03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

IMBULAMBETHE YOMPHATHISWA WEPHONDO

Ndinethemba lokuba esi siCwangciso seNtsebenzo yoNyaka (APP) singqinelana kakhulu nezicwangciso zikazwelonke

nezephondo kunye neziphumo zazo.

Kunyaka ophelileyo, izikolo eNtshona Koloni zabaneziphumo zematriki ezihle kakhulu nesinebhongo ngazo. Kodwa ke

sinako ukuziphucula ezi ziphumo kwaye masenze ngaphezu koku. Asinakuze sonwabe sinenqanaba lokuphumelela

kwabafundi imatriki bafumane izatifikethi zokudlulela phambili (endorsement rate) elingu-13.53% kuphela kubafundi bethu

abayi-17, 554 be-ex-HOR ne-ex-DET, lo gama izikolo ze-ex-CED inqanaba lokuphumelela kwabafundi bafumane izatifikethi

zematriki zokudlulela phambili kubafundi abayi-6,501 ngo-2006 belingu-52.13%.

Malunga noku, sele ndisenzile isibhengezo samaphulo amathandathu ongenelelo ngoncedo ngokucace gca esiza kuwenza,

angala:

1. Ukuqalisa ukuphucula umgangatho, uphuhliso, iprogram yenkxaso nophuhliso (Quids -Up pogramme). Eli phulo,

nelikhokelwa nguMphathiswa uPandor, lijolise kulwabiwo lwezibonelelo zokufunda ezitsha ezikolweni, ingakumbi kuluntu

oluhluphekileyo nolungathathi ntweni. Iprogram ibandakanya zonke izikolo zaseprayimari ezikumanqanaba entlupheko

(quintiles) lokuqala nelesibini. Ezi zikolo zaseprayimari zizikolo ezithululela abafundi bazo kwizikolo eziziisekondari

ezineziphumo ezibi. Likwabandakanya malunga nezikolo eziphakamileyo eziyi-80 nezineziphumo zeMatriki ezibi.

2. Ukumisela iithagethi: Ekupheleni kukaMatshi 2007 isikolo esiphakamileyo ngasinye kwiphondo, kuza kufuneka simisele

ithagethi yokupasa kwesikolo siphela, ithagethi yokuPasa iMatriki kufunyanwe izatifikethi zematriki zokudlulela phambili

neethagethi ze-Maths/Science ngo-2007. Ezi thagethi mazisayinwe njengezamkelweyo liBhunga loLawulo leSikolo

kwakunye nabameli beRCL. Njengokuba u-2007 ingunyaka wokugqibela wale kharityhulam ikhoyo, zonke izikolo ziya

kukhuthazwa ukuba zenze konke okusemandleni azo ukuba zimisele iirekhodi zentsebenzo yomntu ngamnye kumntu

wonke. Kwakhona ndifuna iithagethi eziya kunciphisa amanani ‘’abafundi abaphuma bengagqibanga esikolweni’’, kumakala

10, 11 no-12 ngo-2007 nakwiminyaka elandelayo. Okokugqibela iithagerthi zolwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala

ziya kumiselwa nazo ekuhambeni konyaka ka-2007.

3. Ukomeleza ngamandla isiseko sethu sisinabise : makusetyenzwe ngamandla ukuphucula ulwazi lokufunda

nokubhala nolokubala kumfundi wonke. Enye into ecace gca apha kum kukuba asinako ukusuka nje sikhangele izinto

eziyingxaki kwizikolo zethu eziphakamileyo. Kufuneka sisebenza ngamandla kwizikolo zethu zaseprayimari kwangokunjalo.

Isicwangciso sethu solwazi lokufunda nokubhala nolokubala masomelezwe – ingakumbi iiprogram zolwazi lokufunda

nokubhala kusapho kunye nesicwangciso sephondo sethu seenguqu kwiilwimi.

4. Ukwenza izikolo zethu zibe likhaya elikhuselekileyo lokufunda lomntu wonke. Omnye umba oye wachaphazela

izikolo zethu ngokugqithisileyo kulo nyaka nakwiminyaka engaphambili, linqanaba lobundlobongela ngaphakathi

nakwindawo engqonge isikolo, kwakunye nokuziphatha ndlongo-ndlongo kwabafundi. Siza kuqalisa ngephulo lobambiswano

noxhaswano phakathi kwamacandelo ngamacandelo ngohlobo olungazange lwakho ngaphambili, ukuze sakhe ikhaya

lokufunda elikhuselekileyo, ngo-2007 nangaphaya kwakhe. Makumiselwe iindlela zokuziphatha nemigaqo yokuziphatha

kwaye ilandelwe. Kuza kuqaliswa izicwangciso zokuphucula izikolo ezongeza ukuxabiseka kweemfundiso eziziseko. Siza

kuncedisa izikolo zethu ekuphononongeni nasekomelezeni imigaqo yokuziphatha engagqithanga u-Oktobha 2007.

5. Ukubeka iliso nokuvavanya. Ndikholelwa ekubeni inkqubo yohlenga-hlengiso yesebe mayikhokelele kwimiba yezakhono

ezingaphezulu zophando, ukubeka iliso, ukuvavanya nokubanako ukuphendula. Njengeziko lemfundo, omnye umngeni

wethu ophambili kukwazi imeko esingqongileyo, imingeni nezinto ezinokwenzeka nokuba sikwazi ukuhlangabezana nazo.

6. Ukuqubisana nemeko ekwizikolo eziyi-34 ezisenentsebenzo engaphantsi kwe-60%. Ukuba Iqhayiya Secondary

School eKhayelitsha ingafikelela kwinqanaba elincomekayo lokupasa elingu-94% ku-2006 ukusuka ku-39% kunyaka

obengaphambi koku, ngokucacileyo kufuneka silujongisise olu hlobo lwempumelelo, size sizame senze ngokufanayo kuyo

yonke inkqubo yemfundo.

Asinako ukuqhubeka sinyamezele intsebenzo engaphantsi komgangatho. Senze ucazululo olupheleleyo lwesikolo ngasinye

esinentsebenzo engaphantsi komgangatho apho eyona miba ephambili okanye enegalelo ikukulabalaba kobunkokeli

nolawulo, okanye iyingxaki yootitshala abangenazakhono zokufundisa ngokugqithisileyo, ngokuqinisekileyo siya kucinga

iindlela ezinokukhethwa ezinjengokususwa kweenqununu, iikomiti zolawulo oluphezulu zisiwe kwezinye izikolo,

ngokungqinelana nemithetho yabasebenzi.

Ezinye iiprojekthi eziphambili zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) kulo nyaka, zibandakanya ukuphunyezwa

kwesigaba sokuqala sokuhlenga-hlengiswa kwesebe, ukuqulunqwa kweminye imigaqo-nkqubo ephambili, ukwenziwa

kwezicwangciso zengingqi zamalungiselelo okubonelela amancedo ezemfundo; ukwenziwa nokuqaliswa kwenyathelo

lemivuzo ephuculweyo yeenqununu nokuphucula inkxaso kwezolawulo ezikolweni.

ISebe leMfundo labelwe esona sabelo sikhulu i-37% kwibhajethi iyonke ngo-2007/2008, ekuye kwagxininiswa kuphuhliso

lwezakhono, uphuhliso lootitshala, ukuhlawulwa kootitshala nabasebenzi bezolawulo, nokubonelelwa ngezakhiwo neziseko

zophuhliso (infrastructure provisioning).

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!