03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

yamncedisa ekuqhubeni ii-experimenti ezininzi eziphuma kwikharityhulam yeBanga 10 yaza yamnika nesikhokelo sokuqhuba iiexperimenti

ezinjalo eklasini. Ividiyo yee-experimenti iyaqhutywa. Iividiyo ze-Learning Channel zokuxhasa ukufundisa

nokufunda iMathematika, isiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo, isiFundo ngezoBomi neNzululwazi yathunyelwa kuzo

zonke izikolo zoJoliso nezeDinaledi/MST. Iimviwo zePhondo zeMathematika kunye neNzululwazi zeBanga 11 zasetwa

ukumilisela umgangatho ochanekileyo ekupheleni kweBanga 11. INkqubo yeMaster Mathematics neScience isungulwe apho

ootitshala abanezakhono nolwazi baza kufundisa iiyure ezili-100 iMathematika okanye iNzululwazi kootitshala bezikolo

zeDinaledi.

Bonke ootitshala beBanga 8 beMathematika bafumana uqeqesho kwizibalo kwaze kwathunyelwa imathiriyeli yokufunda

ezikolweni zonke elixa ootitshala abaLwimi lwabo lwesiBini olongezelelweyo bona bazuza uqeqesho kunye nenkaso eyodwa

ekufundiseni isiNgesi njengoLwimi lwesiBini. Izikolo zindwendwelwe nguSekela Mphathiswa weSizwe kwiMfundo kunye

noMphathiswa wePhondo weMfundo eNtshona Koloni namanye amagosa ohlukeneyo esebe.

Ezi zikolo zabelwa utitshala omnye owongeziweyo weMathematika kunye/okanye iNzululwazi kwaye usisigxina ukwenzela

ukuba kubekho ujoliso olululo ku-higher grade kunye nenkxaso eyongezelelweyo kubafundi.

Kwabanjwa inkomfa ekupheleni kukaJanuwari 2007 ukuxoxa malunga neethagethi kunye nomkhombandlela neenqununu,

nootitshala beMathematika neNzululwazi. Uqeqesho luka kuqhubeka lona. IYunivesithi yaseKapa yona kwinkqubo

yeMathematika kunye neNzululwazi kwiMfundo iza kunika inkxaso eyodwa kwizikolo ezi-5 zeDinaledi. Inkxaso kwizibalo

kwiBanga 8 njengenkxaso kootitshala boLwimi lwesiBini lwesiNgesi iza kuqhubeka.

Amanqanaba entaho-nxaxheba kwiBanga 12 kwimathematika nenzululwazi ku-2003-2006 ahamba ngolu hlobo:

Isifundo Ababhalileyo

2006

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

Ababhalileyo

2005

Ababhalileyo

2004

Ababhalileyo

2003

I-Additional Mathematics HG 202 179 191 132

I-Functional Mathematics SG 115 122 93 125

I-Functional Physical Science 39 39 51 65

Mathematics HG 4 420 4 992 5 093 4 446

Mathematics SG 18 290 17 474 16 933 17 504

Bebonke abaMathematika 23 066 22 806 22 361 22 272

Physical Science HG 4 164 4 736 4 884 4 335

Physical Science SG 8 173 7 861 7 240 7 775

Bebonke abePhysical Science 12 337 12 597 12 024 12 110

• I-FET NCS

I-NCS kwiBanga 10 - 12 (Jikelele) iqale ngomiliselo kwiBanga 10 kuzo zonke izikolo zikarhulumente nezizimeleyo ukusukela

kuJanuwari 2006. Le yinkqubo yeminyaka emithathu, kunyaka wesibini iza kumiliselwa kwiBanga 11 ngo-2007 ukuba

kwiBanga 12 imiliselwe ngo-2008, itsho ikhokelele kwiSatifikethi seSizwe seMatrikhi (i-NSC). Uviwo lwe-NSC lokuqala luza

kubhalwa ngo-Oktobha/Novemba 2008.

Oku akubandakanyi usungulo lwekharityhulam entsha kuphela, kodwa okona kubalulekileyo isicwangciso-qhinga solungiso

lwekharityhulam – usungulo lweephakheji ezandisiweyo nezibalulekileyo (kugxininiswa kwimathematika, inzululwazi neteknoloji

neelwimi) ebe zibandezelekile ngenxa yezizathu zezopolitiko, ukunqaba kwenkuthazo okanye umdla, kunye nokunqongophalo

kwemithombo yoncedo.

38

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!