo bazibhaqa

bekwiimeko ezinjalo. Le

ngoma yeyabo kwaye mabayazi

uThixo usoloko ebejongile.

Mabangalahli themba,” utshilo

okaMatungwa.

Kuthathe unyaka wonke

ukushicilela eli cwecwe phantsi

Our New Address:

29 Mount Road,

Mount Croix

kwenkampani yakhe iChavone

Music Production, esebenza

noMxolisi Mhlongo, kwaye kukho

noKhayalethu weNcandweni

kula ngoma yesithathu. U-Matungwa

lo inkaba yakhe iseSwazini.

“Ngaphandleni kokuba

ndisindisiwe ubomi bam ayingomculo

nemali kuphela ngoba

ezonto ndizifumene kwiNcandweni,

koko uYehova utyale nento

yokuba ngumfundisi welizwi

likaThixo. Andiculeli konwabisa

koko ndiyafundisa ngomculo

ukusondeza abantu kuThixo,

ukuze ibe mininzi imiphefumlo

eya ezulwini,” utshilo.

U-Sihle lo ukhulele ecaweni

If you stay in Port Elizabeth, Uitenhage, Despatch

and surrounding areas – THAT’S GOOD NEWS

SWITCH ON TO BAY TV – FOR FREE

Bay TV will show community news, sport, youth, arts

and children’s programmes and much, much more.

All local stuff for local people

HERE’S HOW TO GET BAY TV IN 4 EASY STEPS

1. Get a terrestrial aerial that picks up Free to Air TV

stations

2. With this connected, manually tune your television

in the UHF bandwidth until you find e-TV

3. Continue tuning and you will find Bay TV

(channel 54, frequency 735.25MHz)

4. Save this channel on your television and BAM!

You are watching Bay TV

Contact us on 041-1010 103

ecula eselula nangona ebecula

kakhulu nabantu abadala. Kumabanga

aphakamileyo waqala

iqela legospel iBulunga Gospel

group, waze wabhaqwa apho

yiNcandweni. Lo kaMatungwa

ukwasisifundiswa ngoba unee

Masters in Psychology. “Ndiyibethelela

kuzo zonke iimvumi

zegospel ukuba zifunde ngoba

umculo unamahla ndinyuka.

Mabangaleqi imali emculweni

wokholo, koko bangene kuwo

njengezicaka zikaYehova,” utshilo

okaMatungwa.

Icwecwe lakhe elithi Sihle

liyafumaneka kwiivenkile zomculo.

Imvumi ye Ncandweni Christ Ambassadors uSihle Matungwa ebelapha,

ezokwazisa ngecwecwe lakhe elitsha njengemvumi ezimeleyo,

noxa eselilungu leNcandweni. Picture: Vuyokazi Nkanjeni

ikasi lam

I-Mpuma Kapa ikhupha ucwambu lwegospel

VUYOKAZI NKANJENI

reporter@zithethele.co.za

Iingqanga zomculo wokholo ezifana no Rebecca Malope no “Big

Fish” Sipho Makhabane bezingabagwebi kwitumente yomculo we

gospel, apho bekuvunjululwa iitalente ezifihlakeleyo. Lo mnyhadala

ubuququzelelwe lisebe eliquka iNkcubeko nobuGcisa kweli phondo

leMpuma Kapa, yaye iNelson Mandela Bay ibiwusingathe lo msitho e

Opera House nge 28 September 2012.

Ngamaqela alishumi aphuma kwiMpuma Kapa ngokubanzi athe

afikelela kumagqibela kankqoyi. Kuloo maqela ibe yi Starlet Gospel

Group yaseLusikisiki ephumeleleyo, izuza ithuba lokushicilela icwecwe

nenkampani yomculo i-EMI kunye nesixa esingange R15 000. U-

Asanda Sikasi otsholoza phambili kweli qela ebengawuvali umlomo

yimincili. “Olu khuphiswano belunyusa umnqantsa kangangokuba besithandabuza

ukuba sakungena kwi top 5, kodwa ndiye ndathandazela

amandla kuThixo kuba nguye ondinike eli lizwi. Liphupha lethu ukuba

necwecwe elilelethu, ngoku loo nto izakwenzeka ngenxa yale Gospel

Talent Programme,” utshilo.

