20.11.2014 Views

Municipal accounts - Buffalo City

Municipal accounts - Buffalo City

Municipal accounts - Buffalo City

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

Page 10

Kuya kuthini ukuba ndithe ndalahla ithokeni yam yokuthenga umbane phambi kokuba

ndiwusebenzise?

1. Uya kuya kumthengisi okanye kwi-ofisi apho ubuwuthenge khona ze ucele ukuba uphinde

wenzelwe iprinti entsha yethokeni.

2. Uya kunyazeleka ukuba unike umamkeli-mali zonke iinkcukacha zakho ezifana nomhla

wokuwuthenga kunye nexabiso lethokeni.

Kutheni imitha yam yombane ohlawulwe ungekasetyenziswa ingafuni ukwamkela ithokeni?

1. Qinisekisa ukuba inombolo yemitha kule thokeni yakho yile yale propati yakho na.

2. Ithokeni ozama ukuyifaka inokuba ikhe yasebenza. Umyalezo we-‘thokeni esebenzileyo’ iya

kuvela kwiskrini semitha.

3. Ukuba inombolo yemitha evela kwithokeni yakho ilungile, inokuba imitha inengxaki. Tyelela

i-ofisi ekufutshane kamasipala ukuze kuphandwe ngakumbi ze ufumane enye ngapha koko.

UKUNGAPHUMELELI EKUHLAWULENI

I-AKHAWUNTI

Kuya kwenzeka ntoni ukuba ndithe andaphumelela ekuhlawuleni i-akhawunti yam kamasipala?

1. Ukuba ithe i-akhawunti ayahlawulwa ngexesha elifanelekileyo, umthengi uya kujongana

nendima yokulawulwa kwetyala.

2. Ukuba umthengi usebenzisa imitha eqhelekileyo yombane, ukunikezelwa kombane kuloo

propati kuya kunqunyanyiswa de ityala kunye nemali esisohlwayo ihlawulwe yonke okanye

kwenziwe amalungiselelo afanelekileyo okuhlawula intsalela yetyala elo.

3. Ukuba umthengi usebenzisa imitha ekuqala kuthengwe umbane kuyo, kuya kufakwa isithintelo

kwikhompyutha ekuthengwa kuyo umbane ukuthintela ukuba umthengi angathengi umbane de

abe uthe wahlawula ngokupheleleyo okanye amalungiselelo afanelekileyo okuhlawula enziwe

okuhlawula ityala elo.

4. Emva kokuba imitha leyo uqala uthenge umbane kuyo ithe yanesithintelo sokuthenga kwaye

ityala lithe alahlawulwa okanye akukho malungiselelo enziweyo, unikezelo lombane kulo

mitha luya kunqunyanyiswa de ityala kunye nentlawulo yesohlwayo ihlawulwe yonke okanye

kwenziwe amalungiselelo afanelekileyo okuhlawula ityala elo.

5. Ukuba ityala liyaqhuba emva kokuba unikezelo lombane lunqunyanyisiwe, okanye unqunyanyiso

luthe alwaphumelela, ukunikezela kwamanzi kungathintelwa de ityala kunye nemali yesohlwayo

ihlawulwe yonka okanye amalungiselelo afanelekileyo enziwe ukuhlawula ityala elo.

6. Amanyathelo kwezomthetho ayakuthatyathwa ukuba le milinganiselo ingentla apha ayiphumeleli

ekufumaneni imali elityala.

Ndenze njani ukuba inkonzo yam ithe yanqunyanyiswa ngenxa yokungahlawuli i-akhawunti

yam?

1. Qhagamshelana ne-ofisi ekufutsahne kwenye yezi nombolo ezichaziweyo ekuqaleni kwephepha

kwaye ufumane ukuba ityala elo liyimalini liphelele kunye nentlawulo yokuphinda ufakelwe

umbane kwakhona.

2. Hlawula okanye wenze amalungiselelo ze use irisithi okanye amalungiselelo lawo entlawulo

kwicandelo kwiKhawuntari yeMibuzo yeeNkonzo apho ilungu labasebenzi liya kulungiselela

ukuphinda kufakelwe umbane.

BuffaloCityMetropolitanMunicipality ISALATHHISO SABATHENGI

BUFFALO CITY

METROPOLITAN MUNICIPALITY

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!