03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

Isebe liza kungenelela ngokuthe ngqo ukuqinisekisa ukuba uluntu luchonga iiphakheji eziyilwe ngohlobo oluqinisekisa ufikelelo

kulwazi olukwizinga eliphezulu nezakhono kunye nomiliselo lwamaziko ankqenkqeza phambili okanye iziKolo zoJoliso,

ngokuhambelana neeprojekthi zohlumo kwezoqoqosho olwenziwe ngophando lweMEDS. Kucingeleka ukuba eli candelo

lingancipha, kuba abafundi abaninzi baza kuqhutyelwa ukuba babhalise kwiiKholeji zeFET ngokweemfuno kunye nemfundo

nezithwaselo zayo ezihambelana nesakhono. Nangona kunjalo, oku akubonakalisa ukuba kuza kubakho ukonga kwimithombo

yoncedo. Enyanisweni, kucingeleka ukuba, ekuqaleni, ukusetwa kweli candela kuza kufuna ulwabiwo oluphezulu kumaseko

oncedo angaphakathi kunye nezixhobo, iinkqubo zophuhliso lootitshala nabahlohli, njalo njalo.

Onke amaxwebhu esakhelo achanekileyo e-FET NCS, kubandakanya iinguqulelo ngesi-Afrikansi, athunyelwa kwizikolo

ezingama-423 ezifundisa i-FET NCS ukusukela kwiBanga 10. Ucweyo loqhelaniso nesifundo wezifundo ezingama-29

olulungiselelwe bonke ootitshala bamaBanga 10 ukuya ku-12, kubandakanya ama-8 169 ootitshala ngo-2006 nama-5 648 ngo-

2006 lugqityiwe. Ukuncedisa kwiinkqubo zokufundisa, ukufunda nohlolo ezihambelana nezakhelo zomgaqo-nkqubo we-FET

NCS, izikhokelo zenkxaso kwisifundo sele ziphuhlisiwe, zathunyelwa futhi zacaciswa kootitshala. Ukuncedisa izikolo

ukucwangcisela umiliselo lweFET NCS kwiBanga 10 ngo-2006, izicwangciso zesifundo zonyaka kunye nee-pheysisetha,

noovimba bemathiriyeli benkxaso ekufundiseni nasekufundeni isifundo ukuxhasa iprotyhumenti zaphuhliswa nazo. Ootitshala

besiFundo ngezoBomi abangama-480 baqeqeshwa ukuxhasa abafundi ukuthatha izigqibo ezizizo ngezifundo kwi-FET NCS.

Inkxaso eyodwa yanikezelwa kootitshala beBanga 10 nabafundi ukubalungiselela ukubhala uviwo lwangaphakathi lokuqala lwe-

FET NCS ngo-2006, apho imizekelo yamaphepha esizwe eemviwo athunyelwa kuzo zonke izikolo ezichaphazelekayo.

Isikhokelo sokuseta amaphepha eemviwo eFET NCS athunyelwa kuzo zonke izikolo ezichaphazelekayo. Bonke abafundi

beBanga 10 banikwa isikhokelo sokufunda kwabandakanywa neendlela zokufunda ukubancedisa ukulungiselela uviwo

lokugqibela lokuphela konyaka, ukongeza umfundi ngamnye wanikwa iincwadi zokufunda zeeLwimi ezimbini abazenzayo,

ezeMathematika okanye iMathematical Literacy, kunye ne-Physical Science. Ucweyo lokuvala umsantsa kubafundi beBanga 9

kwizifundo zobuGcisa neNkcubeko kunye ne-Akhawuntingi lwaqhutywa ngoNovemba 2006. Ukongeza, isikhokelo ngabafundi

beBanga 11 sathunyelwa saza sacaciswa kubo bonke ootitshala bezifundo ukuxhasa abo bafundi ekufuneka ngoku benze

iNCS ngo-2007 nabaza kubhala uviwo lwesizwe lweBanga 11. Kwiinzame zokuxhasa, okwexeshana, ootitshala

abangenaziqinisekiso zakufundisa okanye abaneziqinisekiso ezinganeno kokulindelekileyo ukuba bafundise umxholo

wekharityhulam entsha, kwaphuhliswa iipakethi zoovimba boncedo besifundo ngasinye kubanjiswene kunye namaZiko

eMfundo ephakamileyo asekuhlaleni kwi-NQF Level 5 ukunceda ootitshala ukufundisa umxholo omtsha kwi-NQF Level 2, 3 no-

4 (iBanga 10, 11 no-12).

