29.12.2012 Views

Xhosa - Your Quest for God.pdf - Cross Currents International ...

Xhosa - Your Quest for God.pdf - Cross Currents International ...

Xhosa - Your Quest for God.pdf - Cross Currents International ...

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

Ndingaba yinxalenye yosapho lukaThixo njani?

iBhayibhile kubefundisi abamalunga namakhulu amabini,

ngoko ke naye ndammema ukuba eze. Nakuba le ndawo

sasikuyo yayikude kangange kilomitha ezingamakhulu

abalekayo, kulendawo sasizakuhlanganela kuyo nabefundisi,

ndamcebisa ukuba ahambe ngebhasi loomgama waloo ndlela

inamaginxigingxi. uWilliam wayengathathi olo hambo

lwaloobhasi izele ngokugqitheseleyo ukuze nje azonwabise.

Uhambo lwebhasi le ngokucacileyo lwaluyindlela yokuya

kufika emhlanganweni. Eyona njongo yakhe yayiyilonto

yayimlindele ekupheleni kohambo lwakhe.

Ngokunjalo ke, iNkosi uYesu yayisazi ukuba indlela

ekukuphela kwayo enokungena ngayo ebomini bakho

ukuze idlelane nawe, nawe udlelane nayo, kukuba yona

ikunike indlela yokuba intliziyo yakho ihlanjululwe

ezonweni. Nakuba uxolelo lwezono zakho lwalufuneka,

ubomi bakho obutsha kuKristu nokukwazi kwakho

ukudlelana noThixo kwakungowona mnqweno wayenawo

ngawe. Unganeliswa yenye into enganeno kunaleyo?

Kakade obu budlelane bakho buqu noKristu yeyona njongo

wawudalelwe yona.

Ukwazi ukuba Ukristu uhlala entliziyweni

yakho kukwazi ukuba ngoku, nalapha, ukuba ubomi

obungunaphakade sebuqalile. Ukuhlala kuKristu

ngaphakathi kuzisa ubomi bakhe ebomini bakho.

“bubo obu ubungqina, ukuba uThixo usinike

ubomi obungunaphakade, baye obo bomi bukuye

uNyana wakhe. Lowo unaye uNyana unabo ubomi,

lowo ungenaye unyana akanabo ubomi” (1 Yohane

5:11-12).

123

2006-11-03-Your-quest-for-god-xh123 123 11/10/2006 1:00:43 PM

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!