Abe mabini kuphela amaqela alapha kwesi sixeko afikeleleyo

kumagqibela kankqoyi, lawo yiMelikhaya ne Restoration. I-Restoration

itsho ngodlwabevu yabe izihlahlele indlela eya kwindawo yesibini,

kwaye ifumana ibhaso le R10 000. Indawo yesithathu ifunyenwe yi

1266 yaseMdantsane, ehambe nebhaso lemali eyi R5 000.

Abaphumelele ukhuphiswano iGospel Talent Programme obeluququzelelwa

lisebe leNkcubeko nobuGcisa eMpuma Kapa, ibe yiStarlet yaseLusikisiki,

befumana ithuba lokushicilela icwecwe ne EMI kwakunye

ne R15 000. Emfanekisweni ngu: Yolanda Funani, Aseza Mpobole,

Asanda Sikazi, Steve Nxumalo, Nthofeela Tsoako no Masotsha Mgotywa.

Picture: Vuyokazi Nkanjeni

� PAGE 5
PAGE 6

Thursday, 1�
Kujijiswana ngenkunkuma eSoweto-on-Sea

KHANYISA SINQE

khanyisa@zithethele.co.za

Uye wababeleka abasicatyana

uWesley Vingqi emva kokuba

abahlali belokishi yaseSoweto on

Sea ebebevutha ngumsindo baye

barhangqa indlu yakhe, bemnyanzelisa

ukuba acoce yaye asuse

yonke inkunkuma ezalise iyadi

yakhe. Nkunkuma leyo yena athi

uyayihluza ze ayithengise imngenisele

imali kuba akasebenzi.

Lo ka Vingqi uhlala kwibobosi

elirhangqwe yimfucumfucu yenkunkuma,

abathi abahlali ingunobangela

weempuku nevumba

elisisankqange, yaye abantwana

bayayivumbulula ze baphose nasemlonyeni

kangangokuba abanye

bayagula.

Abahlali bala mmango bebexhobe

ngamazwi omlomo bemxwaxwa

lo kaVingqi, besithi,

“Simsikela njee iintsuku ezintathu

KHANYISA SINQE

khanyisa@zithethele.co.za

uWesley ukuba ayicoce yonke lenkunkuma.

Ukuba akayenzi loo nto

uzakudibana nenyoka iphung’ umhluzi,

kuba kaloku thina singabahlali

sanele, yaye sidikiwe bobubuxaxavithi

bakhe. Thina singabahlali

zange siyivume lento kwasekuqaleni,

kuba sasiyiqonda ukuba izakuphumela

kulemeko yobu buxelegu.

Ewe kona intswelo ngqesho

ikhona yaye soze siyibalekele loo

nto, kodwa le yobuxelegu yona into

asikwazi kuyinyamezele. Le nkunkuma

yalomfo isiphathela izifo neempuku,

yaye kuyanuka sixakene

nevumba abantwana bayagula,

kuba badlala kule nkunkuma mhlanezolo,”

utshilo obethethela

abahlali uPhumlisa Ndlela.

Yena okaVingqi ngethuba

sithetha naye emveni kokumhlangula

kwingqumbo yabahlali balangingqi,

uthe ewe kudala ezifumana

izikhalazo kubahlali, yaye sele

elenzile icebo kuba ngoLwesibini

weveki ezayo izakuba ingekho

lenkunkuma kula ndawo. Ukwathe

sele esuka kwi ofisi ye Recycle

eStruandale, bavumile ukuba bazakuyibutha

le nkunkuma. Ukanti

yona i Ofisi ka ceba walangingqi

ithe yona ayazi nto ngo Vingqi ogcwalise

iyadi yakhe ngenkunkuma.

“Thina siyile ofisi asazi nto

ngebobosi elinenkunkuma. Ewe

kona abahlali bona bakhalazile

amaxesha amaninzi ukusukela kunyaka

ophelileyo. Thina siyi le ofisi

sizithathile izikhalazo zabo sazidlulisela

kuMasipala. Iye yacocwa

ingingqi yase Phakamisa ne Mara

Street, sisalinde ke uMasipala acoce

kwezinye,” utshilo obethethela

i ofisi ka ceba uZoliswa Dlula.

Kodwa eyona nto ixakisa abahlali

yile, “Kukho inkampani apha ebizwa

ngokuba nguCocisizwe Cleaning

Co-operative, kodwa ayiwenzi

umsebenzi wayo yaye irhuqa inyawo

ekucoceni lengingqi. Asinayo

imigqomo yaye neezoplastiki

zenkunkuma aziphumi. Inkunkuma

ihlala de ibole,” ugadlele watsho

uMadoda Ndlebe.

