20.11.2014 Views

Municipal accounts - Buffalo City

Municipal accounts - Buffalo City

Municipal accounts - Buffalo City

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

Page 7

Kwenzeka ntoni xa ndibuza umbuzo?

1. Ukuba umsebenzi kwicandelo lemibuzo akakwazi ukukuphendula ngokukhawuleza, uya

kubhala umbuzo kwinkqubo emalunga nemibuzo eza kuthi ilandele umbuzo lowo iwuse

kwicandelo okanye isebe elifanelekileyo eliza kunceda. Unobhala wemibuzo uya kukunika

inombolo yokukhangela umbuzo wakho kwixa elizayo.

2. Emva kokuba umbuzo usonjululwe uya kuqhagamshelwa ngaloo ndlela obuyikhethile (umnxeba,

ifeksi, iposi okanye i-imeyili) ze uxelelwe ngeziphumo.

Ndenza njani ukuba andanelisekanga yinkonzo endiyifumeneyo?

1. Qinisekisa ukuba ulubhalile igama lomsebenzi othe wathetha naye.

2. Nceda ucele ukuthetha nomphathi waloo mntu.

3. Ukuba emva koko awukoneli yinkqubo leyo, faka izikhalazo zakho kumphathi wecandelo.

Kwenzeka ntoni ukuba andiyifumani i-akhawunti?

1. Lo masipala wenza iinzame zokuprinta iinkcazelo ezithe ngqo ze azipose ngexesha. Nangona

kunjalo, umasipala uxhomekeke kwezinye iindawo ezingaphandle ukuze iinkcazelo zihambe

ngexesha.

2. Ukuba ixesha lokuvala likufutshane kwaye awukhange uyifumane inkcazelo ye-akhawunti,

nceda ufune ikopi yoko kwi-ofisi ekufutshane kamasipala.

3. Ukuba awukwazanga ukuhlawula i-akhawunti yakho ngexesha, uya kuchaphazeleka

yintshukumo yomlawuli-matyala nokuba i-akhawunti awuyifumenanga, njengoko i-akhawunti

iye yathunyelwa ngokuthembekileyo.

4. Icekwa lilele kumthengi ukuba acele enye inkcazelo.

Ndingafumana njani ukuba kukho amanzi avuzayo kwipropati yakho?

1. Zama ukufumana indawo leyo ifumileyo emhlabeni okanye edongeni apho kukho khona

imibhobho.

2. Qinisekisa ukuba igiza ayiphuphumi ngokukhangela umbhobho ochitha amanzi ophezu

kwephahla.

3. Khangela indawo yamanzi kwindlu yangasese nganye egungxulwayo kwipropati ukuqinisekisa

ukuba isivalo serabha sivale ngokufanelekileyo kwaye amanzi awaphumi ehlele ngezantsi

rhoqo. Khumbula ukukhangela indlu yangasese ephandle ukuba unayo.

4. Ukuba uva isandi sokutsitsa kwimibhobho yamanzi kube kungekho mpompo evulelweyo, oku

kutsho ukuba kukho ukuvuza.

5. Qinisekisa ukuba akukho mpompo zivuzayo: impompo evuzayo ingamosha amanzi angaphezulu

kwama-200l amanzi ngosuku, malunga nama-6½kl ngenyanga.

Ngubani onoxanduva xa amanzi evuza kwipropati yabucala?

1. UMasipala ugcina ze alungise imibhobho yamanzi ukuya kutsho kwimitha. Yonke imibhobho

ukusuka kwimitha ukuya kwiimpompo luxanduva lomnini ndawo, kwaye kuxhomekeka

nakwisivumelwano zokuqesha indawo leyo.

2. Ukuba kukho ukuvuza kwipropati, ikhontrakha yabucala yokulungisa amanzi mayibizwe ukuze

ilungise oko konakeleyo. Oku kulandelayo kuyafuneka ukuze ufaneleke ukuze uhliselwe kwiakhawunti

yamanzi:

a) Ukuvuza makulungiswe kwiiyure ezingama-48 umonakalo uqalile.

b) Ileta evela kumlungisi-manzi obhalisiweyo okanye ufungo olusayinelweyo malufakwe

zingadlulanga iintsuku ezili-10 emva kokulungiswa kwendawo leyo ebivuza.

BuffaloCityMetropolitanMunicipality ISALATHHISO SABATHENGI

BUFFALO CITY

METROPOLITAN MUNICIPALITY

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!