Iinkqubo ezinxulumene ne-ICT sele ziphuhlisiwe okanye zikhethiwe ukuncedisana ne-NCS. Ucweyo luqhutyiwe ukukhuthaza

ulwazi ngekhompyutha nokuhlanganiswa kweeprogram zesoftwe ekufundiseni nasekufundeni.

Ucweyo olulungiselelwe izifundo ezizodwa ezingalishumi elinesithathu luqhutywe ukusukela kumhla wesi-8 ukuya kowe-12

kuJanuwari 2007. Iipheysisetha zokulawula ufinyezo lwekharityhulam kwiBanga 11 ziza kuthunyelwa kuzo zonke izikolo.

Imizekelo yamaphepha eemviwo asetwe kuzwelonke eBanga 11 iza kuthunyelwa ezikolweni kwithem yokuqala yonyaka kwaye

izifundo ezithile ziza kuviwa kusetyenziswa amaphepha eemviwo esizwe ngoNovemba 2007.

Ugxininiso kwi-FET NCS ukusukela ku-2007 iza kuba kukuxhasa ukuqiniswa komililiselo lwenkqubo kuzo zonke izikolo

kwizifundo zonke ezingama-29 ukulungiselela iBanga 11 ku-2007 kuviwo lwesizwe, kunye nesiQinisekiso seSizwe seMatrikhi (i-

NSC) esiza kwenzeka ngo-2008. Kucetywe iinkqubo ezintathu:

(a) Ingcaciso nomiliselo lweziKhokelo zoHlolo zesiFundo ezihlaziyiweyo (ii-SAG) neProtokholi yoHlolo ezibe ngumgaqonkqubo

ngoJanuwari 2007;

(b) Izicwangciso-qhinga zokuqinisekisa ukuba ii-SAG zimiliselwa ngokwezakhelo zomgaqo-nkqubo zoHlolo ekujoliswe kuzo;

kunye

(c) Nokubunjwa kwezakhono namakhono ootitshala kwezobungcali nezemfundo ukulawula inkqubo yomiliselo lweFET NCS

kwiBanga 12 ukulungiselela i-NSC ngo-2008.

• IsiCwangciso-qhinga sokuNcedisa abaFundi (i-LAS)

I-WCED ifikelele kwi-avareji yama-80%+ kwiimviwo zesatifikethi sematrikhi kule minyaka mihlanu idlulileyo. Nangona kunjalo,

kwangaxesha nye, ezinye izikolo zisaqhuba kakubi kakhulu, ezinye zifikelela kwinqanaba lokupasa elingaphantsi kwama-30%.

Inkqubo yeZikolo zokuFunda (i-LSP) yasungulwa ngo-1999 ukujongana nale meko. I-LSP ibe nayo impumelelo kunye

nokusilela. Inani lezikolo ziphume zingena kwiNkqubo kwaye ezinye zange zakwazi ukuphuma zizimele geqe, oko kukuthi,

bezithe gqolo ukufumana iziphumo ezingaphantsi kwama-60%.

I-LSP ithe yaguquka yayi-Learner Attainment Strategy (i-LAS) ngenjongo yokuba kuziwe nesicwangciso esiqukayo

nesibandakanyayo sokuphucula ukusebenza kwabafundi. I-LAS iza kugxininisa kakhulu kwisigaba seFET, ngenjongo

ekhawulezileyo yokulungisa imeko yezikolo ezineziphumo ezingancumisiyo kwiimviwo zesiqinisekiso sematrikhi.

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

39

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!