03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

Ngexesha lokugqithiswa komsetyenzana inye kuphela imenyu yokutya okungaphekwanga yayikhona yosuku ngalunye.

Ukusukela ngoJanuwari 2006 iindlela zokupheka iimenyu zalingwa ngempumelelo kwizikolo zaseprayimari ezingama-44 kwii-

EMDC zosixhenxe. Ezi ndlela zokupheka imenyu zasatyalaliswa nakwezinye izikolo ezichongiweyo ngolulandelelanayo kwaye

kulindeleke ukuba zonke izIkolo ezichongiweyo zinikwe ithuba lokukhupha ukutya okuphekiweyo ngoMatshi 2007.

I-NSNP yiyo eyenze ukuba zonke izikolo ezichongiweyo zikwazi ukuthenga izixhobo zasekhitshini zokupheka ukutya. Izikolo

ezichongiweyo ezininzi azinandawo zivuleke ngokwaneleyo zokupheka ukutya ngoko i-NSNP incede izikolo ezichongiweyo

ezingama-85 ukuba zikwazi ukwakha iiyunithi ezingoomahambehlala ezikhuselekileyo neziqinileyo.

Zonke izithuba zemisebenzi ezikhoyo zavalwa, nangona ingezizo zonke izithuba ezikhoyo kwisiseko sengqesho ezifumana

inkxaso-mali. Akwazekanga ukuba kuxhaswe ngemali isithuba somsebenzi wegosa lengcaciso kwisithili ngasinye

kwezisedolophini.

Izixhobo zokwakha umkhanyo, iincwadi ezinengcombolo yolwazi kunye nezikhokelo zasiwa kuzo zonke izikolo. Okwangoku

ngaphezu kwama-90% amavoluntiya asezikolweni ekujoliswe kuwo anoxanduva lokupheka ukutya kwaye kwezinye iimeko

kuqeqeshwa nootitshala abachaphazelekayo kukhuseleko lwegesi nokutya nakwindlela yokugcina ukutya.

Imali engumbulelo ihlawulwa amavoluntiya ngenyanga kwaye nenani elipheleleyo lamavoluntiya landile ngama-400% nama-

241% ngokwahlukeneyo.

Izikolo ezingama-213 ezichongiweyo ezikhoyo zinezitiya zokutya. Ucweyo oluquka izihloko ezinjengokusekwa kwesitiya

sokutya kunye nokwenziwa komanyolo zaqhutywa kwii-EMDC ezininzi, eziquka ezisemaphandleni nakwiindawo ezibalulekileyo.

Ootitshala, abafundi nabazali balungenela olu cweyo.

Unxibelelwano oluchanekileyo sele lusekiwe kunye neSebe leMpilo ngokunxulumene nesondlo nezempilo kokusingqongileyo

neSebe lezoLimo ngokunxulumene nophuhliso lwezitiya zokutya.

Uhlalutyo lwemiqobo namanyathelo acetywayo okuyisusa

Imingeni eyahlukeneyo yiyo eguqule isicwangciso sethu sonyaka ozayo neminye elandelayo, njengokuba silungiselela ukumilisela i-

HCDS. Le mingeni ibandakanya:

• Inani labafundi kwiBanga 3 nele-6 abangekafezekisi ziphumo ezifunekayo ngokwekharityhulam yesizwe kumaBanga abo

kwizibalo nokufunda. (Ifuthe elibi kumgangatho weziphumo kuwo onke amanqanaba emfundo)

• Amazinga olwazi kunye nezakhono zootitshala: Uqeqesho lootitshala, ukuqinisekisa ukuba ootitshala banolwazi nezakhono

ezifunekayo ukufundisa ikharityhulam yesizwe nokuphucula umsebenzi wabafundi kuzo zonke iinkalo zokufunda.

• Ukunqongophala kwamagumbi okufundisela kwiindawo ezithile ezinokukhula koluntu olukhawulezileyo.

• Isidingo sokuqinisekisa ngommandla wokhuseleko ezikolweni, nokuthathwa kwezikolo njengeendawo ezingcwele zokufundisa

nokufunda zoluntu lwethu.

• Ukunyuka koxinzelelo ngonikezelo ngezothutho lwabafundi abaphuma emaphandleni kuphela abahlala kwiikhilomitha

ezingaphezu kwe-5 ukusuka kwisikolo esikufutshane ngokomgaqo-nkqubo wethu okhoyo.

I-WCED isungule amangenelelo neeprojekthi ezibalekayo ngenjongo yokulungisa imibandela eyahlukeneyo yomgangatho

wemfundo ezikolweni. Phakathi kwazo, iiprojekthi kunye namangenelelo asetyenziswa ezikolweni abandakanya oku kulandelayo:

• Uvandlakanyo lwenkqubo yemfundo kwiBanga 3 ukuya ku-6. Iziphumo zezi mvavanyo ziza kukhokelela kwizicwangciso-qhinga

ezijolisileyo zokufunda nokubala kwiziGaba ezisisiSeko nesiPhakathi. Abafundi beBanga 6 baza kuvavanywa ngo-2007.

• Isicwangciso-qhinga sokukhuthaza isimilo esisulungekileyo nokumelana nezimilo ezicela umngeni ezikolweni zikarhulumente:

Injongo yesi sicwangciso-qhinga intlantlu-mbini: Okokuqala kufuneka inike isakhelo sengqiqo nezikhokelo zokusebenza

zokukhuthaza isimilo esisulungekileyo, okwesibini, kufuneka salathe izicwangciso-qhinga kunye sinike neendlela zokumelana

ngokufezekileyo nesimilo esicela umngeni ezikolweni. Ukuze le njongo iphumezeke, injongo yesicwangciso-qhinga iza kuba

kuku (a) khuthaza ukuvuselelwa kwemimmandla yesikolo ngenkqubo yemfundo ebandakanyayo, (b) khuthaza indlela esekwe

kumandla wophuhliso olwakhayo novuselelo kwisimilo esicela umngeni, kunye (c) nokuxhotyiswa kootitshala ukuze bakwazi

ukumelana nabafundi abacela umngeni ngendlela eyakhayo nevuselelayo nokuqinisekisa ukuba iinkqubo, iinkonzo nemfundo

isemgangathweni kwaye yechanekileyo kubafundi abasemngciphekweni.

• Ulwalatho lwezikolo ezisemngciphekweni: Amaqela e-multifunctional ngawo alatha iingxaki ezigagana nazo ezi zikolo; ayile

isicwangciso-qhinga sokuzilungisa ezo ngxaki bekwenza oko bephantsi kolawulo lomlawuli weprojekthi; apho kukho imfuneko

inkxaso evela ngaphandle kwesebe inokufunwa; iinkqubo zesebe zoqeqesho zinikezelwa esikolweni; ukuqhwalela ekuzuzeni

iziphumo ezincumisayo kunokukhokelela kwinkqubo yokuchongwa komncedisi okanye umlawuli wesikolo wexeshana kwezo

zikolo; xa ngaba oko kusaqhubeka kunokumiliselwa uhlengahlengiso esikolweni.

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

43

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!