31.08.2013 Views

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

kwaye kwangena i-tenofovir endaeni ye-d4T

kwiminyaka emininzi eyadlulayo.

Amalingo ezonyango abonise okuhle nge-tenofovir

ukodlula i-d4T. Uphononongo obeluthiwe thaca

kwiNkonfa yoMbutho wamaZwe ngamaZwe we-

AIDSA (International AIDS Society Conference)

ngo-2009 eKapa lwabonisa ukuba iirejimeni

eziqulethe i-d4T zineziphumo ebezingalindelekanga

ezimandundu ezininzi kwaye zifune utshintsho

lwamachiza rhoqo kuneerejimeni eziqulethe

i-tenofovir. Uphononongo lwaluthelekisa izigulane

ezili-1000 ezazikwirejimeni equlethe i-tenofovir

kwi-1000 yezigulane ngenye indlela ezazikwirejimeni

efanayo kodwa yona equlethe i-d4T. I-50.5%

oyezigulane ezithatha i-d4T yehlelwa ziziphumo

ebezingalindelekanga ezinxulumene ne-d4T yaze

i-16.2% yathsintshelwa kwichiza elitsha ekupheleni

kweminyaka emibini. Kwiqela le-tenofovir

yi-2.5% kuphela yezigulane eyehlelwa sisiphumo

esinxulumene ne- tenofovir.

Ezinye zeziphumo ebezingalindelekanga

ezinxulunyaniswa ne-d4T ziquka i-lactic acidosis

(imelo apho i-lactic acid yakheka ngokukhawuleza

egazini kunokuba umzimba uyisuse), i-lipodystrophy

(utshintsho kumafutha omzimba kunye nemilo

yomzimba), i-peripheral neuropathy (umonakalo

kumxokomezelo wemithambo-luvo ye-peripheral)

kunye ne-pancreatitis (ukukrala kwe-pancreas,

ilungu elikhupha iihomoni eziyimfuneko).

Ngokuchaseneyo, izigulane ezikwi-tenofovir

zehlelwa ziziphumo ebezingalindelekanga

ezimandundu ezimbalwa kakhulu. Koko i-tenofovir

iye yanxulunyaniswa nomonakalo wezintso kwaye

izigulane ezithatha ichiza kufuneka zihlolelwe

iingxaki zezintso.

Izikhokelo ezitsha

Iindaba ezimnandi kukuba ukusukela ngomhla

woku-1 Aprili 2010 iSebe lezeMpilo liqalile

ukutshintsha i-d4T nge-tenofovir njengenxenye

yonyango lomgca wokuqala kwiNkqubo yezeMpilo

yoMzntsi Afrika.

Oku akuthethi ukuba wonke umntu okwi-d4T

uyakutshintshela kwi-tenofovir ngoko nangoko.

Kuphela ngabantu abaqala unyango okokuqala

emva komhla we-1 Aprili kunye nabantu abehlelwa

ziziphumo ebezingalindelekanga ezimandundu

kwi- d4T abaza kufumana i-tenofovir. Ukuba

ngaba ukwirejimeni yonyango oluqulethe i-d4T

kwaye awehlelwa zizo naziphi na iziphumo

ebezingalindelekaga, akuyi kubakho mfuneko

yokutshintshela kwi-tenofovir.

Esinye isizathu sokungatshintsheli zonke izigulane

kwi-tenofovir ngexesha elinye, kukuba urhulumente

usenokungakwazi ukufumana i-tenofovir eyoneleyo

yomntu wonke. Kwakhona, ukuba ngaba abantu

baqhuba kakuhle kwi-d4T, asikho isizathu sokuba

bayitshintshe irejimeni yabo.

Imithombo: S. Rosen et al.,

‘Net cost of switching from

stavudine to tenofovir in first

line antiretroviral therapy in

Zambia’, IAS 2009. Available at

http://www.ias2009.org/abstract.

aspx?elementId=200721757.

I-TAC imele ukukhutshwa kwe-tenofovir njengenxenye yeMithombo yephulo leMpilo. Ifoto ngu-Zethu

Mlobeli, courtesy MSF.

I-Tenofovir nethenda ka-2010

ISebe lezeMpilo liwathenga amachiza e-antiretroviral (ARV) ngethenda ye-ARV

ekhethekileyo. Ithenda ye-ARV eyanikwayo ngo-2008 iyaphela kulo nyaka

kwaye urhulumente uzakunika ithenda entsha msinyane nje.

Ukufumana ilungelo lethenda kubalulekile ekuhlangabezaneni nokujoliswe

kuko kwe- NSP, ekuphumezeni izikhokelo ezintsha zonyango kunye nokwehlisa

amaxabiso amachiza. Ngexesha lonke lethenda yonyaka ophelileyo kuphela

yinguqulelo enye kuphela kasinga chiza (generic) tenofovir eyabhaliswayo yaze

yathengiswa. Oku kwathetha ukuba i-tenofovir yahlala ibiza imali eninzi.

Iinguqulelo zoosinga tenofovir ezisalindele ukuba zibhaliswe kwiBhunga

eliLawula amaYeza loMzantsi Afrika (Medicines Control Council) (MCC)

kufuneka zibhaliswe ukonyusa ukhuphiswano kunye nokwehlisa amaxabiso.

Ukuphucula kunye nowenza lula iirejimeni zamachiza i-MCC kufuneka

ikhawulezise ubhaliso lwazo zonke iindibaniselwano ze-tenofovir ezisekelwe

kwidosi esisigxiba.

Jonga kwiphepha le-12 ngokuthe vetshe ngethenda ka-2010 ye-ARV kunye

nemiqobo kwi-MCC.

IZIKHOKELO EZINTSHA

NETHENDA

3

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!