20.11.2014 Views

Municipal accounts - Buffalo City

Municipal accounts - Buffalo City

Municipal accounts - Buffalo City

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

Page 15

Kwenzeka ntoni kubahlali kwipropati emva kokusweleka kwaloo mthengi ebengathathi ntweni?

1. Kumele kufakwe isiqinisekiso sokusweleka kwakhe kwamasipala.

2. Lowo ohlala apho kuloo propati unokuvula i-akhawunti ze azalise iifomu zokuqumamisa

iinkonzo ngegama lalowo uswelekileyo.

3. Lowo ohlala apho umele ukuhlawula iintlawulo ezithe zakho emva komhla wokusweleka

kwalowo ongathathi ntweni.

4. Ityala elimalunga nomfi liya kubhekiswa kwilifa lalowo oswelekileyo.

Yintoni ireyithi yesaphulelo kwaye zithini izibonelelo?

1. Isibonelelo sereyithi “sisaphulelo” sama-40 % sisebenza kwintlawulo yereyithi kubathengi

basekhaya.

2. Isibonelelo siya kohluka kuxhomekeke kwisixa sentlawulo yereyithi ebizwayo.

Ngubani ofanelekileyo ukuba afumane isaphulelo sereyithi?

1. Iindidi zemiqathango kufuneka zilandelwe ukuza ufaneleke kwisaphulelo. Umfaki-sicelo

makabe:

2. Ngaphezu kweminyaka engama-60 nangaphezulu.

3. Kubekho umvuzo odibeneyo (neqabane) ube ngaphantsi kommiselo webhunga obekwa

ngexesha nexesha.

4. Ube uyahlala kule propati icelelwa isaphulelo.

Ndifaka njani isicelo sesaphulelo kwiireyithi?

1. Iifomu zokufaka isicelo zithi zifumaneke kwidesika yemibuzo kwii-ofisi zikamasipala.

2. Iifomu zesicelo kunye ne-ID, isiqinisekiso somvuzo kunye nesiqinisekiso sokuba ungumninikhaya

siya kufakwa kwi-ofisi ekufutshane.

Ndingafaka isicelo sesaphulelo ukuba ndinesiboneleo somntu ongathathi ntweni?

1. Ewe, ungazifumana ngaxesha nye ukuba ufanelekile.

Ingaba i-akhawunti yam iyakucuthwa ukuba ndithe ndafumana ukuba kukho ukuvuza okukhoyo

kwipropati yam?

1. I-akhawunti iya kuphinda ibalwe ukuba le miqathango ithe yalandelwa:

a) Ukuvuza oko makube kubonwe kwiiyure ezingama-48.

b) Ileta evela kumsebenzi ngamamzi obhalisiweyo okanye isifungo sifakiwe kwiintsuku

ezili-10 emva kokuba ukuvuza kulungisiwe.

2. Iintlawulo ezingaphaya ziya kubalwa kwakhona ngokwemiqathango yoku-“Vuza Kwamanzi”

zibe zingaphantsi kwentlawulo eqhelekileyo.

3. Ityala lamanzi liya kucuthwa kodwa hayi lonke kuba loo manzi abe yinkcitho akhutshwa ngemali

ngu-BCMM.

BuffaloCityMetropolitanMunicipality ISALATHHISO SABATHENGI

BUFFALO CITY

METROPOLITAN MUNICIPALITY

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!