03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

) Iqela eliza kulawula inkqubo ye-QIDS-UP sele lityunjiwe, kwaye kukho ithemba lokuba oku kuza kuphucula izinga kunye

nocikizeko lokuhanjiswa kweenkonzo kunye nezixhobo zoncediso ezikolweni ingakumbi kwimimmandla ehluphekileyo

ngo-2007, kwaye kuza kwenza igalelo kuphuculo lolawulo lwezixhobo zoncediso ezikolweni.

c) Uludwe olutsha lwee-LTSM sele luthunyelwe kuzo zonke izikolo ukuncedisa ekuphuculeni u-odolo, intengo kunye

nohanjiso lwee-LTSM ezikolweni kunyaka wama-2007. Inkqubo yeprotyhumenti (yentengo) kwaNdlunkulu wePhondo

ngumbandela otshisa ibunzi.

d) Ulawulo lwesikolo olungqingqwa ngumbandela ophambili nobalulekileyo kuhanjiso oluzikizekileyo lwemfundo

esemgangathweni. ISetyana le-HRD liphuhlise inkqubo yoqeqesho lwee-SGB kunye nendlela yokuziphatha yee-SGB

sele idraftiwe isezandleni zegqwetha lesebe ngoku sithethayo.

e) Inani lezikolo ezifikelele kwiCandelo 21 landile kunelo lokuqala lama-409 (2000/01) laya kutsho kuma-936 (2005/06),

kwaye umsebenzi/unikezelo lwenkxaso luza kuthi gqolo ukwenziwa kwezo zikolo zingama-516 zishiyekileyo. Inkuthazo

yezikolo ukuba zingenele icandelo 21 yiyo edlala indima enkulu ekukhuleni kwamanani ezo zikolo zinjalo.

3.2 Ukuphucula uMmandla weMfundo

a) Eyona projekthi ibalulekileyo kule nkalo lukhuseleko ezikolweni. IsiCwangciso-qhinga esihlanganisiweyo sokhuseleko

ezikolweni sele siphuhlisiwe kwaye sele siyidrafti yokugqibela ngoku sithethayo, nguMphathiswa wePhondo ngokwakhe

uMnu Cameron Dugmore, osibeke esweni esi sicwangciso. Oku ngumphumela wombambiswano nentsebenziswano

phakathi kwabathathi-nxaxheba abohlukeneyo ngaphakathi kwi-WCED, kwaye kuqiniswe yintatho-nxaxheba,

ubandakanyo nokunye nokuzinikela kwamanye amasebe emfundo amanye amaphondo kunye nelo likazwelonke,

kubandakanya iSebe lezoKhuseleko loLuntu, iNkonzo yamaPolisa aseMzantsi Afrika, iSebe lezoBulungisa, eloPhuhliso

loLuntu, njalo njalo. IZiko loKhuseleko lweZikolo liyasebenza kwaye ngama-50 ezikolo asele olathelwe ukuba

abonelelwe ngamaseko oncedo angaphakathi okhuseleko.

b) Iinkqubo zezicwangciso-qhinga zokuziphatha kwabafundi sele zimiliselwe kuzo zonke iziThili, ngabasebenzi

abakuzo abaqeqeshiweyo bexhotyiselwa ukuba babe ngabakhwezeli benkqubo yophuhliso okanye yeyantlukwano.

Zizikolo ezi-5 (ootitshala abangama-40) kwisiThili saseBreede River/Overberg abaqeqeshiweyo ukuba bazi kabanzi

ngekhosi yezemisebenzi, kwaye ngama-525 abakhwezeli abaqeqeshwe kuluhlu lweenkqubo zeyantlukwano. Umgaqonkqubo

omalunga nemigangatho ephantsi yeenkonzo ezizodwa kwimfundo elungiselelwe abafundi abagagana

nobunzima ngokwasemphefumlweni kunye/okanye ekuziphatheni sele uphunyeziwe ngokusesikweni njengomgaqonkqubo

we-WCED, kwaye namaxwebhu sele ebhaliwe aze athunyelwa ezikolweni.

