Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury
Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury
Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury
Create successful ePaper yourself
Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.
MALUNGA NOLU XWEBHU

IsiCwangciso esiliQili soNyaka soKwenziwa koMsebenzi liSebe leMfundo (i-WCED) sicacisa izicwangciso zezemfundo

kaRhulumente wePhondo zeminyaka ukususela ku-2007/08 ukuya ku-2009/10, kugxininiswa ngakumbi koko kuza

kwenzeka kunyaka-mali oqala ngomhla woku-1 ku-Apreli 2007 uye kuphela ngomhla wama-31 kuMatshi 2008. Eli xwebhu

likwabandakanya ingcombolo yolwazi eninzi malunga nemeko ekuyiyo ngoku kwezemfundo: Yintoni imingeni ephambili

iyeyiphi kwaye athini na amangenelelo kaRhulumente kulo mbandela.

Zibini izigaba ezingundoqo kolu xwebhu.

IsiGaba A sicacisa malunga neenkalo ekujoliswe kuzo kunye neenjongo ezicwangcisiweyo zesizwe kunye nendlela

ezixhaswa ngayo zizicwangciso eziliqili kunye nezo zesebe. Kukwachazwa neenkalo zempumelelo kwiphondo eli kwakunye

nemingeni elijongene nayo. IsiGaba A sona sikwacacisa malunga nomkhomba-ndlela ngokuphathelele kwiinkonzo zezikolo

zompeleso (pre-school services), ezezikolo, ezeekholeji ze-FET kunye nezemfundo yabantu abadala.

IsiGaba B sinika iinkcukacha ezipheleleyo malunga neenkonzo zeSebe leMfundo, nemingeni elijongene nayo

kwezentlalo nezoqoqosho. Imibandela ephambili esetyenzisiweyo ukuqulunqa nokucwangcisa ingcombolo yolwazi

kwisiGaba B yile:

• Iinkqubo zohlahlo-lwabiwo-mali lwePhondo. Zizonke zisibhozo ezi nkqubo. Zona zenza amacandelwana

esiGaba B.

• IiNjongo eziCwangcisekileyo. Zona zikhe zavelelwa kwisiGaba A, kodwa kwisiGaba B zihanjiswa nenkqubo

nganye yohlahlo-lwabiwo-mali. Kukho iinjongo ngeenjongo ezicwangcisekileyo ezahlukeneyo zizonke, kwaye

zibonakalisa amacala acwangciselwe ukuba iye ngakuwo le misebenzi ngemisebenzi yohlahlo-lwabiwo-mali.

• IiNjongo eziNgqinisisekayo. Zona zithe kratya ngokuthi ngqo kuneziya njongo zicwangcisekileyo, kwaye zona

zihambelana neenkqubo ezithile.

• IziNgqinisiso zoKwenziwa koMsebenzi. Zona ziphantsi kweenjongo ezingqinisisekayo, kwaye ziyinkcazelomanani

ethathelwe phezulu nguRhulumente, umzekelo, ipesenti yabantwana abakwiminyaka yokuba sesikolweni

kunye nolutsha olubhalisiweyo apha kwisixokelelwano sezemfundo.

• Ujoliso lokwenziwa komsebenzi. Isingqinisiso sokwenziwa komsebenzi ngasinye sineendidi ezintathu zojoliso

lokwenziwa komsebenzi, udidi ngalunye ilolonyaka ngamnye kule minyaka-mali mithathu izayo. Ezi ndidi zojoliso,

nekugxininiswa kakhulu kuzo phaya kuhlalutyo nakwizicwangciso ezinikiweyo kulo mqulwana, zibonakalisa indlela

aceba ngayo uRhulumente ukuphucula ukunikwa kweenkonzo kule minyaka izayo.

IsiHlomelo A sona sidwelisa iziNgqinisiso soKwenzia koMsebenzi (ii-PM) ekuvunyelwene ngazo kundlunkulu.

KwisiNgqinisiso ngasinye soKwenziwa koMsebenzi, inani, inkcazelo emfutshane kunye nenkcazelo endana zinikiwe

zadandalaziswa.

Iinjongo ezicwangcisekileyo, iinjongo ezingqinisisekayo nezingqinisiso zokwenziwa komsebenzi zenziwe zafana kwilizwe eli

lonke, ngamanye amazwi, ziyafana kwiphondo ngalinye (kambe ke kunokwenzeka iinjongo ezicwangcisekileyo

nezingqinisiso zokwenziwa komsebenzi zibekhona ecaleni kwezi zesizwe). Ujoliso lokwenziwa komsebenzi lona lukholisa

ukwahlukana ngokwamaphondo ngamaphondo, kuxhomekeke kwiimeko zelo phondo.