31.08.2013 Views

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

Iindlela zokufumanisa i-TB

esebenzayo

I-X-reyi

Kaninzi izigulane ezineempawu ze-TB (umzekelo,

ukukhohlela iiveki ezimbini, ukwehla kobunzima,

ukubula ebusuku) ziyakuthathwa i-x-reyi esifuba. I-x-reyi

engasekunene ibonsia isigulane esine-TB.

Oogqirha kufuneka babe namava ukuze bayifumanise

i-TB besebenzisa i-x-reyi. Kodwa nangoko ii-x-reyi kaninzi

aziniki lwazi lwaneleyo lokufumanisa i-TB. Kwakhona,

ii-x-reyi ngeke ziyibone i-TB esebenzayo engaphandle

kwemiphunga (eyaziwa ngokuba yi- extra-pulmonary TB).

Imakroskowupu yesikhohlela

Indlela engcono yokuzama ukufumanisa i-TB kukucela

isigulane ukuba sikhohlele isikhohlela (okanye sikhuphe).

Isikhohlela ke sinokuthunyelwa kwilebhu eqhelekileyo.

Apho, ichaphaza elikhethekileyo eliye liqatywe

kwisikhohlela liyakuyibonisa phantsi kwemakroskowupu

i-TB. Ngasekunene ezantsi yifoto ebonsia ukuba ibonakala

njani na i-TB phantsi kwemakroskowupu..

Kodwa ke imakroskowupu yesikhohlela nayo ineengxaki.

Ukuchaneka kwayo kuxhomekeka kwinkqubo eqhutywa

ngumsebenzi waselebhu oqeqeshiweyo kwisakhono eso.

Kwakhona, izigulane ezininzi, ingakumbi ezo zine-HIV,

azinasifo sephepha soneleyo kwizikhohlela zazo ukuba

kungade kubonakale phantsi kwemakroskowupu.

Njengee-x-reyi, imakroskowupu yesikhohlela ayinako

ukufuamnisa i-TB ngaphandle kwemiphunga.

Ukukhuliswa kweentsholongwane

(Culture)

Eyona ndlela ichanekileyo yokufumanisa i-TB

okwangoku kukuthumela isampuli yesikhohlela kwilebhu

ephucukileyo eyakuthi ibeke isikhohlela kwindawo

ekukhuliswa kuyo intsholongwane ekhethekileyo apho

iintsholongwane (microbes) (germs) ezifana neze-TB

zinokukhula khona. Ukuba akukho TB ikhulayo apho

kuloo ndawo ikhuliswa khona, isigulane ke ngoko

mhlawumbi asinayo i-TB, okungenani hayi emiphungeni.

Ukuba ngaba ngenene iyakhula i-TB, isigulane sinayo

i-TB.

Iimvavanyo zokukhuliswa kweentsholongwane

zinokusetyenziswa ukufumanisa i-TB ngaphandle

kwemiphunga. Okukwenziwa ngokuba kuthathwe

umcu kwilungu lomzimba ekukrokrelwa ukuba line-TB.

Umzekelo, ukuba ngaba kubonakala ngathi umntu

une-TB yomqolo, ulwelolomqolo lunokuthunyelwa

elebhu ukuba kuyokukhuliswa iintsolongwane.

Kodwa iimvavanyo zokukhuliswa kweentsholongwane

zineengxaki nazo. Ziyacotha kaninzi kuthatha iiveki

ezimbalwa phambi kokuba kufumaneke iziphumo.

Ziyabiza kananjalo, kwaye kufuneka zenziwe kwilebhu

ephucukileyo. Ngaphaya koko, isikhohlela okanye omnye

umcu womzimba kufuneka zithunyelwe ngononophelo xa

zisuka ekliniki ziziya elebhu.

I-PCR

Njenge-HIV, i-TB ekhoyo inokufunyaniswa kusetyenziswa

uvavanyo lwe-PCR (polymerase chain reaction).

Kodwa luyabiza, lufuna ilebhu ephucukileyo kwaye

aluchanekanga njengokukhuliswa kweentsholongwane

(culture).

Iindlela ezintsha

Iindlela ezintsha zokufumanisa i-TB ngoxilongo

kuyaphandwa ngazo. Olunye ufumaniso lwesifo

ngoxilongo olutsha olunika umdla luyaphandwa

eKhayelitsha, kodwa kusekwangoko kakhulu ukuxela

ukuba luyakusebenza kwaye lufikeleleke njani.

Kodwa yimali encinane kakhulu ekwenziwe ngayo utyalomali

kuxilongo olutsha lokufumanisa i-TB. Ekugqibeleni

kuyakufuneka uvavanyo lwe-TB ekhoyo olusebenza

njengovavanyo lwe-HIV. Kufuneka lungabizi, luchane,

kube lula ukuluqhuba kwaye lunike iziphumo ngemzuzu.

Isende indlela ekusafuneka ihanjwe phambi kokuba sifike

apho. Okwangoku, i-Treatment Action Campaign (TAC)

kufuneka ifake uxinzelelo kurhulumente waseMzantsi

Afrika, kumaZiko eMpilo eSizwe asekelwe eMelika

kunye noMbutho weMpilo weHlabathi ukuba bancede

ekuqinisekiseni ukuba imali eninzi kwenziwa ngayo

utyalo-mali kuphando lwe-TB.

Iintolo zibonisa ukungaqheleki

kule x-reyi yemiphunga oko

okubonisa i-TB. Ifoto ivela kwi-

Wikipedia.

Iityhubu ezibomvu yibhaktiriya

yesifo sephepha. Ifoto ivela kwi-

Wikipedia.

Izixhobo zokuhlola

intsolongwane ka

Gawulayo zikwenza oko

ngokukhawuleza,ziyafikeleleka

ngokwexabiso kwaye

ziyawuchana umhlola ngokuthe

ngqo. Akunjalongo ke kodwa

kwizixhobo zokuhlola i sifo

sephepha(TB). Zona zithatha

ixesha elide, kunezinto ezininzi

ezenziwayo.

Inxaso mali iyadingeka ke ukuze

sifumane izixhobo zokuhlola

isifo sephepha ezikhawulezayo

nezithe ngqo". iPhoto ithathwe

ngu Paymon Ebrahimzedah

Mabini amanyathelo okuchaneka kovavanyo lwezonyango: ubuntununtunu

nokuchana.

Uvavanyo kufuneka lube nobuNTUNUNTUNU:

Ukuba ngaba isigulane sine-TB, kufuneka uvavanyo lukhombise i-TB.

Uvavanyo olunobuntununtunu bama- 90% lukhombisa i-TB amaxesha

alithoba kwalishumi xa ikhona, kodwa lixesha elinye kwalishumi apho liye

lusilele ekukhombiseni i-TB xa ikhona.

Uvavanyo kufuneka LUCHANE:

Xa isigulane singenayo i-TB, uvavanyo kufuneka lungafumanisi i-TB.

Ukuba ngaba uvavanyo luchane ngama- 90% , oku kuthetha ukuba

ngamaxesha alithoba kwalishumi lokuba uxilongo ngokuchanekileyo

alukhombisi i-TB xa ingekho, kodwa kwixesha elinye kwalishumi

iyayikhombisa i-TB ibe ingekho.

I-TB

27

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!