20.11.2014 Views

Municipal accounts - Buffalo City

Municipal accounts - Buffalo City

Municipal accounts - Buffalo City

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

Page 8

3. Kuluxanduva lwakho ukuba iindawo ezivuzayo zilungiswe kuba uya kuhlawuliswa kwireyithi

ephezulu njengokuba ukusetyenziswa kwamanzi kunyuka.

4. Iintlawulo ezingaphezulu ziya kubalelwa ngokwemiqathango yentlawulo yo-”Kuvuza

Kwamanzi”.

5. Ukuba kwenzeke ugqabhulo okanye ukuvuza endleleni okanye kwindawo yokuhamba esecaleni

kwendlela, makuchazwe oko kwenye yeenombolo apho kusetyenzwa ngamanzi eziboniswe

ekuqaleni kweli phepha.

6. Kulityala ukuba umthengi okanye ikhontrakha yabucala ukuba iphathaphathe imitha yamanzi.

Kutheni i-akhawunti yombane okanye yamanzi zine-avareji efanayo ze emva koko zisuke zehle

okanye zinyuke ngequbuliso?

1. Umfundi weemitha uyazifunda nyanga zonke. Ukuba akakwazi kuyifunda imitha yakho ngenxa

yezizathu ezifana (umz. izinja, isango elitshixiweyo) use nokubhala ufundo oluqikelelweyo.

2. Ukuba, luthe lwenziwa ufundo, kwaze kwaphawulwa ukuba uqikelelo lingaphantsi kunolo

lufundiweyo i-akhawunti yakho iyakuba nkulu ngenxa yale mali obuthe wayibhataliswa

ngexesha bekuthekelelwa.

3. Ukuba, kuthe kwenziwa ufundo ngqo, uqikelelo lwaze lwafunyanwa lungaphezulu kunoko

kufundiweyo ngqo, i-akhawunti yakho iyakuba sezantsi ngenxa yaloo mali othe wayihlawuliswa

engaphezulu.

Ndenze njani ukuba akukho mntu kwipropati yam ngexesha lasemini kwaye abafundi bemitha

abakwazi kufunda imitha?

1. Usenokufunda imitha yakho ze utsale umnxeba unikezele ngamanani emitha kunye nomhla

okwenziwe ngayo loo nto kwi-ofisi enkulu ekufutshane kamasipala (KWT, MDT or EL).

2. Ubuncinane kabini ngonyaka uya kulindeleka ukuba wenze ithuba udibane nomfundi wemitha

kwindawo yakho yokuhlala ukuqinisekisa ngofundo lwemitha.

3. Ukungaphumeleli ekufakeni ufundo lwemitha qho ngenyanga kuya kubangela ukupheliswa

kwesivumelwano.

4. Igosa limele ukwenza ufundo lokugqibela emva kokuba i-akhawunti ivaliwe. Intlawulo ingafunwa

ukuba kwenziwe amalungiselelo akhethekileyo ukuze kwenziwe ufundo lwemitha.

IINTLAWULO

Zeziphi iindlela zohlawulo onokusebenzisa?

1. UMasipala we-Buffalo City uyazilandlea ezi ndlela zokuhlawulisa:

a) Imali eziinkozo

b) Itshekhi (ukuba ukuhlawula ngetsheki kwixa elingaphambili lilungile)

c) I-Debit Card

d) I-Credit Card

e) Ukufaka ngqo imali ngedipozithi

f) Ukufaka imali ngebhanka

g) U-Easy-pay (kwoobhaza bhaza beevenkile ezahlukeneyo)

h) I-posi yoMzantsi Afrika

2. Kubalulekile ukuba ubandakanye inombolo yereferesi elungileyo (lamanani asi-8

e-akhawunti kamasipala kuphela) hayi nawaphina amagama nje okanye i-alfabhethi

okanye oonobumba ne-alfabhethi xa udipozitha imali ngqo okanye imali ifakwa

ngobuchwephesha. Nayiphina ireferensi engalunganga enikezelweyo iya kubangela

ukuba i-akhawunti ingahlawuleki.

BuffaloCityMetropolitanMunicipality ISALATHHISO SABATHENGI

BUFFALO CITY

METROPOLITAN MUNICIPALITY

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!