29.12.2012 Views

Xhosa - Your Quest for God.pdf - Cross Currents International ...

Xhosa - Your Quest for God.pdf - Cross Currents International ...

Xhosa - Your Quest for God.pdf - Cross Currents International ...

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

Ingaba ngenene ukhona uThixo?

“koko ndizifumanisa ndingenakho ukwamkela inguqu

enokwenzeka ukuba ndinokuba likholwa elizinikeleyo” .

Emveni kokumthandazela iminyaka elishumi umhlobo

wethu ongugqirha, safumana imbalelwano yakhe esixelela

ngokufumana kwakhe ukholo nangokuzinikela kwakhe

kuThixo. Sasivuya kakhulu nangani sasingothukanga noko,

kuba sisazi ukuba “ukholo luza ngokuva”, nokuva ilizwi

lika Thixo (Rom 10:17).

Ukusinceda ngabanye ukuze simazi yena, u Thixo

ubeke ngaphakathi kwethu ukwazi okunzulu kobukho

bakhe.

Abanye abantu bangazikhethela ukungakholwa ku

Thixo, kodwa noxa kunjalo, akukho namnye kulomhlaba

ungenakho ukungakholwa ku Thixo.

Nakweli hlabathi siphila kulo, uThixo usinike

ubungqina obupheleleyo bobukho bakhe. Njengokuba

zisiya zingena nzulu inzuluwazi zenkulungwane yamashumi

amabini ananye kwiimfihlelo zomhlaba, kokukhona iswela

ingqondo into yokuthi, yonke le nto ikhoyo yabakho

ngaphandle koMbumbi.

Akukho mntu wayenokuthi inqwelo yasemajukujukwini

yayinakho ukuntingela emajukujukwini, ityhutyhatyutyhe

umhlaba, iyekuma ngomzuzu ochanekileyo nakwindawo

elindelwe kuyo kungakhange kudityaniswe iingqondo

ezinobuchule zabazobi, abalungisi bobuxhakaxhaka kunye

nabezibalo. Ngokunjalo ke ukutshona kwelanga namaxesha

onyaka, inkwenkwezi ezizalise isibhakbhaka kunye neyona

nto yakha yancinane endalweni, amandla atsalela phantsi

izinto eziphezulu kunye namandla othando, bezingenakho

ukubakho ngaphandle kokucwangciswa nokubunjwa

nguMdali uThixo.

3

2006-11-03-Your-quest-for-god-xh3 3 11/10/2006 1:00:31 PM

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!