03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

You also want an ePaper? Increase the reach of your titles

YUMPU automatically turns print PDFs into web optimized ePapers that Google loves.

1 Ama-40% oluntu ongasebenziyo aphakathi kwama-15 nama-24 ubudala. Ngoko ke, kummandla wezoqoqosho apho

malunga naphezu kwesigidi esinye sabantu (ngokwengqikelelo, mnye kwabane eNtshona Koloni baphila ngaphantsi

komyinge wokuphila (ama-4, 46% oluntu lonke lwesizwe ngonyaka wama-2004) kunye nama-23, 6% oluntu luhlala

lungasebenzi (kwaye uninzi lwalo lulutsha), umgangatho wokukhula kwezoqoqosho kunye namazinga emfundo, zezona

nkalo zibalulekileyo zempumelelo ukuguqula isimo sophuhliso kwiphondo.

Umngeni wesithathu wonikezelo lweenkonzo ojamelene ne-WCED kumiliselo lwe-HCDS, kukungasihambi kakuhle isikolo

okwandayo kubafundi nootitshala ngenxa yokugula, usetyenziso kakubi lweziyobisi (ingakumbi ‘i-tik’ eNtshona Koloni),

nezenzo zobundlobongela nobudladlunge ezithe tshitshilili kwizikolo zeli, impatho-mbi ngokwesini, ukukhulelwa kwabafundi

ne-HIV/AIDS – konke oku kuphehlwa yindlala nokungalingani. Nangona ekho amathuba amahle kwezoqoqosho,

ukungalingani okoyikekayo nokubandlululana ngokobuhlanga kwiphondo ngowona mbandela otshisa ibunzi. Ukusilela

ukulungisa oku kungalingani nemibandela enxulumene ne-HIV/AIDS nokhuseleko ezikolweni konke oku kuza kuqhubeka

ukuba ngumqobo ekufezekisweni kweenjongo ze-HCDS kwaye kuza kuba nefuthe elikhulu kwindlela abafundi bonke abathi

bazalisekise ngayo amaphupha abo. Nangona le mingeni iye isanda ngokwanda (nenani leenkedama nabantwana

abasesichengeni liyaqhubeka nokwanda), umgangatho wokufunda nokufundisa (kunye nofezekiso lweenjongo zohlumo

nophuhliso zephondo zeKapa eliHlumayo, nombono walo 'wekhaya lethu sonke') zisesichengeni esingumangaliso. Imeko

enje inyanzelisa ukuba kubekho iinguqu kwindima yokufundisa kootitshala, nto leyo ekhokelela ukuba ootitshala bazibone

ngoku bedlala indima yokuba ngoonokhaya, abaluleki abanika inkxaso ngokwasemphefumlweni kubafundi abasisisulu

sempatho-gadalala, nokubaxhobisa kananjalo ngezakhono zokuphila beselula.

A.2.2 Imingeni yomgaqo-nkqubo wesizwe/wephondo

Ukumelana ngempumelelo nokuvakalayo nokungalingani kunye namazinga asezantsi entembeko kumgangatho wemfundo

kufuna amanyathelo athe tsotsololo ngakwicala likarhulumente nakwimfundo ukwandisa nokuphucula ukusebenza

nempumelelo yabafundi. Kwi-WCED, umngeni womgaqo-nkqubo kukulungelelanisa iinjongo eziphambili zemfundo kwiinkalo

zoziso lweenkonzo kwezophuhliso lwemfundo yabaqalayo, imfundo noqeqesho jikelele, imfundo noqeqesho ephezulu kunye

nemfundo yabadala. Ngokomxholo weStratheji soPhuhliso noHlumo lwePhondo nokubekwa phambili kophuhliso

lwezakhono nokwandiswa kwecandelo le-ECD, i-WCED inokuzibona isabelo sayo semithombo yoncedo ijoliswe kwezi nkalo

zimbini kuphela. Nangona kunjalo, kubalulekile ukuba kubekho isiseko senkxaso sibe luqilima kwibhendi yemfundo

noqeqesho jikelele kusetyenziswe amaphulo anjengeenkqubo zezikolo ezingahlawulisi mali, inkqubo yabancedisi bootitshala

neNkqubo kaZwelonke yeSondlo eZikolweni (i-NSNP).

Amaphulo aqhubayo agxininisa kakhulu kulwandiso lwemithombo yoncedo eyabelwa izikolo namaziko emfundo ephezulu,

nakumelaneni nemingeni yamaziko nolawulo, kunye nohlaziyo lwekharityhulam.

Usungulo ‘lwezikolo ezingahlawulisi mali’ ukuqinisekisa ufikelelo lwabo bonke kwimfundo ngowona mgama uphambili

uhanjiweyo ukuza kuthi ga ngoku, namalinge aqinisiweyo okuphucula umgangatho wemfundo ngonikezelo kwezixhobo

zokuncedisa, ukuziswa kweencwadi ezikolweni, iidesika, amanzi nogutyulo lwelindle.

Ubumbo loxhotyiso lootitshala neenqununu ukuxhasa nokulawula iinkqubo zokufundisa nokufunda ezikolweni kubaluleke

kakhulu kuphuculo oluzingileyo lomgangatho wemfundo. Ukuphuculwa kwezithwaselo zemfundo nokusebenza kootitshala

kubalulekile kakhulu kuphuhliso lwemfundo nemithombo yoluntu ngokuhamba kwexesha. Inkqubo yophuhliso lootitshala

sele luqhubeka sithetha nje, lujolise ekuphuculeni izithwaselo zemfundo zootitshala abasebenzayo ukumelana neemfuno

zekharityhulam entsa, ingakumbi ilitherasi yemathematika nesifundo ngezobomi, ndawonye nezakhono zolawulo

nobunkokheli beenqununu zezikolo.

Icandelo lemfundo kufuneka nokuba maliqhagamshelanise kwizinto eziphambili ngokubaluleka zesizwe ezifana ne-

Accelerated and Shared Growth Initiative (ASGI). Kule meko ke iikholeji ze-FET ziziintsika zezicwangciso eziliqili

ekuvunyelweneyo ngazo. Iikholeji ze-FET ziyahlaziywa kungoku nje khona ukuze zikwazi ukuqhuba nezifundo zobugcisa

nezemisebenzi yobizo ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba abafundi baba neenkalo ngeenkalo zemfundo abanokuzilandela.

Amalungiselelo enziwe ukulungiselela ukusungulwa kwenkqubo yebhasari nemboleko-mali kwi-FET ukuxhasa ufikelelo

lwabafundi abahluphekayo kumathuba emfundo yobugcisa.

Isebe leMfundo leSizwe lijolise ekusunguleni inkqubo yokufunda yabantu abadala bonke kunyaka wama-2007/08 ukumelana

nemingeni yokufunda okungundoqo njengelungelo lomntu negalelo elikhulu kubumbano kwezentlalo. Oku kuza kwenziwa

kubanjisenwe kanye nemibutho engenanto yakwenza norhulumente, amaziko emfundo abafunda abantu abadala kunye

namavoluntiya.

1 Imali eyingeniso yekhaya (household income) engaphantsi kwe-R800 ngenyanga (njengoko ichazwayo kwi-PGDS, 2006)

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

9

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!