31.08.2013 Views

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

IZIKHOKELO EZINTSHA

NETHENDA

2

Ichiza elitsha

ekliniki

Ifoto ngu-Mara Kardas-Nelson

Ngu-Catherine Tomlinson no-Marcus Low

Ukuba ngaba ukwirejimeni equlethe

i-d4T kwaye uphethwe yi-lactic acidosis,

lipodystrophy, peripheral neuropathy okanye

i-pancreatitis, kufuneka ubuze ugqirha wakho

ngoko nangoko malunga ngokutshintshela

kwi-tenofovir. Ukutshintshela kwi- tenofovir

kunokususa iziphumo ebezingalindelekanga

ezininzi ezinxulunyaniswa ne- d4T.

Ekugqibeleni iSebe lezeMpilo sele liqalile

ukutshintsha i-stavudine (d4T) nge-tenofovir (TDF).

Eli linyathelo elikhulu eliya phambili kunyango

lwe-HIV eMzantsi Afrika. Nantsi into ekufuneka

siyazi.

Kutheni i-tenofovir ingcono kuned4T

I-Stavudine (d4T) ibiyinxenye yerejimeni yamachiza

okuqala eNkqubo yeMpilo kaRhulumente eMzantsi

Afrika iminyaka emininzi. Ukuba ngaba ubufumana

ii- antiretrovirals (ARVs) kwiikliniki zikarhulumenete,

amathuba ngawokuba enye kwezintathu ii-ARVs oye

wayifumana yi-d4T. I-D4T iye yanceda ukusindisa

amawaka obomi kummandla. Koko, yiyo ebangele

iziphumo ebezingalindelekanga ezimandundu

eziye zehlela abanye abantu abakunyango lweantiretroviral

(ART).

Iminyaka emininzi i-Treatment Action Campaign

(TAC) ibikhankasela ukuba endaweni ye-d4T

kufakwe i-tenofovir (TDF). Isizathu esingundoqo soku

kukuba i-tenofovir ineziphumo ebezingalindelekanga

ezimbalwa kune-d4T. Kumazwe atyebileyo amaninzi

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!