03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

• Inkxaso yabafundi nootitshala ngezixhobo zokufunda nokufundisa (ii-LTSM)

Luxanduva lwe-WCED ukuthengela zonke izikolo ezingekho phantsi kweCandelo 21 ii-LTSM kwaye inesivumelwano

seminyaka emibini kunye nabaxhasi ukufezekisa le njongo. Ngokwemiqathango yesivumelwano esikhoyo, abaxhasi

abangama-119 babhalisele ukuhambisa ii-LTSM kwizikolo ezingama-516 ezingekho phantsi kweCandelo 21. Injongo yesebe

kukufikelela kunikezelo nohanjiso olungama-100% lwazo zonke ii-LTSM ezi-odolwe zizikolo ezingekho phantsi kweCandelo 21

phambi kokuba kuvulwe izikolo ekuqaleni konyaka. Ukufezekiswa kwale njongo kuxhomekeke kubukho bee-LTSM

Izikolo zeCandelo 21 zifumana inkxaso-mali ephuma kwisebe kwaye zinoxanduva lokuthenga ii-LTSM ngokwelisti yabaxhasi

ekhutshwa lisebe.

Zonke izikolo kunyanzelekile ukuba zilandele uMgaqo-nkqubo we-Preferential Procurement wephondo kwimali ezabelwe yona

ye-N&S yencwadi zokufunda kunye nezinye iincwadi. Ukulungiselela le njongo, zimbini iilisti zabaxhasi. Ilisti yokuqala (yilisti

yabakhethiweyo) abamele abo baxhasi ekufuneka banikwe ingqwalasela eyodwa kuqala. Ngabo bebefudula bedlelelelwe

amathuba ngaphambili (ii-HDI) ngamashishini amancinane, aphakathi nasakhulayo (ii-SMME). Izikolo kufuneka zithenge

iincwadi zokufunda kunye nezinye iincwadi ezixabisa ubuncinane ama-70% esabelo se-N&S kwabo baxhasi bakwilisti

yokuqala. Iincwadi zokufunda nezinye iincwadi ezishiyekileyo (ama-30% esabelo seencwadi ezifundwayo kunye nezinye)

zinokuthengwa kubaxhasi abakwilisti yesibini. Ezi listi ziyathunyelwa ezikolweni ziphantsi kwekhava yeesetyhula.

• Uthutho lwabafundi

Akulula ukuba kwakhiwe izikolo eziza kuba kumgama ongama-5 eekhilomitha ezilungiselelwe wonke umfundi. Ukwenzela

ukuba kube lula ukuba abafundi bakwazi ukufikelela kwizikolo ezikufutshane nabo, isebe limiliselwe manyathelo wambi

ukufezekisa oku. Oku kubandakanya unikezelo ngeskimu sothutho lwabafundi okanye intlawulo yebhasari yokuhlala okanye

yebhasari yokuthuthwa kubafundi abatsala nzima kakhulu ukuqinisekisa ukuba bayakwazi ukuya esikolweni. Ukuhlala

kwiihostele nako kunganikwa ingqwalasela nangona oku kuneengxaki zako (iindleko eziphezulu, abafundi abakwazi ukugoduka

ngeempelaveki, njalo njalo).

Ngumgaqo-nkqubo we-WCED ukuthutha abafundi bamaBanga 1- 12 abahlala kumgama ongaphezu kweekhilomitha ezi-5

kunye nezikolo ezikufutshane nabo. Kungoko ke i-WCED ijamele nolawulo lwama- ± 490 lwezithuthi ezithutha abantwana

abangama- ± 47 000 besikholo yonke imihla.

Iskimu sothutho lwabafundi asikwenziwa xa ngaba abafundi bengaphantsi kwe-10 kwindlela ethile kunye/okanye kumgama we-

5 zeekhilomitha ukusuka kwikhaya lomfundi, kodwa lungakho utshintsho phantsi kweemeko ezingaphaya kwamandla umzekelo

kubafundi abakhubazekileyo abafunda kwizikolo zesiqhelo.

Umgaqo-nkqubo wothutho lwabafundi uphononongwa ngokutsha.

• I-e-Education

I-e-Education White Paper yesizwe iwenzile amalungiselelo entlaninge yeenjongo zezicwangciso-qhinga, umzekelo, uphuhliso

kwezobungcali, amaseko oncedo angaphakathi e-ICT, oovimba bomxholo we-elektronikha, uqhagamsheleko, ubandakanyo

loluntu kunye nophando nophuhliso. Ngeeprojekthi ezikhoyo ezahlukeneyo ze-WCED ICT, kubandakanya iProjekthi kaKhanya,

iProjekthi yoQhagamshelaniseko lweZikolo kunye webhusayithi yeKharityhulam, zonke ezi njongo ziyafezekiswa.

Kwisithuba se-MTEF ka-2007/08 – 2009/10 iProjekthi kaKhanya iza kunikezela kwizikolo zikarhulumente ezishiyekileyo

ubuncinane ngekhompyutha enye, ngelo xesha uninzi lootitshala kwiphondo baza kuba sele belufumene uqeqesho

olungundoqo kwi-ICT, zonke izikolo ziza kuqhagamshelaniswa nge-intanethi kusetyenziswa uqhagamshelwano oluphezulu lwebandwidth

kwaye ezinye izixhobo ezongezelelekileyo ze-elektronikha ziza kufumaneka (kwiWebhusayithi ye-WCED okanye

kwi-Thutong Education portal).

• Inkqubo kaZwelonke yeSikolo yeSondlo (i-NSNP)

Uxanduva lwabalawuli be-NSNP lwasuswa kwiSebe leMpilo lephondo lasiwa kwiSebe leMfundo ngomhla woku-1 ku-Apreli

2004. Ngelo xesha ngama-145 596 abafundi kwiBanga R ukuya ku-7 abondliwayo kwizikolo ezimalunga nama-659

zaseprayimari ezachongwayo kwiphondo.

Ukusukela ngoko, izikolo zaseprayimari nasesekondari ezihluphekayo zabandakanywa kwi-NSNP kwaye ngoku malunga

nama-203 600 abafundi abondliwayo kwizikolo ezichongiweyo zaseprayimari, ezizodwa nezasesekondari ezingama-993.

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

42

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!