03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

• INkqubo 8.5: iKapa Elihlumayo

• Nikezela ngekhosi yamakhono omsebenzi kuzo zonke izikolo zamabanga aphakamileyo.

• Ukuqeqesha ootitshala kwisikolo ngasinye samabanga aphakamileyo ukuze bakwazi ukucebisa ngamakhono

omsebenzi.

A.2 Imingeni Elijongene Nayo Icandelo Lemfundo

ElezeMfundo eNtshona Koloni lijamelene ngqo nemingeni eyohlukeneyo, umzekelo imingeni yezentlalo nezoqoqosho,

imingeni yomgaqo-nkqubo wesizwe/nephondo nemingeni yesebe.

A.2.1 Imingeni yezentlalo noqoqosho

Kule minyaka mihlanu idlulileyo uluntu lwaseNtshona Koloni luthe lwanda ngokothusayo kwaye oko kuyaqhubeka akubuyi

mva. NgokweSaveyi Jikelele yoMzi noMzi ka-2005 yeSebe leNgcaciso-manani eMzantsi Afrika (i-StatsSA), iNtshona Koloni

iphela ilikhaya kuluntu olungama-4,7 ezigidi, kwaye elo nani limele i-10% yoluntu lonke lwaseMzantsi Afrika luphela. Izinga

lokwanda koluntu eNtshona Koloni liqikelelwa kwi-2,1% ngonyaka.

Ipatheni yemfuduko ukungena kwiphondo ibonisa amazinga emfuduko anyukileyo kakhulu ukusukela kunyaka wama-1991 –

1996 ukuya ku-1996 – 2001. Yona ipatheni embaxa yemfuduko ayiguquki: Abantu abaninzi bafudukela eGauten

naseNtshona Koloni elixa uluntu oluninzi lushiya amaphondo aseMpuma Koloni naseLimpopo. Kwamanye amaPhondo

amahlanu imfuduko engenayo naleyo iphumayo izinzile.

I-StatsSA iqikelela ukuba imfuduko phakathi kwamaphondo eza kwenzeka ukusukela kunyaka wama-2005 – 2015

ngokulinganayo nezinga lemfuduko phakathi konyaka wama-1996-2001. Ingqikelelo yemfuduko iyonke kwiminyaka

emihlanu (+ uthetha imfuduko engenayo elixa u - ethetha imfuduko ephumayo) kumaphondo ukusukela ku-2006-2011

njengoko kubonisiwe ngasezantsi:

IPhondo Ukwanda/uncipho)

eMpuma Koloni (323 622)

eFree State (58 514)

eGauteng 533 410

KwaZulu-Natal 7 707

eLimpopo (252 928)

eMpumalanga (42 190)

eMntla-Koloni (28 167)

uMntla-Ntshona (64 176)

eNtshona Koloni 228 480

Omnye wemiphumela yoku kwanda koluntu lwaseNtshona Koloni kukuba onke amaziko emfundo noqeqesho kwiphondo

aphantsi koxinzelelo lokwanda kwamanani kule mnyaka mihlanu idlulileyo: Amaziko e-ECD, izikolo, iikholeji ze-FET

namaziko ka-ABET. Nangona kunjalo, ukukhula kwamanani abafundi ngekhe kwaqikeleleka ngokuchanekileyo. Oku kwenza

ukuba ucwangciso loziso lweenkonzo, ingakumbi kumagumbi okufundela nootitshala, lube nzima kakhulu.

Ingcombolo yolwazi malunga nezikolo zesiqhelo zikarhulumente eNtshona Koloni ukusukela kunyaka wama-1995 – 2006

inikiwe ngasezantsi kwiTheyibhile 1 ukubonakalisa ukukhula kwamanani abafundi kwiphondo nokubonakalisa umngeni

wokuqala kuziso lweenkonzo ojamelene ne-Sebe leMfundo leNtshona Koloni. Elixa amanani obhaliso ezikolo encipha

kwamanye amaphondo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni lona lijamelene nokukhula kwamanani de kwangunyaka wama-

2004. Ukukhula kwamanani okungaqhelekanga kunyaka wama-2003-2004 ukuya kutsho kuma-23 121 kwabangelwa

luyekelelo kwinkqubo yobhaliso lwabafundi kwiBanga 1 eyaqala ngonyaka wama-2000 (oko kukwanento yokwenza

nokuncipha kwamanani abafundi ukusukela kunyaka wama-1999 – 2000). ISaveyi yoNyaka wama-2005 yeZikolo ibonisa

ukuba akukho kukhula kwamanani ukusukela kunyaka wama-2004 – 2005, ngenxa yoku kukhula kwamanani

kungaqhelekanga. Amanani ka-2006 afunyenwe kwi-CEMIS (iNkqubo yoLandelelo lwabaFundi) kwaye abonisa ukuncipha

okukhulu ukusukela kunyaka wama-2005 – 2006 (Qaphela: Lo ngunyaka wokuqala i-CEMIS isetyenziswa kwaye isebe

likwiphulo yokungqinisisa amanani). Ukukhula kwamanani okuqhelekileyo kulindelekile kwakhona ukusukela kunyaka wama-

2006 – 2007.

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

6

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!