Abantwana base Soweto onSea bedlala kuloo mfucumfucu yenkunkuma eyayiliphulo lokugweba indlala lika

Wesley Vingqi, nowayeyiqokelela ze ayithengise. Picture: Khanyisa sinqe

Laphum’ ikhwezi kwitipu yase Motherwell

Itipu yaseNdlovini eMotherwell

likhaya kwiinkedama nabantu

abahlelelekileyo. Ukusuka ngomnyaka

ka 1997 uPortia Mhlambiso

waqalisa iphulo lokutyisa abantu

abangathathi ntweni abakuloo

tiphu. Lo kaMhlambiso uthi ekufikeni

kwakhe eMotherwell wagangwa

yimeko yentswelo nokungakhathaleleki

kwabantwana. Uzokusikwa

yinimba xa ebona abantwana

abasweleyo besiya esikolweni

bengatyanga, waqonda ukuba

makangenelele olule isandla.

Elinina lithi laqala ngokuyicoca

letiphu yaseNdlovini, ze waqalisa

ngokulima, phofu eyenza loo nto

uninzi lumakhel’ umkhanyo, lungancedisi

tu kwaphela. “Ndayiqala

njee kancinci yonke lento, kuba

ndandisindwa kukubona abantwana

ababesiya esikolweni belambile,

yaye bebuya esikolweni beyabula

bengenanto yokwenza, bambi

bedlala kuletipu. Yandisebenza loo

nto yandikhokelela ekubeni ndiqalise

eliphulo,” utshilo.

Lo mzalikazi ngumama wabantwana

abathathu, kodwa ngoku

sele engumama kubantwana abangaphaya

kwama-80 kuba rhoqo

emva naphambi kwesikolo, aba

bantwana beza kuye ngethemba

lokuba bazakufumana okusiwa

phantsi kwempumlo. U-Mhlambiso

uthi nakubeni yena wayejonge

ukunceda abantwana ngokutya

kodwa aba bantwana baye bamxelele

ukuba ekhaya oomama babo

bayagula, yaye khange batye.

“Andisatyisi abantwana kuphela,

inani landile ngoku kuba kukho

nabantu abadala abangathathi ntweni

nabo bagulayo ngenxa yesifo

sikaGawulayo bayeza apha. Kungoko

ke ndagqiba ukuba mandilime,

ze nabo balime ezabo iiploti

ukuze xa bevuna bavunele ezindlwini

zabo, bakwazi nokuthengisa,”

waleke ngelitshoyo.

Elinina lithi kudala linkqonkqo-

za kwii ofisi zikamasipala nakwi

ofisi kaCeba wendawo kuba umthwalo

ungapha kwamandla, ngoba

ubetha kuye epokothweni, kodwa

ukha phantsi isitya sigcwele, de

wayokulila kwa Operation Hunger

nabathe baphosa ilitye esivivaneni

bekunye nabakwa Spar.

Ngoku eliphulo linabantu ababini

abancedisayo. Nabo basuswa

yinto entle abayibona isenziwa

ngulo ka Mhlambiso.

Umama uPortia Mhlambiso esenza umsebenzi wakhe wokuzinikela, engajonganga

ntlawulo kwigadi yabahlelelekileyo ekwindawo eyayifudula

iyitipu. Picture: Khanyisa Sinqe

Thursday, 11 October 2012 - Thursday, 25 October 2012

MNCEDI HUBERT NGQAWANA

sub@zithethele.co.za

Ukukhawulela iinkawu ziya kusela

ikasi lam

Iqhalo elibhekiswa kumntu ongugqada-mbekweni, othanda ukuzifaka

kwizinto ezikude le kunaye. Le ntetho ivele kuba kakade

iinkawu bezingayithandi into yokunqandwa zisiya kuziselela emlanjeni.

Ukuphembel’ emoyeni

Kutshiwo kumntu owenza into engade ibe nampumelelo. Intetho

esukela ekubeni umntu ophemba umlilo emoyeni uyazihlupha

kuba idangatye alinamatheli ezinkunini ngenxa yomoya.

Ubutyebi abufunyanwa ngelanga

Yintetho elumkisa umntu ukuba abe nomonde xa esenza into entle,

ngoba loo nto yothabatha ithuba ukuba ilunge. Liqhalo elithi

umntu makangxami ngokuncama kuba zonke izinto ezibonakalayo

azikhawulezi zifezeke.

