03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

Lo msebenzi ubaluleke kakhulu kwi-WCED namaqela ayo achaphazelekayo. Ngaphandle nje kokuba sele zityunjiwe iiprojekthi

ezakhiwayo, zalandelelaniswa ngokubaluleka kwazo, zaza zacwangciswa ukuya kutsho ku-2014, kubaluleke ngakumbi ukuba

iSicwangciso esiliQili seZibonelelo zamaZiko Akhoyo siqwalasele umba woqulunqo lwezikolo ezitsha, siqwalasele nomba

wobuhlakani bukaRhulumente namacandelo abucala (PPPs) okukhawulezisa ukufezekiswa kweemfuno zethu zezibonelelo,

kuqulunqwe namanyathelo aya kuthi enze kukwazeke ukusebenzisa ezi zibonelelo zikhoyo kangangoko. Ukufikeleleka

kwizakhiwo ngabafundi ingakumbi abafundi abahlangabezana neengxaki zokuhamba okanye ababopheleke kwizitulo

zokuhamba kufuneka kubandakanywe kwesi sicwangciso sezibonelelo kumaziko akhoyo ngokuthi benze iindawo

ezithambekileyo endaweni yamanqwanqwa. Okuphambili kuza kuba kukuqala iinkqubo zolawulo loluntu kwimisetyenzana

emincinane ezikolweni ( ukunyusa, ukubuyiselwa kwimeko yesiqhelo nobuhle njalo-njalo) Ezi nkqubo zineembono yokukhulisa

abanini bezikolo nokubaluleke nangaphezulu kubonelelwa uncedo lwezoqoqosho kuluntu.

• INkqubo yoLandelo loMkhondo waBafundi

Kuye kwasungulwa iNkqubo yoLandelo loMkhondo waBafundi kuzo zonke izikolo zikarhulumente eNtshona Koloni ukusukela

ku-2006. Le nkqubo yokulandela umkhondo iza kuphucula iinkcukacha ezigcinwayo kweli phondo, iphucule nocikizeko

nomsebenzi wocwangciso ukuqinisekisa ukuba abafundi abanyamalali kulahlekwane nabo, kwaye iya kwenza kukwazeke

ukusungula amanyathelo okuncedisa abafundi nemisebenzi yenkxaso.

• Isicwangciso sesixokelelwano sobugcisa

Ngokusekelwe kwiMSP ekhoyo noqingqo-mali eyabelweyo, nezixhobo eziwele ngaphandle eziqinisekisiweyo kwixesha

elikwiminyaka emi-3 nokuba ngoku kusuke kwanzima ukugcina amaxabiso abuyiselwe endaweni yawo. Nangona kuchaziwe

ngaphambili ukuba i-WCED isebenzisa ngenkathalo ubutyebi bayo obulawulwayo ukukugcina ukusetyenziswa kwezixhobo

ezininzi ukuya kuma kwiminyaka emi-5. Ezinye izibonelelo ziye zenziwa kwizixhobo ezongeziweyo kulungiselelwa abasebenzi

abatsha.

I-MSP entsha iyaphuhliswa ngoncedo olusuka ku Mongameli oyiNtloko: ( iSebe leNkulu-mbuso) ne-Arhente yeNkulumbuso

yezeKhompyutha (SITA). Le MSP iza kuquka uphuhliso lwezi zixokelelwano zitsha ukuxhasa izibonelelo zemfundo kwiphondo,

kwangokunjalo nokubuyiselwa endaweni yayo/ nokongezwa kwezixhobo.

• Iiprojethi zoqhagamshelaniseko lwezikolo (iProjekthi yoQhagamshelwano)

I-97, 8% yezikolo zikarhulumente zesiqhelo apha eNtshona Koloni zinamakhonkco ne-Inthanethi kwaye zineedilesi ze-imeyile

esemthethweni. Oko kuthetha ukuthi ngokwenkcazo eyingcingane i-WCED inganxibelelana ngezixhobo ezisebenza

ngekhompyutha nezi zikolo. Ukuziqhelisa, nangona zonke izikolo zifumana uncedo-mali, ezinye ziyasilela ukuhlawula

umrhumo ekufuneka ziwuhlawulile we-ISP okanye amatyala akwa-Telkom ngoko ke zitsho zisikwe lungabikho unxibelelwano.

Enye i-2,2% ( emele izikolo ezingama-30) zikwiindawo ezingenazinkonzo kwaye azinakufakwa kwisicwangciso sikaTelkom

lokwamkelwa. Ezi zikolo zizakujongwa kunyaka-mali ka2007/08 xa amanye amacebo okusebenzisa iiselula nezinye izibonelelo

zokungasebenzisi cingo seziphengululwe.

Uthungelwano lwezemfundo nesizwe olubonelela ngebhanti ekwiqondo eliphezulu yonxibelelwano olusimahla kumaziko

emfundo karhulumente esiqhelo luyacwangciswa njengenxenye yePhepha leNgxelo likaRhulumente lezeMfundo lesizwe.

Iingxoxo nabo bathatha inxaxheba (kuquka i-SITA, i-DoE neZiko iMeraka eCSIR) zikwinqanaba eliqhubela phambili.

• Uqhagamshelwano

Uqhagamshelwano olunempumelelo ludlala indima enkulu eqinisekisa ukuba i-WCED ifumana injongo yomgaqo-nkqubo lwayo.

Isebe kufuneka liqinisekise ukuba unxibelelwano lusebenza kakuhle kwaye , lulawulwa ngempumelelo nangokuthembekileyo

kwiimfuno ezahlukeneyo.

I-WCED mayigcine kwaye yakhe isikhundla sokunxibelelana kakuhle kuyo yonke imigangatho, kuquka nesikhundla sayo

sonxibelelwano olumanyeneyo. Unxibelelwano olumanyeneyo lusebenza liquke umanyano lamajelo eendaba, inkxaso

yequmrhu elilawulayo, abapapashi, iwebhsayithi ye-WCED, inkxaso yolawulo lweziphumo, nolawulo lohlobo, urhwebo,

ukubhengeza neenkonzo zabaxhasi.

Ulawulo lwesixokelelwano seNtengiso

ICandelo 217 loMgaqo-Siseko woMzantsi Afrika, ngo-1996 (UMthetho 108 ka 1996) libonelela xa ilungu elilawulayo kwisizwe,

kumaphondo okanye kwezekhaya phantsi korhulumente okanye naliphi na iziko elichongiweyo kuwiso-mthetho lesizwe,

izivumelwano ezifanelekileyo kunye neenkonzo kufuneka lenze njalo ngesixokelelwano esilungileyo, esinobulungisa,

esibonakalayo kumntu wonke, esikhuphisanayo kwakunye nexabiso elisebenzayo.

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

29

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!