29.12.2012 Views

11 October 2011 - Eastern Cape Provincial Legislature

11 October 2011 - Eastern Cape Provincial Legislature

11 October 2011 - Eastern Cape Provincial Legislature

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

zingasetyenziswa kakhulu. Ikhona ke lo listi esinayo sili sebe

esilindele le mali siza kuyinikwa lela sebe likaMtungwa sincedisane

ukubambisana ukuqinisekisa ukuba ezibhulorho zi-critical ziya

ezikolweni, ziya ekliniki, ziya ezibhedlele at least zona zifumana

iprayorithi. Sisicwangciso ke eso esinaso esicinga into yokokuba at

least buza kutshintsha ubume bendlela zethu ukuqalela kwi-access

road …..road yonke lonto leyo siza kuyibakela sonke sisenza ilima.

Esithi ke ngolo hlobo at least akuzokufana kwibhajethana encinci

esinayo ukuba masithathe zonke i-resources sizibeke etafileni si-

adrese. Ziza kuyilandelela ke le ithi bacela ukuqonda imali

eyayiphumile kuza kufuneka lamfo adibane namagosa am itshekishwe

kuba kaloku kukho ukukrokrelana ingathi u-councillor okanye uMeya

uyityile. Uza kuya specific ke uzakudibana namagosa anike

mhlawumbi eligama lalendlela ukwenzela xa sibuyela ezi ofisini

sikwazi ukuyitshekisha ukuba ikhona na imali eyayiphumile yale

ndlela. Kuba ngelinye ixesha izinto ziyathetheka kanti azikho. Siza

kubuya ke nempendulo kwamsinyane. Enkosi. [Applause.]

Mr SPEAKER: Mphathiswa wezempilo. [Interjections.] Oh

mhlawumbi masihle nayo, hayi makasele athethe uMphathiswa.

The MEC RESPONSIBLE FOR HEALTH: Enkosi Somlomo.

Mandibulise kumalungu ePalamente, bambhela nkulu baphathiswa,

nabantu bakuthi ngokubanzi. Mandiqale Somlomo ndigqibezele

lantetho kankulu-baphathiswa ebeyinika apha. Kwakukho isikhalazo

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!