PAGE 6 Thursday, 1�
Kujijiswana ngenkunkuma eSoweto-on-Sea KHANYISA SINQE khanyisa@zithethele.co.za Uye wababeleka abasicatyana uWesley Vingqi emva kokuba abahlali belokishi yaseSoweto on Sea ebebevutha ngumsindo baye barhangqa indlu yakhe, bemnyanzelisa ukuba acoce yaye asuse yonke inkunkuma ezalise iyadi yakhe. Nkunkuma leyo yena athi uyayihluza ze ayithengise imngenisele imali kuba akasebenzi. Lo ka Vingqi uhlala kwibobosi elirhangqwe yimfucumfucu yenkunkuma, abathi abahlali ingunobangela weempuku nevumba elisisankqange, yaye abantwana bayayivumbulula ze baphose nasemlonyeni kangangokuba abanye bayagula. Abahlali bala mmango bebexhobe ngamazwi omlomo bemxwaxwa lo kaVingqi, besithi, “Simsikela njee iintsuku ezintathu KHANYISA SINQE khanyisa@zithethele.co.za uWesley ukuba ayicoce yonke lenkunkuma. Ukuba akayenzi loo nto uzakudibana nenyoka iphung’ umhluzi, kuba kaloku thina singabahlali sanele, yaye sidikiwe bobubuxaxavithi bakhe. Thina singabahlali zange siyivume lento kwasekuqaleni, kuba sasiyiqonda ukuba izakuphumela kulemeko yobu buxelegu. Ewe kona intswelo ngqesho ikhona yaye soze siyibalekele loo nto, kodwa le yobuxelegu yona into asikwazi kuyinyamezele. Le nkunkuma yalomfo isiphathela izifo neempuku, yaye kuyanuka sixakene nevumba abantwana bayagula, kuba badlala kule nkunkuma mhlanezolo,” utshilo obethethela abahlali uPhumlisa Ndlela. Yena okaVingqi ngethuba sithetha naye emveni kokumhlangula kwingqumbo yabahlali balangingqi, uthe ewe kudala ezifumana izikhalazo kubahlali, yaye sele elenzile icebo kuba ngoLwesibini weveki ezayo izakuba ingekho lenkunkuma kula ndawo. Ukwathe sele esuka kwi ofisi ye Recycle eStruandale, bavumile ukuba bazakuyibutha le nkunkuma. Ukanti yona i Ofisi ka ceba walangingqi ithe yona ayazi nto ngo Vingqi ogcwalise iyadi yakhe ngenkunkuma. “Thina siyile ofisi asazi nto ngebobosi elinenkunkuma. Ewe kona abahlali bona bakhalazile amaxesha amaninzi ukusukela kunyaka ophelileyo. Thina siyi le ofisi sizithathile izikhalazo zabo sazidlulisela kuMasipala. Iye yacocwa ingingqi yase Phakamisa ne Mara Street, sisalinde ke uMasipala acoce kwezinye,” utshilo obethethela i ofisi ka ceba uZoliswa Dlula. Kodwa eyona nto ixakisa abahlali yile, “Kukho inkampani apha ebizwa ngokuba nguCocisizwe Cleaning Co-operative, kodwa ayiwenzi umsebenzi wayo yaye irhuqa inyawo ekucoceni lengingqi. Asinayo imigqomo yaye neezoplastiki zenkunkuma aziphumi. Inkunkuma ihlala de ibole,” ugadlele watsho uMadoda Ndlebe. Abantwana base Soweto onSea bedlala kuloo mfucumfucu yenkunkuma eyayiliphulo lokugweba indlala lika Wesley Vingqi, nowayeyiqokelela ze ayithengise. Picture: Khanyisa sinqe Laphum’ ikhwezi kwitipu yase Motherwell Itipu yaseNdlovini eMotherwell likhaya kwiinkedama nabantu abahlelelekileyo. Ukusuka ngomnyaka ka 1997 uPortia Mhlambiso waqalisa iphulo lokutyisa abantu abangathathi ntweni abakuloo tiphu. Lo kaMhlambiso uthi ekufikeni kwakhe eMotherwell wagangwa yimeko yentswelo nokungakhathaleleki kwabantwana. Uzokusikwa yinimba xa ebona abantwana abasweleyo besiya