29.12.2012 Views

Xhosa - Your Quest for God.pdf - Cross Currents International ...

Xhosa - Your Quest for God.pdf - Cross Currents International ...

Xhosa - Your Quest for God.pdf - Cross Currents International ...

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

Ingaba isikhokelo sakho sakwamoya sithembekile na?

wakho ke ngoku ungathi “Ungaqiniseka njani ngaloo

nto?”

Ukuwuphendula lo mbuzo, makhe sakhe umfanekiso

wakho apha engqondweni, uthatha ikhefu lokuhambahamba

kwilizwe ongazanga waya kulo ngaphambili. Imephu

esesandleni sakho kuphela kwesikhokelo onaso, ngezolo

ubuyifumanise ithembekile le mephu kuba, njengokuba

ibikubonisile, uye wawufumana umlambo nelali oye

walala kuyo ngephezolo. Namhlanje ke kufuneka

ukhethe indlela entsha ozakuyithatha. Apha phambi

kwakho ngumhlaba ongaqhelekanga kodwa imephu

yakho ithi xa ujikela ekhohlo uze ucande phakathi

kwamahlahla, uya kufika kwichweba elikhulu. Uyafuna

ukuya kulibona eli chweba, ngoku ubungathini? Mna

ndicinga ukuba ubungalandela isikhokelo sale mephu

ujike ngasekhohlo. Ngokuqinisekileyo esona sizathu

sethemba lakho ekwenzeni oku iyakuba yindlela imephu

le yakho ibonakele isisikhokelo esichanekileyo kumhlaba

ongaqhelekanga. Iye yakuxelela oya kukufumana wena

ungekafiki apho, kwabanjalo.

Enye into ebobona bungqina bungathethekiyo bokuba

iBhayibhile lilizwi likaThixo yindlela eyodwa echaneke

ngayo kwiziprofeto ngeziganeko ezizayo. Apha kula

maphepha ayo sifunda iziprofeto ezithi, ngeliso lanamhlanje,

zibonakale zizalisekile ngokuchanekileyo, kanye ngohlobo

ezachazwa ngalo kumakhulu eminyaka eyadlulayo. Ezi

ziprofetho zihamba umgama ongathethekiyo, zibandakanya

abantu bonke bomhlaba, kwaye ziqulathe iinkcukacha

ezitsolise kuSirayeli noMbindi-Mpuma. Okubaluleke

ngaphezulu, ngamakhulu ezinto ezichazwe ngokuza

kukaMesiya. Ngenxa yokuba uninzi lwezi ziprofeto

15

2006-11-03-Your-quest-for-god-xh15 15 11/10/2006 1:00:32 PM

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!