29.12.2012 Views

11 October 2011 - Eastern Cape Provincial Legislature

11 October 2011 - Eastern Cape Provincial Legislature

11 October 2011 - Eastern Cape Provincial Legislature

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

Ndiyabulela kakhulu Somlomo. Iinkosi zethu zonke, zonke izandiba

imbeko nozuko inifanele. Ndiza kuwenza mafutshane.

Ingxelo yonyaka yecandelo eliya lika-Provincial Treasury and Finance

le ndize kuyibeka apha phambi kweNdlu. Kunyaka lo udlulileyo

nakubeni bekubonakala ngathi imo yezoqoqosho kwihlabathi iya iba

bhetele nto leyo ke ithi incede kuba nerhafu ezi esiziqokelelayo siye

sikwazi ukufumana, sikwazi ke ngoku ukusabela ukubangaba kubekho

i-resources ezikwaziyo ukusabela kwimfuno zoluntu. Size apha

ekupheleni konyaka sele kubonakala ukuba kukho imingeni. Ngenene

njengokuba kubonakala isimo siya singabisihle konke-konke.

Izinto ebesigxile kuzo kulo nyaka uphelileyo zingongoma

ezintandathu. Oko kuqala budgeting, ucwangciso kakuhle kwezimali

nemisebenzi emele ukwenziwa ngemali. Ukuphathwa kwemali.

Expenditure control. Kwakunye nokuphathwa generally kweze

zimali. Accountability. Izinto ezithengwayo. Procurement. Asset

management kwakunye nokuncedisana nokuphathwa kwezimali

kakuhle ngomasipala.

Sisebenzile ngezi ngongoma zintandathu ndingabalula ukubangaba

enye into ebengumngeni kulo nyaka sidlule kuwo ibe sekufumaneni

ngethuba izakhono, abantu abanezakhono ezifanelekileyo ukunceda

isebe eli. Siye sabafumana sele unyaka usiza ekupheleni yabanga ke

lonto ukuba inkcitho yethu ingahambi kakuhle ingakumbi xa

kufikelela kula ndawo ye-compensation of employees. Kodwa lomba

lowo sele siwuwisile kuba sikwazile ukufumana abasebenzi

abanezakhono ezifanelekileyo njengoko iminyaka iqhuba.

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!