03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

Ukuhlengahlengiswa kwezikolo ezizodwa kwiphondo ukuze abafundi abanava ezithintelo zokufunda bafikelele

kumaziko karhulumente ngumba ophambili lowo. Ukuqinisa izikolo ezizodwa/ amaziko obutyebi kunzima ukuze

kubonelelwe ngenkxaso ekhethekileyo kwintsingiselo eyintloko nakwinkonzo epheleleyo yezikolo kunye nenkxaso

yamaqela asekelwe kwisithili. Lo mba uphambili ukwadityaniswe neprojekthi yovavanyo lwemfundo ebandakanyayo

yesizwe kwimimandla emithathu yephondo kwaye iquka ukunyusa umlinganiselo wokubonelela iinkonzo

ezikhethekileyo kubafundi abaneemfuno eziphezulu zenkxaso, nokunyusa izixhobo zokufundisa ezikolweni ukuze

kuphuculwe ukufikeleleka kwezi ndawo.

Inkcazelo yenkqubela

Ngoku sinabafundi abanga-14 199 kwizikolo ezizodwa ezingama-67, apho ezisixhenxe zinikeza ikharikyulam yeFET.

Ubhaliso lwabafundi kwiMfundo ePhakamileyo yaseKapa yeMathematika, Inzululwazi neTekhnoloji lunyuke laya kuma

kuma-274 abafundi nekharikyulam yandile ukuya kwiBakala le-12. Iilebhu ezimbini ziye zasungulwa neendawo ezithile

zokugqibela zehostele ziye zalungiswa. Ngoku kukho abafundi abangama-274 (ukusuka kwiBakala le-10 ukuya kwele-12)

kwesi sikolo seMfundo ePhakamileyo.

Ngenxa yemfuneko engathethekiyo yokubhaliswa kwabafundi kwiZikolo zeZakhono, kuye kwamiselwa izikolo ezibini,

ezibizwa ngokuba yiMitchels Plain School ne Siviwe School of Skills eseGugulethu.

ISebe leMicimbi yezeNkcubeko nezemiDlalo neWCED, ngokudibeneyo basungule iziko leSikolo seBhola laseNtshona

koloni eliseKuils River.

Ukuqeqesha abasebenzi ukusuka kumaziko olutsha neenkonzo zenkxaso kwi-EMDC kwizakhono zokukhawulelana

nemiceli-mngeni yokuziphatha, nokuqeqesha abasebenzi njengabakhokeli beenkqubo zophuhliso zolutsha kuyaqhubeka.

Iinkokheli zeenkqubo zophuhliso zolutsha zokuYila iNkqubo yeKamva elizayo neNkqubo yoLwazi lweziYobisi ziqeqeshelwe

kwiEMDC. Abasebenzi abaxhaswa yi-EMDC nabo basuka kumaziko olutsha baqeqeshelwe izifundo ngezakhono zobuchule

ngamayeza nokunyanga, oko kuthetha ukuthi, uhlaziyo lodliwano-ndlebe, uhlaziyo longenelelo lwamaqela, intetho ntuthuselo

ngeziyobisi nokukhawulelana nabophuli-mthetho ngezesondo. Abasebenzi abangama-631 baye bathabatha inxaxheba

koluqeqesho lwezi nkqubo.

Ubuncinane imigangatho yeenkonzo ezikhethekileyo zemfundo yabafundi abasengozini iye yavunywa kwaye yakhutshwa

kwiEMDC ukuba iphunyezwe.Iinjongo zale migangatho yemfundo kukuqinisekisa ukuba iinkonzo ziyasebenza kakuhle

kwaye zinempumelelo, nokuba nemithetho-siseko yoMgaqo-Siseko woMzantsi Afrika, nezinye izixhobo zowiso-mthetho

nezamazwe angaphandle ( Ingqungquthela yeZizwe Ezimanyeneyo kumaLungelo Abantwana) ziphakanyisiwe kananjalo

ukuchonga ukuziswa kwemiceli-mngeni nokwakha umlinganiselo wobukhulu nobutyebi obufunekayo ukuphuhlisa izikolo.

Inkcazelo yezinyanzelo nemilinganiselo ecwangcisiweyo ukuzoyisa

Izibonelelo ezikhoyo ngoku kwicandelo lezikolo ezizodwa azanelanga ukuhlalisa inani labafundi abahlangabezana

nezithintelo ezidluliswa zizikolo ezizodwa. Oku kuphelela ekubeni kube noluhlu olude lwabalindileyo kwizikolo ezikhoyo

ezizodwa.Ukumiselwa ngengqiqo kwezikolo ezizodwa kunenjongo zokuphucula ukuhanjiswa nokufikeleleka kwiinkonzo

ukuze kuhlaliswe abafundi. Nangona, ngamafutshane, ukufumaneka kwenkxaso eyaneleyo nezithuba zootitshala beCS

ezongezelelweyo zisanda kumyinge wezikolo ezizodwa kodwa kukwangumceli-mngeni, iindlela zokwenza intetho ngalo mba

ziza kuxoxwa ethubeni.

Abafundi ababonisa iimpawu ezichukumisayo ngokwasemphefumlweni, ngokuziphatha nolwaluleko ngengqondo ekufundeni

abazi kuhlaliswa kwizikolo ezizodwa okanye kumaziko olutsha. La maziko emfundo awanamlinganiselo wokubonelela

ngenkxaso ekumgangatho eliphezulu nonyango olufunekayo. Ezi nkonzo zihanjiswayo zixelwayo liSebe lezeMpilo

noPhuhliso lwezeNtlalo.ngokufanayo nazo azanelanga ukubonelela ngezi nkonzo zizodwa. Ngenxa yoko aba bafundi

bangenathamsanqa abakwazi kufikelela kakuhle kwikharikyulam okanye bafumane inkathalo efanelekileyo neenkqubo

zolwaluleko zengqondo. Abanye abafundi bathi bangquzulane nomthetho ngenxa yokuba bengafumani zinkonzo kwaye

baphula umthetho ethubeni bakugqiba badluliselwe kuMthetho woKhathalelo lwaBantwana ka-1983 noMthetho weNkqubo

zoLwaphulo-mthetho ka-1977 kumaziko olutsha nakumaziko awodwa olutsha. Iingxoxo namanye amasebe ukuveza lo mba

wokuhanjiswa kweenkonzo uyamiliselwa.

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

59

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!