ikasi lam LIZEKA TANDWA lizeka@zithethele.co.za PAGE 4 Thursday, 11 Octobe�
Ushumayela ilizwi likaThixo ngengoma VUYOKAZI NKANJENI reporter@zithethele.co.za Lifikile ithuba lokuba uSihle Matungwa azimele ekuhambiseni ivangeli ngengoma. Lo kaMatungwa yenye yeemvumi ze Ncandweni Christ Ambassadors, obeke watyelela apha eNelson Mandela Bay ngeenjongo zokwazisa icwecwe lakhe lokuqala. Eli cwecwe lakhutshwa nyakenye yaye sele lithengisiwe kwiindawo ezifana ne London. Icwecwe lakhe lithiywe ngo Sihle, eli gama lakhe yaye lineengoma ezili-10 ze gospel ezilungele abatsha nabadala. “Ndiseyinxalenye ye Ncandweni Christ Ambassadors, yaye soze ndilishiye elo qela ngoba ndifundiswe ndaqhuqhwa phaya ukuze ndibe yile nto ndiyiyo namhlanje,” utshilo. OkaMatungwa utyelele amabandla amaninzi esi sixeko nalapho azibone amkelwe ngezandla ezishushu. “Mhla ndabhala iculo elithi ‘Uyandikhathalela’ ndandikwimeko embi kakhulu, kuba ndadaniswa ngabantu ebendibathembile nebebesondele kum. U-Thixo wathi mandiyibhale le ngoma ukuze ndiyibone into eyenzeke ebomini bam, ze loo nto ifundise nabo bazibhaqa bekwiimeko ezinjalo. Le ngoma yeyabo kwaye mabayazi uThixo usoloko ebejongile. Mabangalahli themba,” utshilo okaMatungwa. Kuthathe unyaka wonke ukushicilela eli cwecwe phantsi Our New Address: 29 Mount Road, Mount Croix kwenkampani yakhe iChavone Music Production, esebenza noMxolisi Mhlongo, kwaye kukho noKhayalethu weNcandweni kula ngoma yesithathu. U-Matungwa lo inkaba yakhe iseSwazini. “Ngaphandleni kokuba ndisindisiwe ubomi bam ayingomculo nemali kuphela ngoba ezonto ndizifumene kwiNcandweni, koko uYehova utyale nento yokuba ngumfundisi welizwi likaThixo. Andiculeli konwabisa koko ndiyafundisa ngomculo ukusondeza abantu kuThixo, ukuze ibe mininzi imiphefumlo eya ezulwini,” utshilo. U-Sihle lo ukhulele ecaweni If you stay in Port Elizabeth, Uitenhage, Despatch and surrounding areas – THAT’S GOOD NEWS SWITCH ON TO BAY TV – FOR FREE Bay TV will show community news, sport, youth, arts and children’s programmes and much, much more. All local stuff for local people HERE’S HOW TO GET BAY TV IN 4 EASY STEPS 1. Get a terrestrial aerial that picks up Free to Air TV stations 2. With this connected, manually tune your television in the UHF bandwidth until you find e-TV 3. Continue tuning and you will find Bay TV (channel 54, frequency 735.25MHz) 4. Save this channel on your television and BAM! You are watching Bay TV Contact us on 041-1010 103 ecula eselula nangona ebecula kakhulu nabantu abadala. Kumabanga aphakamileyo waqala iqela legospel iBulunga Gospel group, waze wabhaqwa apho yiNcandweni. Lo kaMatungwa ukwasisifundiswa ngoba unee Masters in Psychology. “Ndiyibethelela kuzo zonke iimvumi zegospel ukuba zifunde ngoba umculo unamahla ndinyuka. Mabangaleqi imali emculweni wokholo, koko bangene kuwo njengezicaka zikaYehova,” utshilo okaMatungwa. Icwecwe lakhe elithi Sihle liyafumaneka kwiivenkile zomculo. Imvumi ye Ncandweni Christ Ambassadors uSihle Matungwa ebelapha, ezokwazisa ngecwecwe lakhe elitsha njengemvumi ezimeleyo, noxa eselilungu leNcandweni. Picture: Vuyokazi Nkanjeni ikasi lam I-Mpuma Kapa ikhupha ucwambu lwegospel VUYOKAZI NKANJENI reporter@zithethele.co.za Iingqanga zomculo wokholo ezifana no Rebecca Malope no “Big Fish” Sipho Makhabane bezingabagwebi kwitumente yomculo we gospel, apho bekuvunjululwa iitalente ezifihlakeleyo. Lo mnyhadala ubuququzelelwe lisebe eliquka iNkcubeko nobuGcisa kweli phondo leMpuma Kapa, yaye iNelson Mandela Bay ibiwusingathe lo msitho e Opera House nge 28 September 2012. Ngamaqela alishumi aphuma kwiMpuma Kapa ngokubanzi athe afikelela kumagqibela kankqoyi. Kuloo maqela ibe yi Starlet Gospel Group yaseLusikisiki ephumeleleyo, izuza ithuba lokushicilela icwecwe nenkampani yomculo i-EMI kunye nesixa esingange R15 000. U- Asanda Sikasi otsholoza phambili kweli qela ebengawuvali umlomo yimincili. “Olu khuphiswano belunyusa umnqantsa kangangokuba besithandabuza ukuba sakungena kwi top 5, kodwa ndiye ndathandazela amandla kuThixo kuba nguye ondinike eli lizwi. Liphupha lethu ukuba necwecwe elilelethu, ngoku loo nto izakwenzeka ngenxa yale Gospel Talent Programme,” utshilo. Abe mabini kuphela amaqela alapha kwesi sixeko afikeleleyo kumagqibela kankqoyi, lawo yiMelikhaya ne Restoration. I-Restoration itsho ngodlwabevu yabe izihlahlele indlela eya kwindawo yesibini, kwaye ifumana ibhaso le R10 000. Indawo yesithathu ifunyenwe yi 1266 yaseMdantsane, ehambe nebhaso lemali eyi R5 000. Abaphumelele ukhuphiswano iGospel Talent Programme obeluququzelelwa lisebe leNkcubeko nobuGcisa eMpuma Kapa, ibe yiStarlet yaseLusikisiki, befumana ithuba lokushicilela icwecwe ne EMI kwakunye ne R15 000. Emfanekisweni ngu: Yolanda Funani, Aseza Mpobole, Asanda Sikazi, Steve Nxumalo, Nthofeela Tsoako no Masotsha Mgotywa. Picture: Vuyokazi Nkanjeni � PAGE 5