esikolweni bengatyanga, waqonda ukuba makangenelele olule isandla. Elinina lithi laqala ngokuyicoca letiphu yaseNdlovini, ze waqalisa ngokulima, phofu eyenza loo nto uninzi lumakhel’ umkhanyo, lungancedisi tu kwaphela. “Ndayiqala njee kancinci yonke lento, kuba ndandisindwa kukubona abantwana ababesiya esikolweni belambile, yaye bebuya esikolweni beyabula bengenanto yokwenza, bambi bedlala kuletipu. Yandisebenza loo nto yandikhokelela ekubeni ndiqalise eliphulo,” utshilo. Lo mzalikazi ngumama wabantwana abathathu, kodwa ngoku sele engumama kubantwana abangaphaya kwama-80 kuba rhoqo emva naphambi kwesikolo, aba bantwana beza kuye ngethemba lokuba bazakufumana okusiwa phantsi kwempumlo. U-Mhlambiso uthi nakubeni yena wayejonge ukunceda abantwana ngokutya kodwa aba bantwana baye bamxelele ukuba ekhaya oomama babo bayagula, yaye khange batye. “Andisatyisi abantwana kuphela, inani landile ngoku kuba kukho nabantu abadala abangathathi ntweni nabo bagulayo ngenxa yesifo sikaGawulayo bayeza apha. Kungoko ke ndagqiba ukuba mandilime, ze nabo balime ezabo iiploti ukuze xa bevuna bavunele ezindlwini zabo, bakwazi nokuthengisa,” waleke ngelitshoyo. Elinina lithi kudala linkqonkqo- za kwii ofisi zikamasipala nakwi ofisi kaCeba wendawo kuba umthwalo ungapha kwamandla, ngoba ubetha kuye epokothweni, kodwa ukha phantsi isitya sigcwele, de wayokulila kwa Operation Hunger nabathe baphosa ilitye esivivaneni bekunye nabakwa Spar. Ngoku eliphulo linabantu ababini abancedisayo. Nabo basuswa yinto entle abayibona isenziwa ngulo ka Mhlambiso. Umama uPortia Mhlambiso esenza umsebenzi wakhe wokuzinikela, engajonganga ntlawulo kwigadi yabahlelelekileyo ekwindawo eyayifudula iyitipu. Picture: Khanyisa Sinqe Thursday, 11 October 2012 - Thursday, 25 October 2012 MNCEDI HUBERT NGQAWANA sub@zithethele.co.za Ukukhawulela iinkawu ziya kusela ikasi lam Iqhalo elibhekiswa kumntu ongugqada-mbekweni, othanda ukuzifaka kwizinto ezikude le kunaye. Le ntetho ivele kuba kakade iinkawu bezingayithandi into yokunqandwa zisiya kuziselela emlanjeni. Ukuphembel’ emoyeni Kutshiwo kumntu owenza into engade ibe nampumelelo. Intetho esukela ekubeni umntu ophemba umlilo emoyeni uyazihlupha kuba idangatye alinamatheli ezinkunini ngenxa yomoya. Ubutyebi abufunyanwa ngelanga Yintetho elumkisa umntu ukuba abe nomonde xa esenza into entle, ngoba loo nto yothabatha ithuba ukuba ilunge. Liqhalo elithi umntu makangxami ngokuncama kuba zonke izinto ezibonakalayo azikhawulezi zifezeke. U-Sodolophu waseNelson Mandela Bay umhlekazi uZanoxolo Wayile utyikitye icheque exabisa iR1-million, nathe wayisindleka inkampani iDiscovery Health ngeenjongo zokuvulela amathuba engqesho. Sele kuqashwe ngaphaya kwabantu abangama-336, yaye kulindeleke ukuba unyaka ungaphelanga kube sekuqashwe ama-500. U-Sodolophu ephahlwe Dr Ayanda Ntsaluba ongu Executive Director we Discovery Holdings, umanejala weCoega Development Corporation Business Development u-Christopher Mashigo kwakunye no Themba Hani ongumanejala wesi sixeko. Picture: Khanyisa Sinqe PAGE 7 7