29.12.2012 Views

11 October 2011 - Eastern Cape Provincial Legislature

11 October 2011 - Eastern Cape Provincial Legislature

11 October 2011 - Eastern Cape Provincial Legislature

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

ngoku. Xa ndiya ke emaphethelweni ndinokuthi ikhona inkqubela

esiyenzileyo ekusabeleni kwizinto ebeziphakanyisiwe kodwa

ayisisithelanga into yokokuba zisekhona izinto ezingumngeni

ekusafuneka uRhulumente imitsi yakhe inge iyanda. Kuba kaloku

indlala kwakunye nentswela nkqubela phambili iseyinto esithwaxayo

kakhulu kwindawo zethu esihlala kuzo. Kodwa uRhulumente

uzinikele ngenkqubo azilandelayo ukubangaba sisabele ukulungisa

isimo, imeko ibebhetele.

Egameni labantu bephondo eli ndiyanqwenela ukuba ndenze ilizwi

lombulelo oko kuqala kwiNdlu le yoWiso-Mthetho ngoba iqinisekise

into yokokuba umsebenzi wayo iyawenza ngaphandle kokwenza

iimpazamo kunjalo nje umsebenzi wayo uya uqina ngokuqina

ukubheka phambili. Kubalulekile into yokokuba sisoloko sithe gqolo

ukuba sifakane imilomo noluntu ngendlela eqhuba, in a continuous

fashion ukwenzela into yokokuba ngalo lonke ixesha sikwazi

ukubangaba izinto ezifanelwe ukubangaba zilungiswe uRhulumente

akwazi ukuba namendu ukubangaba zilungiseke. Lento siyibona

iyinto ebalulekileyo kakhulu nenikeza kanye lanto ithi abantu baya

kulawula. Ela khwelo lithi lifumane amandla an expression ngoba ibe

yinto esiyenzayo xa siba nalamaqonga njengokuba senzile.

Into ke eyinyaniso imingeni isemininzi ngaphambili. Kuseza kufuneka

intsebenziswano ingakumbi phakathi kwezigaba ezi zikaRhulumente

wethu ukuqinisekisa into yokokuba siya zisabela zonke izinto

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!