03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

• Izinto eziphambili ngokubaluleka kumgaqo-nkqubo:

Izinto eziphambili ngokubaluleka ziquka -

• Umiliselo lwe-HCDS

• Umiliselo lwesigaba sokuqala sesakhelo seqoqo eliphezulu lolawulo kwi-WCED ehlengahlengisiweyo, oluza

kuqinisekisa ukuba isebe likulungele ukumilisela i-HCDS kwaye limele wonke ummi waseNtshona Koloni.

• Ukuqinisekisa ukuba iNkqubo yoLandelo loMkhondo waBafundi (Learner Tracking System) kwizikolo

zikarhulumente zesiqhelo kunye neNkqubo yolawulo lweekholeji ze-FET eyiIMFUNDO YECANDELO LE-FET

Management Information System (FETMIS) iyasebenza.

• Ukubumba iKhapitali yeNtlalo kwicandelo lemfundo ngokusebenzisana neeforma ze-RCL, ootitshala abadla

umhlalaphantsi nee-SGB kunye namanye amaphulo obambiswano noluntu.

• Ukuphucula zonke iinkalo zolawulo lwemali namaxanduva e-akhawuntingi ukuze kuyiwe kufikelelwa kwiZinga 4

eliphicothekayo lwesebe.

• Ukusetyenziswa kwe-HCDS

• Ukusetyenziswa kweNkqubo yoLandelo loMkhondo waBafundi (Learner Tracking System) kwizikolo

zikarhulumente zesiqhelo kunye neNkqubo yolawulo lweekholeji ze-FET eyiIMFUNDO YECANDELO LE-FET

Management Information System (FETMIS).

• Ukumiswa ngokutsha kwe- WCED

• Ukumiselwa kwentlalo enozinzo kwicandelo lemfundo, okubandakanya ukusekwa kweeforum zeeKhansile

zaBameli baBafundi (RCLs) neZigqeba zoLawulo lweZikolo (SGBs)

Uhlalutyo lokuhamba komsebenzi

• Uzinzo lwentlalo

I-WCED sele inayo imisebenzi ngemisebenzi eyiqhubayo enegalelo kuqinisekiso lwentlalo enozinzo. Abantu

baqeqeshelwa ukuzuza amanqanaba aphezulu amava nobungcali. Ukuze kusetyeniswe ngokukuko olu lwazi, kudalwe

iinetwekhi zokwabelana nokunikezelana 'ngekhapitali'. Ukuxhamla kanobomi kula mava oluntu, iiforam zengxoxo

nosunjululo lweengxaki ezinjengeeSGB, iiRCK nootitshala abadla umhlalaphantsi zimiliselwe -

• Ii-SGB eziphuma kuluntu lonke lwaseNtshona Koloni ziba nendibano apho zixukavatha imibandela ejongene nezikolo

noluntu. Le mibandela iquka iinkqubo zoKhuseleko eziKolweni kunye ne-HIV/AIDS Life-skills neNkqubo yeSondlo

yeSizwe ezikolweni (i-NSNP).

• Ii-RCL ezikolweni ziyazibandakanya kwimibandela yobunkokheli kwaye zinikwa namathuba okufaka ifuthe okanye

ukuba nempembelelo kwimicimbi yolawulo enjengokuziphatha, usonjululo lwempixano nokuba ngumzekelo omhle.

Ngokubamba intlanganiso yamalungu eRCL ezikolweni, amalungu abanethuba elihle lokunxibelelana nesiThili kunye

nePhondo kwaye ngomhla we-15 kuJuni 2006 iSakhelo sePhondo sasungulwa.

• Ii-SGB kunye nee-RCL ziyaxhotyiswa ukuba zisebenze ngokubambisana ngemibandela ejamelene nesikolo kunye

noluntu. Uqhagamshelwano oluphuculweyo lweenkqubo neeprojekthi zophuhliso lwekhapitali yentlalo luza kunikwa

ingqwalasela njengenxalenye yenkqubo yoHlenga-hlengiso kwi-WCED.

• Ingcombolo yolwazi engooTitshala abadla umhlalaphantsi iyaqulunqwa ukwenzela ukuba ulwazi olubalulekileyo

kunye nobungcali bungalahleki kwesinomhlwa koko lusetyenziswe ukuqhelanisa nokukhokela kwizikhokelo

zaseNtshona Koloni.

• Uphuhliso lobambiswano ngesicwangciso-qhinga kwiphondo kunye noluntu ukuxhasa amaphulo anjengophuhliso

lwemfundo iyonke, (ingqiqo yesikolo noluntu), ukufundiswa ngumlingane, (indlela yokuziphatha

esemgangathweni/isicwangciso sothintelo) kunye nenkuthazo yezikolo ukuba zibe ngamathanga ohoyo nenkxaso.

• Iziko lokuFundisa laseKapa(i-CTI)

Eli ziko lihambise ngempumelelo kuqeqesho lwaminyaka le nakwinkqubo yophuhliso kootitshala bamaNqanam

Aphantsi, Aphakathi naPhezulu kananjalo nakulawulo lwesikolo nophuhliso lobunkokheli. Impembelelo yohlolo

ukuphazamisa uqeqesho iqinisekise umgangatho okwizinga eliphezulu lokuba nempumelelo eklasini nakwiindawo

ezichongiweyo ukuphucula nenkxaso eyongezelelweyo efunekayo. Eli ziko linikeze ngempumelelo iisemina

neengqungquthela zootitshala kwiindawo ezingundaba-mlonyeni.

• Ucwangciso lwezibonelelo lwamaziko akhoyo

Ucwangciso lwamaziko luka-2006 olwamkelwayo lubonisa umsebenzi ongekenziwa wezikolo ezintsha ezingama-104

apho ezingama-20 zigqitywe ngo-Februwari 2006, ezili-13 zisalungiswa ukuze ezili-12 zisacetywa. Kananjalo izikolo

ezingama-59 zisafuna ukujongwa. Kulindeleke ukuba izikolo ezili-13 ezisalungiswayo nezili-12 ezisacetywayo zigqitywe

kule minyaka mihlanu izayo.

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

28

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!