03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

B.7 Imfundo yabantwana abaqalayo

Ezi zilandelayo ziinjongo ezingqinisisekayo (▲) eziphathelele kumsebenzi 7, kunye nezingqinisiso zokwenziwa komsebenzi

zazo (►):

Iinjongo ezingqinisisekayo Izingqinisiso zokwenziwa komsebenzi

Ufikeleleko ▲ kubonelela ngoGrade R oxhaswa

ngurhulumente ngokomgaqo-nkqubo

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

► M701: Ipesenti yabafundi kwaGrade R oxhaswa

ngurhulumente

Imigaqo-nkqubo exeliweyo, izinto eziphambili ngokubaluleka neenjongo ezicwangcisekileyo

• Iinkalo ekujoliswe kuzo neenjongo ezicwangcisekileyo:

Ukuqinisekisa ukuba bonke abahlala kweli phondo bafumana imfundo esemgangathweni

• Ukubonelela ngendawo yamaGrade R kwizikolo zikarhulumente zesiqhelo ngokomgaqo-nkqubo nobukho

bendawo yokufunda yokufundisa.

• Ukuphucula ufikeleleko lwemfundo kubanfundi abavela kumaqela awayefudula esingelwe phantsi.

• Ukwandisa amanani abafundi abakwizifundo zeGrade R khona ukuze bonke abafundi abaneminyaka emihlanu

abahlala eNtshona Koloni babhaliswe kwizifundo zeGrade R.

• Ukuqinisekisa ukuba iziphumo zemfundo ze-NCS ziyafundiswa kwaye ziyafikelelwa kuwo onke amaGrade R

(kuya kuqhutywa iimvavanyo zokukhangela ukukulungela kwabantwana ukuya kuqala isiko)

• Ukubonelelwa kweendawo zonke ngezincedisi-mfundo zokuxhasa ukufundiswa kwe-NCS kwiGrade R

• Ukuqeqesha bonke ootitshala beGrade R kwi-NCS

• Ukukhangela abantwana abasokolayo nokuqwalasela ezo zinto zizizithintelo kwimfundo yabo.

Ukuqinisekisa ulawulo olunempumelelo kuzo zonke iindawo ekufundelwa kuzo nakwizigqeba ezinika inkxaso.

• Ukusondeza inkxaso ngolawulo nophuhliso kumaziko kaGrade R ngomsebenzi wee-ofisi zezithili nangezinye

iinkonzo zobungcali.

• Ukufezekisa inkqubo epheleleyo nenolingano yokwabiwa kweemali, kwezibonelelo zezakhiwo nabantu

bokusebenza kuyo yonke imfundo le.

• Ukuphucula ulwazi nezakhono zeemanejala zamaziko kaGrade R ngokusebenzisa inkxaso neqeqesho

olujolisekileyo.

• Ukuphucula ulwazi nezakhono zezigqeba ezilawulayo ngokusebenzisa inkxaso neqeqesho olujolisekileyo.

• Ukuphucula ulawulo lwekharityhulam neenkqubo zokuvandlakanya.

• Ukuphucula ulawulo lweemali nophuculo lomgangatho kuwo onke amanqanaba ngokwezikhokelo zomgaqonkqubo

wephondo nangokwesikhokelo somthetho.

• Ukubonelela onke amaziko kaGrade R ngenkxaso yobungcali.

Ukuxhobisa nokuxhasa ootitshala kumalinge abo okubonelela ngemfundo enempumelelo.

• Ukuphuhlisa umgangatho wocikizeko lebutho lootitshala ngokusoloko benikwa inkxaso yobungcali kwi-NCS

• Ukuxhobisa ootitshala ngenjongo yokuqinisekisa uphuhliso lwekharityhulam, imfezeko nenkxaso.

• Ukubonelela ootitshala ngenkxaso yemfundo eyodwa.

• Izinto eziphambili ngokubaluleka kumgaqo-nkqubo:

Isicwangciso esiliqili sokuxhasa i-ECD eNtshona Koloni saqulunqwa liqela elidityanelwe ngamacandelo ahlukeneyo

akhokelwe yi-WCED neSebe leeNkonzo zoLuntu noPhuhliso lweNtlalo (DSD).

Injongo yokwenza oku kukubonelela ngenkqubo emanyanisiweyo nenxityelelanisiweyo yokuqinisekisa ukukhula

kakuhle nangempumelelo kwabantwana abancinane abakule ntanga iqalela ekuzalweni ukuya kwiminyaka emine.

Injongo yesisicwangciso asikokuba bonke abantwana babe sezikhritshi nakumaziko olondolozo lwasemini, koko

kukuqinisekisa ukuba abo balondoloza abantwana (abazali, oomakhulu, abasebenzi basekulaleni, amaziko olondolozo

lwaemini, izikolo zompeleso zaseprayimari nabasebenzi basekhritshi) bayakwazi ukukhuthaza ukukhula kwabantwana

ngokwasemzimbeni, emphefumlweni nasengqondweni.

Njengenxenye yale nkqubo imanyanisiweyo yokukhulisa abantwana abahlala kweli phondo abeneminyaka 0 – 4

ngokwasemzimbeni, entlalweni nasengqondweni, i-WCED iza kuqeqesha abalondolozi kwikharityhulam ye-ECD.

Umsebenzi we-EPWP uye wanatyiselwa nakwicandelo le-ECDukuze ubonelele ngoqeqesho lwabafundi aqeqeshelwa

emsebenzini we-ECD lnokubonelela amaziko e-ECD athile asekulaleni ngemigodlwana yezincedisi.

69

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!