20.11.2014 Views

Municipal accounts - Buffalo City

Municipal accounts - Buffalo City

Municipal accounts - Buffalo City

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

Page 5

Ndingayifumana njani imbuyekezo yedipozithi emva kokuba ndicime iinkonzo kwaye kukho

intsalela kwi-akhawunti yam?

1. Qhagamshelana ne-ofisi ekufutshne nawe ze ucele itsheke eyimbuyekezo.

2. Yazisa igosa elo ukuba itsheki leyo uza kuyithatha okanye mayiposwe.

3. Kuya kuthatha iintsuku ezilishumi ukuze itsheki leyo ilunge.

II-AKHAWUNTI

Ndihlawula ntoni kumasipala?

1. Iinkonzo ezinikezelwa ngumasipala ziquka: ukususwa kwenkunkuma rhoqo, ukuhanjiswa

kwelindle, amanzi acocekileyo, ukuziswa kombane olungileyo kwaye oku kuba lityala lomthengi

kwi-akhawunti yakhe yenyanga.

2. Oko oza kukuhlawula kuya kuxhomekeka ekubeni ungumnikazi okanye ungumqeshi kuloo

propati.

3. Ezinye izinto eziba nempembelelo kwityala zezi:

• Ukwahlulwa kunye nokusetyenziswa kwepropati

• Ukuba ipropati leyo inazo iinkonzo

• Ukuba ipropati leyo iphuhlisiwe

• Ubukhulu bepropati

Ndiza kuhlawuliswa kanjani ityala elo?

1. UMasipala we-Buffalo City uza kuthumela ingcaciso yenyanga malunga nentlawulo echaziweyo

kunye nomhla ekufuneka kuhlawulwe ngawo ubhalwe wacaca.

2. Umhla wokuhlawula iba ngumhla woku-15 th kwinyanga nganye kuyo yonke imimandla ye-

Buffalo City. Ukuba umhla woku-15 th ungempela veki okanye ungeholide, umhla olandelayo

wokusebenza woba lusuku lokuhlawula.

3. Iireyithi zepropati ziye zibalwe ngokuthi kuhlawulisa ipeseti ethile yexabiso lokuhlolwa

kwepropati yakho njengentlawulo yonyaka.

4. Intlawulo yamanzi kunye nombane ixhomekeke kwindlela oko ekusetyenziswa ngayo. Oku kuthi

kwaziwe ngokuthi kufundwe pha kwimitha (xa kukho imitha ebalayo) okanye ngokuthi “ufaka”

iiyunithi kwimitha (xa imitha ihlawulwa kuqala phambi kokusebenzisa inkonzo).

5. Nceda uqwalasele ukuba amanzi ahlawulwa ngendlela owasebenzisa ngayo amanzi. Oku

kuthetha ukuba ukuba uwasebenzisa kakhulu amanzi, uza kuhlawula i-avareji yeyunithi

ephezulu. Ukuba uthe wedlula kuma-31kl ngenyanga, uya kuhlawula intlawulo engaphezulu

kwephindwe kabini kunaleyo yentlawulo engaphantsi kwe-10kl.

6. Iintlawulo zelindle zixhomekeke kudidi lwepropati ohlala kuyo, ubukhulu bepropati kwaye

kwezinye iimeko, inani leemixokelelwano kugutyulo lwelindle.

7. Iintlawulo zokuthutha inkunkuma ziye ziqondwe ngokodidi lwepropati ohlala kuyo kunye

nokuphindwa phindwa kothutho.

8. Kunyaka ngamnye ngomhla woku-1 kuJulayi iBhunga lithi livume ucwangciso mali kunye

neentlawulo (zamatyala) aza kuthi ahlawulwe ngeenkonzo.

Ndinepropati yam, kutheni kufuneka ndihlawule ireyithi kuyo nje?

1. Kubalulekile ukukhumbula ukuba umasipala kufuneka ehlawule iiprojekthi ezininzi ze iindawo

zikwazi ukuzigcina zilungile.

BuffaloCityMetropolitanMunicipality ISALATHHISO SABATHENGI

BUFFALO CITY

METROPOLITAN MUNICIPALITY

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!