03.05.2013 Views

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

Annual Performance Plan Jaarlikse ... - National Treasury

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

kulindeleke ukuba babhalisele iBanga 8, nto leyo iza kukhokelela kukuba kubekho ukuncipha kwenani labafundi kumabanga

aphezulu.

Umngeni wesibini ojamelene ne-WCED kukuphucula amazinga emfundo abemmi baseNtshona Koloni. Nangona kukhona

ukuphucuka okuqaphelekayo kwisithuba seminyaka emihlanu edlulileyo 1996-2001, amanani amakhulu abantu

akakwazanga ukufikelela kwimfundo ngokwezinga elifunekayo ukuze bakwazi ukuthatha inxaxheba kwezentlalo, ezopolitiko

noqoqosho kwiphondo. Umzekelo, iTheyibhile 2 ngasezantsi ibonisa ukuba ngaphantsi kwekota yoluntu lwaseNtshona

Koloni lunesiQinisekiso seMatrikhi.

ITheyibhile 2: Ipesenti yoluntu kumanqanaba ngamanqanaba emfundo 1996 nango-2001

Amanqanaba emfundo 1996 2001

Abangayanga esikolweni 6,3% 5,7%

Abakhe baya eprayimari 15,0% 15,2%

Abagqibe eyaseprayimari qha 8,4% 7,9%

Abakhe baya esekondari 37,2% 36,5%

AbaneBanga 12 18,0% 23,4%

AbanePhakamileyo 10,1% 11,2%

Imvelaphi yeeNkcukacha: Statistics South Africa Census 1996 no-2001

Amanani abafundi ababhaliswe ezikolweni zikarhulumente zesiqhelo kungoku nje abonakalisa ukuba le meko ixhalabisayo

ichazwe ngentla apha ayikazi kutshintsha kuya phi kwangoku. Amanani abafundi ababhalisiweyo kwisithuba esisuka ku-

1999 ukuya ku-2006 abonakalisa ukuba yi-50% nje kuphela yabafundi ababhalisa kuBanga 10 abaya kufika kwiBanga 12

(Jonga kwiTheyibhile 1 ngasentla). Amanani abafundi abagqibayo esikolweni angqamana kakhulu nobuhlanga. (Inqanaba

labagqibayo libonakalisa indlela aphumelele ngayo umfundi ukudlulela phambili de agqibe kumjikelo wonke. Amazinga

okunyuselwa, okuphinda nokuyeka antlantlu-ntathu kumfundi esukela kwibanga ukuya kwibanga kwaye abonakalisa

ukusebenza/nokungasebenzi kwemfundo ekuveliseni abafundi abagqibayo (Wako, 1988).

Uphando olusandul’ ukwenziwa apha eNtshona Koloni lubonakalisa la manani abafundi abagqibayo ezikolweni

ngokweentlanga kufumaniseka ukuba aba lolu hlobo kwakwiminyaka yokuqala yemfundo yezikolo. Iziphumo zeemvavanyo

zokufunda nezemathematika ezathi zaqhutywa kwibanga 3 nakwibanga 6 zibonakalisa ukuba ubuninzi babafundi abasuka

kumakhaya anemivuzo ephantsi bangemva ngeminyaka emibini ukuya kwemithathu ngokwenkqubo elindelekileyo

ngokwekharityhulam yesizwe.

Icandelo lamashishini amakhulu abhalisiweyo apha kweli phondo liginya abantu abayi-1,3 million lize elamashishini

amancinane angabhaliswanga lona liginye ama-144 065 (malunga ne-9.4%) kubantu abakuqoqosho lwephondo lonke.

Ibutho labasebenzi abayi-1,5 million bakwezolimo (13%), kwimveliso (19%), kwiihowuliseyili neevenkile (17.5%), kwiinkonzo

zezemali (11.9%); into leyo eyenza i-80% yabantu abasebenzayo. Kubantu abasebenzayo abantu abanemfundo

yasesikolweni babadlula abo beneyasesekondari neyakumaziko emfundo ephakamileyo ngomlinganiselo oyi-77:19%.

Iipesenti zabo banayo eyasesekondari nabaneyamaziko aphakamileyo ngokobuhlanga zime ngolu hlobo: 7% abaMnyama,

11% abeBala, 34% ama-Asiya ne-49% abaMhlophe.

Amazinga okungasebenzi nawo abugudle kakhulu ubuhlanga. Njengokuba apha esizweni ngokubanzi ama-30 kwi-100

ngalinye labantu abaMnyama abaye bayifumana imisebenzi phakathi kuka-1995 no-2002, bathathu nje kuphela kwi-100

ngalinye labantu abaMnyama abahlala eNtshona Koloni abaye bayifumana imisebenzi ngesi sithuba sinye (SER, 2003). I-

80% ye-18,9% yabantu bokusebenza abangasebenziyo apha kweli phondo lulutsha. Ngokungafaniyo nokwenzeka kwisizwe

ngokubanzi, ehlile amanani abantu aabangasebenziyo benemfundo yamaziko emfundo ephakamileyo, ngelixa

kumanqanaba emfundo angezantsi anyukile amanani abantu abangasebenziyo. Abantu abafunwayo ngabantu abafundileyo

nabanezakhono. Nangona inani labanematrikhi nabaneBanga 9 – 11 lisanda abangenela ibutho labasebenzi kwiphondo xa

kuthelekiswa namanani kazwelonke (abanematrikhi ngama-28, 5% kwibutho lonke labasebenzi bephondo), ingxaki

yokungaqeshwa kolutsha eNtshona Koloni yondele kakhulu xa kuthelekiswa nelizwe jikelele.

Isicwangciso Esiliqili Sokwenziwa Komsebenzi Sonyaka 2007/08-2009/10

8

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!