03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

Bonke ootitshala beSigaba se-FET banikwa uqeqesho kwiindlela zokufundisa nokuvavanya. Ngaphezulu, ootitshala

bahamba izifundo eziqhutywa ngamaziko emfundo ephakamileyo (HEIs) nezinye iingcali kwizifundo ngezifundo khona ukuze

ziphucule ulwazi lwazo oluyimfuneko. Kuqhutywa nezifundo zeekhompuyutha ukulungiselela ootitshala abanemfuno ylu

lwazi ekufundiseni kwabo.

Kwangeli xesha linye ngoku isebe eli lilungiselela ukuqaliswa kwale kharityhulam intsha, likwaqwalasela neqela labafundi

abaphumelela imatriki. Kubekwa iinkalo ekuza kujoliswa kuzo kumanani abafundi, endaweni yepesenti, abaziphumelelayo

iimviwo. Kulula ukuba anyuswe amazinga abafundi abaphumelelayo ngokusuka nje kuthotywe amanani abafundi. Le nto

kuyafuneka ukuba mayingakhuthazwa, ngelixa kubonelelwa ngamathuba okukwazi ukuya kungena kwimfundo

ephakamileyo kufuneka ekhuthaziwe. Le ke yinto ebaluleke kakhulu ehambelana nomba wamazinga okugqitywa

kwemfundo. I- WCED iye yabeka iinkalo ejolise kuyo kumba wokunyuswa kwamanani abafundi abaphumelela imatriki, nge-1

000 ngonyaka ukusuka kuma-34 000 ngo-2003 ukuya kuma-50 000 ngo-2014.

Ngo-2006 izinga lempumelelo kwiimviwo zematriki lezikolo zeNtshona Koloni lifike kwi- 83,7%. Nakubeni ikhuthaza kangaka

nje le mpumelelo, kubalulekile ukuba kusetyenziswe nezinye izinto xa kuhlalutywa iziphumo. Eyona nto ibaluleke kunazo

zonke ke kuloo msebenzi ngamazinga omgangatho wale mpumelelo. Ukuphumelela ngendlela eya kukuvumela ukungena

kwimfundo ephakamileyo kuthathwa njengowona mlinganiselo womgangatho, njengoko kufuneka ukuba umfundi aphumele

izifundo ezine ubuncinane kudidi oluphezulu. Into esabanga inkxalabo enkulu isengamanani amancinane abafundi

bamnyama abavela kwizikolo zazisakuba zezalaa masebe ayesakuba lele-DET nele-HOR abaphumelela ngendlela

ekuvumelayo ukungena kwimfundo ephakamileyo nabaphumelelayo kwimathematika nenzululwazi.

I-WCED iza kuthi gqolo ukuzibhiyozela izikolo eziqagcinayo okanye eziwandisayo amanani abafundi ababhaliswayo, kodwa

ziwugcine okanye ziwuphucule umgangatho wazo wempumelelo ekhokelela kwimfundo ephakamileyo.

4. Izikolo zikarhulumente ezizodwa

Kunikwe ingqwalasela eyodwa kuhlengahlengiso lweenkonzo ezizodwa zemfundo ukuze kujongwane neemfuno ze-WCED,

nokuqinisekisa usetyenziso ngokupheleleyo koovimba abakhoyo. Ngokwangoku ufikelelo kwiinkonzo zenkxaso yemfundo

yeemfuno ezizodwa lufunyanwa ngabambalwa xa kuthelekiswa nesidingo sayo. Unikezelo lwecandelo lezikolo ezineemfuno

ezizodwa alukwazi ukumelana neemfuno ezikhulayo zabafundi abafuna iinkonzo zenkxaso eyodwa kwezemfundo ingakumbi

kwimimmandla yasemaphandleni. Ukunqongophala kweenkonzo zemfundo eneemfuno ezizodwa ezilungiselelwe abafundi

kungumqobo omkhulu ekufundeni ngokwasemphefumlweni, esimilweni nasengqondweni kwaye kufuneka ukuba kunikwe

ingqwalasela eyodwa ngabathathi-nxaxheba abohlukeneyo. Isidingo sezikolo ezongeziweyo zezakhono sivela kwinani

elikhulayo labafundi abafuna ukufunda kwezi zikolo zilolu hlobo. Ngoko ke, kunyanzelekile ukuba inkcitho kweli candelo

yandiswe ngokwexeshana elifutshane, nangona kungekho mali yaneleyo ikhoyo ngokwesithuba sexesha elifutshane.

A.4.3 IiKholeji ze-FET

Eli candelo libaluleke kakhulu kwizicwangciso zethu zophuhliso, ngakumbi kuba lilungiselelwe ukunyusa ufikeleleko

kubafundi (ngokuqulunqwa kwezifundo ezifanelekileyo nangokunikwa kwenkxaso-mali). Eli candelo sele lizigqibile

izicwangciso eziliqili zophuhliso, lazihlengahlengisa nezifundo eliziqhubayo, lagqiba nekharityhulam yezifundo ezitsha,

ezisekelwe kakhulu kuphando olwenzelwa i-MEDS. Kananjalo imali yophuculo ekhutshwe liSebe leMfundo leSizwe iya

kunceda iikholeji zikwazi ukukhawulelana neemfuno zophuhliso zephondo eli nezoqoqosho. Ngokusebenza

ngokusondeleleneyo nee-SETAs, iikholeji ziyakwazi ukuba zizifikelele iinkalo ebeziye zajolisa kuzo ngakwicala labafundi

abaqeqeshwa emisebenzini ezibekwe liSebe lezaBasebenzi lesizwe. Indawo ebaluleke kakhulu kuphuhliso lweli candelo iya

kuba kukusekwa kweNkqubo yeeNkcukacha zeeKholeji ze-FET (FET College Information System) eya kuthi isenze sikwazi

ukuyilandela ngokuchanekileyo indlela eqhuba ngayo necikizeke ngayo le nkqubo.

Kuza kuchithwa imali eyi-R227 million kuphuculo lweekholeji ze-FET kwesi sithuba sisukela ku-2006/07 ukuya ku-2008/09.

ISebe eli kunye neekholeji ze-FET ezintandathu zisebenza ngokwesicwangciso esiliqili. Iikholeji kufuneka ukuba zenze

uvandlakanyo lweemeko zeendawo ezikuzo nolunye uphando olunxulumene nazo ngokuphathelele kwiimfuno zophuhliso

lwabantu bokusebenza kwezi ndawo. ISebe eli liqhuba olwalo uhlalutyo, lize ke lisebenzise iziphumo zalo ekuvandlakanyeni

izicwangciso zeekholeji. Iikholeji zikwimeko entle kakhulu (xa zinokuba nazo izinto) yokukhawulelana nemisantsa ekhoyo

kwizakhono kweli Phondo kwakunye nezinto eziphambili ngokubaluleka zesizwe.

Izicwangciso zophuculo lweekholeji ezintandathu zimanyaniswe nezicwangciso eziliqili zekholeji nganye, kwaye ke ngoko

zizixhasa ngokupheleleyo iinkalo zemisebenzi ezithe zafunyaniswa ngomsebenzi we-MEDS. Ngale ndlela ke umanyaniso

olungenazimfanta lweenjongo zophuculo nezinto eziphambili ngokubaluleka kuphuhliso lwabantu bokusebenza eNtshona

Koloni lungafezekiseka.

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10 18

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!