29.12.2012 Views

11 October 2011 - Eastern Cape Provincial Legislature

11 October 2011 - Eastern Cape Provincial Legislature

11 October 2011 - Eastern Cape Provincial Legislature

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

The MEC RESPONSIBLE FOR YOUTH AND SOCIAL

DEVELOPMENT:

Mr SPEAKER: Mandibulele kuwe Somlomo, iNdlu yoWiso-

Mthetho, iinkokheli zonke ezikhoyo zalapha eChris Hani, iiNkosi

kunye noceba nawo wonke umntu. Somlomo obekekileyo umama

obethetha engumama wesithathu ethetha ngomama abangaphangeliyo

abathe bavula iprowujekthi yenkukhu. Umbuzo ke uthi kuthatha

iminyaka emingaphi ukuba makuxhaswe iprowujekthi. Ngumbuzo

buciko lo kuba awuveli ngqo ngelithi besifandiwe okanye sicele

ifandingi kuthatha iminyaka emingaphi into yokokuba mayibe iya

apruvwa. Ubungqukuva kodwa ke mandikhe ndizame

ukukhawulelana nohlobo endicinga ukuba ndiwuva ngalo.

Xa abantu besenza isicelo seprowujekthi bathumela isicelo, bathumele

i-business plan. Kuxhomekeke into yokokuba zingaphi ebesele zifikile

ezingaphambili neqela leminyaka esezifike ngalo. Kuthi ngenxa

yohlahlo lwabiwo mali esinalo sijonge into yokokuba ingingqi

nengingqi kuyafuneka into yokokuba ibe neprowujekthi. Kodwa

asikwazi ukuba neprowujekthi esizifandayo kuyo yonke indawo

ngonyaka omnye ngenxa yento yokokuba uhlahlo lwabiwo mali

alusivumeli. Eli sebe lophuhliso loluntu kunye nenkonzo

ezikhethekileyo alincedisi nje omama lijongene neprowujekthi

zabantu abatsha, lijongene neprowujekthi zabantu abakhubazekileyo,

iprowujekthi zabantu abakhulu, ibeziprowujekthi zomama. Kodwa

likwajongene nokuncedisa ukuhlaliswa kwabantu abakhulu abangena

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!