20.11.2014 Views

Municipal accounts - Buffalo City

Municipal accounts - Buffalo City

Municipal accounts - Buffalo City

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

Page 4

UNXULUMANO LWEENKONZO

Ndenza njani xa ndingena kwindlu / ifleti / ishishini endilirentayo e-Buffalo City?

1. UMasipala oMbhaxa we-Buffalo City (BCMM) uthi angene kwisivumelwano senkonzo kunye

nomnini ndawo.

2. Ukuba uyarenta, umnini ndawo uyakufumana i-akhawunti yeenkonzo zale ndawo ohlala kuyo.

3. Qiniseka ukuba wenza isivumelwano kunye nomnini ndawo malunga neenkonzo oza kuthi

uzihlawule kwanokuba ziya kuba luxanduva lwakho nini.

4. U-BCMM akasayi kunikezela ngohlanganiso lwentlawulo yenkonzo xa kutshintsha lowo uhlala

apho.

Wenza njani xa uthenga indlu / ifleti / indawo yoshishino e-Buffalo City?

1. Tyelela i-ofisi yemibuzo yezimali zikamasipala wakho ekufutshane, ukuqinisekise ukuba unayo

i-ID kunye noxwebhu olubonisa utshintsho ukuba isandula kuthengwa.

2. Cela iifomu zokufaka inkonzo kwaye ubuze ngedipozithi elungileyo kunye nentlawulo

ehlawulwayo yokufaka inkonzo leyo.

3. Iifomu zokufaka inkonzo zibandakanya isivumelwano senkonzo emasisayinwe ngumthengi lowo

phambi kokuba iqale inkonzo leyo.

4. Idipozithi iyafuneka njengendlela yokhuseleko xa ethe umthengi wazimela kwaye kuchaziwe

kumgaqo nkqubo weBhunga.

5. Zalisa iifomu zokufaka iinkonzo ze uyifake kwidesika yemiBuzo ukuze iinkcukacha zifakwe

kwinkqubo nentlawulo kamasipala.

6. Emva kokufumana inombolo ye-akhawunti, yiya kumhlawulisi ze wenze intlawulo efanelekileyo.

7. UMhlawulisi uya kuyigcina ifomu ze ayigqithise ukuze kufakwe inkonzo leyo.

8. Umele ukufumana i-akhawunti yakho yokuqala emva kweeveki ezintandathu.

Ndenze njani xa ndithengisa indlu / ifleti / indawo yoshishino e-Buffalo City?

1. Tyelela i-ofisi yemibuzo yezimali zikamasipala ekufutshane, qinisekisa ukuba uyiphethe i-ID

yakho kwaye uqiniseke ngedilesi elungileyo apho ufuna kuyekiswe inkonzo kunye nedilesi

elungileyo apho ufuna khona inkonzo.

2. Cela iifomu zokucima inkonzo xa ugqibile, yise kwidesika yemibuzo kunye nekopi ye-ID.

3. Kuya kugqityezelwa xa ithe itayitile yendawo ithe yatshintshelwa egameni lakho.

4. Khumbula ukuba i-akhawunti ihlawulwa njengetyala kwaye uya kufumana i-akhawunti ibenye

okanye zibe mbini emva kokuba ipropati ithe yatshintshelwa egameni lwalowo othengileyo.

Yintoni isatifiketi socaciso lwepropati?

1. Xa umnikazi wepropati enqwenela ukuthengisa ipropati yakhe, zonke iintlawulo ezishiyekileyo

zeenkonzo kuloo nyaka mali zimele ukuhlawulwa kwangaphambili njengoko kuyimfuno

kumthetho wesizwe.

2. Xa ityala lihlawuliwe, isatifiketi socaciso siya kukhutshwa sinikwe amagqwetha anikezela

ngomhlaba athi ajongane nokutshintshwa kwepropati.

3. Esi satifiketi siya kuvumela amagqwetha ukuba afake amaxwebhu otshintsho kuMbhalisi

wesiGqibo (rejista ye-Deed) ukuze kurekhodishwe utshintsho lobunini.

BuffaloCityMetropolitanMunicipality ISALATHHISO SABATHENGI

BUFFALO CITY

METROPOLITAN MUNICIPALITY

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!