31.08.2013 Views

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

IsiXhosa - Treatment Action Campaign

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

Ifoto ngu-Mara Kardas-Nelson

Ndaba ngomnye wabantu bokuqala owaba nethamsanqa

ukuba afumane unyango lwe-I antiretroviral (ART) oko

kusenzeka ngeProjekithi yoNyango le-Treatment Action

Campaign (Iphulo eliZabalazela uNyango) ngo-2003,

xa isibalo sam se-CD4 sasingama- 91. Ngelo xesha

urhulumente wethu waye wathandabuza ukunika abantu

abane-HIV ii-antiretrovirals (ARVs) ngenxa yezimvo

zokungafuni ukukholwa koosopolitiki abaphezulu.

Abantu abaninzi baya basweleka, kodwa ngaphandle

koko saye salulwela ufikelo kwi-ART.

Wathi urhulumente akubhengeza ukukhutshwa

kwe-antiretroviral ngasekupheleni kuka- 2003, aye

akhula amathemba ethu. Emva kwetyala le-PMTCT

(usulelo olusuka kumama lusiya emntwaneni), saye

sanemvakalelo yokuba siphumelele elinye idabi

kwakhona. Saye sakhankasela ama-200,000 abantu

ukuba bafumane ii-ARVs ngo-2006. saye safuna inkxaso.

Saye salwela ukwehliswa kwamaxabiso amachiza,

kwaye ngamanye amaxesha sasityholwa kakubi

kusithiwa sisebenzela iinkampani zoXubo-mayeza.

Sicela umngeni kwibala elinxulunyaniswa ne-HIV, saye

saqhuba iphulo lokungena umnyango nomnyango

sifundisa abantu ngokusazi isimo sabo se-HIV, ukuthatha

ii-ARVs nokubambelela kunyango.

Abantu baye baqala ukutyelela izibhedlele zabo

beyokufumana i-ART. Kodwa sisajongene nemiqobo

emininzi. Nangoko, zange silahle ithemba. Endaweni

yoko, saye salwa ngamandla saqhuba nomsebenzi

wethu kwinqanaba lasekuhlaleni. Kwathi kwakusebenza

ukukhutshwa kwe-ARV, kwakho imiceli mngeni emisha:

ukungabikho kwamachiza, kunye nemfuno yokuzisa

amachiza asebenza ngamandla.

Ndisakhumbula siqhankqalaza sisiya kwii-ofisi ze-

ASPEN ekumNtla waseThekwini ngexesha lephulo lethu

le-tenofovir. Yayiyimini eyayishushu kakhulu, kodwa

kwakungekho namnye owayebonisa ukulikhathalela

elo langa laligqatse ubhobhoyi okanye indlela ende

eyayinyuka endulini. Ndisakhumbula xa sasiqhankqalaza

ngaphandle kwesibhedlele i-Mahatma Gandhi, sibuza

sifuna ukwazi ukuba kutheni kukho i-1,300 yabantu

Inqaku loMhleli

abasekuluhlu lokulindela lwesibhedlele. Enye indoda

yasibuza ukuba ibizakuba isaphila na ngeKrisimesi

ukuba ibingafakwanga kwi-ARVs. Ndisakhumbula xa

endisebenza nabo u-Promise, Ralph no-Sindi baye

baleqiswa ngezinja kwintolongo yase-Westville, kuba

babexhasa amabanjwa ukuba afumane unyango, nawo.

Yayingamaxesha anzima lawo. Kodwa okungenani

sinokujonga emva sithi iinzame zethu azihambanga nje.

Ubunkokheli bezopolitiko bangoku luzibophelele

ekuthembiseni ekulweni iHIV/AIDS- kwinkqubo yempilo

karhulumente. SinoYilo lweSicwangciso seSizwe

olujoliswe kuwo wonke umntu Izigulane zinofikelelo

kunyango kwiikliniki zazo zengingqi, kwaye iPhulo

lukuCetyiswa nokuVavanyelwa i-HIV lizakusebenza

ngokubhekisele kuzo zonke ikliniki ezinika unyango

olusisiseko ukuba zibe ziindawo ze-ART. Kwakuthi

kusakwenzeka oku, ibe ngabantu abambalwa

abazakuhamba imigama emide beyokuvavanywa

beyokufuna nonyango.

Eskugqibeleni sinezikhokelo ezitsha neziphuculiweyo

ze-HIV kwaye kuqikelelwe ukuba ngoJuni 2011 malunga

nesigidi esinye sabantu siyakuba nofikelelo kwii-ARVs.

Le yenye yempumelelo ekufuneka siyibhiyozele!

Koko imiceli mngeni emininzi isasele. Abantu

basajikiswa ezikliniki kuba abekho oogqirha

okanye oosokhemisti bokukhupha amayeza. Abanye

bayivavanyelwa emva kwexesha kakhulu i-HIV, usulelo

oluhamba ne-TB/HIV isulelo olubanga ukusweleka

kwabantu abaninzi eMzantsi Afrika.

Ibala elinxulunyaniswa ne-HIV lisekhona, kodwa

abantu abaninzi basaqhuba bezithatha ii-ARVs zabo

ngaphandle kobunzima obubehlelayo. Aba bantu baphila

ubomi obunempilo – kwaye ndingomnye wabo mna.

Sibubungqina bokuba ii-ARVs ziyasebenza. Isende

indlela ekusafuneka siyihambe, kodwa ke yindlela

esingayihamba sonke. Njengabantu abane-HIV, kufuneka

siqhube sixhasana kwaye sibambelele kunyango ukuze

siphile ubomi obude, nobugqibeleleyo.

Lihle Dlamini, Usekela Sosiba Jikelele we-TAC

1

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!