U-Sodolophu waseNelson Mandela Bay umhlekazi uZanoxolo Wayile

utyikitye icheque exabisa iR1-million, nathe wayisindleka inkampani iDiscovery

Health ngeenjongo zokuvulela amathuba engqesho. Sele kuqashwe

ngaphaya kwabantu abangama-336, yaye kulindeleke ukuba unyaka

ungaphelanga kube sekuqashwe ama-500. U-Sodolophu ephahlwe

Dr Ayanda Ntsaluba ongu Executive Director we Discovery Holdings,

umanejala weCoega Development Corporation Business Development

u-Christopher Mashigo kwakunye no Themba Hani ongumanejala wesi

sixeko. Picture: Khanyisa Sinqe

PAGE 7 7
imidlalo

I-Real Aces izalelwe yinj’ endlwini

SPORT REPORTER

Iliwa libhek’ umoya kwiqela le

eal Aces elidlala kwimanyano

e SAB kule nqila ye Nelson Manela

Bay, emva kokubethelwa

gqirha nezicaka phambi kwabaandeli

balo, izihlandlo ezine iiveki

ilandelelana. Naliphi na iqela

lifuna ukuqokelela amanqaku

mathathu lizixhwithela kweliqela,

uba kaloku ukuzokuthi ga ngoku

babethwa into engaphantsi kweihlanu.

Eliqela likhe labuzwa imvelaphi

iqela le Camper United ngo 7-0,

kanti nayo I Tomorrow Stars ikhe

agalela ngo 9-0. I-Royal Bucks

babethele ukuze bangaze bavuke

angovuko lwabafileyo ngo 17-0

umabala ase NU9 e-Motherwell

wimpela veki esiphuma kuyo. Uhamsanqa

Gwabeni we Royal

ucks uzibalule apho ngethuba

vulela imvula yamanqaku ali-

0, iqela lakhe libhulela amasaka

PAGE 8

le Real Aces ebonakala isezimbandezelweni.

Le Real Aces kwi

season ephelileyo ibilelinye lamaqela

ebesilwela isithsaba sobuntshatsheli,

suka alavuma icamagu,

bagqiba belele kwindawo yesihlanu.

Ukuzakuthi ga ngoku eliqela

lase NU9 sele kungene amanqaku

anga 32 kunozinti wabo, lo gama

bona bengekafumani nelilokubika

ekhaya. Kwaye eliqela alikabonakalisi

zimpawu zokuwuphucula

umdlalo wabo kuba alunalwamvila

konke-konke. Amalinge ka-

Zithethele okuzama ukuthetha

nomqeqeshi weliqela awe phantsi.

u-Thamanqa Gwabeni noyintsika

(defender) ye Royal Bucks yena

uzityande igila wathi emva kokufaka

amaqaku alishumi, “Kubalulekile

ukufaka amanqaku aliqela,

kuba hleze asikhulule ekupheleni

kosuku. Yiyo loo nto ndibone ukuba

mandigalele yonke into endinayo

ukwenzela iqela lam liphumelele

lomdlalo.

Abathandi besoka bephume ngobuninzi ukuza kuxhasa iKaizer Chiefs eNelson Mandela Bay Stadium

ngoMgqibelo weveki ephelileyo, apho AmaKhosi ajijisene nePhunya Sele-sele ngo 0-0.

Iqela lodumo lebhola ekhatywayo iKaizer Chiefs belityelele

eMotherwell Super Spar kwa NU9 ngeliyokuphisa ngamatikiti

omdlalo wabo neBloefontein Celtic, umdlalo obubanjelwe eNelson

Mandla Bay Stadium. Obenikezela loo matikiti ibingu

Jessica Motaung olawula imiba yentengiso kweli qela.

Begaxele imibala yeqela labo ukuza kubukela

into enqabileyo eBhayi, umdlalo okudidi oluphezulu

webhola ekhatywayo.

Pictures: Vuyokazi Nkanjeni

Thursday, 11 Oct�

u-Thamsanqa Gwabeni evulela

ngembumbulu, unozinti uve ngabalandeli

ukuba lihleli emnatheni.

Abalandeli bamaKhosi baphume nakwindawo ezithe qelele ezifana noMthatha,

njengo Makhabane, Mboxa noMoss.