03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

B.4 Imfundo yezikolo zikarhulumente ezizodwa

Ezi zilandelayo ziinjongo ezingqinisisekayo (▲) eziphathelele kumsebenzi 4, kunye nezingqinisiso zokwenziwa komsebenzi

zazo (►):

ezingqamene nenkqubo umlinganiselo wokuqhuba kwabo

Ukufikelela ▲ Ukunikezela ngoncedo olufikelelekayo

kwizikolo ezikhethekileyo ngokomgaqo-nkqubo

nemithetho –siseko yemfundo ebandakanyayo

Iinkqubo ezibalulweyo, izinto eziphambili neenjongo zesicwangciso-nkqubo

Iinjongo zesicwangciso-nkqubo:

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

► PM401: Ipesenti yabantwana abaneemfuno

zemfundo ezizodwa abakwiminyaka yobudala

ekunyanzelekileyo ukuba sesikolweni kuyo

abangabhaliswanga kumaziko emfundo

• Ukuqinisekisa ukuba bonke abantwana abahlala kweli phondo bafumana imfundo esemgangathweni.

• Ukubonelela abafundi ngeendawo ezikolweni zikarhulumente ezizodwa ngokomgaqo-nkqubo nezimithetho-siseko

yezemfundo ebandakanyayo

• Ukuphucula ukufikeleleka kwezikolo zikarhulumente ezizodwa ngabafundi abavela kwiindawo ezazifudula

zijongelwe phantsi.

• Ukubonelela abafundi ngenkxaso ngezasengqondweni, ezasentlalweni, nezobuchule ngamayeza nonyango

nokufunda ngokwemfuneko ekumgangatho ophezulu yenkxaso kananjalo nabafundi abakwizikolo eziyintloko.

• Ukunyusela phezulu imfundo enempumelelo nebandakanyayo kubafundi abanamava okuthinteleka kwimfundo.

• Ukuqinisekisa ukuba liphezulu kangangoko inani labafundi bezikolo zikarhulumente ezizodwa abayigqibayo

imfundo yabo.

• Ukufumana ezona ziphumo zakha zaphezulu kubafundi bezikolo zikarhulumente ezizodwa.

Ukuqinisekisa ulawulo nempatho enempumelelo kuzo zonke iindawo zokufundela nakwizigqeba ezinika inkxaso.

• Ukusondeza inkxaso ngolawulo nempatho nangophuhliso ezikolweni ngomsebenzi wamagosa esithili nezinye

iinkonzo zobungcali.

• Ukuphumeza inkqubo epheleleyo nenolingano yokwabiwa kweemali, kwezibonelelo zezixhobo zabantu

bokusebenza kwisixokelelwano.

• Ukuphucula iinkqubo zolawulo nohlolo lwekharikyulam

• Ukuphucula ulawulo lwemali nokunyuswa komgangatho kuwo onke amanqanaba ngokwezikhokelo zomgaqonkqubo

wephondo nangokwesikhokelo sesakhelo sowiso-mthetho.

• Ukubonelela ngenkxaso yobungcali kuzo zonke izikolo ezizodwa zikarhulumente

Ukuxhobisa nokuxhasa ootitshala kumalinge abo okubonelela ngemfundo enempumelelo.

• Ukubonelela ngootitshala kwizikolo zikarhulumente ezizodwa ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo.

• Ukuphuhlisa umgangatho wobungcali wokuqala ukufundisa, ngokwenkxaso eqhubekayo yobungcali.

• Ukuphuhlisa izinto zokusasaza nolwazi lobugcisa jikelele obunokubakho (imfundo neICT) ukukhulisa ukufundisa

nemfundo nenkxaso kwikharikyulam.

• Ukusungula iinkqubo zophuhliso ezijoliswe kootitshala ngokusebenzisa iZiko lokuFundisa laseKapa (CTI-Cape

Teaching Institute)

• Ukubonelela ngenkxaso yemfundo ekhethekileyo kootitshala.

• Ukubonelela ngophuhliso lobutyebi babasebenzi ngokwezikhokelo zoMthetho woPhuhliso lweZakhono.

• Ukuphumeza ubuncinane umgangatho ofikelelekayo weenkonzo ezizodwa zemfundo kubafundi

abazibonakalisayo, okanye abasengozini yokuba kwiimeko ezinzima ezichukumisayo

• Imigaqo-nkqubo nezinto eziphambili:

Intlawulo kwizikolo zikarhulumente ezizodwa zilawulwa linani labafundi kananjalo nobunzima obusekelwe zizithintelo

ezininzi zokufunda,njengoko kumiselwe kuMthetho weNgqesho yooTitshala, ka-1998. Intlawulo le iquka uncedo-mali

lomvuzo wabaqhubi beebhasi nabancedisi baseziklasini, kwizithuthi, ukuhlala ehostele, izixhobo zokufundisa (LTSM),

iinkonzo ezizodwa nezobungcali nexabiso lolawulo. Amaqela oLawulo asekelwe eSikolweni e-EMDC neSGB bathi

baqwalasele ngeliso elibanzi ukusetyenziswa kwemali neengxelo zemali ezinikwa rhoqo ngekota zidluliselwa kwi-

EMDC. Amaxwebhu aphicothiweyo athi angeniswe e-EMDC phambi komhla wama-30 kuJuni wonyaka olandelayo.

Umiselo lwabasebenzi bezikolo ezizodwa lilawulwa linani labafundi nobunzima obusekelwe zizithintelo ezininzi

zokufunda ngaphakathi kwizithuba ezabiweyo njengoko zilawulwa sisiThethe seziThuba soLungiselelo lwezikolo

ezizodwa.

58

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!