31.08.2013 Views

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

IZIKHOKELO EZINTSHA

NETHENDA

4

Ibali lika-

Eunice

U-Mary-Jane Matsolo

wenza udliwano-ndlebe

no-Eunice Lindiso

malunga namava akhe

ngokutshintsha kwistavudine

(d4T) waya

kwi-tenofovir (TDF).

U-Eunice Lindiso ngowasetyhini oneminyaka engama-33 ohlala eKhayelitsha unonyana

one-14 leminyaka. U-Eunice kwafunyaniswa ngovavanyo ngo-2007 ukuba une-HIV,

emva kokufumanisa ukuba isithandwa sakhe awayethandana naso iminyaka emininzi

sasinganyanisekanga kuye sithandana nowasetyhini owayesaziwa ekuhlaleni ukuba une-

HIV. Ukufunyaniswa kwakhe ngoxilongo u-Eunice isibalo sakhe se-CD4 sasingama-192,

kodwa ke ngelo xesha wayengabonisi mpawu ezimandundu zosulelo lwe-HIV.

Ngo-2007 waqalisa unyango lwe-antiretroviral (ART) esebenzisa i-stavudine (d4T),

lamivudine (3TC) ne-nevirapine (NVP). Emalunga neenyanga ezine kolu nyango u-

Eunice waqalisa ukuphawula iziphumo ebezingalindelekanga. Waba nobucaphu-caphu

obukhulu wagabha rhoqo ngenxa yesiphimo ebesingalindelekanga esixhaphakileyo

se- d4t esaziwa ngokuba yi-lactic acidosis (imeko apho i-lactic acid yakheka egazini

ngokukhawuleza kunokuba unokukwazi ukuyisusa umzimba). Oku kwenza kwanzima

kakhulu kuye ukuba akhathalele unyana wakhe kuba ixesha elininzi wayengaphilanga

ngokwaneleyo ukuba akwenze oko.

Wathi akukhalaza malunga noku, ugqirha wakhe watshintshela u-Eunice kwirejimeni

ene-Zidovudine (AZT), 3TC ne-nevirapine. Kule rejimeni waye waqala ukwehlelwa

bubunzima kodwa kwangaxesha nye amabele akhe akhula ukusuka kwisayizi 32B ukuya

ku-36D. Le yindibaniselwano yokwehlelwa ngamafutha kunye nokufumana amafutha

sesinye isiphumo ebesingalindelekanga se- d4t esaziwa angokuba yi-lipodystrophy.

Nge-3 ka Febuwari 2010 unyango luka-Eunice lwaye lwatshintshwa kwakhona. Kweli

tyeli waye waqala irejimeni ye-tenofovir (TDF), 3TC ne-nevirapine. Ugqirha wakhe

wamcacisela ukuba olu unyango luneziphumo ebezingalindelekanga ezimbalwa kunye

nokuba angaphathwa yintloko kunye nobucaphucaphu. Koko, akukhange kwenzeke oku.

Endaweni yoko, u-Eunice ufumanise ukuba unyango olutsha luye lwaziguqula ezinye

iziphumo ebezingalindelekanga ezimbalwa ezamehlela kwi-d4t. Isayizi yakhe yebhodi

yabuyela ku-32B kwaye uphila ubomi obunempilo. Enkosi kwi-tenofovir akasaziva egula

ngalo lonke ixesha ngoku kwaye unobudlelwane obuhle nonyana wakhe.

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!