c) Mkhulu kakhulu umsebenzi osele wenziwe ukwazisa abantu malunga nengqiqo yekhapitali yentlalo ngowek-WCED,

kwaye ingcombolo yolwazi gabalala malunga nemisebenzi eyahlukeneyo kwiziThili sele iqokelelwe ukuze kuphuhliswe

isicwangciso-qhinga sentlalo esimbaxa. Iphulo loluntu nezikolo lika-Agasti 2006, elasungulwa nguMphathiswa

wePhondo wezeMfundo libe yimpumelelo engathethekiyo. Njengegalelo eliphambili nelivakalayo le-WCED kwikhapitali

yentlalo, iforam ye-RCL yamiliselwa ngoJuni 2006. Nangona kunjalo, amalinge okuseka umbutho wee-SGB zonke

zidityanisiwe awe phantsi.

d) IsiZukulwana esiZuziweyo seeNkokheli (i-GoLD), oko kukuthi ootitshala abaselula noogxa babo kunye nabo abanefuthe

kubutyebi beli lizwe. IProjekthi yabaLingane ye-HIV/AIDS nayo iwine ibhaso lehlabathi kwi-Commonwealth

‘ngokuziPhatha ngokuNcomekayo kwezeMfundo’, yangenela ibambisene kunye ne-NGO eyi-aRhente yoPhuhliso

lweMfundo ngabaLingane beGoLD (GoLD Peer Education Development Agency).’

3.3 Ukuphuculwa komGangatho weMfundo

Lo mbandela ngowona utshisa ibunzi. Ngenjongo yokuba nempembelelo kule ngxoxo-mpikiswano, iSetyana loQinisekiso

lomGangatho le-WCED livelise uxwebhu lwengxoxo olumalunga nomgangatho wemfundo karhulumente. Ukongeza koku,

iqela leprojekthi ye-HCDS sele lihambe umgama ovakalayo ngalo mba, kwaye iSetyana: loQinisekiso lomGangatho liza

kucokisa licikize olu xwebhu lwengxoxo. KwiNkomfa yabaPhathiswa beMfundo yeZizwe ze-Commonwealth esandula

kubanjwa kutshanje umxholo wayo wawungalo mbandela nayo kwaye zonke iingcebiso ezifunyenwe apho ziza kuba

yinxalenye yolu cikizo.

Umiliselo lwesicwangciso-qhinga sika-2006/2007 ngoko luza kugxininisa kakhulu koku kulandelayo:

a) Kubafundi abangama-39 832 ababhale isethi epheleleyo yeeMviwo zeMatrikhi zika-2006, ngama-33 316 abapasileyo.

Oku kumele ipesenti epheleleyo yezinga lokupasa elingama-83, 7%, lihle kancinane kwelo lonyaka odlulileyo

ebelingama-84%. Nangana kunjalo, ngabafundi abangama- 1 238 abongezelelekileyo abathe bachophela uviwo

olupheleleyo yaze yangama-743 abafundi abongezelelekileyo abapasileyo. Oku kubonakalisa ukwanda kumanani

kunye nomsebenzi oncomekayo wabafundi kwaye kunika ithemba elikhulu kwikamva.

b) Inkqubo yolandelo lwabafundi kunye nokusetyenziswa ngokupheleleyo kwenkqubo ye-CEMIS bekufanele ukuba

isebenze ngomhla we-10 kuDisemba 2006. Inkqubo yolandelo lwabafundi sele iphuhlisiwe, imiliselwe kwaye iza

kusetyenziswa kuzo zonke izikolo zikarhulumente nee-LSEN. Ithenda yenkxaso noqeqesho lwezikolo ekusebenzise

nasekuhlaziyeni ingcombolo yolwazi sele ibhengeziwe.

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

13

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!